IPont du Gard Ihlala Ixesha Elide
“IXESHA elide emva kokuba uBukhosi baseRoma buphelile, imijelo yalapho yasala isetyenziswa yaye ibukwa nokuze ibe yimpembelelo kubakhi bezizukulwana ezilandelayo,” icacisa njalo iThe New Encyclopædia Britannica. IPont du Gard ayibekelwa ecaleni kule meko. Isenokuba yeyona nto idumileyo eyashiywa ngamaRoma eFransi.
Imijelo yamanzi yamaRoma yayingakhelwanga ngokubanzi ukuze kunkcenkceshelwe amasimi kodwa yayakhelwe ukuthwalela amanzi ezidolophini. Ezi dolophu zazinamaqula kawonke wonke, iibhafu zobushushu, amadama okuqubha nezitya zamanzi; ibe zimbi zezixeko ezikhulu zazikwaneenkqubo zokuhambisa amanzi amdaka. Ewe, iidolophu namathanga amaRoma ayefuna amanzi—yaye amaninzi awo.
Iphakame kangangeemitha ezingama-49 ngaphezu komlambo iGard, iPont du Gard yinto ebubhulorho, eyona iphakamileyo kwezakhiwa ngamaRoma ukuxhasa umjelo wamanzi. Nangona iziimitha ezingama-275 ubude, iseyinxalenye nje emfutshane yomjelo opheleleyo. Enyanisweni ubude obupheleleyo bomjelo wamanzi babuziikhilomitha ezingama-49. Wawusetyenziselwa ukusa amanzi kwidolophu yamaRoma eyiNîmes. Ngokufanayo nezakhiwo ezithile zamaRoma zelo xesha, lo mjelo wamanzi uye wahlala ithuba elide kangangeenkulungwane ibe ungqina ukuba semgangathweni ophakamileyo komsebenzi wamaRoma nokuba nobuchule koononjineli bawo. Iziqobo ezikhulu zelitye lekalika, zimbi zazo ezinobunzima obufikelela kwiitoni ezintandathu, zasikwa zaza zabunjwa kwikwari ekufutshane eseVers. Okubangel’ umdla kukuba, akuzange kusetyenziswe ludaka ekudibaniseni ezi ziqobo.
Ukwakha izinto zokubopha ezakheke okwamagophe kwakuyimfuneko ngenxa yezizathu eziliqela. Sakuba nje isakhiwo sifikelele kumphakamo othile, sasifanele ukuba senziwe singabi nzima kakhulu, ibe ukwenza ezi zakheke okwamagophe kwenzelwa ukuphumeza oku. Kodwa iPont du Gard yayikwafanele iwele umlambo. Khon’ ukuze imelane nemisinga enamandla, abakhi bayenza le bhulorho yaba negophe elincinane.
Nangona kungaxatyiswa ngabo bonke abathandi bebhulorho, noko ke kamva kwenziwa iinguqulelo ezithile kwesi sakhiwo. Iintsika zayo ezinkulu zahlulwa phakathi khon’ ukuze iinqwelo ezitsalwa ngamahashe zikwazi ukunqumla, ibe ngenkulungwane ye-18 isakhiwo somgangatho wokuqala senziwa banzi. Kwinkulungwane elandelayo, uMlawuli uNapoleon III, owakhuthaza ukulondolozwa kwezinto zakudala ngaphambi kokuba abanye abantu bacinge ngako nowayenomdla ekulondolozweni kweziza, wenza umsebenzi obalulekileyo wokuyibuyisela ibhulorho.
Abantu abangaphezu kwezigidi ezibini bayayityelela nyaka ngamnye. Lo mdla mkhulu kangaka uye wayibeka engozini iPont du Gard, ibe kwenziwa imisebenzi emininzi yokulondoloza esi sakhiwo. Enoba kunokwenzeka ntoni na kuyo kwixesha elizayo, le bhulorho ibonisa ukuba umsebenzi owenziwe kakuhle unokuhlala ixesha elide.