Abantu Abaselula Bayabuza
Ndinokwenza Ntoni Ukuze Ndibazi Kakuhle Abazali Bam?
UJessica nabazali bakhe basesidlweni kunye nabahlobo babo. Ngoxa besitya, omnye wabantu abadala ababelapho uthi kunina kaJessica, “Akunakuze uyikholelwe ke le! Ngeny’ imini ndidibene noRichard—laa mfana wawuthandana naye usekwisikolo samabanga aphakamileyo.”
UJessica uthi qithi ifolokhwe phezu kwetafile. Uyaqala ngqa ukuva ngoRichard!
“Hay’ bo Mama kanti wawuthandana nomny’ umntu ngaphambi koTata? Ndiyaqala ukuyiva loo nto!”
NGABA nawe njengoJessica unento owayivayo ngabazali bakho neyakothusayo? Ukuba kunjalo, mhlawumbi loo nto yakwenza wazibuza enoba ayikho na eny’ into ongayaziyo ngabo!
Kutheni kukho izinto ongazaziyo ngabazali bakho? Kunokukunceda ngantoni ukubazi kakuhle? Yaye unokubazi njani?
Izinto Ezingakumbi Onokuzazi Ngabo
Kutheni kunokubakho izinto ongazaziyo ngabazali bakho? Maxa wambi oko kunokubangelwa kukuba ungahlali nabo. UJacob,a osele eneminyaka engama-22 ubudala uthi: “Abazali bam baqhawul’ umtshato xa ndandineminyaka esibhozo ubudala. Emva koko, ndandibonana notata izihlandlo ezimbalwa ngonyaka. Zininzi izinto endibawela ukuzazi ngaye.
Enoba uhleli nabazali bakho kangangeminyaka emininzi, mhlawumbi abazange bakuxelele yonke into ngabo. Kutheni kunjalo nje? Njengathi sonke, abazali maxa wambi baba neentloni ngeempazamo abazenzayo kwixa elidlulileyo. (Roma 3:23) Kwakhona basenokucinga ukuba, ukuba bakuchazela ngeempazamo zabo usenokungabahloneli—okanye nawe wenze izinto ezifanayo.
Noko ke, amaxesha amaninzi zikho izinto abazali bakho abangakuxeleliyo ngazo ngenxa nje yokuba ungazange ubabuze ngazo. Umfana ogama linguCameron uthi, “Sisimanga into yokuhlala nabazali bakho kangangeminyaka emininzi, ube unezinto ongazaziyo ngabo!” Eli ke lelona thuba onokulisebenzisa ukuze ubazi kakuhle. Kutheni ufanele wenjenjalo? Nazi iindlela ezine okunokukunceda ngayo oku.
Indlela #1: Mhlawumbi abazali bakho baya kukuxabisa ukufuna kwakho ukwazi. Ngokuqinisekileyo baya kuyivuyela into yokuba ufun’ ukwazi ngobomi babo. Yaye banokuyiqonda kakuhle indlela wena ovakalelwa ngayo!—Mateyu 7:12.
Indlela #2: Uya kuyiqonda kakuhle indlela abazibona ngayo izinto abazali bakho. Ngokomzekelo, ngaba abazali bakho babesokola ngaphambili? Loo nto iya kukwenza usiqonde isizathu sokuba bangathandi ukukhupha imali njengokuba benjalo ngoku, enoba wena akuyithandi loo nto.
Ukwazi indlela abacinga ngayo abazali bakho kunokukunceda. Umfana ogama linguCody uthi, “Ukwazi indlela abazali bam abacinga ngayo, kundinceda ndiqonde indlela oko ndikuthethayo okuza kubachaphazela ngayo ngaphambi kokuba ndikuthethe.”—IMizekeliso 15:23.
