Ukuvumisa Ngentonga—Ngaba Kunemvelaphi Yenzululwazi Okanye Kungumlingo?
“KUYAMANGALISA!” wakhuza watsho umlimi ongumvelisi wobisi kuMbindi-ntshona weUnited States. Ukhuni oluncinane lomthi wepesika lwaluxhuzula yaye lujikeleza ngokungalawulekiyo ezandleni zakhe. Wafaka iinzipho zakhe kwixolo lolu khuni ukuze alubambe aluqinise, kodwa amandla atsalela ezantsi emoyisa. Ekhefuzela yaye eqhiphuk’ umbilini wathi: “Kude kwashiyeka amasuntswana amaxolo ezandleni zam.” Wamangaliswa ngakumbi kamva akufumana amanzi xa wemba kanye kuloo ndawo ukhuni lwalathe kuyo. Kwakusenzeka ntoni apha?
Lo mlimi wayesenza oko ngokufuthi kubizwa ngokuba kukuvumisa ngentonga, ukufuna amanzi ngokuvumisa. Ngokufuthi, umvumisi ubamba isebe elimile okwexhayi esandleni sakhe aze ahle enyuka, enikel’ ingqalelo kwiphulo lakhe lokufuna amanzi. Ngequbuliso, intonga yakhe yokuvumisa isenokuqalisa ukungalawuleki. Ezinye iintonga zigobela emhlabeni, ezinye zixhuzulela phezulu, de ezinye zibethe loo mntu uziphetheyo ebusweni okanye esifubeni, ngoxa ezinye zingaqalisi nokushukuma. Enoba kukweyiphi na imeko enjalo, loo mntu uvumisa ngentonga uyeva ukuba kukho amanzi ezantsi. Ukuvumisa ngentonga kuyenziwa ehlabathini lonke. Ngokolunye uqikelelo, kukho abantu abavumisa ngentonga abangama-25 000 eUnited States kuphela.
Ngaba Kunemvelaphi Yenzululwazi?
Ngaba kukho umgaqo wenzululwazi owenza ukuvumisa ngentonga kusebenze? Sekulixesha elide lo mbuzo kuphikiswana ngawo. Kwiminyaka engaphezu kwama-70 eyadlulayo iphephancwadi IMboniselo laqiqa ngale ndlela: “Asingethandi ukuba nesimo sengqondo sokutyeshela nayiphi na imithetho yendalo, kodwa kubonakala kumangalisa ukuba ithontsana lamanzi [eliziimitha ezintlanu okanye ezintandathu] ngaphantsi komhlaba linokuba namandla omxhuzulane aneleyo okugoba uswazi lomthi womngcunube ngoxa umlanjana ozele ngamanzi ungalishukumisi olo swazi. . . . Kumele ukuba kukho enye into engaphandle kokusebenza kwemithetho yendalo.”
Sekunjalo, abantu abaninzi abavumisa ngentonga bema ngelithi ukuvumisa ngentonga kuyinzululwazi. Enyanisweni, uMbutho WaseMerika Wabavumisi Ngentonga uzibiza ngokuba “nguMbutho ongenangeniso, ofundisayo nongowenzululwazi.” Kwiminyaka edluleyo, kuye kwavela izazinzulu ezininzi eziye zazama ukusebenzisa amasebe amatsha enzululwazi ukuze zichaze ukuvumisa ngentonga. Kwiminyaka yee-1700 zathi “zizinto eziphuma” kumasuntswana eathom ezenza ukuvumisa ngentonga kusebenze. Ngeyee-1800 zathi ngumbane. Kwinkulungwane yethu ziye zathi zizinto ezininzi ukususela kwimitha ebangelwa kukuqhekeka kweathom ukuya kwi-electromagnetism kuse nasekusebenzeni kwengqondo yomntu.
