“Zaphalala Iinyembezi Luvuyo”
Abafundi Bavakalisa Uxabiso Olunzulu Ngongcelele Oluthi, “Ukuphilisa Amanxeba Abantwana Abaxhatshazwayo”
UNGCELELE lwakutshanje lwamanqaku akwiphephancwadi uVukani! lwaqhubela abafundi abaninzi ehlabathini lonke ukuba bavakalise uxabiso lwabo olusuk’ entliziyweni ngongcelele lwamanqaku asekuqaleni oluthi, “Ukuphilisa Amanxeba Abantwana Abaxhatshazwayo” kuVukani! kaOktobha 8, 1991. Ukusabela kwabo kuye kwabonisa ukuba le nkcazelo elungiselelwe ngenyameko iyifezile injongo yayo, eyayintlu-ntathu:
(1) ukunikela ukuqonda nethemba kumaxhoba; (2) ukulumkisa abazali ukuze babe ngabakuphapheleyo ukukhuseleka kwabantwana babo; (3) ukunceda abadala abanceda amaxhoba okuxhatshazwa ukuba babe nolwazi olungakumbi ukuze banikele uncedo ngokunempumelelo ngakumbi.—IMizekeliso 21:13; thelekisa esama–27:23.
La magqabaza alandelayo angumzekelo woko kuthethwe ngabafundi abaninzi: “Bendisoloko ndikuxabisa ukuba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Noko ke, uxabiso nothando lwam ngoYehova ‘nangomkhonzi wakhe othembekileyo noqondayo’ (Mateyu 24:45-47) luye lwandiswa ngokuphindwe kalikhulu emva kokuba ndifunde inkupho kaVukani! kaOktobha 8, 1991.”
“UYehova Uyaqonda Ngokwenene Yaye Unenyameko Enzulu”
Abaninzi bavakalise umbulelo ngeyona nkalo ibalulekileyo yala manqaku: yokuba uThixo uyaphulaphula, unenyameko, uyazi ukuba ixhoba belingenatyala, yaye unokuliphilisa. Omnye umfundi uthi: “Ndinibulela ngokusuka emazantsi entliziyo yam ngoVukani! kaOktobha 8. Amanqaku enu andincede ngokundibonisa ukuba uYehova uyaqonda ngokwenene yaye unenyameko enzulu.”—EBritani.
Elinye ibhinqa libhala oku: “Kwiinyanga ezimbalwa ezidluleyo bendifuna ukunicela ukuba nibhale ngombandela wokuphilisa amanxeba okuxhatshazwa kwabantwana. Andizange ndinibhalele kodwa kunoko ndathandaza kuYehova ngako oku. Ngoko, ninokusithelekelela isizathu sokuba ndandichwayite ngolo hlobo xa ndabona iphepha elingaphandle lenkupho kaOktobha 8. Zesuka zee waxa iinyembezi, ndaza ndambulela uThixo wethu onothando, uYehova, ngokusuka emazantsi entliziyo yam.”—EGrisi.
Elinye lithi: “Xa ndicinga ngoko ndatyhubela kuko, ndikhala ngokukrakra. Kungoko ke ndiye ndalufunda ngengqalelo ekhethekileyo olu ngcelele luthetha ‘Ngokuphilisa Amanxeba Abantwana Abaxhatshazwayo,’ endiye ndalufumanisa lusebenziseka gqitha. Lubonisa ngokucacileyo ukuba ninomdla onothando kwabo baye babandezelwa zizinto ezinjalo ebomini babo.”—EItali.
Abaninzi bavakalisa le ngcamango: “Ndiyambulela uYehova ngokunikela le nkcazelo, amanqaku angawona abalaseleyo endakha ndawafunda ngalo mbandela. Ngamana oku akungencedi amaxhoba (abasindi) kuphela kodwa kwanabo baye banoloyiko olukhulu lokuthetha ngalo mbandela nabafumanise kunzima ukuncokola ngawo.”—EUnited States.
“Ndivakalelwa Kukuba Ubomi Buxabisekile Ngoku”
Elinye ibhinqa elinentombi eyaxhatshazwayo belingekakwazi ukuhlangabezana nengxaki engokweemvakalelo yoko kuxhatshazwa. Lathi: “Kodwa amanqaku enu andibeke endleleni elungileyo. Bendifumana unyango lwezigulo zengqondo veki nganye kangangeenyanga ezili-11 ngenxa yonxunguphalo, uloyiko nodandatheko. Loo manqaku andinceda ngaphezu kwalo lonke unyango olukhoyo ehlabathini! Ndivakalelwa kukuba ubomi buxabisekile ngoku, ekubeni ngaphambi kokuba ndifunde lo mbandela, ndandisaziva ndinetyala ngento endandingenakuyithintela.”—EBritani.
