Iinzipho Zakho Zeminwe—Ngaba Uyazinonophela?
Ngumbhaleli KaVukani! ESweden
UKUBA uthile ebenokuthi, “Khawuthi khe ndibone iinzipho zakho” ubunokuthini? Ngaba ubuya kukhululeka umbonise iinzipho zakho ezigcinwe kakuhle, okanye ngokukhawuleza ubuya kufihla izandla ngasemva? Usenokuba nezizathu ezivakalayo zokuzifihla iinzipho zakho. Mhlawumbi azikhangeleki kakuhle, okanye kusenokwenzeka ukuba uyazitya. Ukuba nolwazi olungakumbi ngokwakheka kweenzipho zethu kuya kusinceda sizixabise ngakumbi yaye kuya kusishukumisela ekubeni sizinonophele.
Ngokuyintloko iinzipho zakho zenziwe ngeeseli ezifileyo neziqinileyo eziquka intlala eneprotini ekuthiwa yikeratin. Iinzipho zeminwe zikhula ngokungalinganiyo kuxhomekeke kwiminwe ngeminwe kwanakubantu ngabantu. Ngokuqhelekileyo iinzipho zikhula ngomlinganiselo weemilimitha ezintathu ngenyanga. Iinzipho eziye zayekwa zakhula zisenokukhula zibe nde kakhulu. Ngokutsho kwencwadi ethi The Guinness Book of World Records 1998, indoda ethile engumIndiya yakhulisa iinzipho zayo ezintlanu kwisandla sasekhohlo zafikelela kwiisentimitha ezingama-612 xa zizonke. Uzipho lwayo lobhontsi lwaluziisentimitha ezili-139.
Zakhiwe Ngokuntsonkothileyo
Xa ulikrwaqula okokuqala unokucinga ngozipho njengento enye edibeneyo, inail plate. Ngoko usenokumangaliswa kukufumanisa ukuba iinzipho zisenokugqalwa njengezinamalungu amaninzi abonakalayo nangabonakaliyo. Makhe siqwalasele ngenyameko ukwakhiwa kozipho.
1. I-“nail plate.” Le yile ndawo iqinileyo ngokuqhelekileyo esiyibiza ngokuthi luzipho. Umphezulu wozipho unoomaleko ababini, ongasentla nongezantsi. Iiseli kwezi ndawo zimbini zilungelelaniswe ngokungafaniyo yaye zikhula ngesantya esingafaniyo. Umphezulu ugudile, ngoxa umphakathi unamazinga ameleneyo alingana namaqoqo nenyama yozipho. La maqoqo akafani kumntu ngamnye yaye anokuba yindlela yokwahlula abantu.
2. I-“lunule.” Le yindawo ebumhlophe emile okweceba lenyanga nakwinail plate. Le ndawo ayibonakali kwiinzipho zonke. Uzipho lukhula kwisihlunu esincinane esingaphantsi kwenail plate, esibizwa ngokuba yimatrix. Le yeyona nxalenye ibalulekileyo yozipho. Ilunule sisiphelo sematrix yozipho yaye, enyanisweni, iyinxalenye ebonakalayo yozipho oluphilayo. Enye inxalenye yozipho yenziwe ngeeseli ezifileyo.
3. I-“nail folds, iproximal nelateral.” La ngamagama esibizwa ngawo isikhumba esizunguleza uzipho. Esi sikhumba sibizwa ngokuba ngumgobo wozipho kuba asipheleli kuzipho kodwa sigobela ngaphantsi size sigubungele uzipho oluvelayo. Le migobo ikhusela ize zixhase amalungu ajikeleze uzipho.
4. I-“eponychium.” Lo ngumcu omncinane womgobo wesikhumba obonakala ekupheleni kwenail plate. Maxa wambi, le ibizwa ngokuba yicuticle.
5. I-“cuticle.” Icuticle yokwenene ngumhlomelo omncinane phantsi kweeponychium. Ngumaleko ongenabala wesikhumba esinamathele ngaphezulu kwenail plate.
6. I-“free edge.” Yinxalenye yozipho ekhula ivele apha emnweni.
7. I-“hyponychium.” Ifumaneka phantsi kwendawo ekhula ibe nde kuzipho phakathi komphantsi wozipho nasekupheleni komnwe, esi sihlunu sivala ngci nto leyo ekhusela inyama yozipho ekungenweni zizifo.
Uncedo Lwazo
Iinzipho zethu ziluncedo ngeendlela ezininzi, ezinjengokuzonwaya. Sisebenzisa zona xa sixobula iorenji, sikhulula iqhina, okanye sisebenza ngezinto ezincinane. Ukongezelela, iinzipho zixhasa zize zikhusele iintupha ezibuthathaka.
Into engafanele ijongelwe phantsi bubuhle beenzipho. Iinzipho zethu zisenokubonisa enoba sizilungisa kakuhle—okanye kakubi. Zinendima enkulu kwizimbo zomzimba eziqhelekileyo, yaye ukuba zigcinwa kakuhle, zinokuzenza zibe ntle izandla zakho. Ngaphandle kwazo, besinokuba nengxaki kubomi bethu bemihla ngemihla, yaye izandla zethu beziya kukhangeleka zingaphelelanga.
Ukuzinyamekela Kakuhle Kuzenza Zomelele
Njengenxalenye yomzimba wethu omangalisayo, iinzipho zethu zifanele zinyanyekelwe kakuhle. Ukuba kukho ingxaki enkulu ngeenzipho zakho, ufanele ubonane nogqirha. Eneneni, kwintupha zakho, usenokuba nemiqondiso yokugula okuthile. Ewe, kuthiwa ezinye izigulo zinokubonwa ngokujonga kwiinzipho zakho.