Kutshanje, ngowe-1979, iphephancwadi elaziwayo iNew Scientist lipapashe iingcamango ezibonakala zisengqiqweni zokuvumisa ngentonga. Ingcaphephe yokulondolozwa kwamandla endalo nesazi ngokwakhiwa komhlaba zaqikelela ukuba umzimba womntu usenokuvakalelwa kakhulu kwiinguqulelo ezingangqalanga kumbane, umtsalane (magnetic) okanye amandla e-electromagnetism ezibangelwa ngamanzi okanye intsimbi engaphantsi komhlaba.a
Kodwa iingcamango ezinjalo azamkelwanga zizo zonke izazinzulu. Enyanisweni, kwiThe Encyclopedia Americana, izazinzulu kwiYunivesithi yaseHarvard uE. Z. Vogt noL. K. Barrett zakukhaba ukuvumisa ngentonga ngale ndlela: “Uphando olwenziwe ngaphandle novavanyo olwenziwe kwigumbi lolingelo luye lwasilela ukubonisa ubunyaniso bokuvumisa ngentonga, yaye xa kuhlolisiswa ngokwemilinganiselo yenzululwazi oku akunaso isiseko senyaniso.” NgoNovemba 1990, abavumisi ngentonga bavuma ukuba kwenziwe ulingelo izihlandlo ezingama-720 eKassel, eJamani. Nangona bazamkelayo iimeko olwenziwa phantsi kwazo olu vavanyo ibe babeqinisekile ngempumelelo, abavumisi ngentonga abazange baphumelele; kuphela babephumelela ngamabona-ndenzile ekufumaneni amanzi nesinyithi ngaphantsi komhlaba. Iphephancwadi lenyanga nenyanga iNaturwissenschaftliche Rundschau lagqiba kwelokuba xa kuhlolisiswa ngokwenzululwazi, ukuvumisa ngentonga “kungumcimbi kaqashiqashi njengokujikelezisa ingqekembe yemali.” Olunye ulingelo olunjalo luye lwanemiphumo efanayo.
Abavumisi ngentonga bakuchaza ukusilela okunjalo ngamabinzana angaqhelekanga. Ngokomzekelo, bambi bakhalazela ukuba uvavanyo lubenza babuthandabuze ubuchule babo okanye lubakhokelela ekubeni bavumise beneentshukumisa ezingalunganga okanye ezinganyanisekanga ngokupheleleyo. Bathi, oko kubenza baphulukane namandla abo okomzuzwana. Enyanisweni, uninzi lwaba bavumisi ngentonga luye lwafumanisa ukuba emva kwexesha elide luphumelela ekuvumiseni ngentonga, xa kufuneka luzingqine ubuchule balo athi amandla alo anyamalale ngequbuliso—okanye alulahlekise. Ngoko ke, abanye bagqiba kwelokuba amandla aphembelela ukuvumisa ngentonga anoburharha obugwenxa.
Ngaba oku kuvakala ngathi kuyinzululwazi kuwe? Ngapha koko, amandla endalo (lawo anako ukulinganiswa ngeendlela zenzululwazi) awanabo uburharha, enokuba bugwenxa okanye abunjalo; yaye akaguquguquki ngokungalindelekanga. Ahlal’ ehleli. Awaguquguqulwa yimeko, utyekelo okanye iintshukumisa zabo bawavavanyayo okanye abawalinganisayo. Ngaloo ndlela, izazinzulu ezininzi zikugqala ukuvumisa ngentonga njengokuyinkolo nje—kungekhona enye into. Enyanisweni, kwanabavumisi ngentonga ababalaseleyo baye bavuma ukuba akukho mandla enzululwazi anokubangela ukuvumisa ngentonga.
Ngaba Kuyinkohliso?
Kodwa ngaba isibakala sokuba oku kungenakuchazwa ngokwenzululwazi sithetha ukuba zonke iingxelo ezinikelweyo zokuvumisa ngentonga okube nempumelelo zibe yinto ezenzekelayo okanye yinkohliso epheleleyo? Kuthekani ngamava omlimi achazwe ekuqaleni kweli nqaku—ngaba kwenzeka ngethamsanqa nje, imeko eyahlukileyo?
