IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g90 3/8 iphe. 13-15
  • Kutheni Abazali Bam Bendiphoxa Nje?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Abazali Bam Bendiphoxa Nje?
  • Vukani!—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isizathu Sokuba Bakuphoxe
  • Ukufunda Ukunyamezela
  • Ndinokwenza Ntoni Ukuze Ndibazi Kakuhle Abazali Bam?
    Vukani!—2009
  • Ndimele Ndenze Ntoni Xa Abazali Bam Bexambulisana?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Kutheni Abazali Bam Bezama Ukulawula Ubomi Bam Nje?
    Vukani!—1991
  • Bazali—Baqeqesheni Ngothando Abantwana Benu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
Khangela Okunye
Vukani!—1990
g90 3/8 iphe. 13-15

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Kutheni Abazali Bam Bendiphoxa Nje?

Kanye phakathi ebudeni bezifundo zebhayoloji, uqalisa ukuziva ungaphilanga. Sele uncamile, isikolo sitsalela umnxeba kowenu, ibe kwakamsinya umama wakho sele ekho⁠—⁠enxibe iimbadada, efake umqhumelo kwakunye nefasikoti ayinxiba xa esekhaya. Eqinisekile ukuba usengxakini enkulu, uye wangxamela ukuza kukunceda ngaphandle kwako nakuphi na ukuxhalabela imbonakalo yakhe. Kodwa akuyixabisi kangako imigudu yakhe yokukuhlangula. Ekuphela nje kwento onokuyicinga yindlela asisihiba nabonakala engakhathali ngayo umama wakho ngendlela anxibe ngayo. Ibe xa athi aqalise ukukubangela iintloni kofunda nabo kwigumbi lokufundela, unqwenela ukuba, bekunokuvuleka umhlaba ungene. Uziva uphoxeke ngokwenene!

IZIGANEKO ezifana nesi zisenokubonakala zihlekisa kwabo babukeleyo. Kodwa wena akuhleki. Uziva uhlazekile, ingcinezelo inkulu gqitha kangangokuba uvakalelwa kukuba ubunokusuke nje ufe. Eneneni, eli binzana laye lanxityelelaniswa noku: ‘Ukufa ziintloni.’ Ibe akunguye owokuqala ukuvakalelwa ngaloo ndlela. Ngokomzekelo, amaYuda amandulo awaqonda amandla atshabalalisayo okuphoxeka. ITalmud yesiHebhere yakufanisa ukuhlazwa komntu esidlangalaleni nokuphalazwa kwegazi lakhe!

Zininzi izinto ezinokukubangela iintloni, kodwa uninzi lwabantu abaselula luyangqinelana ukuba akukho nanye ingaphezu kwabazali babo. Izinto ezininzi ezinokwenziwa ngabazali bakho ukukuthoba zibonakala zingenakuphela: ukubonakalisa kwabo uthando esidlangalaleni, ukuqhayisa ngezinto oziphumezileyo, ukuziphatha ngokungathi bangabantwana phambi kwabahlobo bakho, ukukunyanzelela ekubeni “udlale” okuthile phambi kweendwendwe. Ewe, kwanendlela abakhangeleka ngayo abazali bakho isenokukubangela uzive uneentloni! Ngoko, akumangalisi ukuba, lumbi ulutsha lungafuni nokuyiva ingcamango yokuba lubonwe lukunye nabazali balo.

Noko ke, kutheni abazali bakho besenokukuphoxa kangako nje? ‘Kanti abazi okungakumbi na?’ usenokuzibuza.

Isizathu Sokuba Bakuphoxe

Makhe sicalule ezakho iimvakalelo kulo mbandela. Njengoselula, ngokukhethekileyo usesichengeni sokuphoxeka, njengoko uya uqonda ukuba kukho abantu abangakumbi kweli hlabathi kunentsapho nje yakowenu esondeleyo kuwe. Ufuna ukuziva wamkelekile kwabanye​—⁠ngokukodwa koontanga bakho​—⁠ibe uzama kangangoko unako ukwenza ngendlela “echanileyo.” Ngokuqhelekileyo, akufuni ukuba oku kwamkeleka kwakho kujongelwe phantsi ngenxa yendlela ebangela iintloni abaziphatha ngayo abazali bakho. Kunjengokuba osemtsha ogama linguLinda wathi: ‘Ukuba abazali bakho benza okuthile okukubangela iintloni gqitha, uyakhathazeka kukuba: “Abahlobo bam baza kucinga ntoni ngam?”’ Ngoko, ngaba abazali bakho abanakuba ngabanovelwano ngakumbi ngeemvakalelo zakho?