Abaninzi bathi le nkcazelo yazisa inguqulelo ebomini babo: “Ndiswele amazwi awaneleyo okunibulela ngala manqaku. Afike kanye xa ndandinxunguphele ngendlela endingenakuze ndiyilibale. Ngezinye iimini bendidla ngokuziqotha ndize ndibe nesingqala. Ngenxa yala manqaku, endiwafunde ngokuphinda-phindiweyo, ndiyabona ukuba intlungu yam, nentlungu yabantu bonke, ibalulekile kuYehova nakwintlangano yakhe. Le nkcazelo indinike amandla okuqalisa ukuphola. Sele ndiziva ndisondelelene noYehova kwakhona.”—EUnited States.
Kodwa ukuxhatshazwa kwabantwana akuyongxaki yaseNtshona kuphela, njengokuba lo mzekelo ubonisa: “Xa ndafumana inkupho kaOktobha 8 ethetha ngokuxhatshazwa kwabantwana, ndayifunda ngoko nangoko. Ndathabatha ixesha elide ndifunda loo manqaku ngenxa yokuba ndandingaboni kakuhle ekubeni amehlo ayethe gwantyi iinyembezi! Iimvakalelo neengcingane zam zazibhalwe kanye kuloo manqaku. Ngoku ndiziva ndonwabile kuba kukho ubani oqondayo. Ndandikhuthazeka kukubona indlela uYehova abanceda ngobubele ngayo abantu abanokubandezeleka okungabonakaliyo kwabanye. Ndinombulelo ngokwenene ngokuba nipapashe la manqaku. Ukuze ndiphilise amanxeba am, ndiza kuqhubeka ndisebenzisa oko kubhalwe kula manqaku. Ngothando neemvakalelo zombulelo ezingenakuchazwa ngamazwi.”—EJapan.
Elinye ibhinqa libhala oku: “Ubomi bam bonke bendilwisana namanxeba okuxhatshazwa xa ndandingumntwana. Xa ndafumana iphephancwadi likaOktobha 8, ndaqiqa ngelokuba uYehova uyakwazi oko sikufunayo kwanangaphambi kokuba sikwazi yaye usithanda ngokwenene. Ndandingaboni kakuhle ngenxa yeenyembezi ezazizalise amehlo, intliziyo yam yaba ngathi yayiza kugqabhuka luthando noxabiso ngoBawo wethu onothando wasezulwini. Le nkupho kaOktobha 8 liphephancwadi endiya kuligcina ngokuxabisekileyo ‘de angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.’” (Isaya 65:17)—EUnited States.
“Ndiye Ndakhululwa Emakhamandeleni”
Elinye ibhinqa elalikhathazeke ngokunzulu ubomi balo bonke libhala oku: “Ndibamba ngazibini ngamanqaku angokuxhatshazwa kwabantwana. Ekugqibeleni, kwiminyaka engama-53, ndiye ndakhululwa emakhamandeleni! Isitshixo sokundikhulula saba sisivakalisi esibonisa ukuba la maxhoba aselula ‘awanamandla okuzikhusela xa esongelwa, ngoko uThixo akawabek’ ityala.’” Ukufunda uVukani! kaOktobha 8 nokuqonda ukuba njengoko eli phephancwadi lalisitsho, “YAYINGELOTYALA LAKHO!” kwalinceda ukuba lisebenzise idini likaYesu lentlawulelo ekuqaliseni inkqubo yokuchacha.—EBritani.
Elinye ibhinqa lithi: “Ukususela ngexesha endandimncinane ngalo de kwayiminyaka yam yokuqala kwisikolo samabanga asezantsi, ndandixhatshazwa ngokwesini ngokuphindaphindiweyo. Njengokuba kukhankanyiwe kula manqaku, ndandizixelela ukuba oko kwakungenzeki. Noko ke, kum iinkumbulo zamana ukubuya. Bendisoloko ndicinga oku: ‘Ndingumntu ongcolileyo. UYehova akanakuze andamkele.’ Ngoko umthandazo wam kuThixo ubusoloko usithi: ‘Usenokungandiniki indawo eParadisi, kodwa ubuncinane ndincede undivumele ndihlale entlanganweni yakho de ndife.’ Oku kungenxa yokucinga ukuba, njengaloo maxhoba akhankanywe kuloo manqaku, ‘Andicocekanga ngokwaneleyo ukuba ndibe seBukumkanini bukaThixo’ nokuba ukufa kwam kuya kuba kwiArmagedon. Kwakungathi iimvakalelo zokuba neentloni nezokungabi nto yanto zazindityumzela ekufeni. Ngaloo ndlela, oko kwakuqulethwe kula manqaku, awayebhalwe ngobubele nokuthantamisa okukhulu, kwandinceda kakhulu. Njengokuba ndandiwafunda, iinyembezi zaphalala.”—EJapan.