Enyanisweni, ukuvumisa ngentonga kuye kwavelisa amabali amaninzi angqinelwe kakuhle. Ngokomzekelo, ibhinqa elithile eVermont labiza umntu owayevumisa ngentonga xa amanzi anqamkayo endlwini yalo. Kubonakala ukuba umbhobho omde osuka kumthombo okude kwindlu yalo wawuvuza. Eli bhinqa lalingazi nokuba wawuphi na—lo mbhobho wawugqunyelelwe apho kangangama-30 eminyaka eyadlulayo—singasathethi ke ngendawo owawucandeke kuyo. Kodwa umvumisi engqondweni wabuza kwintonga yakhe, ibe yaxhumela kwindawo ethile. Kwiisentimitha ezili-15 ukusuka apho, wafunyanwa lo mbhobho uvuzayo.
Mhlawumbi elona bali lidumileyo lelo lomvumisi waseMerika uHenry Gross. Izazi ngokwakhiwa komhlaba zazeyisekile kukuba amanzi acocekileyo ayengenakufumaneka phantsi komhlaba eBermuda. IThe Saturday Evening Post yanikela le ngxelo: “UGross waneka imaphu yeBermuda kumzi wombhali [weenoveli uKenneth] Roberts eKennebunkport, eMaine, waza edlulisa intonga yakhe yokuvumisa phezu kwemaphu, waphawula iindawo ezintathu apho amanzi acocekileyo ayeza kufumaneka khona . . . Ukuze baqiniseke ngoko wayekufumanisile, uGross noRoberts bakhwela inqwelo-moya besinga eBermuda, baza bacenga urhulumente ukuba abanike izixhobo zokumba, baza baqalisa ukusebenza. Kwiinyanga nje ezimbalwa kamva, ngoAprili 1950, onke loo maqula mathathu aba namanzi njengoko uGross wayetshilo.”
Abavumisi ngentonga bathi bafumene amaqula amanzi angamawakawaka. Abacholacholi beendaba baye bapheleka abavumisi ngentonga, baye babona iintonga zokuvumisa zixhuzula ngamandla kangangokuba izandla zabavumisi zaba namadyungudyungu, ibe baye beva abavumisi bechaza kwangaphambili ubunzulu bamanzi angaphantsi. Baye bawabona amaqula esimbiwa ibe noko bebekuchaze kwangaphambili kuqinisekiswa. Nangona inzululwazi isenokungazichazi izizathu ezivakalayo ezibangela oku kwenzeke, kuyabonakala ukuba kuyenzeka—ubuncinane kubantu abathile, maxa wambi. Kutheni oku kusenzeka?
Imbali Echaza Ngokuphandle
Imbali yokuvumisa ikubonisa ngokuphandle oku. Ukuvumisa ngentonga kumele ukuba kunamawaka eminyaka kukho. Kodwa ngenkulungwane ye-16 xa ugqirha Georgius Agricola wabhala incwadi yakhe ebalaseleyo ngokumbiwa komgodi, ethi De Re Metallica, okokuqala kwanikelwa ingxelo eneenkcukacha ngokuvumisa ngeentonga. Abasebenzi basemgodini baseJamani babesebenzisa le ndlela ukuze bafumane isinyithi. Kodwa kwanangoko kwakukho impikiswano engokuba ukuvumisa ngentonga kwakusisiganeko semvelo okanye sobugqi kusini na. UAgricola waphawula ukuba abanye babesichasa esi senzo, ekubeni “la masetyana [iintonga zokuvumisa] ayengashukumi kuye nabani na, kodwa kuphela kwabo basebenzisa amazwi obugqi nomlingo.” Njengoko ukuvumisa ngeentonga kwakusasazeke kulo lonke elaseYurophu, nempikiswano yanda. UMartin Luther wakugweba, ibe nezinye iinkokeli zonqulo kamva zenjenjalo. Ukuval’ umlomo abo befundisi, abanye abavumisi babhaptiza iintonga zabo, ibe babekhunga kuThixo wabo onguBathathu Emnye xa bevumisa.
