Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndingalifumana Njani Ixesha Lokwenza Umsebenzi Wam Wesikolo Owenzelwa Ekhaya?
‘Ndikwibanga lokugqibela kwisikolo samabanga aphakamileyo, yaye ndixinezeleke gqitha. . . . Ndinomsebenzi wesikolo omninzi endifanele ndiwenze, ndisengxakini ngolona hlobo. Andinalo ixesha lokuwenza.’—Intombazana eneminyaka eli-18 ubudala.
NGABA uxhalatyiswa ngumsebenzi wesikolo omninzi oza nawo ekhaya yonk’ imihla? Ukuba njalo, akuwedwa. Ijelo leendaba laseUnited States lithi: “Njengoko izikolo kulo lonke eli zizama ukuphakamisa umgangatho—ukuze zifumane amanqaku aphakamileyo kuvavanyo olwenziwa kwizikolo zonke—ziye zinike abafundi umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya omninzi. Kwezinye iindawo abafundi besikolo samabanga aphakamileyo banikwa umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya othabatha iiyure ezingaphezu kwezintathu suku ngalunye. Olunye uhlolisiso olwenziwa yiYunivesithi yaseMichigan lubonisa ukuba abantwana abaselula kuye kufuneke benze umsebenzi wesikolo ophantse uphindaphindeke kathathu kulowo wawusenziwa ngabantwana kwiminyaka engama-20 eyadlulayo.”
Umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya omninzi yinto eqhelekileyo kubafundi baseUnited States. Ngokomzekelo, ngoxa ingabantwana balapho abangama-30 ekhulwini abakwiminyaka eli-13 ubudala ekuthiwa benza umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya othabatha iiyure ezingaphezu kwezimbini ngosuku, eTaiwan naseKorea bangama-40 ekhulwini, yaye eFransi bangaphezu kwama-50 ekhulwini. UKatie ofunda kwiyunivesithi yaseUnited States ukhalaza esithi: “Maxawambi ndiye ndixinezeleke gqitha xa ndinomsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya omninzi.” UMarilyn noBelinda abafunda eMarseilles, eFransi bavakalelwa ngendlela efanayo. UMarilyn uthi: “Sidla ngokuchitha iiyure ezimbini okanye ezingakumbi ngobusuku sisenza umsebenzi wesikolo. Xa kukho ezinye izinto ofanele uzenze, kunokuba nzima ukufumana ixesha.”
Ndinokulifumana Njani Ixesha?
Ngaba bekungayi kuba mnandi ukuba ubunokongeza iiyure nje ezimbalwa kusuku xa uzifuna ukuze ugqibe umsebenzi wakho wesikolo wenze nezinye izinto ofanele uzenze? Eneneni, usenokukwazi ukwenza into enjalo ukuba wenza ngokuvisisana nomgaqo weBhayibhile ofumaneka kweyabase-Efese 5:15, 16 othi: “Lumkani ngoko ukuba nithi nina ukuhamba ngokukhuthala, kungabi njengabangalumkileyo, kube njengabalumkileyo, nizithengela ithuba.” (Appleyard’s Version) Nangona lo mbhali weBhayibhile wayengacingi ngomsebenzi wesikolo xa wayebhala loo mazwi, lo mgaqo unokusetyenziswa kubomi bemihla ngemihla. Xa uthenga into ethile, kufuneka uncame okuthile ngenxa yayo. Ingongoma kukuba, ukuze ufumane ixesha lokufundisisa kufuneka uncame okuthile. Kodwa yintoni ofanele uyincame?
Omnye oselula ogama linguJillian unikela eli cebiso: “Yenza uludwe lwezinto ofanele uzenze kuqala.” Ngamany’ amazwi, beka izinto ezibalulekileyo kwindawo yokuqala. Iintlanganiso zamaKristu nezinto zokomoya zifanele zibe kwindawo yokuqala. Yaye musa ukulibala iimbopheleleko onazo kowenu, imisebenzi yasekhaya kwanomsebenzi wesikolo.
Yandula ke uzame ukubhala phantsi indlela yokwenene olichitha ngayo ixesha lakho kangangeveki okanye ngaphezulu. Uya kumangaliswa kukubona umphumo woko. Lingakanani ixesha olichitha ubukele umabonwakude? ujonge i-Internet? usiya kubukela iimovies? uthetha kwifowuni? utyelela abahlobo? Zingaphi izinto ezibalulekileyo oye wazenza kwezo uzibhale phantsi? Kusenokwenzeka ukuba kufuneka uhlolisise ixesha olichitha ubukele umabonwakude, usebenzisa ifowuni, okanye ujonge i-Internet ukuze ubone apho unokuzongela khona ixesha elingakumbi!
