ISAHLUKO 6
Siyaphi Xa Siswelekile?
1-3. Yeyiphi imibuzo edla ngokubuzwa ngabantu ngokufa, ibe zithini ezinye iinkonzo xa ziyiphendula?
IBHAYIBHILE isithembisa ukuba ngeny’ imini ‘ukufa akuzukubakho’ (ISityhilelo 21:4) KwiSahluko 5, sivile ukuba ukusifela kukaYesu kusincede sanethemba lokuphila ngonaphakade. Kodwa abantu basafa. (INtshumayeli 9:5) Le nto yenza sizibuze ukuba, Kwenzeka ntoni kuthi xa sisweleka?
2 Siye siyifune kakhulu impendulo yalo mbuzo xa siswelekelwe ngumntu esimthandayo. Sinokuzibuza sithi: ‘Uphi ngoku? Uyandibona? Angakwazi ukundinceda? Ndingaze ndiphinde ndimbone?’
3 Ayifani indlela iinkonzo eziyiphendula ngayo le mibuzo. Ezinye zifundisa ukuba xa ungumntu olungileyo uza kuya ezulwini, xa ungumntu owenza izinto ezimbi uza kutsha esihogweni. Ezinye zithi uba sisinyanya uze uyokuphila nookhokho bakho abaswelekayo. Kanti ezinye iinkonzo zithi emva kokuba uswelekile waza wagwetywa uphinda uzalwe okanye ubuyele ebomini mhlawumbi ungomnye umntu okanye usisilwanyana.
4. Iinkonzo zithi kwenzeka ntoni xa umntu esweleka?
4 Kubonakala ingathi iinkonzo zifundisa izinto ezahlukeneyo. Kodwa phantse zonke zithetha into enye. Zifundisa ukuba xa umntu esweleka kukho into eqhubeka iphila. Yinyani leyo?
SIYAPHI XA SISWELEKILE?
5, 6. Kwenzeka ntoni kuthi xa siswelekile?
5 UYehova uyayazi ukuba kwenzeka ntoni kuthi xa sisweleka, ibe usixelela ukuba xa umntu esweleka kuphelile ngaye. Ngoko xa umntu esweleka, indlela ebeziva ngayo nezinto ebezicinga zifa naye.a Xa siswelekile, akukho nto siyibonayo, siyivayo nesiyicingayo.
6 UKumkani uSolomon wathi abantu “abafileyo abazi nto kwaphela.” Akukho mntu bamthandayo okanye bamcaphukelayo, ibe “akukho msebenzi, nakuceba, nakwazi, nabulumko engcwabeni.” (Funda iNtshumayeli 9:5, 6, 10.) KwiNdumiso 146:4, iBhayibhile isixelela ukuba xa umntu esweleka, “ziyatshabalala iingcinga zakhe.”
WATHINI UYESU NGOKUFA?
Xa uYehova wayedala abantu wayefuna baphile ngonaphakade emhlabeni
7. Wathini uYesu ngokufa?
7 Xa kwasweleka umhlobo wakhe uLazaro, uYesu wathi kubafundi bakhe: “ULazaro umhlobo wethu ulele.” Kodwa uYesu wayengathethi ukuba uLazaro ulele kuba efuna ukuphumla. UYesu waphinda wathi: “ULazaro ufile.” (Yohane 11:11-14) UYesu wayefanisa ukufa nokulala. Zange athi uLazaro uye ezulwini okanye uye kookhokho bakhe abafayo. Zange atsho nokuba utsha esihogweni okanye uza kuphinda azalwe engomnye umntu okanye esisilwanyana. Kwakungathi uLazaro ulele ubuthongo. Zikhona nezinye iZibhalo ezifanisa ukufa nokulala ubuthongo. Xa uYesu wavusa intombi kaYayiro wathi “ayifanga kodwa ilele.”—Luka 8:52
8. Sazi njani ukuba uThixo wayengafuni abantu basweleke?
8 Ngaba xa uThixo wayedala uAdam noEva wayefuna boluphale baze bafe? Hayi! Wayefuna baphile ngonaphakade besempilweni. Xa uYehova wayedala abantu, wabenza babawela ukuphila ngonaphakade. (INtshumayeli 3:11) Abazali abafuni ukubona abantwana babo besaluphala baze bafe, ibe noYehova uziva ngaloo ndlela. Ukuba ke uThixo wayesidalele ukuba siphile ngonaphakade kutheni sisweleka?
