ITower Bridge—Isango LaseLondon
NGUMBHALI KAVUKANI! EBRITANI
ABANTU basemzini nabangazange batyelela eNgilani bakha bayibona. Nyaka ngamnye ityelelwa ngamawaka abantu. Mihla le, abemi baseLondon banqumla kuyo, bengakhange bacinge nokucinga ngendlela eyabakho ngayo. ITower Bridge yenye yezona ndawo zidumileyo eLondon.
Ungaphazami ucinge ukuba yiLondon Bridge ekufuphi nayo, kaloku yona iTower Bridge ingqamene neTower of London. Ngowe-1872, iPalamente yaseNgilani yayalela ukuba kwakhiwe ibhulorho enqumla kumlambo iThames. Nangona umlawuli weTower wam’ entla engafuni yakhiwe, iPalamente yagqiba kwelokuba kwakhiwe enye indawo yokuwela, ukuba nje yayiza kufana neTower of London. Yakhiwa ngelo xesha ke iTower Bridge yanamhlanje.
Ebudeni benkulungwane ye-18 neye-19, kwakukho iibhulorho eziliqela ezazixananaze kunxweme lomlambo iThames kodwa eyona yaziwayo yiOld London Bridge. Ngowe-1750 iziseko zaloo bhulorho zazingomelelanga yaye yayixinana gqitha ngenxa yobuninzi babantu abawela kuyo. Ngaphantsi kwayo iinqanawa ezivela kwamanye amazwe zazishiyisana zifun’ indawo yokumisa kwelo zibuko lizeleyo. Kuthiwa kwelo zibuko kwakuzele kangangokuba wawunokuhamba umgama omde phezu kwezo nqanawa zidwele apho.
Ezalisekisa isicelo sikaSodolophu waseLondon, umzobi wesi sixeko uHorace Jones wacebisa ukuba kwakhiwe ibhulorho ngezantsi kweLondon Bridge enjengezakhiwo zakudala ezinophahla lwaseFransi olutsolo (Gothic-style). Le yayiza kuba yindlela elula kwiinqanawa ezikwiThames ezisinge kwizibuko elisentshona. Esi sakhiwo sasineny’ into ebaluleke gqitha kubantu abaninzi.
Isakhiwo Esikhethekileyo
Engqondweni kaJones owayelityhutyhe lonke elimiweyo, kwakuthe thaa iibhulorho ezincinane zaseNetherlands nezazivuleka xa kukho iinqanawa ezinkulu ezidlulayo. Iqela loononjineli nabazobi bazoba ibhulorho yezi mini emiswe ngamaxhanti entsimbi namatye, iTower Bridge yodumo.
ITower Bridge inezakhiwo ezibini ezinophahla olutsolo nezihlanganiswa ziindledlana ezimbini zeenyawo eziziimitha ezingama-34 ukuphakama ukusuka endleleni neziimitha ezingama-42 ukuphakama ngaphezu kwamanzi omlambo iThames xa uzele. Iindledlana eziya kumacala omabini onxweme zazivuleka xa kuyimfuneko. La macala mabini makhulu ebhulorho aziitoni ezinokuba li-1 200 ayahlukana kancinane aze aphakame de abe ngathi aza kuma nkqo. Iinqanawa ezinkulu ezinokuba ziitoni ezingama-10 000 ubunzima zinokudlula nje lula ngaphantsi.
Into Ephakamisa La Macala
Amacala ale bhulorho ayephakanyiswa ngamandla ehayidroliki, eyayiphakamisa iilifti ziye kufikelela kwiindledlana eziphezulu, ize ilawule nemiqondiso eyayilawula izithuthi. Ewe, le bhulorho yayisebenza ngamanzi! Yaye yayinamandla aneleyo—aphindwe kabini kunalawo ayefuneka ukuze isebenze.