Beka Izinto Zokuqala Kwindawo Yokuqala
Oku akuthethi ukuba kufuneka ulahle umabonwakude wakho okanye ube likheswa. Usenokusebenzisa umthetho othi, “Beka izinto zokuqala kwindawo yokuqala.” Esinye isibhalo seBhayibhile onokusisebenzisa sithi: “Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.” (Filipi 1:10) Ngomzekelo, ekubeni isikolo sibalulekile, unokuzibekela umthetho wokuba akusayi kumvula umabonwakude de ube uyenzile imisebenzi yasekhaya, uzilungiselele iintlanganiso zamaKristu yaye uwugqibile nomsebenzi wakho wesikolo. Yinyaniso ukuba, kusenokuba buhlungu ukuphoswa yinkqubo kamabonwakude oyithandayo. Kodwa eneneni zingaphi izihlandlo oye wahlala phantsi uzimisele ukubukela inkqubo oyithandayo kuphela suke wagqibela ngokuhlala phambi komabonwakude ubusuku bonke—ingekho enye into oyenzayo?
Kwelinye icala, umele ukhumbule ukubaluleka kokuya kwiintlanganiso zamaKristu. Ngokomzekelo, xa usazi ukuba uza kubhala iimviwo ezibalulekileyo okanye uza kuba nomsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya, unokuzama ukulungiselela kuse ngaphambili ukuze ungaphazamiseki xa kufuneka uye kwiintlanganiso. Usenokude uzame ukuthetha nootitshala bakho ngemeko yakho, ubaxelele ukuba uya kuyixabisa gqitha into yokuba bangakuchazela kuse ngaphambili ngomsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya onokuwufumana ngosuku lweentlanganiso. Abanye ootitshala basenokukuvuyela ukusebenzisana nawe.
Omnye umgaqo oluncedo siwufunda kwingxelo yeBhayibhile yomhlobo kaYesu uMarta. Wayengumntu oxakekileyo nokhutheleyo, kodwa wayengakwazi ukubeka izinto zokuqala kwindawo yokuqala. Ngesinye isihlandlo, wayesisinxadanxada ezama ukulungiselela uYesu isidlo esikhulu ngoxa udadewabo uMariya wayephulaphule uYesu kunokuba amncedise. Xa uMarta wakhalaza ngoku, uYesu wathi kuye: “Marta, Marta, uzixhalabise ngezinto ezininzi. Zizinto ezimbalwa, ezifunekayo, okanye inye kuphela. Yena ke, uMariya unyule isahlulo esilungileyo, yaye asiyi kususwa kuye.”—Luka 10:41, 42.
Yinto esiyifundayo koku? Hlala usenza izinto zibe lula. Unokuwusebenzisa njani lo mgaqo kwimeko yakho? Ngaba “uzixhalabise ngezinto ezininzi”—mhlawumbi uzama ukuzibekela ixesha lokwenza umsebenzi wesikolo nelomsebenzi wesingxungxo? Ukuba unomsebenzi wesingxungxo, ngaba ngokwenene intsapho yakowenu iswele imali? Okanye ngaba uthanda nje ukuba nemali esecaleni ukuze uthenge izinto ozifunayo kodwa ezingeyomfuneko?
Ngokomzekelo, kwamanye amazwe abantu abaselula bangxamele ukuzithengela iimoto. Umcebisi wesikolo samabanga aphakamileyo uKaren Turner uthi “namhlanje abantu abaselula bakwingcinezelo enkulu yokuba babe nemali ekubeni ukuba nemoto kufuna imali eninzi.” Noko ke, lokaTurner uqukumbela esithi: “Kuba ngumqobo ukuzama ukwenza izinto ezininzi njengemidlalo eyenziwa emva kwesikolo, umsebenzi wempangelo kuquka nomsebenzi wesikolo omninzi. Oko kuye kwenze umfundi abe nomsebenzi omninzi.” Kutheni uzitsalisa nzima nje ukuba akukho mfuneko yokwenjenjalo? Ukuba uyasilela ukwenza umsebenzi wakho wesikolo, mhlawumbi unokusebenza iiyure ezimbalwa okanye uyeke.