Isazi ngengqondo uBernice Berk ubalisa ukuba omnye umama wachazela oku unyana wakhe okwishumi elivisayo nokhathazeka ngokulula gqitha: “Ngumsebenzi wam, ukuba ndikuphoxe. Umama wayendiphoxa, ibe nawe kuya kufuneka ubaphoxe abantwana bakho.” Iyinyaniso epheleleyo le ntetho ivakala iyeyokungakhathali. Ukuba ngophoxayo akunto ezuzw’ ilifa, kodwa kuyenye into: ukungafezeki.

Abazali abafezekanga. (Roma 3:​23) Abanakulindelwa ukuba babonakale njengababonisi befashoni, bengenako nokusoloko bekubala konke abakuthethayo okanye abakwenzayo, njengokuba kunjalo nakuwe. Nabo banelungelo lokuziyekelela ngamanye amaxesha baze baziyolise. Ngazihlandlo zithile beziphatha njengabantwana abangaphantsi kobudala babo​—⁠okanye kwanokuba sisihiba ngokupheleleyo​—⁠kusenokuba yindlela yabo yokuhlangabezana nokukhula. Engawuqwalaseli umphumo okunawo oku kuwe, umama unokukuhlazisa ngokuzama ukwenza owona mngqungqo wamvanje kunye nabahlobo bakho; utata usenokuzama ukuzingqina enako ukukhuphisana nabo bakwishumi elivisayo kwibala lokudlala ibhola yomnyazi. Ngaba oko kubangel’ iintloni? Mhlawumbi kunjalo. Kodwa, into eqinisekileyo kukuba, abakhange babe nengcamango yokukwenzakalisa.

Kwakhona abazali bakho baneyona minqweno mihle entliziyweni ngawe, ibe ngenxa yokungafezeki, basenokusabela ngendlela egqithiseleyo xa impilo-ntle yakho ibonakala isongelwa. Ngokomzekelo, umbhali weBhayibhile uLuka usixelela ngexesha xa uYesu owayeneminyaka eli-12 ubudala waya kwiPasika eseYerusalem nentsapho yakowabo. Njengoko abazali bakhe babebuyela ekhaya, baphawula ukuba wayelahlekile. Bamfuna ngenyameko, ibe “emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabefundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza.” Ngokungathandabuzekiyo uYesu wayekunandipha ukuncokola namadoda amakhulu lee kunaye. Sekunjalo, xa unina wezayo kwindawo awayekuyo, mhlawumbi phambi kwala madoda aziintloko zesizwe, wathi: “Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam besikufuna, sibuhlungu kakhulu.”​—⁠Luka 2:​41-⁠48.

Enye into efuna ukuqwalaselwa kukuba abazali bakho banezabo iingxaki, zimbi zazo osenokuba akunalwazi ngazo. Mhlawumbi ukuxhalabela imali, ukugula, okanye ezinye iingcinezelo ezingunobangela wokuba baziphathe ngaloo ndlela.

Ekugqibeleni, inkoliso yabazali ineqhayiya ngabantwana babo. Bayakunandipha ukubonisa ngabo. Noko ke, oku kusenokukhokelela kuzo zonke iimeko eziphazamisayo, ezinjengokuba ucelwe ukuba udlale ipiyano phambi kwabahlobo bakamama wakho okanye kufuneke ukuba unyamezele ukuphulaphula uyihlo ebalisela nabani na oya kuphulaphula indlela ‘okrelekrele ngayo’!

Ukufunda Ukunyamezela

Xa abazali bakhe bemphoxa, osemtsha ogama linguTonia uthi, “Ndiba neentloni gqitha.” Ngoxa oku kusenokuba yintsabelo engokwemvelo, kukho iindlela ezingakumbi eziluncedo zokujamelana noku. Ukusuka nje ukhumbule ezinye zeengongoma eziye zatyhilwa ukuza kuthi ga ngoku kusenokukunceda ukuba uthomalalise ukungonwabi okuthi kubekho ekuqaleni. (IMizekeliso 19:​11) Kwakhona qwalasela la amacebiso alandelayo:

Musa Ukukhathazeka: Zonke izinto ezikhathazayo ezisehlabathini kunokwenzeka ukuba azinakuziguqula izinto nangayiphi na indlela. (Thelekisa uMateyu 6:​27.) Ngapha koko, akubophelelekanga ngabazali bakho; ungumntu owahlukileyo. AmaGalati 6:⁠5 athi, “Elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.” Ngaphandle koko, ingxaki okuyo kunokwenzeka ukuba ayimbi ngokwendlela oyicingela ngayo. UGqr. Joyce L. Vedral uphawula ukuba ‘ngamnye okwishumi elivisayo oye waphoxeka ucinga ukuba kukho abantu abaninzi abamjongileyo.’ Noko ke, inkoliso yabantu ayikho mdleni kangako koko. Lo kaVedral wongezelela esithi: “Inkoliso yabantu izixhalabisa ngakumbi ngeqhakuva eliphezu kwempumlo yalo kunokuxhalatyiswa yiyo yonke imbali yentsapho yakowenu.” Kwakhona, khumbula ukuba, amaqabane akho akwanawo amaxhala angembonakalo yabazali bawo!

