Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinokukuthintela Njani Ukuhletywa?
“Ngesinye isihlandlo ndandiye embuthweni yaye ngosuku olulandelayo kwasasazwa ulwimi kusithiwa ndiye ndaneentlobano zesini nenye inkwenkwe ebilapho. Yayibubuxoki obuphindaphindeneyo obo!”—ULinda.a
“Maxa wambi ndiye ndive kusithiwa ndithandana nomntu othile—loo mntu kuthiwa ndithandana naye iba ngumntu endingamaziyo. Abantu abaninzi abahlebayo ababi nabungqina bento abayithethayo.”—UMike.
INTLEBENDWANE ibangel’ umdla ngaphezu kwefilimu. UAmber oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Ndisoloko ndihletywa. Kwakha kwathiwa ndikhulelwe, ndiye ndaqhomfa, ndithengisa iziyobisi, ndiyazithenga yaye ndiyazisebenzisa. Kutheni abantu bethetha kakubi ngam? Nam andazi!”
Kuhletywa Ngezixhobo Zezi Mini
Xa abazali bakho babekwishumi elivisayo intlebendwane yayikade idluliselwa ngomlomo. Namhlanje kuhletywa ngezixhobo zezi mini. Engakhange akhuphe nelimdaka, umfana okanye intombazana inokuthetha kakubi ngawe isebenzisa ie-mail okanye i-Internet. Okufunekayo kukuba nje ubhale amazwi ambalwa uze uwathumele kubantu abaninzi abathand’ iindaba.
Abanye bathi i-Internet yeyona ndlela ikhawulezayo yokudlulisela intlebendwane kunokuba kunjalo ngefowuni. Kwezinye iimeko kwenziwa iWeb site yonke ukuze nje kuthethwe kakubi ngomntu othile. Ngokuqhelekileyo iiWeb sites ezinezinto zobuqu zinentlebendwane eninzi umntu ebengenakukwazi ukuyithetha. Kolunye uhlolisiso kuye kwafunyaniswa ukuba ulutsha olungama-58 ekhulwini lungamaxhoba entlebendwane kusetyenziswa i-Internet.
Kodwa ngaba ukuthetha ngabantu kusoloko kuphosakele? Ngaba ikho into exhaphake njengayo?
Ngaba Kufanelekile Ukuthetha Ngabanye Abantu?
Ngaba la mabinzana alandelayo yinyaniso okanye bubuxoki?
Intlebendwane isoloko imbi. ◻ Yinyaniso ◻ Bubuxoki
Yiyiphi impendulo echanileyo? Impendulo ixhomekeke kwindlela olichaza ngayo igama elithi “intlebendwane.” Ukuba eli gama lithetha ukuthetha nje ngabantu, kusenokwenzeka ukuba maxa wambi ifanelekile. IBhayibhile isixelela ukuba “sibe nomdla kubomi babanye abantu.” Oko akuthethi kuthi sifanele sibe ngogqada-mbekweni kwimicimbi yabanye abantu. (1 Petros 4:15) Kwincoko nje eqhelekileyo sinokufumana inkcazelo eluncedo, enjengokwazi ukuba ngubani otshatayo, ngubani oza kuba nomntwana nokuba ngubani ofuna ukuncedwa. Inyaniso ikukuba asinakuthi sinomdla kwabanye abantu ukuba asithethi ngabo.
Noko ke, ukuthetha nje ngabantu kusenokutshintsha kube yintlebendwane eyenzakalisayo. Ngokomzekelo umntu engenazintshukumisa zimbi usenokuthi: “UMonde noMandisa bangafanelana.” Xa loo nto isoloko iphindaphindwa isenokuvakala ngathi uMonde noMandisa bayathandana nangona kusenokwenzeka ukuba uMonde noMandisa abazi nowathwethwa ngaloo nto. Usenokuthi, akukho ngxaki kulo nto de ube unguMonde okanye uMandisa.
UJulie oneminyaka eli-18 ubudala wayehletywa yaye wayekhathazeka. Uthi: “Ndandiba nomsindo yaye loo nto yayindibangela ukuba ndingabathembi abanye abantu.” UJane oneminyaka eli-19 ubudala wayenengxaki efanayo. Uthi: “Ndandimphepha umfana ekwakusithiwa ndithandana naye.” Ukongezelela uthi: “Abantu babethetha into abangayaziyo ekubeni sasingabahlobo yaye ndandicinga ukuba sinokuncokola kungakhange kukusasazeke intlebendwane.”