Elinye ibhinqa lithi: “Ndifuna ukunibulela ngamanqaku enu achukumis’ iimvakalelo naphandisiswe kakuhle. Kangangeminyaka, intlungu yokuxhatshazwa yayindenzakalisa ngokweemvakalelo. Kulula ngabaninzi ukuba bavelane nokuxhatshazwa nentuthumbo yemfazwe nesiphithiphithi sezobupolitika. Siyavelana nabasindi bokuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo. Ububi obenziwe ngabantu esingabaqhelanga bulula ukuba sibetyise. Sekunjalo kutheni abanye bengakuqondi nje xa abenzi bobubi ingootata, oomama, oomalume, oodade nabantakwethu—abo babefanele ukusithuthuzela, ukusikhulisa nokusikhusela? Ndiye ndazibona ezam iziva yaye ndiye ndayiqonda inyaniso eyaphul’ intliziyo yokungabi nathemba. Ekuchacheni kwam iye yanguBawo wam wokomoya, uYehova, oye ngokuphinda-phindiweyo wandiphakamisa ndaphuk’ intliziyo ndinjalo, endigcina ekutshabalaleni.”—EUnited States.
“Ngephanyazo Ndibuyele Ebomini!”
Elinye ibhinqa elithi kangangeminyaka engama-28 emide belivakalelwa ngokungathi lityeshelwe labhala oku: “Zibekwa nje ndawafunda ndawagqiba loo manqaku ngaloo ngokuhlwa endayifumana ngayo loo nkupho ndaza ndalila kuba ndandichukumisekile yaye ndinombulelo kakhulu. Kundivuyisa gqitha ukucinga ukuba uYehova uziqonda kakuhle kangaka iimvakalelo zam. Ndivakalelwa ngokungathi ngephanyazo ndibuyele ebomini! Ngenxa yokuba la manqaku egxininisa ukuba abantwana abakuloo meko ababekek’ ityala ngoko kwenzekayo, ndifumanise ukuba andisenasizathu sakuzicekisa konke konke. Igqondo yam iye yaphumla.” Intliziyo yalo yaqhutyelwa ukuba isabele ekuphilisweni liLizwi likaThixo.—EJapan.
Ukudlwengulwa kwabantwana kukwayingxaki kumazwe asakhasayo, njengokuba kuboniswa yintsabelo efanayo evela eAfrika: “La manqaku afike kanye ngexesha ebendiwafuna kakhulu ngalo. Esinjani sona isiqabu ukufunda amazwi anjengala, ‘qiniseka ukuba likho ithemba, lokuba ungaphila’ nelithi, ‘YAYINGELOTYALA LAKHO!’ Njengokuba ndandifunda la manqaku, yayikokokuqala ukuba ndizive ndikhuseleke yaye ndithuthuzeleke ngokwenene kubomi bam. Andizisela intuthuzelo yokwenene engqondweni, emphefumlweni nasemzimbeni. Ngoku ndiya kuba namandla okuhamba indlela ekhokelela ekuchacheni ngokupheleleyo.”—ENigeria.
Elinye ibhinqa libhala oku: “Ndiswele amazwi okuvakalisa uxabiso lwam nendlela endivakalelwe ngayo emva kokuba ndifunde uVukani! kaOktobha 8 othetha ngokuxhatshazwa kwabantwana. Amehlo am ayethe gwanty’ iinyembezi njengokuba ndandifunda isiqendu, iphepha nesibhalo ngasinye. Wayebhalwe ngendlela enolwazelelelo, enovelwano nenothando kakhulu. Njengexhoba, bendilwisana neemvakalelo zam. Ngoku ndiziva kuthe qwenge kancinane. Ngoncedo lwamanqaku enu nomhlobo onokuthenjwa, onomonde nophulaphulayo yaye ondixhasayo, ndinokuzivumela ukuba ndiqalise ukuchacha.” UThixo walo lonke ubabalo, ngenkonzo yoNyana wakhe yobubingeleli, ‘uzimasa’ aze ‘omeleze’ amaxhoba amaninzi anjalo. (1 Petros 5:6-11)—EUnited States.