“Zongele” Ixesha Esikolweni
Ukongezelela ekuzameni ukufumana ixesha elingakumbi xa ungekho esikolweni, cinga ngendlela onokulusebenzisa bhetele ngayo ixesha lakho ngoxa usesikolweni. UJosue uthi: “Kumsebenzi wesikolo oza kwenzelwa ekhaya, ndiye ndizame ukwenza omninzi kangangoko ngoxa ndisesesikolweni. Ngaloo ndlela ndiba nethuba lokubuza utitshala ukuba kuye kwakho into endingayiqondanga eklasini ngaloo mini.”
Mhlawumbi enye into onokucinga ngayo kukunciphisa inani lezifundo ozenzayo kodwa onganyanzelekanga ukuba uzenze. Kwakhona, kusenokufuneka uyeke eminye yemidlalo oyenza emva kwesikolo. Ngokwenza uhlengahlengiso kwezi nkalo, unokufumana ixesha elongezelelekileyo lokufunda.
Sebenzisa Ixesha Lakho Ngobuchule Ngakumbi
Masithi, uye wancama izinto ezithile waza wenza nohlengahlengiso oluthile yaye uye wakwazi ukufumana ixesha elingakumbi lokwenza umsebenzi wesikolo. Uza kulisebenzisa ngobuchule kangakanani elo xesha? Ukuba unokukwazi ukwenza isiqingatha somsebenzi wakho wesikolo ngelo xesha, ngaba lonto ibingayi kukwenza ube nexesha elingakumbi? Ngoko nanga amanye amacebiso anokukunceda ulisebenzise ngobuchule.
◼ Yiba nocwangciso. Ngaphambi kokuba uqalise ukwenza umsebenzi wakho wesikolo, cinga ngezinto ezifana nezi: Sisiphi isifundo endifanele ndiqale ngaso? Ndifanele ndichithe ixesha elingakanani kuso? Ziziphi izinto—iincwadi, amaphepha, usiba, umatshini wokubala—oza kuzisebenzisa kuso?
◼ Yiba nendawo yokufundela. Ifanele ingabi nezinto eziza kukuphazamisa. Omnye oselula ogama linguElyse uthi, ‘Ukuba unedesika, yisebenzise. Ukuhlala nkqo kukunceda unikele ingqalelo engakumbi kunokulala ebhedini.’ Ukuba akunagumbi lakho, mhlawumbi umntakwenu okanye udadewenu angavuma ukukushiya wedwa ukuze ufunde kuthe cwaka. Okanye unokuya epakini okanye kumzi wogcino-zincwadi. Ukuba unegumbi lakho, musa ukuvumela imizamo yakho iphazanyiswe ngokuvula umabonwakude okanye umculo ngoxa ufunda.
◼ Thabatha ikhefu. Ukuba ufumanisa ukuba emva kwexesha elithile akusakwazi ukunikela ingqalelo, ukuthabatha ikhefu elincinane kunokukunceda ukuba uphinde unikele ingqalelo.
◼ Musa ukulibazisa! UKatie okhankanywe ngaphambilana uthi: “Ndingumntu othanda ukulibazisa. Andikwazi nje ukuqalisa umsebenzi wam wesikolo de kube ngumzuzu wokugqibela.” Kuphephe ukulibazisa ngokuthi ube nocwangciso oluhle lomsebenzi wesikolo uze ubambelele kulo.
Umsebenzi wesikolo ubalulekile, kodwa njengoko uYesu wabonisa uMarta, ezona zinto zibalulekileyo—‘izahlulo ezilungileyo’—zezokomoya. Qiniseka ukuba umsebenzi wesikolo awenzi ukuba ungabi naxesha lezinto ezibalulekileyo ezinjengokufunda iBhayibhile, ukuba nenxaxheba entsimini nokuya kwiintlanganiso zamaKristu. Ezi zizinto eziya kukuzuzisa ngonaphakade!—INdumiso 1:1, 2; Hebhere 10:24, 25.
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Ukuzama ukwenza izinto ezininzi kwenza kube nzima ukuba ufumane ixesha lokwenza umsebenzi wesikolo
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukuba nocwangciso oluhle kunokukunceda ukufumane ixesha elingakumbi lokwenza umsebenzi wakho wesikolo