Kubavumisi abaninzi, ukufuna amanzi kwanezimbiwa kwakunganele. Bafumana iindlela ezingakumbi nangakumbi abangazisebenzisela zona iintonga zabo. Kwinkulungwane ye-17 eFransi, uJacques Aymar waqalisa ukuvumisa ngentonga ukuze afumane izaphuli-mthetho! Kuthiwa, ngenye imini wayefuna amanzi xa intonga yakhe yaxhuzula ngamandla ngakwingcwaba lomfazi owayebulewe. Yandula ke intonga yagobela kwicala lendoda yalo mfazi, eyasuka yababeleka abasicatyana. UAymar—nabaninzi abamxelisayo—basebenzisa intonga yokuvumisa ukukhupha izaphuli-mthetho kulo lonke elaseYurophu. AmaKatolika anenzondelelo ada asebenzisa uAymar nentonga yakhe yokuvumisa ukuwanceda azingele amaProtestanti ukuze bawabulale.
Ukunxibelelana Nobugqi
Akumangalisi ukuba kwanangexesha lika-Aymar kwakukho “iingcaphephe” ezazicinga ukuba zazinokuzichaza ezo zenzo ngokwenzululwazi. Zathi intonga yokuvumisa ka-Aymar yayikwazi ukuva iigesi ezingummangaliso “eziphuma” kubabulali kuphela, ababezithiye igama lokuba “zizinto ezibangela ukubulala.” Noko ke, ngokucacileyo, ezi zenzo zika-Aymar zazingenanto yakwenza nenzululwazi. Amandla awayebangela izinto ezazisenziwa nguAymar ayekrelekrele. Ayekwazi ukufumana izaphuli-mthetho, ukwahlula phakathi komProtestanti nomKatolika, aze afumane amanzi nezimbiwa ngokufanayo.
Ngokufanayo, yintoni enye ngaphandle kwamandla akrelekrele eyayinokubangela ukuvumisa ngentonga emaphini, apho intonga yalatha imithombo yamanzi kwimaphu nje yommandla okude? Abanye abavumisi baye bafumana izipaji zemali, iincwadana zokundwendwela, amatye anqabileyo nkqu nabantu abalahlekileyo ngokujingisa nje intonga phezu kwemaphu. Bambi bakhangela indlela esisabela ngayo isixhobo sokuvumisa kwimibuzo efuna uewe okanye uhayi. Kwiminyaka yee-1960 amaJoni Omkhosi Waselwandle waseUnited States asebenzisa iintonga zokuvumisa ukuze afumane amatonela, iibhombu ezifihlwa phantsi komhlaba nemigibe efihlakeleyo eVietnam. Namhlanje, intonga yokuvumisa iya ithandwa kakhulu njengesixhobo sokuchaza okungaphaya kwamandla emvelo. Isetyenziselwa ukuchaza ikamva kwangaphambili, ukufuna ‘izithunzela’ nokuphanda ‘ngobomi bomntu bexesha elidluleyo.’
Umbhali uBen G. Hester kuqala wayeyisekile ukuba ukuvumisa ngentonga “kwakuyinto yokwemvelo engekaqondwa.” Kodwa emva kweminyaka esibhozo yokuphanda ngalo mbandela, wabhala incwadi ethi Dowsing—an Exposeʹ of Hidden Occult Forces. Kuloo ncwadi uthelekisa le ntonga yokuvumisa neebhodi zeOuija. Wafumanisa ukuba abanye abavumisi bathi banamandla okuphilisa abantu—okanye babenze bagule—ngentonga yokuvumisa! Ngokufanayo, umvumisi ngentonga uRobert H. Leftwich wabhala oku kwincwadi yakhe ethi Dowsing—The Ancient Art of Rhabdomancy: “Amandla asetyenziswayo mhlawumbi anxulumene . . . nalawo asetyenziswa kubugqwirha. Ngoko ke, ukubonakalisa ukungakhathali ekwenzeni ulingelo kusenokuba yingozi.”