Elinye ixhoba lokuxhatshazwa ngokwesini lalikhathazeke gqitha kangangokuba lazama ukuzibulala ngokuthi lilumeke igaraji ngomlilo ngoxa lingaphakathi. Lahlangulwa laza lasiwa esibhedlele. Laphathelwa inkupho kaOktobha 8 nje yakube ikhutshiwe. Lakhala kakhulu xa layifundayo, laza lawaphinda-phinda la manqaku ukuze lifumane inkxaso, ukuze loyise umnqweno wokufuna ukuzibulala. Umhlobo walo owalinceda kakhulu wabhala oku: “Maxa wambi ndiye ndicinge ukuba uVukani! ufanele aphinde athiywe kuthiwe luNcedo kuba ngokuqinisekileyo wenza oko.”—EUnited States.
“Abanye Banokukulibala, Abanye Abanako”
Omnye umfundi onoxabiso uthi: “La manqaku athetha ngokuxhatshazwa kwabantwana alungelelene gqitha. Ndiyazixabisa izibhalo ezisetyenzisiweyo. La manqaku abhalwe kakuhle gqitha kangangokuba ndinokunincoma ngesiqendu ngasinye. Ndinombulelo kuba nibonisile ukuba ngoxa abanye benokukulibala, abanye abanako. Iinkumbulo zoku bezisoloko zisithi qatha engqondweni yam sihlandlo ngasinye ziphelekwa ziintlungu zasemzimbeni ezihamba kunye nazo kangangeminyaka emithathu. Kodwa kwenza kube kuhle ngakumbi ukufunda ukuhlangabezana nezi nkumbulo. Kwakhona ndiyabulela ngongcelele olulungelelene ngokumangalisa kangaka.” (United States) La manqaku asekelwe eZibhalweni aye alinceda eli xhoba, namanye amaninzi, kwakhona ukuze awavuyele amalungiselelo okomoya kaYehova.—Filipi 4:4-9.
Elinye ibhinqa libhala oku, “Bendingumfundi wephephancwadi uVukani! kangangeminyaka. Noko ke, andizange ndichukunyiswe linqaku ngaphezu kongcelele lweli phephancwadi ebelinomxholo othi, ‘Ukuphilisa Amanxeba Abantwana Abaxhatshazwayo.’ Lo mbandela unzima gqitha. Kodwa niwubeke ngobuchule nangobubele obunothando. Ekubeni ndandingumntwana owaxhatshazwayo, undincedile waza wandithuthuzela ngokunzulu. Ndiza kulilondoloza eli phephancwadi ukuze ndisoloko ndilifunda. Eneneni asikuko nokuba ndiyanibulela ngexesha, umgudu, ukuqonda yaye ngaphezu kwako konke uthando eniye nalubonakalisa kwabo babandezeleka ngendlela engabonakaliyo.”—EUnited States.
Ukujamelana Nobunjalo Bemeko
Kuye kwangqineka kuluncedo kakhulu kumaxhoba angenakululibala ulwaphulo-mthetho olwenziwa kuwo ukuba avunyelwe athethe nomdala onovelwano, ajamelane nale ngxaki ngokuyinyaniso, abone indlela uYehova awujonga ngayo lo mcimbi aze ahlangabezane nawo ngokweZibhalo ukuze kubekho ukuchacha okubangelwa ngamandla entlawulelo kaYesu. Kule nkalo, elinye ibhinqa lithi:
“Andikwazi ukuchaza indlela afike ngexesha elifanelekileyo ngayo la manqaku. Ngokwenene andikhange ndiyikholelwe indlela le nkcazelo ebichane ngayo. Bendidandatheka yaye ndisitya ngokungalungelelananga kangangeminyaka engama-20, ndifuna uncedo nesicombululo kuyo yonke indawo: koogqirha bezigulo zengqondo, kumagcisa ezenzululwazi yengqondo, koogqirha bezamayeza, nakwimibutho yabantu abanezigulo ezifanayo, kwiindawo zokuhlisa umzimba—ndatsho phantsi.
