Imbono YeBhayibhile
Ukufa Komntwana—Kutheni UThixo Ekuvumela?
ABAZALI abaninzi abafelwe ngabantwana bayathuthuzeleka kukuva ukuba umntwana wabo akazange uThixo amthabathe ngokufa, njengoko ezinye iinkonzo zifundisa oko.a Noko ke, kusoloko kukho esi sibakala sibangel’ usizi: UThixo unawo amandla okukuthintela ukufa. Sekunjalo, uyakuvumela ukuba kuqhubeke.
Ngoko xa umntwana esifa, bengcungcutheka abazali basenokudanduluka ngokubandezeleka besithi, “Kutheni uThixo ekuvumele kwenzeka?” Ukufa, enoba kungengozi, kungesifo, okanye kungogonyamelo, phantse kusoloko kubonakala kuyinto embi neyinkohlakalo. Ukufa komntwana kubonakala kude kwakubi ngakumbi. Kwenye indawo ekungcwatyelwa kuyo kwingcwaba lomnye umntwana kukrolwe esi sikhalazo silusizi: “Emncinane kangaka, ethandeka kangaka, ngokukhawuleza kangaka.”
UMdali Uyakuvela
UThixo unokuyivumela njani intlungu enjalo? Ukuba kutshanje uye waphulukana nomntwana wakho ekufeni, akukho ngcaciso, kungakhathaliseki ukuba isengqiqweni kangakanani na, eya kwenza intlungu yaloo lahleko isuke iphele. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, namadoda awayenokholo olukhulu ayeba buhlungu gqitha ngenxa yeentlekele ezimbi zobomi yaye ambuza uThixo isizathu sokuba ezivumele izinto ezinjalo. (Thelekisa uHabhakuki 1:1-3.) Kodwa zikho iimpendulo eBhayibhileni ezinokuthi ngokuhamba kwexesha zisithuthuzele.
Kuqala yazi ukuba uThixo wayengafuni ukuba umntwana wakho afe. UThixo akavuyiswa nakukutshabalala kongendawo, kungasathethwa ngokufa komntwana. (Thelekisa eyesi-2 kaPetros 3:9.) Ngokuqinisekileyo, uba buhlungu ngokunzulu xa umntwana esifa. Ngapha koko, ekuphela kwento ebangela ukuba siyive intlekele ebangelwa kukufa kukuba siyakwazi ukuthanda nokuba novelwano ngabo bangamaxhoba ako. Yaye siyakwazi ukuthanda kuphela kuba senziwe ngokomfanekiselo kaThixo. Sibonakalisa ukukwazi kukaThixo ngokufezekileyo ukuthanda, nakubeni sibuthathaka ukuba singakubonakalisa ngokupheleleyo. (Genesis 1:26; 1 Yohane 4:8) IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uThixo uyaziqonda ezona mvakalelo zinzulu zeentliziyo zethu, uye wabala neenwele zeentloko zethu, uyazi naxa ungqatyana esiwa emthini. Ngaloo ndlela, ubizwa ngokuba ‘unguSozimfefe.’—2 Korinte 1:3; Mateyu 10:29-31.
Ngoko, ngokucacileyo uThixo akafuni nasinye isidalwa sakhe esikrelekrele ukuba sife. Uzimisele ukukuphelisa ukufa, ekuphelisa ngonaphakade. (Isaya 25:8) Kodwa ukuba leyo yindlela avakalelwa ngayo, kutheni ekuvumela ukufa ngeli thuba, ngakumbi okwabantwana?
Ixesha Okwaqala Ngalo Ukufa
UThixo uyakuvumela ukufa kwabantwana ngesizathu esinye neso akuvumela ngaso ukufa kwabantu abakhulu. Ukufa kwakukhethwe nguAdam, kungekhona nguThixo. Nangaphambi kokuvukela kuka-Adam noEva nxamnye noMdali wabo e-Eden, bobabini babesazi kakuhle ukuba uThixo umise ukuba isohlwayo sesono sibe kukufa. Ukuba babengazange bakhethe ukunganyaniseki kuThixo, ngebesaphila nanamhlanje. Kodwa ngobudenge balahla elona lifa lixabisekileyo ababenokulidlulisela kwinzala yabo—ilungelo lobomi obufezekileyo nobungunaphakade emhlabeni. Bakuba bonile, babengasafezekanga. Ekuphela kwento ababenokuyidlulisela kwinzala yabo yayisisono nokufa.—Genesis 3:1-7; Roma 5:12.
