Umdlalo Webhola Ekhatywayo Wendebe Yehlabathi—Ngaba Kuyadlalwa Okanye Kuyaliwa?
Ngumbhaleli kaVukani! eItali
INGQALELO yehlabathi ijoliswe kwibhola ekhatywayo. Ukususela ngomhla kaJuni 8 ukusa kokaJulayi 8, wowe-1990, amakhulu ezigidi zabantu ayeqolozele koomabonwakude ukuze abone esona siganeko sibalulekileyo sonyaka—ukhuphiswano lweentshatsheli kumdlalo webhola ekhatywayo weNdebe Yehlabathi olwaluqhutyelwa eItali. Xa lidityanisiwe inani labantu ababebukele loo midlalo engama-52 koomabonwakude ehlabathini lonke lifikelela kwisimbuku sabantu abangama-30 000 000 000 ababukela kumabonwakude ehlabathini lonke ukuqhubeka kwemidlalo engama-52—nani elo eliliphinda kathandathu inani labemi bomhlaba!
Olu sasazo lukamabonwakude lwaba nokwenzeka ngenxa yokulungelelaniswa kobugcisa okungazange kwenzeke ngaphambili—iziko lokusasaza ngoomabonwakude elalisebenzela amajelo osasazo ali-147 kumazwe ali-118, kusetyenziswa iikhamera zokufotela oomabonwakude ezili-180, izixhobo zokusasaza ezingama-38 namagcisa ali-1 500. Kule midlalo, eyayidlalelwa kumabala ebhola ekhatywayo aseItali ali-12, kwakukwakho nababukeli abazizi-2 515 000 kunye neentatheli ezingama-6 000 ezazivela kulo lonke ihlabathi. Noko ke, amanani awakuchazi njengokuba kunjalo okwakusenzeka. Ukuze bachaze oko abaninzi bakubiza ngokuthi “ngummangaliso wemimangaliso,” ababhali, iingcali kwezentlalo, izazi ngengqondo, amagcisa kwanabafundi ngezakwalizwi bagqabaza ngesi siganeko.
Noko ke, ngaba umdlalo webhola ekhatywayo weNdebe Yehlabathi waba negalelo kwimvisiswano yezizwe ngezizwe nakumoya omhle wokudlala? Zimanyaniswe luthando ezinalo ngalo mdlalo, ngaba izigidi zabantu ababukela le midlalo isiza kubo ngamaza omoya zakwazi ukuyoyisa intiyo engokobuhlanga ebudeni bezo ntsuku zingama-30? Ngaba ibhola ekhatywayo yaba ngamandla amanyanisayo?
Ngaba Kuyadlalwa Okanye Kuyaliwa?
Makhe siqwalasele inkalo nje ibenye exhaphakileyo kwimidlalo emininzi yanamhlanje—ugonyamelo. Oku kwenzeka ngokufuthi kwimidlalo yebhola ekhatywayo—ebaleni, kwiindawo zokuhlala ababukeli nangaphandle kwebala lezemidlalo. Izazi ngengqondo, iingcali kwezentlalo neentatheli ziyavumelana ukuba kwihlabathi elinogonyamelo kangaka, lumele lubekho nakwezemidlalo. Imilinganiselo yokuziphatha esisiseko igqwethwa ngokungenalusizi. Ukusetyenziswa kwamabinzana anjengathi “umdlalo kukuqubisana okunyanisekileyo,” “umoya wobuhlobo” okanye “ubuzalwana,” ngenjongo yokuquma ugonyamelo olukhoyo kwimidlalo yanamhlanje akusebenzi.
