Iimpapasho Zesisa
AMAPHEPHANDABA esisa eBritani aye avelisa imali efikelela kumakhulu aliqela ezigidi zeerandi ngokuhanjiswa kwamashumi amawaka emibhalo ngeveki. Imiphumo yoku yahluke kwaphela koko kwakucingelwa ukuba akusayi kuba nampumelelo kwiminyaka engaphezu kwengama-20 eyadlulayo. UIan Locks, umalathisi oyintloko woMbutho Wamaphephandaba Esisa wathi: “Abantu bayayibhebhetha ingcamango yokuba unokubhengeza kwinto yesisa.” Kodwa, enyanisweni, “oku kuye kwavula amajelo amaninzi amaphephandaba, amaphephancwadi nawamaphecana esisa njengendlela entsha yokuvula amathuba oshishino,” wongezelela ngelitshoyo.
Ngaba oku kuyenzeka nangamaphephancwadi? Ewe. Amaphephancwadi awahlukahlukeneyo angaphezu kwama-400 afumaneka ngesisa eBritani, yaye oku kwenzeka ngamashumi ezigidi. Amaxabiso athotyiweyo aye abangela ukuba ababhengezi bawatyeshele amaphephandaba aqhelekileyo asekuhlaleni, uninzi lwawo ngoku angasekhoyo okanye nawo anikezelwa ngesisa. IThe Times yaseLondon iyichaza le meko ‘njengegunya elitsha elinamandla lemizi-mveliso yokupapasha yaseBritani,’ imeko eya kuhlala ihleli.