Abantu Abaselula Bayabuza . . .
“Kutheni Ndingakwazi Ukukugqiba Oko Ndikuqalayo?”
“Ukuba umsebenzi awuniki mdla yaye uyindinisa, ndisuka ndiphelelwe ngumonde.”
“Iziphazamiso. Yingxaki yam leyo. Umabonwakude, abahlobo.”
“Maxa wambi ndizifumanisa ndinezinto ezininzi gqitha ekufuneka ndizenze!”
“Ndisoloko ndizibekela umzuzu wokugqibela izinto. Ngelo xesha, ixesha selindishiyile.”
“Ndiyakugqiba oko ndikuqalayo. Kodwa akuzange kukhe kubanelise abazali bam!”
ABA beshumi elivisayo bacacisa ingxaki exhaphakileyo xa uselula: ukungakugqibi oko bakuqalayo. Oku akuthethi kuthi lonke ulutsha lungamavila okanye lunesimo sengqondo esingalunganga ngokuphathelele iimbopheleleko. Eneneni, xa elinye iqela labantu abaselula labuzwa oku: “Yiyiphi imisebenzi yasekhaya enicinga ukuba ifanele yenziwe ngabeshumi elivisayo endlwini?” inkoliso yabala imisebenzi yasekhaya enjengokugcina amagumbi ecocekile, ukwandlula oomandlalo babo nokulahla inkunkuma.
Phezu kwazo nje iinjongo ezilungileyo, imisebenzi ebalulekileyo ngokufuthi ishiywa ingagqitywanga, nto leyo ephumela kwizikhalazo ezizingisileyo ezivela kubazali, abafundisi-ntsapho nakwabanye. Ngoko zibuze oku: ‘Yintoni endithintelayo ukuba ndigqibe oko ndikuqalayo?’ Ukubaqwalasela kakuhle oonobangela kuya kukwenza ukuba ukwazi ukulungisa le ngxaki.
Ukuqwalasela Oonobangela
Incwadi ethi I Hate School—How to Hang In and When to Drop Out isichazela kakuhle ngoko kuphazamisa inkoliso yolutsha ukuze ingawugqibi umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya. Ithi, “Xa sihlala phantsi siza kubhala, ngokufuthi sifumanisa ukuba sisoloko siphakama siye kuthabatha into esiwa phantsi kwempumlo okanye siye kulola iipensile. Emva koku kufuneka sitsale umnxeba okanye mhlawumbi sibukele inkqubo ethile kumabonwakude ebesisoloko siyilindele. Kungekudala sele ilixesha lokupha ikati ukutya yaye asikhange senze nto.”
Abaphandi uClaudine G. Wirths noMary Bowman-Kruhm bachaza ukuba “ukubukela umabonwakude kangangeeyure ezininzi kwenza phantse kungabi nokwenzeka ngabanye abantu ukuba bafunde ngokuzimisela baze emva koko bafundisise. Umabonwakude unombizane othile okushiya utyhafile yaye undongondongo. Uyayazi into yokuba maxa wambi uphelela ubambiseke phambi kukamabonwakude kangangeeyure eziliqela ngoxa ubuzimisele ukubukela inkqubo nje enye.” UWirths noBowman-Kruhm kwakhona bafumanisa ukuba bambi abafundi baqalisa ukuba nemikhwa emibi yokufunda ebudeni beminyaka yabo yokuqala esikolweni, nangona okwethutyana besakwazi ukufumana amanqaku amahle. Noko ke, “xa befika kwisikolo samabanga aphakathi naphakamileyo, abakwazi ukuhlala phantsi baze bazole, basebenze, yaye bafunde ngokuzimisela umbandela onzima okanye okruqulayo.”
Enoba siyintoni isizathu sokungakugqibi oko ukuqalayo, loo ngxaki ayinakuzihambela ngokwayo. Ukuba ngenene ufuna ukukugqiba oko ukuqalayo, ngoko bulawule ubomi bakho ngendlela ekubonakalisa uzinzile uze wenze utshintsho oluyimfuneko.
Ceba Kusengaphambili!