Kodwa usenokuzibuza oku: ‘Ekubeni isohlwayo sasisikhulu kangako, kwakutheni ukuze uThixo avumele uAdam noEva bone? Okanye kwakutheni ukuze angayiphelisi imvukelo yabo ngaphambi kokuba babe nokudlulisela ukufa nosizi kubantwana babo—nabantwana bethu?’
Kubandakanyeke Imbambano Yendalo Iphela
UThixo wabavumela abazali bethu bokuqala ukuba bangathobeli kuba akazange azimisele ukudala ihlabathi labantu abangoomatshini, abantu abakhonza uThixo kuphela kuba belungelelaniselwe ukwenjenjalo. Njengaye nawuphi na umzali, uThixo wayefuna abantwana bakhe abangabantu bamthobele ngenxa yokuba bevakalelwa bekholose ngaye yaye bemthanda, kungekhona kuba benyanzelekile. Wanika uAdam noEva isizathu esanelisayo sokukholosa ngaye nokumthanda, kodwa abazange bathobele yaye ngapha koko baluchasa ulawulo lwakhe.—Genesis 1:28, 29; 2:15-17.
Kwakutheni ukuze uThixo angababulali kwangoko abavukeli? UThixo wayesele eyichazile injongo yakhe yokuba umhlaba ngenye imini ufanele uzaliswe yinzala ka-Adam noEva. Akaze asilele ukuzalisekisa iinjongo zakhe. (Isaya 55:10, 11) Kodwa okubaluleke ngakumbi kukuba, kwakuphakanyiswe umbuzo obalulekileyo e-Eden. Ngaba uThixo unalo ilungelo lokulawula umntu, yaye ngaba indlela Yakhe iyeyona ifanelekileyo, okanye ngaba umntu unokuzilawula?
Ekuphela kwendlela esesikweni yokuphendula lo mbuzo ngonaphakade yayikukuvumela umntu azilawule. Ngokungenatarhu imbali iye yawuphendula lo mbuzo. Sijikelezwe yimiphumo elusizi yolawulo lomntu—ihlabathi apho kuyinto eqhelekileyo ukufa kwabantwana abamsulwa, nelizaliswe ziintlobo ngeentlobo zobubi. Akukho nto yimbi ngaphandle nje kokuba, iminyaka engamawaka amathandathu yolawulo lomntu iye yangqina oku: Ingcamango yokuba umntu unokuzilawula ngaphandle koThixo imbi kakhulu kunenkohliso elusizi; ibubuxoki obucacileyo. Lo gama nje umntu esazilawula ngaphandle kukaThixo, umntu uya kuphila aze afe esentlungwini.
UYehova, uThixo onothando nonobulungisa, wenza ukhetho lobulumko. Ngendlela kanye umzali ebeya kuvumela ngayo umntwana amthanda kakhulu ukuba afumane utyando oluneentlungu ngenxa yokucingela ikamva lomntwana elonwabisayo nelinempilo, uThixo uye wavumela umntu atyhubele intlungu engcungcuthekisayo yokuzilawula ngenxa yokucingela ikamva elingunaphakade lomntu. Yaye kanye njengokuba intlungu yotyando ingahlali unaphakade, kungekudala ulawulo lomntu luza kuphela nako konke okungekho sesikweni kwalo.
Xa uBukumkani bukaThixo bulawula phezu kwalo mhlaba ngaphandle kokuphikiswa, izigidi zabantwana ziya kuvuswa zize zamkelwe zivela ekufeni. Njengabazali ababantwana babo babuyiselwa ebomini nguYesu ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, abaninzi ngoko ‘baya kuthi nqa ngokuthi nqa.’ (Marko 5:42; Luka 8:56; Yohane 5:28, 29) Yaye xa lonke uluntu ekugqibeleni lubuyiselwa kwimeko efezekileyo eyalahlwa nguAdam noEva, ngoko akusayi kuze kwakhona kubekho bani ufayo—kuquka abantwana!—ISityhilelo 21:3, 4.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “The Bible’s Viewpoint—‘Why Did God Take My Child?’ [Imbono YeBhayibhile—“Kutheni UThixo Ethathe Umntwana Wam?”]” kwinkupho kaFebruwari 8, 1991 kaVukani! (wesiNgesi).
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 15]
Izigidi zabantwana ziya kuvuswa zize zamkelwe zivela ekufeni