KUTHENI SISWELEKA?
9. Kutheni umyalelo uThixo awawunika uAdam noEva wawufanelekile?
9 Kumyezo wase-Eden uYehova wathi kuAdam: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungatya wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungatyi kuwo, kuba mhla uthe watya kuwo ngokuqinisekileyo uza kufa.” (Genesis 2:9, 16, 17) Lo myalelo wawucacile kwaye kungekho nzima ukuwuthobela. Enye into, uYehova wayenelungelo lokuxelela uAdam noEva ukuba yintoni elungileyo nembi. Ukuba babemthobela babeza kubonisa ukuba bayalihlonela igunya lakhe. Babeza kubonisa nokuba bayazibulela zonke izinto abenzele zona.
10, 11. (a) USathana wamqhatha njani uAdam noEva? (b) Kutheni sisithi bamona ngabom uYehova?
10 Ngelishwa, uAdam noEva bakhetha ukungamthobeli uYehova. USathana wathi kuEva: “Ngaba utshilo nyhani uThixo ukuba nize ningatyi kuyo yonke imithi yomyezo?” UEva wathi: “Singazitya iziqhamo zemithi yomyezo. Kodwa uThixo uthe ngeziqhamo zomthi osemyezweni phakathi: ‘Nimele ningazityi, ningazichukumisi, kungenjalo niza kufa.’”—Genesis 3:1-3.
11 USathana wathi: “Ngokuqinisekileyo anizukufa. UThixo uyazi ukuba mhla nithe natya kuzo, aza kuvuleka amehlo enu nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” (Genesis 3:4-6) USathana wayefuna uEva acinge ukuba wayenokuzigqibela ukuba yintoni elungileyo nembi. Waxoka nangento eyayiza kwenzeka xa uEva engamthobelanga uThixo. Kuba uSathana wayethe akazukufa, uEva wasitya esi siqhamo waza wanika nomyeni wakhe. UAdam noEva babesazi ukuba uThixo wayethe bangasityi esi siqhamo. Kodwa bakhetha ukungawuthobeli umyalelo ocacileyo nongekho nzima. Xa batya eso siqhamo babonisa ukuba babengamhloniphi uTata wabo wasezulwini nobathandayo. Bamona ngabom uThixo.
12. Kutheni imbi into eyenziwa nguAdam noEva kuYehova?
12 Imbi into eyenziwa ngabazali bethu bokuqala kuMdali wabo! Ubunokuthini ukuba ubukhulise nzima unyana nentombi yakho, baze bakujikele benze into ubuthe mabangayenzi? Ibiza kukukhathaza nyhani loo nto.
UAdam wayethathwe eluthini, waza wabuyela eluthulini
13. Wayethetha ukuthini uYehova xa wathi, “uza kubuyela eluthulini”?
13 Xa uAdam noEva bengazange bamthobele uYehova, laphela ithemba labo lokuphila ngonaphakade. UYehova wathi kuAdam: “Kuba uluthuli, uza kubuyela eluthulini.” (Funda iGenesis 3:19.) Wayethetha ukuba uAdam wayeza kuphinda abe luthuli, ibengathi zange wadalwa. (Genesis 2:7) Emva kokuba onile wafa, akabikho.
14. Kutheni sisifa?
14 Ukuba uAdam noEva babemthobele uThixo, ngebesaphila nanamhlanje. Xa bengazange bamthobele, bamona baza ekugqibeleni bafa. Isono sifana nesifo esibuhlungu esisifumene kubazali bethu bokuqala. Sonke sizalwa sinesono, ibe yiloo nto sisifa. (Roma 5:12) Kodwa ayonto uThixo awayeyifuna leyo. Wayengafuni abantu bafe, ibe iBhayibhile ithi ukufa ‘lutshaba.’—1 Korinte 15:26.
