Izenzo ZamaNgqina KaYehova Kumaxesha Ethu
IBritani
Ukuba uhlala kwindawo apho iindaba ezilungileyo ziye zashunyayelwa kangangeminyaka, liliphi ithuba onokuba nalo namhlanje ukuze ufumane ubulungiseleli obunentsingiselo? AmaNgqina kaYehova aye ashumayela eBritani kangangeminyaka eli-118. Kodwa, amaNgqina aseBritani asaqhubeka efumana amathuba amaninzi okubeka ukwenziwa kokuthanda kukaYehova kwindawo yokuqala. Kuninzi okunokufundwa kumoya awubonisayo.
IRiphabliki YaseCzech
Kuloo ndawo ngoku yaziwa ngokuba yiRiphabliki yaseCzech amaNgqina kaYehova avalwa umlomo kangangeminyaka engama-46. Izinto aye ajamelana nazo neziye zavavanya ukunyaniseka kwawo zisifundisa izifundo ezininzi ezinokuba luncedo kuwo onke amaKristu okwenyaniso. Kuloo minyaka yengcinezelo, uYehova waqhubeka ebaxhasa abantu bakhe ngokomoya. Zimangalisa ngokwenene izinto aye wabalungiselela zona neendlela aye wakwenza ngazo oko.
IMadagascar
Izityalo nezilwanyana ezininzi ezingafumanekiyo kwezinye iindawo zomhlaba ziyakhula eMadagascar. Kodwa okona kude kwabaluleka nangakumbi kumaNgqina kaYehova ngabantu ababonisa umdla kuMdali wezi zinto. Kule Big Red Island, inani lababekho kwiSikhumbuzo sonyaka sokufa kukaKristu lakhula lisusela kwabasi-7 ababekho ngowe-1956 ukusa kwabangama-46 392 ngowe-1999.