Ukungavi-sisani Okutsha
Ngumbhaleli kaVukani! eFransi
UJUNI 30, 1988, uya kuba ngumhla ongasayi kuze ulibaleke kwimbali yeCawa yamaRoma Katolika. Ngaloo mhla, ubhishopu omkhulu waseFransi uMarcel Lefebvre wayinyola ngomnwe esweni iVatican. Wamisela oobhishopu abane kwisikolo sabefundisi abagcin’ isithethe bamaKatolika eSwitzerland. Eli nyathelo labangela ukusikwa ecaweni kwalo kaLefebvre nabo bhishopu bane babesandul’ ukumiselwa. Kwabangela ukungavisisani kokuqala kwicawa yamaKatolika ukususela ngowe-1870. Ngaloo nyaka amaKatolika Asadla Ngendeb’ Endala ayishiya icawa yawo ngenxa yembambano yokuba oopopu abazenzi iimpazamo.
Isizekabani Sokwahlukana
Umsantsa phakathi kweVatican nebutho lamaKatolika agcin’ isithethe nangafuni zinguqulelo alandela uBhishopu Omkhulu uLefebvre ubusiya uvuleka ngokuvuleka kangangethuba elithile. Isizekabani sale yantlukwano silandwa ukususela emva phayaa kwiBhunga Lesibini laseVatican, elalingowe-1962 kuse kowe-1965. UPopu John XXIII, owayebize loo ntlanganiso, wathi zimbini iinjongo zalo ndibano. Eyokuqala yayibizwa ngokuthi yiaggiornamento (uhlaziyo), yaye enye yayikukumanyaniswa ngokutsha kweecawa ekuthiwa zezamaKristu.
Nangona uBhishopu Omkhulu uLefebvre, njengobhishopu ongumKatolika, wayekho kwiVatican II, wayengavumelani nazo zombini ezi njongo. Njengomntu ogcina isithethe nongalalanisiyo, ingcamango yakhe yeyokuba iCawa yamaKatolika ayifuni kuhlaziywa. Ezinikele ngentliziyo epheleleyo kwimbono engokwesithethe yamaKatolika yokuba “ngaphandle kwale Cawa akukho ndlela yakusindiswa,” uLefebvre weyisekile lelokuba ekuphela kwendlela “amaKristu” ekunokwenzeka ngayo ukuba amanyaniswe kwakhona ibingaba kukuba bonke abantu abangamaKatolika babambelele kunqulo lweRoma Katolika.
Ngokuchasene Nenkululeko Yonqulo
Kwithuba lonyaka emva kokusikwa kwakhe, ubhishopu omkhulu uLefebvre, ethetha egameni lamaKatolika agcin’ isithethe naxhasa ihlelo lakhe, wavakalisa oku: “Thina njengeqela elixhasa le nkqubo asiyamkeli kwaphela ingcamango yenkululeko yonqulo nemiphumo yayo, ingakumbi into yokumanyaniswa kweenkonzo, nto leyo mna ngokobuqu endiyibona ingamkeleki kwaphela.”
Wayengangenisi inkqubo entsha. Wayelandela ngokuthembekileyo isithethe samaKatolika. NgoAgasti 15, 1832, uPopu Gregory XVI wapapasha ileta ethi Mirari vos, awathi kuyo wagxeka inkululeko yesazela ‘njengembono ephosakeleyo okanye impambano.’ Kwiminyaka engamashumi amathathu anesibini kamva, uPopu Pius IX wapapasha eyakhe iSyllabus of Errors, nawathi kuyo wayigxeka ingcamango yokuba “bonke abantu bakhululekile ukwamkela baze bazibize ngonqulo abakholelwa ekubeni lolokwenyaniso, ngenxa yesizathu abanaso.”
Ngokugatya ukumanyaniswa kweecawa, uBhishopu Omkhulu uLefebvre wayebonisa nje ukunamathela kwakhe kwimfundiso yamaKatolika ethi “inye icawa,” oko kukuthi, eyona cawa “Inye, Ingcwele, yeyobuKatolika Neyabapostile.”