Ngokungathandabuzekiyo, ukuba ungumKristu oselula uxakekile. (1 Korinte 15:58) Maxa wambi unokuvakalelwa kukuba uneembopheleleko ezininzi zomsebenzi wamaKristu, umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya, imisebenzi yasekhaya, neminye imicimbi yobuqu. Kakade ke, akukho namnye onomsebenzi omninzi ngaphezu koMdali wethu. Sekunjalo, usoloko eyigqiba imisebenzi yakhe. Oku akubangelwa nje kukuba ongamile kunathi ngamandla nangobulumko kodwa kwakhona kungenxa yokuba yena ‘akangoThixo wesiphithiphithi, koko ngowoxolo.’ Nawe unokuyigqiba imisebenzi ekufuneka uyenzile ukuba ‘zonke izinto zenziwa ngokubekekileyo, nangolungelelwano.’—1 Korinte 14:33, 40.
UYesu wakha wathi: “Nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Hleze, akubon’ ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonelayo baqale ukuhlekisa ngaye, besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.”—Luka 14:28-30.
Esikufunda apha kukuceba kusengaphambili. UGqr. Janet G. Woititz wabhala wathi: “Abantu abenza imisebenzi baze bayigqibe abayenzi nje bengacebanga. Banale nto sithi ‘lucwangciso lokwenza into ethile.’” Ngoko zama ukuyiqwalasela imisebenzi yakho ukuze ukuqonde ngokwenene oko uya kukwenza ukuze uyigqibe. Ngaba kuya kufuneka wenze ucwangciso oluhamba ngokwamabakala? Ngaba bekuya kuba luncedo ukuwahlulahlula lo msebenzi ube ngamacandelo amancinane? Kuya kuthabatha ixesha elingakanani ukuwugqiba?
Abanye abantu badla ngokugcina uludwe “lwezinto eziza kwenziwa,” nemisebenzi bayibhale phantsi ngokokubaluleka kwayo. Emva koko loo misebenzi iyacinywa njengokuba igqitywa. Funda ukulilawula ixesha lakho ukuze ulwe notyekelo lokuwubekela amangomso umsebenzi. Ukuba usebenza ngezinto ezimele zigqitywe phambi kwexesha elimisiweyo, qiniseka ukuba loo misebenzi uyibeka ekuqaleni kuludwe lwakho ngokuvisisana nexesha efanele igqitywe ngalo.
Ukulawula ixesha ngokusengqiqweni kubalulekile. Kwelinye icala, kufuneka ulisikele umda ixesha lezinye izinto ezingabalulekanga kangako, ezinjengokubukela umabonwakude. Kwelinye icala, umele ulumke ungalinciphisi ixesha lezinto ezibalulekileyo, njengokulala ngokwaneleyo. Incwadi ethi I Hate School ithi abantu “bayahlukahlukana ngobude bexesha abafuna ukulilala, kodwa inkoliso yabantu ayinakukwazi ukulala iiyure ezine okanye ezintlanu ngobusuku. . . . Kunzima kakhulu ukuzikisa ingqondo kwiingcamango ezinzima ukuba uyozela okanye udiniwe.” Ukufunda ukulisebenzisa ngobulumko ixesha lakho kuya kungqineka kuyingenelo kwiminyaka ezayo.
Qhubeka Ufuna Ukulungelwa Kwabanye
Noko ke, olunye ulutsha lusenokuma ngelithi ulawulo lwexesha olulungileyo nolungelelwano lobuqu lubonakala lunceda kancinane xa imisebenzi ekufuneka yenziwe inganiki mdla yaye iyindinisa. Ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile esikweyoku-1 kwabaseKorinte 10:24 kuya kukunceda ukuba ufumane ukhuthazo olufunekayo. Sithi: “Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye.” Mhlawumbi imbalwa gqitha imisebenzi yasendlwini elucelomngeni okanye eyanelisayo. Kodwa xa uyenza unceda abanye okanye ukholisa othile omthandayo, ngoko kukho imvakalelo yokufeza okuthile nomnqweno wokuyenza kakuhle. Ngoko kwixesha elizayo xa uziva ufuna ukuyeka umsebenzi othile, cinga ngabo bangenelwayo koko ukwenzayo, yaye zive unelunda ngokuwenza kakuhle umsebenzi owenzayo.