Indlela #3: Unokuthetha lula ngobomi bakho. UBridgette oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Kwakungekho lula kum ukuxelela uTata ngenkwenkwe endandiyithanda. Kodwa ndathi ndakumkhuphela imbilini yam, uTata wandibalisela ngendlela ekwakumnandi ngayo ukuqala kwakhe ukuthandana. Wada wandibalisela nangokwahlukana kwakhe nentombi awayethandana nayo nendlela ekwakukubi ngayo. Loo nto yandenza ndakhululeka ukumchazela nangezinye izinto ezenzekayo ebomini bam.”
Indlela #4: Unokufunda okuthile. Izinto abaye bahlangabezana nazo abazali bakho ebomini zinokukunceda ukwazi ukumelana nezakho iingxaki. UJoshua, oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Ndifuna ukwazi ngendlela abazali bam abaye bayinyamekela ngayo intsapho enkulu kangaka emzimbeni, ngokweemvakalelo nangokomoya. Kumele ukuba kuninzi endiza kukufunda.” IBhayibhile inalo mbuzo: “Ngaba akukho bulumko phakathi kwabalupheleyo nokuqonda ebudeni bemihla?”—Yobhi 12:12.
Zama Kuqala Ukubazi Kakuhle
Unokwenza njani ukuze ubazi kakuhle abazali bakho? Nanga amanye amacebiso anokukunceda.
Khangela ixesha elifanelekileyo. Akuyomfuneko ukuba ude ucwangcise ixesha. Endaweni yoko, unokusebenzisa ithuba laxa kuncokolwa nje ngokukhululekileyo. Ninokukwenza xa nidlala ibhola, nisebenza kunye, nibethwa ngumoya okanye nikhwele imoto nabazali bakho. UCody esikhe sathetha ngaye ngaphambilana uthi: “Ndancokola kamnandi gqitha nabazali bam ngoxa sasiseluhambeni. Kona kulula ukufaka iintambo endlebeni uphulaphule umculo okanye ulale, kodwa ndiye ndafumanisa ukuba ukuqala incoko kunye nabo kusoloko kufundisa kakhulu.”
Buza imibuzo. Kodwa ke qonda oku: Enoba ixesha lifaneleke kangakanani na, mhlawumbi umama wakho akayi kusuka nje akuxelele ngomntu awaqala wathandana naye, notata wakho engenakusuka akuchazele ngendlela awayitshayisa ngayo imoto yakhe. Kodwa abazali bakho basenokukuxelela ezo zinto xa ubabuza!—Ukuba ufuna amacebiso ngezinto onokuzibuza, funda ibhokisi ekwiphepha 12.
Yiba bhetyebhetye. Amaxesha amaninzi ukuphendulwa kombuzo omnye kudla ngokutsalela incoko komnye umbandela. Kodwa wena usenokufuna ukuyibuyisela kwinto ebeniqale nathetha ngayo, kodwa musa ukuyenza loo nto. Khumbula ukuba akunanjongo nje yakuqokelela izibakala. Kunoko, ufuna ukwakha ulwalamano nabazali bakho yaye ukuze uyenze kakuhle loo nto, ncokola ngezinto ezibalulekileyo kubo.—Filipi 2:4.
Yiba nengqiqo. “Icebo entliziyweni yomntu linjengamanzi anzulu, kodwa umntu wokuqonda ulitsala linyuke.” (IMizekeliso 20:5) Ifuneka kakhulu ingqiqo xa ubuza abazali bakho ngezinto abasenokungathandi ukuncokola ngazo. Ngokomzekelo, mhlawumbi usenokubuza utata wakho ngeempazamo ezenz’ iintloni awazenza xa wayelingana nawe nangendlela ebenokuzilungisa ngayo ukuba izinto bezinokubuyiselwa umva. Kodwa ngaphambi kokuba nincokole ngezo zinto, unokuthi: “Ngaba akukhathazeki xa ndikubuza ukuba . . . ”
Yiba nobuchule. Xa abazali bakho bekubalisela ngezinto abatyhubele kuzo, ‘khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha.’ (Yakobi 1:19) Kuyo nantoni na oyenzayo, musa ukubagxeka okanye ubathuke abazali bakho ngoko bakubalisela kona. Amazwi anjengathi, “Yho! Nina nenza loo nto?” okanye “Yiyo loo nto ningqongqo kangaka nje kum!” anokubenza bangaphinde bakubalisele ezinye izinto. Enye into enokubenza bangakhululeki ukukubalisela, kukuhamba uye kubalisela abanye abantu ngezi zinto.