Ukucatshukiswa Lidini LeMisa “LamaProtestanti”
Iinguqulelo zokwenziwa komthendeleko ongokwesithethe wamaKatolika ezaziswa yiVatican II zingumbandela obuhlungu ngokukhethekileyo kuBhishopu Omkhulu uLefebvre nabalandeli bakhe. Lo bhishopu unemvukelo uzijonga ezi nguqulelo njengeziye zalambathisa ngengubo “yobuProtestanti” iDini leMisa. Asingombandela nje wokusetyenziswa kweelwimi zakalokunje endaweni yesiLatini; lo kaLefebvre unoluvo lokuba kuye kwaguqulwa izinto ezininzi ukuze kutsalwe amaProtestanti nokuba kwanabantu abathetha isiLatini bayigqala indlela eyavunyelwa nguPopu Paul VI yokwenza umthendeleko “njengeyoqhekeko.”
Ukuze aqinisekise ukuba iDini leMisa liyaqhubeka liqhutywa ngokwesithethe sabantu abathetha isiLatini, uBhishopu Omkhulu uLefebvre wavula isikolo sabefundisi e-Ecône, eSwitzerland, ngowe-1970. Sasilawulwa ngumbutho oluManyano Lwabefundisi phantsi kweNgcwele uPius X, lo kaLefebvre awawuseka kwangaloo mnyaka. Njengokuba umbutho wakhe waya usiba namandla, wamisela ezinye izikolo zabefundisi abangamaKatolika agcin’ isithethe eYurophu naseMerika. Apho amakhulukhulu abafana afumana uqeqesho olukhuthaza ukugcinwa kwesithethe ukuze abe ngabefundisi abanjalo.
Lo bhishopu unemvukelo uye wamisela abefundisi abagcin’ isithethe abangaphezulu nje kuma-200, nangona wayekiswayo ukwenjenjalo nguPopu Paul VI ngowe-1976. Aba babhiyozela iDini leMisa labantu abathetha isiLatin kwimizi yoonongendi yaye basebenzisa iicawa zamaKatolika ngokungekho mthethweni.a IVatican iyavuma ukuba lo kaLefebvre unabalandeli abagcin’ isithethe nabathand’ ukulwa abamalunga nekhulu lamawaka ehlabathini lonke, kodwa amanye amagosa ecawa ayavuma ukuba eli nani liphantse libe sisiqingatha sesigidi. Lo kaLefebvre yena uthi izigidi zamaKatolika ziyavumelana naye.
Kufuneka Ilandela
KwiCawa yamaKatolika, ubhishopu unokumisela abefundisi. Noko ke, ngupopu kuphela onokwamkela ukumiselwa kukabhishopu. Ngokufuna kobhishopu ukumisela abefundisi abatsha, lo kaLefebvre owalupheleyo waphawula ukuba umbutho wakhe oluManyano Lwabefundisi usengozini yokucinyw’ igama akufa. Kubonakala ukuba inethemba lokuba kuya kwenzeka oku, iVatican yaqalisa ukuthethathethana naye ithuba elide, ekugqibeleni imnika isisongelo sokugqibela. Yathi umele amkele ukumiselwa kobhishopu ovunywe yiVatican okanye ukuba uyaqhubeka ezimisela abakhe oobhishopu, uya kusikwa ecaweni.
NgoJuni 30, 1988, kumsitho ekwakukho kuwo amawaka abalandeli bakhe, lo bhishopu onemvukelo wamisela oobhishopu abane abagcin’ isithethe. I-International Herald Tribune yamihla le yaseParis yanikela le ngxelo: “Into yokuba uBhishopu Omkhulu uLefebvre amisele oobhishopu abane yangcolisa intlanganiso yaseVatican ekwathi kuyo upopu wanyusela oobhishopu abangama-24 kwiKholeji yooKhadinali. IVatican yarhoxisa ikonsathi ekhethekileyo ukuze ibonise ‘ubuhlungu bayo obunzulu’ ngenxa yenyathelo likaBhishopu Omkhulu uLefebvre. ‘Ngumhla wokuzila,’ watsho njalo uKhadinali Decourtray [ongumFrentshi].”
Oku kungavisisani phakathi kweCawa yamaKatolika akubangelanga ubuhlungu kwiVatican kuphela kodwa kuye kwashiya izigidi zamaKatolika anyanisekileyo ehlabathini lonke zididekile.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “UBhishopu Omkhulu Onemvukelo,” elapapashwa kwinkupho kaVukani! kaJanuwari 8, 1988.