IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g90 7/8 iphe. 28-29
  • Kutheni Kuxhalatywe Kangaka”?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Kuxhalatywe Kangaka”?
  • Vukani!—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • AmaKatolika Anengqondo Ephangaleleyo Akhathazekile
  • Abefundisi Abangavisisaniyo
  • AmaKatolika Amaninzi Adidekile
  • Ukungavi-sisani Okutsha
    Vukani!—1990
  • Kutheni Kukho Ukungavisisani?
    Vukani!—1990
  • Ngaba Umanyano LwamaKristu Lunokubakho?
    Vukani!—1991
  • Ingxaki YeCawa YamaKatolika
    Vukani!—1991
Khangela Okunye
Vukani!—1990
g90 7/8 iphe. 28-29

Kutheni Kuxhalatywe Kangaka”?

“UPOPU JOHN PAUL II wavakalisa “ukudandatheka” ngenxa yeyantlukwano eyabangelwa libutho lamaKatolika agcin’ isithethe angabalandeli bakaBhishopu Omkhulu uLefebvre. Wathi, icawa iye ‘yaphazamiseka kakhulu.’

Umfundisi ongumKatolika uJoaquín Ortega, ongusekela-sosiba kwinkomfa yoobhishopu beRoma Katolika eSpeyin, wavakalisa ubuhlungu ngale meko esithi: “UbuKatolika bethu buye bayinkqubo ‘kakhetha oyikhethayo.’ Abantu bamkela baze bakhethe oko bakubona kubafanele ngokungathi iimfundiso zethu ziziinkonkxa ezinemifuno.”

UBhishopu Omkhulu uLefebvre umi ngelokuba iBhunga Lesibini laseVatican layingcatsha iCawa yamaKatolika yesithethe, libangela iinguqulelo ezithile ecaweni. Ngaloo ndlela, unoluvo lokuba, eli bhunga lenza ukuba amaKatolika angabi sayikholelwa into yokuba angawecawa enye yokwenyaniso.

Xa kwakushwankathelwa amazwi kaLefebvre nabalandeli bakhe, kwi-International Herald Tribune kwabhalwa oku: “Abantu abagcina isithethe bemi ngelokuba kusenokwenzeka ukuba icawa yenza impazamo ngaphambi kwelo bhunga, okanye kokukhona yenza impazamo ngoku, kodwa azinakuba njalo zombini ezi zinto. Bathi, ukuba yenza iimpazamo ngaphambi kwebhunga, ngoko isenokuba yayiphosisile kwezinye iimfundiso. ‘Silapha ukuze sibonise ukuzinikela kwethu kweyona cawa yeecawa,’ watsho njalo lo bhishopu mkhulu.”

Phofu ke, amaKatolika amaninzi anyanisekileyo ayazibuza enoba oko icawa yakufundisayo yaza yakwenza ngaphambi kweVatican II kwakuyinyaniso okanye kwakuphosakele kusini na.

AmaKatolika Anengqondo Ephangaleleyo Akhathazekile

AmaKatolika amaninzi anengqondo ephangaleleyo akhathazekile kukuba oko akujonga njengamanyathelo enkqubela athatyathwa yiVatican II kuyachithwa ngenxa yombandela kaLefebvre. Ayothuswa ngamazwi athethwe kutshanje ngokusemthethweni eVatican, njengalawo athethwa nguKhadinali Ratzinger, ongumakhi-mkhaya kubuOthodoki bamaKatolika. Uyintloko yeziko laseVatican elo kangangeenkulungwane ezine lalisaziwa ngokuba liBandla leeNkundla Ezingcwele zokuNcina Amakholwa.

UKhadinali Ratzinger, oyintloko yeBandla Elingcwele leMfundiso yoKholo, eRoma, wathi: “Oku kungavisisani kwabakho kuphela xa abantu bathi bayeka ukuphila nokuthanda iinyaniso nemilinganiselo ethile yokholo lobuKristu.” AmaKatolika athand’ inkqubela anoloyiko lokuba lo Khadinali wayecinga ‘ngeenyaniso nemilinganiselo’ eyayiziimpawu zeCawa yamaRoma Katolika ngemihla yangaphambi kweVatican II.

Lithetha ngoloyiko olunjalo, inqaku elinomxholo othi “Ilahleko Yokungavisisani,” elapapashwa kwiphephandaba laseFransi iLe Monde, lathi: “Ngubani na owaziyo ukuba iVatican​—⁠ingazi okanye ingavumi⁠—​ayiqalisi ukusebenzisa ‘inkqubo yesithethe ngaphandle kukaLefebvre’? . . . Ngaba ngoku [iVatican] ayizami ukubuyisela abefundisi namagosa atyekele kwisithethe yaye ngaphezu kwako konke ayizami ukunyanzelisa kwakhona igunya nemilinganiselo yobuKatolika kwiindawo apho icelwa umngeni ngokuphandle kakhulu kuzo, ingakumbi kwiNtshona Yurophu nakuMntla Merika?”