INYANISO IYASIKHULULA
15. Ukwazi inyaniso ngokufa kusikhulula njani?
15 Ukwazi inyaniso ngokufa kusikhulula kwizinto ezininzi ebesizikholelwa ezingezizo. IBhayibhile isifundisa ukuba abantu abaswelekileyo abeva zintlungu ibe abakhathazeki. Asinakuthetha nabo ibe nabo abanakuthetha nathi. Asinakubanceda, nabo abanakusinceda. Abanakusenzakalisa, ngoko asimele siboyike. Kodwa, iinkonzo ezininzi zithi kukho indawo abaphila kuyo, ibe sinokubanceda ukuba sinika abefundisi okanye amadoda ekuthiwa angcwele imali. Kodwa xa siyazi inyaniso ngokufa, soze siqhathwe bobu buxoki.
16. Bobuphi ubuxoki obufundiswa ziinkonzo ezininzi ngabantu abaswelekileyo?
16 USathana usebenzisa iinkonzo zobuxoki ukuze asiqhathe aze asenze sicinge ukuba abantu abaswelekileyo basaphila. Ngokomzekelo, ezinye iinkonzo zifundisa ukuba xa sisweleka, kukho into kuthi eqhubeka iphila. Ngaba neyakho inkonzo ifundisa loo nto okanye ifundisa into ethethwa yiBhayibhile ngabantu abaswelekileyo? USathana uyaxoka ukuze enze abantu bangamkhonzi uYehova.
17. Kutheni ubuxoki bokuba abantu batsha esihogweni bulingcolisa igama likaYehova?
17 Iyothusa into efundiswa ziinkonzo ezininzi. Ngokomzekelo, ezinye zifundisa ukuba abantu abenza izinto ezimbi baza kutsha ngonaphakade esihogweni. Obo buxoki buyalingcolisa igama likaYehova. Soze avumele into embi ngolo hlobo. (Funda eyoku-1 kaYohane 4:8.) Ubunokucinga ntoni ngomntu otshisa izandla zomntwana wakhe xa emoshile? Ubuza kuthi ukhohlakele nyhani. Ubungazukufuna nokuqhelana naye. USathana ufuna sicinge ukuba uYehova unjalo!
18. Kutheni singamele siboyike abantu abaswelekileyo?
18 Ezinye iinkonzo zithi xa abantu besweleka baba zizinyanya. Ezo nkonzo zifundisa ukuba kufuneka sizoyike ezi zinyanya kuba zinokuba ngabahlobo okanye iintshaba zethu ezinamandla. Abantu abaninzi bayabukholelwa obo buxoki. Bayaboyika abantu abaswelekileyo, baze bakhonze bona kunokuba bakhonze uYehova. Simele sikhumbule ukuba abantu abaswelekileyo abeva nto, ngoko asimele siboyike. UYehova nguMdali wethu. Kufuneka sikhonze yena yedwa kuba nguye uThixo wokwenene.—ISityhilelo 4:11.
19. Kusinceda njani ukwazi inyaniso ngokufa?
19 Xa siyazi inyaniso ngokufa, soze siqhathwe ziinkonzo zobuxoki. Le nyaniso isiqinisekisa ukuba uYehova uza kusenzela izinto ezintle kungekudala.
20. Siza kufunda ngantoni kwisahluko esilandelayo?
20 Omnye umkhonzi kaThixo, uYobhi wakha wathi: “Ukuba umntu uyafa, angaphinda aphile na?” (Yobhi 14:14) Umntu oswelekileyo angaphinda aphile na? Isivuyisa kakhulu indlela uThixo awuphendula ngayo lo mbuzo eBhayibhileni. Siza kuyiva kwisahluko esilandelayo.
a Abanye abantu bathi umphefumlo okanye umoya uqhubeka uphila nasemva kokuba umntu eswelekile. Ukuze uve ukuba iBhayibhile ithini ngale nto, funda iSihlomelo 17 no-18.