Akukashiywa Lixesha!
La macebiso angasentla angakunceda ubazi kakuhle abazali bakho ngoxa usahlala nabo. Kodwa kuthekani ukuba akusahlali nabo? Ungasebenzisa kwala macebiso afanayo ukuze wakhe ulwalamano nabazali bakho—okanye nomnye wabo obungekamazi kakuhle. NoJacob, ebesikhe sathetha ngaye ngaphambilana wafumanisa ukuba aluncedo la macebiso. Nangona sele ezihlalela uthi: “Ndiya ndimazi kakuhle utata mvanje yaye kuyandivuyisa oko.”
Ngoko ke, enoba usahlala ekhaya okanye uyazihlalela akukashiywa lixesha lokubazi kakuhle abazali bakho. Khawukhe uzame amacebiso akweli nqaku ibe aya kukunceda wenze kanye oko.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” anokufunyanwa kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.
OMELE UCINGE NGAKO
◼ Ziintoni ezikweli nqaku ongathanda ukubabuza zona abazali bakho?
◼ Ukwazi izinto ezininzi ngabazali bakho kunokukunceda njani uzazi bhetele?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 12]
Babuze le mibuzo abazali bakho:
UMTSHATO: Nadibana njani noMama (okanye noTata)? Yintoni eyanenza nathandana? Naya kuhlala phi emva kokuba nitshatile?
IXESHA LOKUKHULA: Wazalelwa phi? Naniphethene njani nabantwana bakowenu? Ngaba abazali bakho babengqongqo okanye babeniyekelela?
IMFUNDO: Sisiphi isifundo owawusithanda esikolweni? Sisiphi esasikusokolisa? Nguwuphi utitshala owawumthanda kakhulu? Yintoni eyayibangela ukuba umthande?
UMSEBENZI: Waqala wasebenza phi? Ngaba wawuwuthanda loo msebenzi? Ukuba ubunokukhethiswa phakathi kwemisebenzi, ubunokukhetha wuphi?
IZINTO AZITHANDAYO: Ungatyelela liphi ilizwe ehlabathini? Ungafundela buphi ubugcisa?
IMBALI YAKHE YONQULO: Ngaba ukhuliswe ngamaKristu? Ukuba akunjalo, yintoni owayithandayo eBhayibhileni? Ziziphi iingxaki owadibana nazo xa wawuzama ukuphila ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile?
IMILINGANISELO: Ucinga ukuba ziintoni ezinokukunceda ube nabahlobo bokwenene? ube nobomi obonwabisayo? wonwabe emtshatweni? Liliphi elona cebiso lobulumko wakha walifumana?
Khawuzame oku: Khetha imibuzo embalwa kule ingasentla uze uzame ukucinga indlela abazali bakho abebenokuyiphendula ngayo. Babuze le mibuzo, uze uthelekise iimpendulo zabo nendlela wena obucinga ukuba baya kukuphendula ngayo.
[Ibhokisi ekwiphepha 13]
UMYALEZO OYA KUBAZALI
Usesidlweni nomyeni wakho, intombi yakho kwakunye nabahlobo benu. Kuthi kuncokolwa, omnye kubahlobo benu athethe ngomntu othile owakha wathandana naye—naza nahlukana—ngaphambi kokuba udibane nomyeni wakho. Akuzange uyibalisele intombi yakho ngale nto. Ngoku ifuna ukwazi ngakumbi. Uza kuthini?
Kudla ngokuba kuhle ukuba uyiphendule imibuzo yomntwana wakho. Ngapha koko, nanini na ekubuza yaye ephulaphule iimpendulo zakho, loo nto iqhuba incoko—nto leyo efunwa ngabazali abaninzi.