Musa Ukuyenza Mbi Gqitha Imeko: IMizekeliso 27:​12 ithi: “Onobuqili uyabubona ububi, azimele.” Ukutsalela ingqalelo kuwe ukhala usithi, ‘Kwowu, mama!’ kuphela kuyenza mbi imeko. ‘Ukuzimela’ ngokuba uthi cwaka kusenokuba bubulumko.​—⁠INtshumayeli 3:⁠7.

Lwamkele Uqeqesho Olufunekayo: Ukulungiswa esidlangalaleni kusenokukwenza uzive uphoxeke ngokupheleleyo. Kodwa ngokufuthi uqeqesho luyafuneka ngokwenene, ibe ukuphoxeka kuyinxalenye nje yalo. (Hebhere 12:​11) Kuthekani ukuba uqeqesho lubonakala lungafuneki? Khumbula indlela uYesu Kristu awakusingatha ngayo ukuphazamisa kukanina. Wahlala ezolile waza wayicacisa imeko awayekuyo. Eneneni, iBhayibhile ithi “wabalulamela” abazali bakhe. (Luka 2:​49, 51) Kutheni ungazami ukwenza okufanayo?

Thetha Nabazali Bakho: Ngobubele nangentlonelo baxelele kanye oko kukukhathazayo. Kuyasebenza! Kwimeko yakhe uRosalee wafumanisa ukuba “ukuba uyabaxelela indlela ovakalelwa ngayo, yaye ukuba bacinga ukuba isengqiqweni, ngokuqhelekileyo baya kwandula ke bazame ukuzilungisa.” Enye indlela yokunceda abazali bakho balibone icala ongakulo ikukuba ubabuze ngamava abangela ukuphoxeka abathi babanawo ngoxa babeselula. Oku kusenokubanceda bakwazi ukucinga ngemeko yakho.

Bonakalisa Imvakalelo Yobuhlobo: Khawucinge nje ngazo zonke izihlandlo oye wabaphoxa ngazo abazali bakho! Ngaba oko wakwenza ngolunya? Kakade ke akunjalo! Ngoko kutheni uvakalelwa kukuba abazali bakho baceba ngabom ukukuphoxa?

Ungaze Uphulukane Nesimo Sokuzihleka: Kunjengokuba omnye okwishumi elivisayo wavumayo: “Zimbi zezinto ufanele uzizame uze uzihleke ngapha koko zizizinto nje ezihlekisayo.” Ewe, kutheni uthabatha into eyenzeke ngengozi ngokunzulu kangako? Khumbula ukuba, “ukuhleka kunexesha lako,” ibe maxa wambi ukubonakalisa isimo sokuzihleka kuyalukhupha ulwamvila lwemvakalelo yokuziva uthotyiwe.​—⁠INtshumayeli 3:⁠4.

Noko ke, nokuba usenokuzama kangakanani na, akunako ukukuphepha ngokupheleleyo ukuphoxeka. Kodwa ngokusebenzisa oku kwandulelayo, usenokuthi ngokufanelekileyo uguqule indlela ozijonga ngayo iimeko ekufane kuthiwe zezibangela ukuphoxeka.

Ngokomzekelo, umbhali uJami Bernard uyabalisa: “Umama wayesoloko esithi mandimbambe ngesandla xa siwela isitrato, kwanaxa ndandise ndimdala. Ngenye imini, ndasiphosa kude isandla sakhe, ndimbombozela ndisithi, ‘Mama, andisakufuni oku.’ Waphethukela kum waza wathi, ‘Ndiyakufuna.’ Andazi nokuba wayethetha ukuba wayefuna uthile anokungqiyama ngaye okanye wayecinga ngethuba laxa ‘ndandiselusana’ okanye wayefuna ukuba asondele kum ibe wayengaqinisekanga ngendlela anokukwenza ngayo oko. Kodwa ngoku xa ndibambe isandla sakhe xa siza kuwela isitrato, ndiziva ndifudumele​—⁠kungekhona okokuphoxeka kodwa okothando.”​—⁠Iphephancwadi iSeventeen likaDisemba 1985.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share