Licacile elokuba intlebendwane eyenzakalisayo inokuba nemiphumo emibi. Noko ke, abantu abaninzi abaye benzakaliswa yintlebendwane baye bavuma ukuba nabo bakhe bahleba. Into edla ngokwenzeka kukuba xa kuthotywa isidima somntu othile, abanye nabo baye basuleleke. Kutheni kunjalo nje? UPhillip oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Leyo yindlela abantu abazonwabisa ngayo. Abantu bakhetha ukunikel’ ingqalelo kwiingxaki zabanye abantu kunakwezabo.” Noko ke, unokwenza ntoni xa incoko itshintsha isiba yintlebendwane eyenzakalisayo?
Yitshintshe Incoko!
Cinga ngobuchule obufunekayo ukuze ukwazi ukuqhuba kuhola wendlela ophithizelayo. Ungalindelanga kusenokufuneka uwelele kwelinye icala lendlela, unciphise isantya ukuze uvumele enye imoto idlule okanye umise. Ukuba uneliso elibukhali yaye uyiphaphele ingozi, ukubona kwangaphambili okuza kwenzeka uze uqhube ngenyameko.
Kufanele kube njalo ke nangencoko. Ngokuqhelekileyo uyayibona incoko xa itshintsha isiba yintlebendwane. Xa oko kusenzeka, ngokungathi kunjalo, kutheni ngobuchule ungatshintsheli kwelinye icala lendlela? Ukuba akukwenzi oko, lumka—intlebendwane iyenzakalisa. UMike uthi: “Ndathetha kakubi ngenye intombazana, ndathi ithand’ amakhwenkwe yaye mntu uthile wayixelela. Andisoze ndiyilibale indlela elalivakala ngayo ilizwi layo xa yayindinkqangisa, yayikhathazekile kokukuthetha kwam ndingacinganga. Sazilungisa izinto, kodwa nam ndandibuhlungu kuba ndiye ndakhathaza omnye umntu.”
Enyanisweni kusenokungabi lula ukuphelisa incoko eye yajika yayintlebendwane. Phofu ke, kunjengokuba uCarolyn oneminyaka eli-17 esitsho: “Ufanele ulumke ungathethi nje. Ukuba into akukhange uyive kumntu omthembileyo, usenokuba usasaza ubuxoki.”
Ukuze uphephe intlebendwane, ufanele usebenzise la macebiso akwezi zibhalo ziseBhayibhileni:
“Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha, kodwa oyinqandayo imilebe yakhe wenza ngokunengqiqo.” (IMizekeliso 10:19) Ukuthetha kakhulu kusenokukukhokelela ekubeni uthethe izinto oya kuzisola ngazo kamva. Kubhetele ukuba waziwe ungeloncoko kunokuba ube lipholopholo.
“Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo, kodwa umlomo wabangendawo umpompoza izinto ezimbi.” (IMizekeliso 15:28) Cinga ngaphambi kokuba uthethe.
“Ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe.” (Efese 4:25) Ngaphambi kokuba udlulisele inkcazelo ethile, qiniseka ukuba yinyaniso.
“Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.” (Luka 6:31) Ngaphambi kokuba udlulisele inkcazelo ngomnye umntu kwanokuba ichanile zibuze, Bendinokuziva njani ukuba bendinguloo mntu aze omnye athethe ngam?
“Masisukele izinto ezisingisa eluxolweni nezinto ezakhayo komnye nomnye.” (Roma 14:19) Kwanenkcazelo eyinyaniso inokuba yingozi ukuba ayakhi.
“Nibe nosukelo lokuhlala ngokuzolileyo, ningagxuphuleki kwimicimbi yabanye, nisebenze ngezandla zenu.” (1 Tesalonika 4:11) Musa ukuba ngugqada-mbekweni kwimicimbi yabanye abantu. Zininzi izinto onokuzenza.
