IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g92 6/8 iphe. 32
  • “Ukuze Kungonakali Nto”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Ukuze Kungonakali Nto”
  • Vukani!—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Iinzipho Zakho Zeminwe—Ngaba Uyazinonophela?
    Vukani!—1998
  • Bazinikela Ngokuvumayo—⁠EGhana
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Yayiphi Imilenze Yakhe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Ngaba Ubusazi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Vukani!—1992
g92 6/8 iphe. 32

“Ukuze Kungonakali Nto”

Ngumbhaleli kaVukani! eGhana

NDADIBANA naye kwindawo yakhe yokusebenzela engacacanga eLabadi, ihlomela ledolophu laseAccra, esarha yaye echwela ngezandla ebonakalisa amandla angummangaliso. Igama lakhe nguAdams Akuetteh. Uneminyaka engama-70 ubudala yaye ebengumchweli kangangeminyaka engama-50 edluleyo.

Xa ndambuza ngoko wayekugqala njengeyona mbalasane yomsebenzi wakhe wokuchwela, ngokukhawuleza wathi ibe yiminyaka emine ayichithele kumsebenzi wokwakha isebe elitsha leWatch Tower Society eNungua, eGhana. Oku kwakususela ngowe-1984 ukusa ngowe-1988.

Ndambuza oku, “Wawusenza ntoni kwisiza solakhiwo?”

“Ndandisebenza kwizakhelo zekonkile yaye ndandincedisa abaxhomi bophahla.”

Ndathi, “Ubonakala ukhunjulwa ngakumbi ngoncedo lwakho lwezikhonkwane kweso siza.”

“Hekee, izikhonkwane. Uyazi, izikhonkwane zibiza imali eninzi eGhana. Ngaloo mihla [isiqingatha sekhilogram] yezikhonkwane sasibiza ukususela kwii-[R5,50 ukusa kwii-R8,25]. Ngoko ndazixelela oku, ‘Ngaba besingenakuphinda sizisebenzise ezinye zezi zikhonkwane? Ndiza kuzama.’

“Ngoko ndaziqalela ndingacelwanga mntu ngelam ixesha. Xa umveleli womsebenzi wokwakha wandibonayo, wachwayita. Ngokusisigxina wandabela kuloo msebenzi. Ngoko kangangeminyaka emine, ndandiphicotha eso siza ntsasa nganye ndiqokelela izikhonkwane ezazingoongqikane. Ngenyameko ndakwancothula naziphi na endandizifumana kwizakhelo zekonkile ezazisele ziqhaqhiwe.”

“Ngaba wawuzilahla ezibuthuntu nezigobekileyo?”

“Hayi. Ezibuthuntu zaziphinda zisetyenziswe kumaplanga athambileyo, okanye kwakusetyenziswa umatshini wokuvula imingxuma yezikhonkwane zize ke ziphinde zisetyenziswe kumaplanga aqinileyo. Ngenyameko ndandizolula ezigoso ngehamile.”

“Ngaba wawungawugqali lo msebenzi njengomsina ndozele okanye into ekruqulayo?”

“Kumntu oselula kwakusenokuba njalo, kodwa kum kwakungenjalo. Umveleli womsebenzi wokwakha wandixelela ukuba umsebenzi wam wawusonga imali yoMbutho, imali kaYehova, ngoko ndandichwayitile. Kwaba luvuyo olukhethekileyo kum ukubona iimfumba zezikhonkwane ezahlukahlukeneyo ngobukhulu ezazisindiswe kwilahleko zikhula. Yaye ndandinokuzixelela oku, ‘Hekee! Ngoku ndiphambili kunabaxhomi bophahla!’ Kodwa loo mfumba yayinyamalala. Babedla ngokukhwaza bephezu kophahla befuna ezingakumbi! Ngoko ndaphinda ndaqhubeka kwakhona nomsebenzi!”

“Ngoku wenza ntoni njengokuba umsebenzi wokwakha ugqityiwe?”

“Ndingumlungiseleli wexesha elizeleyo kwakhona, ndilinde ukuba nize kwandisa isakhiwo sesebe laseGhana. Ngoko ndiya kuba lapho, ndisindisa izikhonkwane kwilahleko yaye ndisonga imali​—⁠ngovuyo.”

Kangangeminyaka emine wayesenza oko abanye banokukugqala njengomsebenzi ophantsi. Kodwa awuzange ugqalwe ngolo hlobo nguAdams Akuetteh, “umoluli wezikhonkwane wesebe laseGhana!” Ngovuyo wayelungisa izikhonkwane ukuze ziphinde zisetyenziswe ukuze onge imali kaYehova!

Oko koko kwakucingwa nguYesu. Nangona wayenamandla angasikelwanga mda okwenza imimangaliso yokuphindaphinda izonka, emva kwesinye isidlo wathi: “Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto.”​—⁠Yohane 6:⁠12.

Ukuba, emva kokufunda eli phephancwadi, unemibuzo ethile ngeBhayibhile, nceda uzive ukhululekile ukubonana namaNgqina kaYehova kwiHolo yoBukumkani ekummandla ohlala kuwo, okanye bhalela abapapashi beli phephancwadi. (Bona iphepha 5.)

[Umfanekiso okwiphepha 32]

UAdams Akuetteh, “umoluli wezikhonkwane wesebe laseGhana”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share