KumaKristu okwenyaniso, oku kuchazwe ngasentla akuvakali kamnandi. Enoba kuyinyaniso okanye kuyinkohliso, ukuvumisa ngeentonga kwiimeko ezifana nezo zichazwe ngasentla ngokucacileyo akuyonzululwazi; kubonakala kububugqi. Kunjengokuba izazinzulu uEvon Z. Vogt noRay Hyman bakushwankathela oku kwincwadi ethi Water Witching U.S.A. ngokuthi: “Ngoko ke sigqiba kwelokuba ukuvumisa ngentonga ufuna amanzi kuyimeko ecacileyo yokuvumisa ngomlingo.”
Ngaba UmKristu Ufanele Abandakanyeke Ekuvumiseni Ngentonga?
Kakade ke, ukuba ukuvumisa ngentonga ngenene kusisenzo sokuvumisa, umKristu wokwenyaniso akanakuba nanto yakwenza nako. Abantu bakaThixo bayalelwa oku, njengoko sifunda eBhayibhileni kwiDuteronomi 18:10: ‘Maze kungafunyanwa namnye kuwe ovumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo.’ Umprofeti uHoseya walila ngenxa yokusilela kwamaSirayeli ukuthobela lo myalelo, wabhala esithi: “Abantu bam babuza ukhuni lwabo, intonga iphendula imibuzo yabo.”—Hoseya 4:12, The Jerusalem Bible.
Noko ke, bambi basenokuphikisa ngelithi babandakanyeka nje kuhlobo olulula lokuvumisa ngentonga: ukufuna amanzi. Kodwa ngaba ukufuna amanzi ngentonga akunxulumananga nomlingo? Kubangel’ umdla ukuphawula ukuba abantu abafundisa ukuvumisa ngentonga ngokuqhelekileyo bafundisa abafundi ukuba baxelele intonga ngokungqalileyo oko bakufunayo, ngokungathi isisidalwa esikrelekrele. Omnye umntu owayefundisa ukuvumisa ngentonga ude axelele abafundi bakhe ukuyithiya igama intonga yabo baze bayibize ngegama layo! Ngokufuthi abavumisi babuza kwiintonga zabo ukuba unzulu kangakanani umthombo wamanzi. Intonga iqalisa ukuxhuma, aze umvumisi abale ukuba ixhume kangaphi. Inani lokugqibela lezihlandlo exhuma ngazo lilingana nobunzulu bomthombo wamanzi, obubalwa ngokweemitha! Ngaba oku akubonisi ukuba kukho ubukrelekrele obufihlakeleyo obusetyenziswayo?
Ngokubhekele phaya, ukufuna amanzi ngentonga kunxulunyaniswa nesenzo amaNgqina kaYehova abekulumkele ukusiphepha—iESP (extrasensory perception [ukuqonda izinto ezingenakuqondwa ngeziva-mvo]). IMboniselo (yesiNgesi) yaluphawula olo nxibelelwano emva phaya ngowe-1962. Kungekudala emva koko, uMbutho waseMerika Wabavumisi Ngentonga waphendula ngeleta usithi: “Siyavumelana nengcamango yokuba ukuvumisa ngentonga kuluhlobo oluthile lwe-ESP nokuba ukubandakanyeka kulo naluphi na uhlobo lwe-ESP kunokukhokelela ‘ekulawulweni’ okanye ekubandakanyekeni ‘kumandla emimoya engendawo’ ngaphandle kokuba kuthatyathwe amanyathelo afanelekileyo okulumka kusengaphambili. Noko ke, asivumelani necebiso lenu elinyanzelisayo lokwahlukana nako ngokupheleleyo.”b
Ucinga ntoni wena? Ukuba kwanabona baxhasi banenzondelelo bokuvumisa ngentonga bayavuma ukuba oku kunokukuzisela ingozi yokubandakanyeka kwimimoya engendawo okanye ude ulawulwe yiyo, ngaba umKristu akamele azinxweme kwisenzo esinjalo?