Ngokufuthi ikwanguwe ongenelwayo kwimisebenzi ebonakala ingayolisi. Ngokomzekelo, cinga ngemisebenzi ngokufuthi oyishiya ingagqitywanga. Ngaba kukuhlamba izitya? Okanye ngaba kukucoca igumbi lakho? Ngoku zibuze oku, ‘Zezikabani phofu ezi zitya?’ Ngaba ayizozitya zakho nazo? Ngaba eli asilogumbi lakho nekhaya lakho? Intumekelelo yakho ekuzamkeleni ezi mbopheleleko nokuzenza kakuhle ngokuzeleyo kuya kuba yingenelo kwikamva. Ibhekisa kubazali, incwadi ethi Simply Organized! ithi: “Ukuba asibafundisi abantwana bethu ukuba babe ngabagcini bamakhaya, baya kutsala nzima kakhulu xa beshiya amakhaya.”
Thetha Nabo!
Noko ke, kuthekani ukuba wenza konke okusemandleni akho ukuba uwugqibe umsebenzi othile, kodwa sekunjalo abazali bakho bayakhalaza ngelithi akuwugqibanga? Ngokufuthi ingxaki iba yileyo yokuthetha nabo. Ngokomzekelo, masithi wabelwe ukulahla inkunkuma. Oko kubonakala kulula ngokwaneleyo. Sekunjalo, kububulumko ukufumana imiyalelo engqalileyo. Qiniseka ukuba uyayazi into oza kuyisebenzisa, ixesha nendawo oza kuyilahla kuyo. Ngaba umsebenzi uquka ukwahlulahlula inkunkuma? Ngaba uquka ukuhlamba umgqomo wenkunkuma?
Kwakhona ukuthetha nabo ngoku kuya kubanceda abazali bakho bayiqonde indlela ovakalelwa ngayo. Ngaba ucinga ukuba indlela owabiwa ngayo umsebenzi wasendlwini ibonakalisa ikhethe? Ngaba abazali bakho balindele okungaphezu kwamandla akho? Ngoko khetha ixesha elifanelekileyo, uze ubaxelele abazali bakho indlela ovakalelwa ngayo.
Bambi abazali bamema abantwana babo ukuba babe nenxaxheba nabo ekwenzeni izigqibo xa kusabiwa imisebenzi yendlu. UGqr. Jeffrey Rubin noGqr. Carol Rubin, ababhali bencwadi ethi When Families Fight, bacebisa abazali ukuba mabahlale bexubusha ngemisebenzi yasendlwini yentsapho, ukuze bahlulahlule iimbopheleleko, yaye bavumele abantwana ukuba bazikhethele imisebenzi yabo. Ukuba uyayithanda le ngcamango, kutheni ungathethi ngayo kubazali bakho?
Omnye umthombo uncomela ukuba uhlale phantsi nabazali bakho nize “nenze ucwangciso olunokukuvumela ukuba wenze umsebenzi wesikolo owenziwa ekhaya xa usemandleni. Wonk’ ubani unexesha akwazi ukuzikisa ingqondo ngalo enoba kusemini okanye ebusuku. . . . Bazise abantu ukuba elo lixesha lakho nokuba abafanele bakuphazamise. Ukuba akulisebenzisi elo xesha ekubukeleni umabonwakude okanye ekuthetheni emnxebeni, baya kwazi ukuba uzimisele.” Ngokuyixubusha ngokuzolileyo le mibandela nabazali bakho ngaphandle kokubek’ ityala kothile, nisenokukwazi ukwenza isigqibo ngelungiselelo elamkeleke kuni nonke.
Kodwa khumbula ukuba ekugqibeleni kungumnqweno wakho ukukholisa uMdali, uYehova uThixo, nto leyo eya kukuzisela ulonwabo negama elihle. IBhayibhile ithi: “Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu; nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa.” (Kolose 3:23, 24) Landela esi siluleko uze waziwe njengomntu okhutheleyo nomsébenzi othembekileyo ngenxa yokuba ukugqiba oko ukuqalayo!
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukuqalisa umsebenzi othile kuyenye into, ukuwugqiba kukwayenye