Ngaphantsi kwale bhulorho kwicala elingezantsi, kukho izitovu ezikhulu zamalahle ezikhupha zize zityhale umphunga onamandla aziikhilogram ezi-5 ukusa kwezi-6, lo mphunga uqhuba iimpompo ezimbini ezinkulu. Zona ezi mpompo zityhala amanzi zize ziwafake kwimpompo yamanzi ngamandla aziikhilogram ezingama-60. Ukuze kuhlale kukho amandla aneleyo okuphakamisa amacala ebhulorho, kukho iitanki ezinkulu ezintandathu ezibizwa ngokuba ziiaccumulator ezigcina la manzi. La manzi angena kwii-injini ezisibhozo eziphakamisa la macala ebhulorho. Zazisithi zakuqalisa ukusebenza ezi injini, kutyhaleke intsimbi enkulu eziisentimitha ezingama-50 ubukhulu ize iphakamise elinye icala. Ngomzuzu nje omnye icala ngalinye laliphakama ngokupheleleyo.
Ukutyelela KwiTower Bridge Yanamhlanje
Namhlanje sekusetyenziswa umbane kunomphunga. Kodwa njengokuba kwakunjalo ngaphambili, xa iTower Bridge ivuleka, zonke izinto ezihamba kule bhulorho ziyema. Abantu abahamba ngeenyawo, abakhenkethi nezinye iindwendwe bayamangaliswa xa bejonge le bhulorho.
Kuqala kukhale intsimbi, kuze kuvaleke amasango endleleni, kudlule imoto yokugqibela, emva koko kubekho umqondiso obonisa ukuba zonke izinto zisukile endleleni. Kungekho nangxolo, amacala ebhulorho abanjwe zizikhonkwane ezine ayavuleka aze la macala ebhulorho aphakame. Emva koko amehlo onke ajong’ emlanjeni. Enoba kuza kuvel’ udokolwane, inqanawa ethutha abantu okanye iimpahla, onke amehlo athi ntsho apho. Kungekudala kukhala eny’ intsimbi. Ayehla amacala ebhulorho yaye indlela iyavuleka. Iibhayisekile zifun’ ukuwela kuqala kunezo moto zingumkrozo. Kwithutyana nje elingephi, iTower Bridge izinzile de kukhale eny’ intsimbi.
Undwendwe olunomdla alubukeli nje kuphela ezi zinto zenzeka ngokuphindaphindiweyo. Luhamba nabanye njengoko bengena kwilifti ebanyusa kwicala elingasentla lebhulorho ukuze babone imbali yale bhulorho, echazwe kakuhle kwindawo ebhalwe “Tower Bridge Experience.” Ubugcisa babazobi nesibhadlalala setheko lokuvula le bhulorho, ezo zinto ziboniswe kakuhle kwimizobo elapho. Imifanekiso eyenziwe ngohlalutye olunombala omdaka ubenza bubonakale kakuhle ubuhle beTower Bridge.
Iindledlana eziphezulu zenza undwendwe lukwazi ukuyibonela phezulu idolophu yaseLondon. Ukuba uphos’ iliso ngaseNtshona, ubona iSt. Paul’s Cathedral nesakhiwo esineebhanki, kanti mgama, ubona iOfisi yePosi enophahla olutsolo. Ukuba ukhangela ngasempuma ubuya kulindela ukubona idokisi, kodwa iye yehliselwa ngezantsi qelele kwizakhiwo ezintle zezi mini. Kunokuba ubone yona, ubona indlela amahle ngayo amapomakazi aseDocklands. Eneneni mahle, anomtsalane, athi ndijonge—ewe, ukwenjenje kukuzama ukuchaza lo mbono mhle kangaka wezindlu zebhongo zaseLondon.
Xa utyelele eLondon, kutheni ungaziphi ithuba lokubona esi sakhiwo samandulo sihle kangaka? Akusayi kuwuvala umlomo xa ubona ubuchule babakhi balapho.
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Enye yeempompo ezimbini zomphunga owawuqhuba ii-injini
[Inkcazelo]
Copyright Tower Bridge Exhibition
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Amacala amabini ebhulorho athabatha ixesha elingaphantsi komzuzu nje ukuze avuleke ngokupheleleyo
[Inkcazelo]
©Alan Copson/Agency Jon Arnold Images/age fotostock
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 15]
© Brian Lawrence/SuperStock