Ngaba UMoses Wayengumvumisi Ofuna Amanzi Ngentonga?
“UMOSES, owakhupha amanzi ngokubetha iliwa ngentonga (Numeri 20:9-11), ubizwa ngokuba ngumvumisi wokuqala owafuna amanzi ngentonga.” (The Encyclopedia Americana) Le yingcinga evakaliswa ngokufuthi xa kuxutyushwa ngombandela wokuvumisa ngentonga. Kutshanje, iphephancwadi iNational Wildlife labiza intonga kaMoses ngokungathandabuziyo ngokuthi “yintonga yokuvumisa.” Yaye abanye abavumisi bakholelwa ukuba amandla abo avela kuMoses.
Noko ke, ngokuchaseneyo noko, uMoses nguye owabhala phantsi umthetho ochaseneyo nokuvumisa! (Duteronomi 18:10) Ibe ummangaliso owenzeka eMeribha wawahluke ngokupheleleyo ekuvumiseni ngentonga kufunwa amanzi. Abavumisi abaninzi baxhomekeke kwintonga ukuze bafune amanzi afihlakeleyo; balandela yona, belindele ukuba ishukume okanye ixhuzule. Kodwa uMoses akazange alinde intonga yakhe ukuba ixhuzule; enyanisweni, akazange awafune amanzi konke konke. UYehova, uMdali womhlaba nemithombo yawo yamanzi afihlakeleyo, waxelela uMoses ngokuthe ngqo apho wayeya kuwafumana khona amanzi nendlela awayeya kuwafumana ngayo. UThixo wamyalela oku: “Nithethe engxondorheni . . . inike amanzi ayo.”—Numeri 20:8.
Ngaphezu koko, ngokuqhelekileyo abavumisi baxelela abantu nje kuphela indawo amabembe kuyo. Xa intonga kaMoses yabetha iliwa, kwagqabhuka amanzi amaninzi—awaneleyo ukuqabula unxano lohlanga lonke. UMoses wazizisela ingqumbo kaThixo xa wazizisela uzuko ngalo mmangaliso. Hayi indlela ekumele ukuba kubi ngakumbi ngayo ukunikela uzuko kwintonga yakhe—ukhuni nje olungeva nto!