Abefundisi Abangavisisaniyo

NgoJanuwari 1989, abefundisi bamaKatolika abali-163 baseNtshona Jamani, eNetherlands, eOstriya naseSwitzerland bakhupha inkcazelo ngoku eyaziwa ngokuba siSibhengezo saseCologne. Kwiiveki ezalandelayo, bathelelwa ngamakhulu abefundisi bamaKatolika bamanye amazwe, kuquka abaseItali. Oku kungavisisani kwaxhokonxwa yinto yokuba iVatican isuke imisele ubhishopu ogcin’ isithethe ukuba abe ngubhishopu omkhulu wamaKatolika eCologne, eJamani, nto leyo eyayinxamnye neminqweno yeenkokeli zecawa yasekuhlaleni. Kodwa into ephikiswayo ayizange ibe kukumiselwa koobhishopu abagcina isithethe kuphela. Kwachaswa nemilinganiselo yeVatican yezohlwayo zokubangela ukuba abefundisi ababebonakalisa “ingcamango yabefundisi eyayibethelelwa liBhunga Lesibini laseVatican” bavalwe umlomo. Kwakhona abefundisi balithandabuza ilungelo likapopu lokunyanzelisa iimbono zakhe “kwiimfundiso ezimele zifundiswe,” ingakumbi ezimayela noqingqo-nzala.

Xa wayesabela kwesi sibhengezo, uKhadinali Ratzinger walithetha phandle elokuba abo bayigatyayo imbono yeVatican kumbandela woqingqo-nzala noqhawulo-mtshato batolika ngokuphosakeleyo amazwi athi “kuyekelwa kwisazela” nokuthi “inkululeko” yaye bavukela imfundiso yesithethe secawa. Kutshanje wakhumbuza oobhishopu baseUnited States ukuba bangavumeli imfundiso yabo iphenjelelwe kukungavisisani okushunyayelwa ngabefundisi.

AmaKatolika Amaninzi Adidekile

Kudliwano-ndlebe neLe Monde umfundisi ongumKatolika waseFransi wathi: “Bekuya kuba yimpazamo ukuthi . . . la manqam achaphazela abefundisi kuphela. Kuphela nje abonakalisa ukuxhalaba okungako okukumaKatolika amaninzi.”

AmaKatolika amaninzi anyanisekileyo ayazibuza ukuba ubhishopu omkhulu onemvukelo uLefebvre, nangona wasikwa ecaweni, akanakuba ‘woyisiwe na edabini kodwa waphumelela emfazweni.’ Enyanisweni, kukho uyekelelo olwenziwayo kubalandeli bakaLefebvre kwilinge lecawa lokubabuyisela kwasemhlambini. Izicengcelezo zamaDini eMisa zenziwa ngesiLatini kwiicawa ezininzi zamaKatolika, yaye kwizikhundla kumiselwa oobhishopu abagcina isithethe. Okubangel’ umdla kukuba, amaKatolika agcina isithethe abuza oku: ‘Kwakutheni ukuze uMhlekazi Lefebvre asikwe ecaweni ngoxa abefundisi bamaKatolika kwelaseHolani abangcwalisa “imitshato” yamafanasini nabefundisi baseMzantsi Merika abaxhasa imfundiso yenkululeko ngokuvukel’ umbuso beseyinxalenye yecawa?’

Konke oku kushiya amaKatolika amaninzi edidekile. UmKatolika waseFransi wabhalela iphephandaba lamaKatolika iLa Croix (UMnqamlezo) esithi: “AmaKristu aqhelekileyo, njengam, ayebandezeleka ngenxa yokuba abo babandakanyekileyo [koku kungavisisani kwecawa] abazixubushi izinto baze bafikelele kwisivumelwano. Bambi abantu abafuni nokuva nento le ngoqheliselo lonqulo, ukuba abagatyi kwaCawa leyo.”

Ngokungathandabuzekiyo, abantu abanjalo abanakusiqonda isizathu sokuba eyona cawa bayijonga njengeyokwenyaniso ibe yengavisisani ngolu hlobo. Kwanomfundisi ongumKatolika uRené Laurentin wabuza oku: “Kutheni kukho oku kungavisisani nje phakathi kwamaKristu?” Ngokufutshane masiqwalasele ezinye zezizathu zokubakho kwako.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]

“Abantu abagcina isithethe bemi ngelokuba kusenokwenzeka ukuba icawa yenza impazamo ngaphambi kwelo bhunga, okanye kokukhona yenza impazamo ngoku, kodwa azinakuba njalo zombini ezi zinto.”—International Herald Tribune.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share