Ukuhleba—Indlela Wena Nabanye Eninokukuphepha Ngayo Ukwenzakaliswa Kuko
LOGAMA nje besekho abantu, kusaya kuqhubeka kuhletywa. Kusenokuba nakwihlabathi elitsha nelifezekileyo ekuprofetwe ngalo eBhayibhileni kusaya kuhletywa.a (2 Petros 3:13) Ukuncokola nje ngabahlobo nabantu esibaqhelileyo yinxalenye esisiseko yendlela esiqhagamshelana ngayo nabanye size silondoloze ulwalamano oluhle.
Sekunjalo, ukuhleba okwenzakalisayo, okanye ukunyoka akungxengxezeleki! Intetho elolo hlobo iyenzakalisa yaye iyonakalisa; isenokude yonakalise nobomi, ulwalamano nodumo lwabanye. Ngoko unokukuphepha njani ukutsib’ ilitye likaPhungela nokubandakanyeka ekuhlebeni okuyingozi? Unokuzikhusela njani kuko? Amanye awona macebiso mahle awakhe anikelwa kulo mbandela abhalwe eBhayibhileni. Makhe siqwalasele iinkalo ezithile zala macebiso.
Lubambe Ulwimi Lwakho: Kuye kwathiwa “ukuncokola kuhambisana nokusebenzisa ingqondo, kodwa ukuhleba kukuphololoza nje kolwimi.” Eneneni, ubukhulu becala intetho ehlabayo ayibonisi ububi koko ibonisa ukungacingi phambi kokuthetha. Bambi badiza amahlebo abanye; bayazinonga iindaba, bazibaxe baze bazigqwethe bengacingi nto kangako ngemiphumo. Babhenca iimpazamo zabahlobo, zamaqabane nezabantwana babo kwabanye bengawuqondi nokuwuqonda umonakalo abawenzayo.
Ngoko iBhayibhile inikela eli cebiso: “Ebuninzini bamazwi akusweleki sono; owubambayo umlomo wakhe unengqiqo.” (IMizekeliso 10:19) Ngamanye amazwi, cinga ngaphambi kokuba uthethe. Cinga ngaphambi kokuba uthethe okuthile ngomnye umntu. Zibuze: ‘Ngaba bendiya kuphinda ndikuthethe oku ukuba loo mntu ebekho? Bendiya kuvakalelwa njani ukuba bekuthethwe into efanayo ngam?’ (Mateyu 7:12) INdumiso 39:1 ithi: “Ndiya kuzigcina iindlela zam, ndingoni ngolwimi lwam; ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam.”
Kuyavunywa ukuba, kusenokubakho iimeko ezithile phantse ekusenokubonakala kungenakwenzeka ukuba uthule kuzo. Ngokomzekelo, usenokuba unorhano lokuba uthile ukone gqitha wena okanye intsapho yakho. Usenokungabi nabo ubungqina, kodwa unoluvo lokuba kufuneka wenze okuthile ngako. Ngaba ibiya kuba kukunyoka ukuthetha ngako nomhlobo onokumthemba okanye uthile onegunya? Ngaba ungumhlebi onolunya ukuba ucela icebiso komnye umntu? Ngokucacileyo akunjalo. IBhayibhile iyavuma ukuba kukho ubulumko ekucweyeni. Kambe ke, kubalulekile ukusebenzisa ingqiqo nokulungelelana xa kusingathwa iimeko ezinochuku ngolo hlobo.—IMizekeliso 15:22.
Musa Ukuyiphulaphula Intlebendwane Eyenzakalisayo: Bekuya kwenzeka ntoni ‘koonokrawuzana,’ ukuba bebengekho ‘oonothand’ iindaba’? Abo basoloko bedwekesha bayinxalenye nje yale ngxaki; abo bakuvuyelayo ukuthi nta iindletyana nabo babekek’ ityala. Ukuphulaphula kwakho kusenokuthetha ukuba uyavumelana nentlebendwane eyenzakalisayo kuze kube negalelo ekuyisasazeni. IMizekeliso 17:4 ithi: “Onobubi uwubazela indlebe umlomo onenkohliso, uphulaphula ubuxoki obuselulwimini olweyeliselayo.”
Ngoko ukuba incoko yenu ngomnye umntu iqalisa ukugabadela, kusenokufuneka ukuba ubonakalise inkalipho uze uthi, ‘Masiyiyeke le, sincokole ngezinye izinto.’ Kwaye ukuba abahlobo onabo ngoku bathanda ukuphum’ into ngomlomo bengasaziva, kusenokude kufuneke ukuba ucinge ngokufumana abahlobo abatsha. IBhayibhile ithi: “Umhlebi akasokuze aligcine ihlebo. Zinxweme kubantu abanemilomo emikhulu.” (IMizekeliso 20:19, Today’s English Version) Kusenokwenzeka ukuba, ethubeni baza kuthetha kakubi nangawe.
Musa Ukusabela Ngomsindo xa Uhletywa: Inkoliso yabantu iyayithanda intlebendwane logama nje kungahletywa bona. Kwelinye icala, masithi ulixhoba lolurhe olungathandekiyo okanye ibali lobuxoki. Maxa wambi uyakwazi ukuwuphanda umthombo welo bali uze ngenzolo ulungise imicimbi. Kodwa kuthekani ukuba akunakukwazi ukwenjenjalo?