Ukuba Uhletyiwe
Usenokuba uyavuma ukuba umntu ufanele alulawule ulwimi lwakhe aze angahlebi abanye abantu. Kodwa xa uhletyiwe, unokubona indlela lo mba onzulu ngayo. UJoanne oneminyaka eli-16 ubudala owahletywayo, uthi: “Ndandicinga ukuba andinakuze ndiphinde ndibe nabahlobo. Ngobunye ubusuku ndandiye ndikhale de ndilale. Ndandiye ndicinge ukuba ndaziwa kakubi!”
Yintoni onokuyenza ukuba ulixhoba lokuhletywa?
◼ Jonga ngaphaya kwale nto ithethwayo. Zama ukukhangela le nto ibangela ukuba aba bantu bathethe ngawe. Abanye bakwenza oku kuba nje befuna ukwamkeleka nokuze babonakale ingathi bayazazi izinto. UKaren oneminyaka eli-14 ubudala uthi: “Bafuna kucingwe ukuba babhadlile kuba nje bethetha ngabanye abantu.” Ukuzeya kusenokubangela ukuba olunye ulutsha luthob’ isidima solunye kuba nje lufuna ukuziva lungoothile. URenee oneminyaka eli-17 ubudala usichazela esinye isizathu esibangela ukuba abantu bahlebe. Uthi: “Abantu banesithukuthezi. Ngokuhleba bafuna ukuxabanisa abantu ukuze nje ubomi bubangel’ umdla.”
◼ Zek’ akade umsindo. Umntu olixhoba lentlebendwane eyenzakalisayo aze angakwazi ukuzibamba ngumsindo usenokwenza into aza kuzisola ngayo kamva. IMizekeliso 14:17 ithi: “Okhawuleza abe nomsindo uya kwenza ubudenge.” Nangona ukuthetha kungafani nokwenza, ukuba uhletyiwe, zama ukuzibamba. Ukuba wenjenjalo, uya kukuphepha ukwenza ngobudenge njengaloo mntu ukuhlebayo.
◼ Zama ukuqonda isizathu sokuba kuthethwe ngawe. Zibuze le mibuzo ilandelayo: Ngaba ndiqinisekile ngale nto ndiyivileyo ukuba ithethiwe ngam? Ngaba lulwimi okanye kukho ukungaqondani okuthile? Ngaba ndiyithathela phezulu nantoni na ethethwayo ngam? Kakade ke, asikho isingxengxezo sokuhleba. Kodwa ukuba nomsindo kunokukwenzakalisa kunokuba kunjalo ngalo nto ithethiweyo ngawe. Kutheni ungenzi oko kwanceda uRenee? Uthi: “Ndidla ngokukhathazeka xa umntu othile eye wandihleba, kodwa ndiye ndizame ukuba ndingade ndibe nomsindo. Isizathu soko kukuba kwiveki elandelayo kuza kube kuthethwa ngomnye umntu.”b
Eyona Ndlela Onokuzikhusela Ngayo
IBhayibhile ithi: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi. Ukuba kukho nabani na ongakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, ekwaziyo ukuwubamba ngomkhala kwanomzimba wayo uphela.” (Yakobi 3:2) Noko ke asibobulumko ukuthathela phezulu yonke into ethethwa ngabantu. INtshumayeli 7:22 ithi: “Kuba intliziyo yakho yazi kakuhle ukuba nawe ubaqalekise izihlandlo ezininzi abanye.”
Eyona ndlela onokuzikhusela ngayo ukuze ungahletywa kukuba nehambo entle. UYesu wathi: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.” (Mateyu 11:19) Ngoko ke, zama ukuhlala unobuhlobo yaye unothando. Usenokumangaliswa yindlela oko okusenokuyiphelisa ngayo intlebendwane—okanye ubuncinane kunokwenza ukwazi ukunyamezela imiphumo yayo.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . ” anokufunyanwa kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a Amagama akweli nqaku atshintshiwe.
b Kwezinye iimeko kuya kuba kuhle ukuba uthethe nalo mntu ukuhlebileyo. Noko ke kwimeko ezininzi akuyomfuneko ukuba uthethe nalo mntu kuba “uthando lugubungela inkitha yezono.”—1 Petros 4:8.
OZA KUCINGA NGAKO
◼ Unokukuphepha njani ukungasasazi ulwimi ngabanye abantu?
◼ Uya kusabela njani ukuba umntu othile ukuhlebile?