Ukhuphiswano lweentshatsheli kumdlalo weNdebe Yehlabathi lwalungahlukanga. Kwithutyana elingephi ngaphambi kokuqalisa kwalo, kwavakala iingxelo ezothusayo. Xa kwakusele iintsuku ezili-18 ngaphambi komdlalo iLa Repubblica yapapasha umxholo othi, “Ugonyamelo Lwempambano Kwibhola Ekhatywayo Luyoyikisa Yaye Abakhenkethi Abalibeki EItali.” Abona bantu babesoyikwa kakhulu yayiziihooligan (iindlavini) ezazidume kakubi, iqela labathandi bebhola ekhatywayo baseNgilani elaziwa kulo lonke elaseYurophu ngokonakalisa ngenkohlakalo ngaphambi, ebudeni nangemva komdlalo ngamnye.a
Inkupho kaJuni 1, 1990, yeLa Stampa ephuma ntsuku zonke eTurin yachaza oonobangela bogonyamelo kumabala ezemidlalo nabokuziphatha ngobungqwangangqwili kweendlavini yathi: “Kubathandi bebhola ekhatywayo akukho nto yenziwa ngomlinganiselo ongaphelelanga. Abantu abangavaniyo abapheleli nje ngokungavani kodwa baba ‘ziintshaba’; ungquzulwano asiyonto yenzeka ngamaxesha athile kodwa yinto yomhla nezolo, kwaye luba qatha, kangangoko kunokwenzeka.” Kodwa kutheni kunjalo? “‘Kungenxa yokuba sithiyene,’ zaphendula zatsho ezinye iindlavini zaseBologna.” Ezama ukuchaza isizekabani sale ntiyo uAntonio Roversi wathi: “Abantwana abakhula besiya kumabala ezemidlalo banesifo ekuthiwa yi-‘bedouin syndrome.’ Abo banesi sifo babagqala abo baziintshaba zabahlobo babo beziintshaba zabo, yaye kwelinye icala, abahlobo beentshaba zabo bezintshaba zabo, aze, umhlobo womhlobo abe ngumhlobo luze utshaba lotshaba lube ngumhlobo.”
Kwakukho intiyo, ugonyamelo, ubutshaba, ukonakalisa ngenkohlakalo, i-“bedouin syndrome”—ukhuphiswano lweentshatsheli kumdlalo webhola ekhatywayo yeNdebe Yehlabathi lwalungekaqalisi, kodwa ilizwe lalingathi selisemfazweni. Phezu kwako nje oku, elaseItali lalisilungiselela ngovuyo olukhulu esi siganeko.
Intsikelelo KaPopu
Kwanopopu, owaziwayo ngokungaphoswa ziindawo ezinabantu abaninzi, wayityelela “itempile” yeNdebe Yehlabathi, iBala Lemidlalo yeOlimpiki elalilungisiwe eRoma, waza walisikelela. Wathi: “Ngaphezu kokuba ngumbhiyozo wemidlalo, uKhuphiswano Lweentshatsheli kumdlalo weNdebe Yehlabathi lunokuba ngumbhiyozo womanyano phakathi kwabantu.” Wongezelela wathi kwimidlalo yanamhlanje kumelwe kuphetshwe iingozi eziyintlekele, ezinjengokufuna iingenelo zokuphathekayo nokuba sekumnyam’ entla, ukugxininisa ngokugqithiseleyo ekuceleni injezu, ukusebenzisa iziyobisi, ukuqhatha nogonyamelo. Wayenethemba “lokuba imigudu nokuzincama okwenziweyo kuya kwenza i-‘Italia ’90’ isihlandlo sokukhula kobuzalwana kubemi abangoowenu nakubo bonke abantu.” UParide Di Luca ongumJesuit, nowayesakuba ngumdlali webhola ekhatywayo, wavakalisa iimvakalelo ezifanayo nezikapopu xa ‘Ekuthandazeleni Kwakhe Abathandi Bebhola Ekhatywayo’ wathi: “Yiza, Thixo wam, uze kutyebisa amehlo kumdlalo weNdebe Yehlabathi.”
Kodwa ngaba umdlalo weNdebe Yehlabathi wawungumbhiyozo obalaseleyo ngokwenene? Ngaba uThixo wendalo iphela wayeya kuba nomdla? Makhe sijonge ezemidlalo njengokuba zinjalo ngokwenene, kwimilinganiselo eziyiphakamisayo.
Iindlavini Kwezemidlalo
Ngenxa yeendlavini, kwizixeko ezinjengeCagliari neTurin kwakugquba umoya wemfazwe ngalo lonke ixesha ekwakuqhubeka umjikelo wokuqala wemidlalo yokhuphiswano lweentshatsheli. Nantsi eminye yemixholo ephambili yamaphephandaba: “Ilizwe Lifile ERimini”; “Iqalile Imfazwe ECagliari”; “Ugonyamelo ETurin: UmJamani NomBritani Bahlabene”; “Imini Yezixholo-xholo Phakathi Kwababukeli AbangamaNgesi, AmaJamani Nabemi BaseItali”; “Sihlanguleni Kubabukeli BaseNgilani—Uyabongoza Usibonda Wedolophu WaseTurin”; “Ubusuku Bokungquzulana Phakathi Kwabo Baneembono Eziqatha. USibonda Wedolophu: EzaseTurin Zezona Ndlavini Zokwenene.” Nanku omnye umzekelo obambis’ amazinyo: “‘Iindlela Zokuhlaba Umbukeli Ophikisayo’—Ipapashwe ENgilani, Isikhokelo Esiluncedo Kwindlavini Yokwenene.” Le mixholo yanele ukubonisa imeko. Kodwa izinto ezinjalo ziyimiphumo elindelekileyo kwibutho labantu elizondla ngogonyamelo.