Ngaba ukufumana icalcium okanye iivithamini ezingakumbi kuya kuzenza iinzipho zomelele ngakumbi? Ekuphenduleni lo mbuzo, uNjingalwazi Bo Forslind, umphengululi ngeenzipho eKarolinska Institute eStockholm, eSweden, waxelela uVukani!: “Akukho bungqina bukhoyo bakuxhasa loo ngcamango. Xa kukhangelwa ubungakanani becalcium kwinzipho eziqhelekileyo kufumaniseka ukuba incinane kakhulu.”
Noko ke, eyona nto igcina iinzipho zakho zomelele yaye zithambile, ngamanzi. Njengokuba kukhankanyiwe ngaphambilana, iinzipho zinekeratin. Le micu yekeratin ifuna amanzi ukuze ithambe. UNjingalwazi uForslind unikela umzekelo: “Nangona inxalenye yozipho lwakho isenokuba ithambile xa uyisika okokuqala, uzipho olufanayo luya kwaphuka msinya kakhulu xa lomile emva kobusuku.” Ukufuma kuya kuzigcina iinzipho zakho zithambile yaye zomelele. Kodwa kuvela phi oku kufuma? Inail plate ibonakala iqinile, kodwa luneentunjana ezincinane. Ukufuma okusuka kwinyama yozipho kuyenyuka kuze kumphezulu wozipho, apho kuguquka khona kube ngumphunga. Yintoni onokuyenza ukuze ukhusele iinzipho zingaqini uze ugcine iinzipho zakho zomelele? UNjingalwazi uForslind uthi: “Ukuzithambisa ioli mihla yonke kuya kuba luncedo.”
Ukunyamekela Ukukhula Nobuhle Bazo
Ekubeni uzipho lukhula ukusuka kwimatrix, kubalulekile ukulondoloza le nxalenye yozipho. Ukuvuselela imatrix ngokuyihlikihla rhoqo ngesithambiso okanye ioli kuya kuba yingenelo kuzipho. Ukongezelela, ukugalela intwana yeoli phantsi kommandla wozipho okhulayo nako kusenokuba luncedo, njengokuba kugcina uzipho lungaqini.
Indlela ozilungisa (file) okanye ozicheba ngayo iinzipho zakho ingazomeleza okanye izenze buthathaka. Kunconyelwa ukuba uzilungise iinzipho zakho ukususela ecaleni ukusa kumphakathi. Ukhumbule ukuba ukususa iikona kuya kulwenza buthathaka uzipho. Oku kuya kubangela uzipho lube tsolo, nto leyo elwenza lube buthathaka, ekubeni kungekho nto yokuluxhasa emacaleni. Ukuze ube neenzipho ezimfutshane nezomeleleyo, kunconyelwa ukuba uziyeke iinzipho zakho zikhule zide zibe ziimilimitha ezisisi-1,5 emacaleni uze uzenze ngqukuva ngokufana nokuphela komnwe.
Amanye amabhinqa asenokufuna ukuba neenzipho ezindana. Kodwa nasi isilumkiso. Iinzipho ezinde kakhulu zisenokutsala ingqalelo engafanelekanga zize zikuthintele ekwenzeni umsebenzi oqhelekileyo. Ngoko yiba ngolungeleleneyo ngobude beenzipho zakho. Ukuba wenjenjalo, iinzipho zakho ziya kuba yingenelo zize zingakwenzi ucingelwe kakubi ngabanye.
Iingcaphephe zithi, ungaze uzigqogqe iinzipho zakho ngezixhobo ezibukhali. Oku kusenokubangela umonakalo kwihyponychium, isihlunu esingaphantsi kozipho olukhulayo. Esi sihlunu sivala ngci ngaphantsi kozipho nto leyo ekhusela uzipho ngaphantsi. Ukuba lo mmandla wonakele, uzipho lusenokuvuleka ngaphantsi kuze kungene iintsholongwane. Ukuze ucoce ngaphantsi kweenzipho, sebenzisa ibhrashi ethambileyo.
Ukuba neenzipho ezomeleleyo nezisempilweni kusenokubangelwa yimfuza. Yiloo nto abanye abantu beneenail plate ezomeleleyo nezithambileyo, ngoxa abanye beneenzipho eziqinileyo nezaphuka msinyane. Enoba injani imeko yeenzipho zakho, unako ukuphucula indlela ezibukeka ngayo ngokuzinyamekela ngokundilisekileyo nangokuthe rhoqo. Ewe, ukuqonda ukwakhiwa kwalo, umsebenzi, kwanokunyamekela uzipho kukunika ulwazi ngendlela yokukwenza oko. Ukusebenzisa inkcazelo enjalo ngobulumko kuya kuvelisa imiphumo emihle.
Iinzipho zeminwe ngokwenene ziyinxalenye emangalisayo yomzimba womntu. Ukwakhiwa kwanomsebenzi wazo kunikela ubungqina kwingqondo enobuchule engapha kwazo. UKumkani uDavide wamaxesha amandulo ngokuzithoba wancoma uMdali wakhe, njengokuba kubhalwe kwiNdumiso 139:14: “Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; zibalulekile izenzo zakho, umphefumlo wam uyazi kakuhle.”
[Umzobo okwiphepha 17]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
1. I-“nail plate”;
2. i-“lunule”;
3. i-“nail folds, proximal nelateral”;
4. i-“eponychium”;
5. i-“cuticle”;
6. i-“free edge”;
7. i-“hyponychium”;
8. i-“matrix”;
9. i-“nail bed”