“Kodwa ngoku ndifumana uncedo kwinkcazelo enjengale ifumaneka kwinkupho kaOktobha 8. Ifuneka gqitha. Andinakunixelela iimvakalelo zokungabi nathemba ebendisiba nazo ngamanye amaxesha, ezinamandla ngokokude ndibone ukuba kuya kulunga ngakumbi ukuba ndinokufa. Kodwa ngoku ndinokubona ukuba oko kwenzeka kum ndisengumntwana kwakungelotyala lam, nokuba uThixo akacingi ukuba ndingcolile. Ndandilixhoba. Ngenxa yenkcazelo enjengale, ndiyabona ukuba uYehova uyakhathala, nokuba ndinokuthembela kuye. Emva kweminyaka engama-33 ndiphila, ndivakalelwa kukuba umoya kaYehova uqalisa ukukhulula amatyathanga obukhoboka. Siyabulela ngokusithanda kwenu ngokokude nenze umgudu omkhulu wokwenza into exabiseke njengalo Vukani! Ncedani niqhubeke nipapasha amanqaku alolu hlobo namanye, njengokuba ebalulekile kubumoya bethu.”
Ileta elandelayo evela kwenye indoda ishwankathela iimvakalelo zabaninzi. Iye yabandezeleka ngaphezu kweminyaka engama-50 ngenxa yokuxhatshazwa isengumntwana. Ithi: “Inyameko kaYehova enothando ngentlangano yakhe yasemhlabeni isoloko isimangalisa yaye isikhuthaza ukuba sizinikele yaye sibe nentembelo ngokokude kwangakumbi kuye. Emva kokuba ndiyifunde ngenyameko inkcazelo ethetha ngokuxhatshazwa kwabantwana kuVukani! kaOktobha 8, 1991, ndalila ngenxa yovuyo ndaza ndamculela iingoma ezininzi uYehova, uliwa inqaba nehlathi lethu. Qhubekani nipapasha amanqaku anjalo, bazalwana. UYehova unisebenzisa ngeendlela eningenakuzithelekelela.”
Ezivela Kubaveleli
Okubangel’ umdla yile leta evela komnye umveleli ohambahambayo owongamela umsebenzi wamabandla aliqela amaNgqina kaYehova:
“Ndiyabulela ngoVukani! kaOktobha 8 othetha ‘Ngokuphilisa Amanxeba Abantwana Abaxhatshazwayo.’ Kunikelwe inkcazelo esemagqabini esiyifuna ngokwenene. La manqaku ayechane gqitha. Amaxesha amaninzi ndiye ndaphawula ukuba kuba nzima kakhulu ngamaxhoba ukuba aye kuYehova njengoBawo onothando. Xa ndibona obu bunzima, ngobulumko ndibabuza oku, ‘Ngaba wawuphethwe kakubi xa wawusengumntwana?’ Ubukhulu becala, impendulo iba nguewe! Kuzo zonke izihlandlo apho umntu wayekwazi ukubona uqhagamshelwano phakathi kokuxhatshazwa nendlela udandatheko nentlungu aba nayo ngoku ebachaphazela ngayo, baqalisa ukuphucula.”
Ukushwankathela indlela abadala abaninzi abavakalelwa ngayo sinala magqabaza omnye: “Inkupho kaOktobha 8 ethetha ngokuxhatshazwa kwabantwana yayisemagqabini yaye ifuneka. Njengabadala ebandleni, kufuneka sibe nolwazi kangangoko ngezi ngxaki ukuze sibonakalise inkxalabo nomonde ofunwa ngamaxhoba. Njengokuba le nkqubo iya isiba mbi, olu hlobo lweengxaki luya luxhaphaka. Kwakhona ndiyabulela ngolu ncedo.”
Kuye kwafudumez’ iintliziyo zethu ukufumana iileta ezinjalo. Ukukuqonda ngokupheleleyo ukuba ‘yayingelotyala labo,’ yaye ngenxa yamandla aguqulayo eLizwi likaThixo, amaxhoba anjalo okuxhatshazwa ebuntwaneni ayehlangabezana neenkumbulo ezingonwabisiyo. Avuya mayela nethemba elingaphambili, eqinisekile ukuba kwihlabathi elitsha likaThixo, ‘izinto zokuqala azisayi kukhunjuluwa nganto, zingenyuki zithi qatha entliziyweni.’ (Isaya 65:17; Roma 12:12) Kwanangoku, ngamandla aphilisayo egazi likaYesu, anokuma okucocekileyo noThixo. (Hebhere 9:14) Yaye kufuneka aphethukele kubadala ukuze afumane uncedo. Aba badala banokuba “njengendawo yokuzimela umoya” kwabo bafuna uncedo, bethetha ngokuthuthuzelayo yaye bethandaza kunye nabo. (Isaya 32:2; 1 Tesalonika 5:14; Yakobi 5:14, 15) Ngaloo ndlela, amaxhoba okuxhatshazwa anokuncedwa ahambele phambili aze afumane uvuyo kuyo yonke imisebenzi yebandla lobuKristu.