Isiganeko esibalaseleyo sezemidlalo asizange siphele konwatyiwe. Amakhwelo okuthoba isidima iqela laseArgentine nentshatsheli yalo, uMaradona, awayevakaliswa ngababukeli baseItali ngenxa yokuba eli qela loyisa elaseItali, alugqumelela uvuyo lomdlalo wamanqam nowokugqibela. Ngaloo ngokuhlwa yangoJulayi, babungekho “ubuzalwana obukhulu bezemidlalo” kwiBala Lemidlalo yeOlimpiki; “itempile” yeNdebe Yehlabathi yahlanjelwa. I-Il Tempo kaJulayi 10, 1990, yagqabaza yathi: “Ebaleni, babangela ugculelo kulo mdlalo—kwiindawo zokuhlala ababukeli, bawungcolisa lo mdlalo.”
Isiphelo esilusizi kwisiganeko abathile ababecinga ukuba siya kwenza ihlabathi libe “yidolophana yemvisiswano yomhlaba wonke” esingenanto ithintela uxolo kangangeentsuku ezingama-30. Kodwa ukuba ibhola ekhatywayo ayinakukwazi ukumisela uxolo nemvisiswano ebaleni okanye ngaphandle kwalo, ngaba kusengqiqweni ukucinga ukuba inokukhuthaza uxolo lwehlabathi?
Imbono Elungeleleneyo Ngebhola Ekhatywayo
ILa Stampa yayiphakamisa ibhola ekhatywayo, iyichaza “njengentetho engcwele esaseleyo kwimizabalazo yoomawokhulu, ibhola ngokwayo ifuzisela imiphumo engenakwaziwa kusengaphambili, undoqo walo naluphi na ukhuphiswano lwezemidlalo.” Xa siqwalasela le ndlela yokucinga, umKristu onyanisekileyo ufanele ayijonge njani ibhola ekhatywayo? Eneneni, umKristu ufanele ayijonge njani xa iyonke imidlalo yodidi lwabahlawulwayo?
Kubikwa ukuba uBertrand Russell wathi: ‘Abo bangawuthandiyo umdlalo webhola ekhatywayo balahlekelwa kokuthile ebomini babo.’ Kakade ke, ukudlala ibhola ekhatywayo okanye nawuphi na omnye umdlalo kusenokunandipheka yaye kunik’ impilo, ingakumbi ekubeni abantu abaninzi besebenza behleli phantsi. Kodwa ngaba oku kuthetha ukuba akukho zingozi zibandakanyekileyo?
IBhayibhile ithi: “Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana [sikhuphisana, NW], simonelana.” (Galati 5:26) Ukhuphiswano lweentshatsheli kwiNdebe Yehlabathi lwayibonisa ngokungenakukhanyelwa indlela oluhambisana ngayo ugonyamelo nokuphumelela nokuba sekumnyam’ entla. Eli licala elibi lemidlalo yodidi lwabahlawulwayo. Ukuze aphephe “imisebenzi yenyama” enjalo, amaKristu, angabadlali nangababukeli, amele awuhlole umoya wawo, ngokukodwa umnqweno wokunkqenkqeza phambili. (Galati 5:19-21) Khumbula amazwi embongi: “Xa Umgcini-manqaku Omkhulu esiza kubhala ecaleni kwegama lakho, uphawula—hayi ukuba niphumelele okanye noyisiwe—kodwa indlela eniwudlale ngayo umdlalo.”
Esinye isibakala esingamele kulityalwa ngumbandela wexesha. Ngaba ungomnye wababukeli bakamabonwakude abachitha iiyure ezininzi bebukele ezemidlalo? Ngokuchasene noko, lingakanani ixesha lakho olichitha usenza umthambo? Ulungelelwano—eli ligama elisisikhokelo. Lithetha ukuba nexesha lokwenza umthambo nelokuzihlaziya, ngaphandle kokutyeshela imisebenzi ebaluleke ngakumbi yokomoya. Umpostile uPawulos wanika uTimoti oselula isiluleko esibaluleke ngakumbi namhlanje: “Eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.”—1 Timoti 4:8.
[Umbhalo osemazantsi]
a Enye inkcazelo yegama elithi “hooligan” ithi: “Indoda eyayinegama elinguPatrick Hooligan, eyayisihla inyuka phakathi kwabantu abangoowayo, ibahlutha izinto zabo maxa wambi ibabethe.”—A Dictionary of Slang and Unconventional English, nguEric Partridge.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 10]
Photo Agenzia Giuliani