Bambi basenokubuza, ‘Kodwa ngaba ukuvumisa ngentonga akwenzi umsebenzi olungileyo? Ngaba oko akusosiqinisekiso sokuba amandla abangela ukuvumisa ngentonga anobubele?’ Okubuhlungu kukuba, akunjalo. Khumbula, “NoSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya.” (2 Korinte 11:14) Kwanangamaxesha okubhalwa kweBhayibhile iidemon maxa wambi zazizama ukufuna ukuthandwa nokuba nempembelelo ngokuthetha iinyaniso.—IZenzo 16:16-18.
Kuyavunywa ukuba, asinakugxininisa ngelinyanzelisayo ukuba imeko nganye yokuvumisa ngentonga (kuquka i-ESP) ayinakuchazwa ngokwenzululwazi yaye imele ukuba ibangelwa ziidemon. Ngaphandle kwamathandabuzo, kukho okuninzi okuphathelele ingqondo yomntu namandla endalo okungaqondwayo yinzululwazi. Yaye akuthandabuzeki ukuba kukho ubuchule obuninzi bokuvumisa ngentonga nobe-ESP obunokuchazwa phandle njengenkohliso ephelelwe lixesha. Kodwa ekubeni imbali kunye nomkhwa wanamhlanje wokuvumisa ngentonga unxulunyaniswa ngokungummangaliso nomlingo, iESP, nokusebenzelana nemimoya, ngokucacileyo kuyingozi gqitha ukukutyeshela ngokungathi liqhinga nje elingenabungozi.
Xa kufikelelwa kumba wokuvumisa ngentonga, isiluleko esithi “nento engcolileyo ningayichukumisi” sisabonakala sisesifanelekileyo.—2 Korinte 6:17.
[Imibhalo esemazantsi]
a Enye ingcamango enjalo yachazwa kwinkupho kaVukani! (wesiNgesi) kaJuni 22, 1979.
b Ngowe-1989 ingxelo eneenkcukacha ngokuvumisa ngentonga kwiphephancwadi iThe New Yorker yaphawula ukuba namhlanje kwanabantu baseMerika abawugcinayo lo mkhwa bayavuma—ngendlela engangqalanga—ukuba i-ESP ngamandla alawula ukuvumisa ngentonga.
[Ibhokisi ekwiphepha 29]
Ngaba Yintonga Yokuvumisa?
NAMHLANJE iintonga zokuvumisa zisenokuba ziintonga ezahlukeneyo ngaphandle kwesebe elimile okwexhayi. Abanye abavumisi basebenzisa iintonga ezimbini zesinyithi ezithi zenze umnqamlezo xa “zifumana” loo nto ifunekayo. Bambi basebenzisa uluthi olubanjwayo luze lugobe ezandleni zabo. Abanye basebenzisa iihanger ezenziwe ngesinyithi. Ibe abanye abasebenzisi sixhobo kwaphela; balinda nje ukuba bazive benesicaphucaphu okanye beve kukho into enyumbazayo ezandleni zabo. Kukwakho neentonga ezininzi zodidi oluphezulu kwiindawo zentengiso, ezinesiphatho nezinendawo yokubeka isampulu (sample) yaloo nto ifunwayo. Kakade ke, kukwakho nezinye izinto zokufuna ezenziwe ngesinyithi nezingokwasemthethweni. Zifuna umthombo wamandla, ofana neebattery, ngoko ke zinokwahlulwa lula kwiintonga zokuvumisa.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 26]
Woodcut of dowser from Georgius Agricola’s De Re Metallica