Ukucaphuka kwakho akufezi nto tu. Enyanisweni, iBhayibhile ithi, “okhawulezayo ukucaphuka uya kwenza ngobuyatha.” (IMizekeliso 14:17, NW) Ngenxa yoko uSolomon unikela eli cebiso: “Musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo . . . ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba uyabatshabhisa abanye nawe.” (INtshumayeli 7:21, 22) Ukuhleba yinto eqhelekileyo ebomini, yaye ngathuba lithile, mhlawumbi nawe wakha wabandakanyeka kakhulu kuko. Ngaba ngokwenene umcimbi lowo yinto engade ikucaphukise? Ngaba isenokuthi ekuhambeni kwexesha inyamalale? “Ukuhleka kunexesha lako,” ibe mhlawumbi ngokubonisa ukuba unoburharha, ukuyihleka nje loo nto bekuya kuba yeyona ndlela ilula yokuphelisa olo lurhe.—INtshumayeli 3:4.
Musa Ukuwenza Mbi Ngakumbi Umcimbi: Ukuba ibali elo alipheli, khawuzibuze oku: ‘Ngaba ndinokuba ndingunobangela wokuba abantu babe nento yokuhleba? Ngaba mhlawumbi ndiziphatha ngendlela ethandabuzekayo, ndizenza ndibonakale ngathi ndingumoni?’ Khawuqwalasele le mizekelo ilandelayo:
◻ Abantu ababesebenza nebhinqa elithile balidl’ izithende besithi lilivila yaye alinakuthenjwa—nakubeni liyenza ngendlela eyanelisayo imisebenzi yalo. Kutheni lidume kakubi nje? Phakathi kwezinye izinto, libonakalisa isimo sengqondo sokungakhathali, ukuzithabatha lula izinto nesithi ngokulula siqondwe phosakeleyo njengokunqena. Indlela elizilungisa ngayo ayiyifaneli konke konke imekobume yezoshishino elisebenza kuyo. Okokugqibela, alisebenzisi bulumko kwindlela elisingatha ngayo iminxeba yobuqu, lithethela phezulu gqitha nto leyo etsala ingqalelo yabo bonke abasebenzi abakuloo ofisi. Kungoko, lililifa lentlebendwane!
◻ Umnini-venkile wasekuhlaleni ungundaba-mlonyeni kwilali encinane akuyo. Kukho amarhe okuba akathembekanga kumkakhe. Le ndoda isikhanyel’ ide ime ngobhontsi esi sityholo. Yintoni ebangela olu lurhe? Kungenxa yokuba idume ngokuqhelana kakhulu nabathengi abangamabhinqa.
◻ Kuthiwa intwazana ekwishumi elivisayo iziphethe vakalala. Bambi bathi ithandana nabafana abaninzi nokuthi isebenzisa isiyobisi icocaine. Onke la ngamabali obuxoki. Kodwa idume ngokunxulumana nabantu abasebenzisa iziyobisi. Isinxibo, isimbo seenwele nezithambiso zayo zokuzihombisa zigabadele.
Ukuba ulixhoba lentlebendwane eyenzakalisayo, ngoko kusenokubonakala kuluncedo ukuhlolisisa enoba ihambo yakho, indlela oqhubana ngayo nabanye, kwanesinxibo nokuzilungisa kwakho, azingebi kanti ngandlel’ ithile zinegalelo koko. Mhlawumbi ukulungisa okuthile kwindlela ophila ngayo kuya kuluphelisa olo lurhe. IBhayibhile ithi, “Zakuphela iinkuni, uyacima umlilo.” (IMizekeliso 26:20) Ngaphandle koko, ukuba izenzo zakho zingxamele ukutsib’ ilitye likaPhungela, kusoloko kukho ingozi yokwenene yokusenza ngokoqobo isono—ubangela ukuba oko bekuqale ngokuba lulurhe kube yinyaniso.—Thelekisa amaGalati 6:7, 8; 1 Korinte 10:12.
‘Ungagxuphuleki Kwimicimbi Yabanye’
Ukuhleba ngumahlal’ ekho. Phofu ke, simele siwaphaphele amandla ako asenokutshabalalisa. Unokuphepha ukutyumka kwentliziyo nokuzizisela usizi wena nabanye ngokusuka nje ulandele la mazwi obulumko: “Iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto . . . , waye uThixo woxolo eya kuba nani.”—Filipi 4:8, 9.
Ewe, uThixo unomdla kwindlela esithetha ngayo ngabanye. UYesu Kristu walumkisa esithi: “Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo; kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.”—Mateyu 12:36, 37; thelekisa INdumiso 52:2-5.
Ngaba ufuna ukuba nolwalamano oluhle nabanye, uxolo lwengqondo nokuma okuhle noThixo, okuyeyona nto ibaluleke ngokona kona? Ngoko landela isiluleko esiphefumlelweyo seLizwi likaThixo: “Ibhongo lenu mayibe kukuhlala ngoxolo, ningagxuphuleki kwimicimbi yabanye abantu.” (1 Tesalonika 4:11, TE) Bonakalisa ukuba nomdla kwabanye, kodwa oku ukwenze ngendlela yobubele nebekekileyo. Ngaloo ndlela uya kucezela kude kwintlebendwane eyingozi neyenzakalisayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona isahluko 19 kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, epapashwa yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Yiphephe intetho eyenzakalisayo
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ngaba ihambo yakho yokuswela ubulumko ibangela abantu bakuhlebe?