Ungaphelela phi xa ubalisela unyana okanye intombi yakho ngezinto ezenzeka ebomini bakho? Ngokuqhelekileyo ubuya kukhetha ukungambaliseli ngezinto owazenzayo ezibangel’ iintloni. Kwelinye icala xa kuyimfuneko, ukubalisela abantwana bakho ngemigudu neempazamo zakho kunokubanceda. Kunokubanceda njani?
Nanku omnye umzekelo. Umpostile uPawulos wakha watyhila oku ngaye: “Xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum . . . Hayi usizana endilulo!” (Roma 7:21-24) UYehova uThixo uye waphefumlela ukuba abhalwe la mazwi aze agcinwe eBhayibhile ukuze kuncedakale thina. (2 Timoti 3:16) Ibe sonke ngokwenene siyancedakala kuba ke akakho umntu ongayaziyo into athetha ngayo uPawulos.
Ngokufanayo, xa abantwana bakho besiva ngezinto ezintle owazenzayo kwakunye neempazamo zakho banokutsho bakwazi kakuhle. Kuyavunywa ukuba ukhule ngexesha elahlukileyo. Noko ke, nangona amaxesha etshintsha kodwa ubuntu nemigaqo eseZibhalweni ayitshintshi. (INdumiso 119:144) Ukubachazela ngeengxaki oye wajamelana nazo—nendlela oye watyhubela ngayo kuzo—kunokunceda abantwana bakho abakwishumi elivisayo bakwazi ukucombulula ezabo iingxaki. Umfana ogama linguCameron uthi: “Ukwazi ukuba abazali bakho babeneengxaki ezifana nezakho, kunokukunceda uqonde ukuba nabo bangabantu abaqhelekileyo.” Wongezelela athi: “Xa uphinde wanengxaki, uye uyicinge into yokuba nabazali bakho bakhe batyhubela kuyo.”
Kodwa phawula: Akuyomfuneko ukuba zonke izinto obabalisela zona ziphele ngemfundiso. Eneneni unokuxhalatyiswa yinto yokuba umntwana wakho okwishumi elivisayo uza kucinga ukuba izinto ombalisela zona naye ufanele azenze okanye azive ekhululekile ukuphinda iimpazamo owazenzayo. Kunokuba ushwankathele, umbalisela kuphela oko ufuna akufunde kwincoko yenu (mhlawumbi usithi: “Ngoko yiloo nto umele ungaze. . . ”), mchazele ngendlela ovakalelwa ngayo. (Uthi: “Ukuba ndandazile ngendandingayenzanga loo nto kuba . . . ”) Unyana okanye intombi yakho inokufunda lukhulu kwizinto ezakwehlelayo, ingadanga yaziva ngathi ishunyayeziwe.—Efese 6:4.
[Ibhokisi ekwiphepha 13]
“Ndakha ndaxelela umama ukuba, kuba mnandi xa ndikunye nabantwana besikolo kunaxa ndikunye namanye amaKristu. Ngemini elandelayo, ndafumana ileta evela kuMama phezu kwedesika. Kule leta wandixelela ukuba naye wakha wavakalelwa ngathi abakho abahlobo phakathi kwamanye amaKristu. Wandikhumbuza ngabantu abathile ekubhalwe ngabo eBhayibhileni ababekhonza uThixo naxa kwakungekho bantu ababenokubakhuthaza. Wandincoma nangemigudu endandiyenza yokuzama ukufuna abahlobo abanokundakha. Yandothusa into yokufumanisa ukuba yayingendim ndedwa onale ngxaki. Zasuka zehla iinyembezi zovuyo ngenxa yokwazi ukuba nomama wayenengxaki efanayo. Kwandikhuthaza ukwazi oko, yaye kwandomelezela ukuba ndenze okulungileyo.”—UJunko, oneminyaka eli-17 ubudala waseJapan.
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Cela abazali bakho ukuba bakubonise iifoto zabo okanye ezinye izinto zabo zakudala. Ninokuqala ngazo ukuncokola