Iphulo Lokufuna Unobangela
KWATHABATHA iminyaka ukufumanisa oko kwakuphazamisa inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo kwabo babenoGawulayo, kodwa kuthabatha ixesha elide ngakumbi ukuqonda into eyonakalisa imizimba neengqondo zabaguli abaneCFS (isifo sokudinwa ngokungapheliyo). Nangona unobangela engekafunyanwa, amagosa ezonyango akulungele ukunikela ubungqina obeyisayo obusuka kwizigulo ezingokwasemzimbeni zaba baguli. Enyanisweni obo bungqina buye basetyenziswa enkundleni.
IMedical Post yaseKhanada yanikela ingxelo yokuba kwityala elabangela impikiswano, iingcali kwezamayeza zanikela ubungqina ukuxhasa ibango lommangalelwa lokuba amandla omguli okukwazi ukwenza izigqibo aphazanyiswa sisigulo anaso. Ngenxa yoko uJustice William G. N. Egbert washukunyiselwa ukuba agqibe kwelokuba: “Esi sigulo sichaphazela onke amalungu asebenza ekwenzeni izigqibo. . . . Senzakalisa amalungwana athile obuchopho.”
Ngaba oku kuyinyaniso?
Izigulo Zengqondo
Uphando lwezamayeza luyasixhasa isibakala sokuba ingqondo yabaguli abaneCFS iyachaphazeleka. IThe New York Times kaJanuwari 16, 1992, yayinomxholo othi: “Uhlolisiso Lutyhila Ukugula Ngengqondo Kwabaguli Abanokudinwa Ngokungapheliyo.” Inqaku elalisekelwe kwingxelo eyapapashwa ngosuku olungaphambi kolo kwiAnnals of Internal Medicine, lathi:
“Okwangoku kuhlolisiso olubhekele phaya lwesifo sokudinwa ngokungapheliyo kuye kwafunyanwa ubungqina bokukrala ebuchotsheni kubaguli, obu bubungqina bokuqala obubhaliweyo besigulo semithambo-luvo esinxulunyaniswe nesi sifo siyimfihlelo.” Eli nqaku longezelela lathi: “Olu hlolisiso lusandula ukupapashwa kungcelele lwakutshanje olubonisa ukwahluka kwenkqubo yokuzikhusela kwizifo neyokusebenza kwencindi yamadlala yaba banesi sifo kuleyo yabantu abasempilweni.”
Olunye uphengululo olwatsala ingqalelo yabaninzi kwanikelwa ingxelo ngalo kwinkupho kaDisemba 1991 yeJournal of Clinical Endocrinology and Metabolism. Kulo kwafunyaniswa iimpawu zokunqongophala kwencindi ekhutshwa ngamadlala nobuchopho kubantu abaneCFS. Ngaloo ndlela olo phengululo lwalek’ umsundulo kubungqina bokuba oonobangela abathile abangokwamachiza nabangenkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo bavelisa iimpawu zeCFS.
UGqr. Walter Gunn, ngoxa wayesebenza kwiCDC (Amaziko Okuthintela Izifo aseUnited States), wayesingethe iindidi zohlolisiso ezininzi ezingabaguli abaneCFS. Waphawula ukuba “zimbi iingcungela zezazinzulu ziqalisa ukuzibandakanya kuphando olungeCFS.” Nangona ngokufuthi izinto ezafunyanwa ngaba baphandi zazisalatha kwizinto ezahlukeneyo ezisenokuba ngoonobangela, uGqr. Gunn wabethelela oku: “Inye nje into abavisisana ngayo yeyokuba akukho nomnye othi ayisosigulo.”
Yintoni esenokuba ngunobangela okanye oonobangela beCFS? Ngaba kukho intsholongwane, okanye iintsholongwane ezibandakanyekileyo? Ukuba kunjalo, ngayiphi indlela? Inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo ichaphazeleka njani? Ukungasebenzi kwayo kakuhle kunokuzibangela njani iimpawu ezibonakaliswa ngabaguli abaneCFS?
Izinto Ezisenokuba Ngoonobangela
Uphando lutyhila ukuba kukho iintsholongwane ezibandakanyekileyo. Kodwa ziziphi ezo ntsholongwane? Uninzi lwazo luye lwathiwa thupha ngaba baphandi. IThe Journal of the American Medical Association ngoNovemba wonyaka odluleyo yathi: “Iintsholongwane ezingaqhelekanga, iintsholongwane ezigqunywe ligwebu, iintsholongwane ezisemathunjini, intsholongwane kaEpstein noBarr nohlobo lwesithandathu lwentsholongwane yeherpes zonke ziphakathi kwezinto ezamkelweyo nezixhaswayo kwezisenokuba ngoonobangela beCFS.”
Kungayiphi indlela ezinokuthi iintsholongwane zibangele ngayo iCFS? Oku akwaziwa. Noko ke, uGqr. Anthony L. Komaroff, umphandi onkqenkqeza phambili weCFS, wathi: “Umzekelo ophawulekayo ngowokuba inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo isetyenziswa ngokungapheliyo, inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo ibandakanyeke kuhlobo lwemfazwe engaphele ndawo nxamnye nento ethile eyiqondayo ukuba asiyeyomzimba.”
Inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo esempilweni imelana nentsholongwane elutshaba, okanye iintsholongwane, ngokuthi ikhuphe imichiza, ebizwa ngokuba ziicytokines, ukuze ilwe nezo zinto zihlasela umzimba. Noko ke, xa le meko yongxamiseko iqatyelisiwe, ukukhutshwa kweecytokines ngokuqhelekileyo kuye kunqumame. Kodwa kubaguli abaneCFS kubonakala ukuba inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo iyasilela ukunqumama. Okuphawulekayo kukuba, kubantu abaneCFS kufunyaniswa into efanayo yokuba kubo ukukhutshwa kweecytokines kubaxekile.
Oku kubalulekile, ekubeni ingeyiyo le ntsholongwane eyenza umntu azive egula xa ithe yangena emzimbeni wakhe. Uziva egula ngenxa yokuba iiseli zomzimba wakhe zikhupha iicytokines, nto leyo ebangela ifiva, ukudandatheka nokudinwa. UGqr. William Carter, ongunjingalwazi kwezamayeza eUnited States, wathi: “Iicytokines zihlala zihleli zize ziqalise ukumgulisa umntu de ekugqibeleni sibone umguli olele ngandletyana nye esekunzima nokuba ahambe.”
Noko ke, yintoni ebangela inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo iqhubeke ikhupha iicytokines xa kanye ibifanele ibe inqumamile? Ngokutsho kukaGqr. Jay A. Goldstein, “kukho intsholongwane efihlakeleyo esebenza xa ithe ngandlel’ ithile yachukunyiswa, ethi yenze ukuba iiseli zenkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo zikhuphe [iicytokines] ngomlinganiselo obaxekileyo.”
Ukongezelela, kuyabonakala ukuba iiseli ezizizibulali neemacrophages, ezingabakhuseli abaphambili nxamnye nezinto ezingena emzimbeni, kusenokuba inani okanye ukusebenza kwazo kuyancipha kubaguli abaneCFS, nto leyo eyenza buthathaka ngakumbi inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo. Into ephawulekayo yeyokuba inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo yabaguli abaneCFS kubonakala ngathi ayisebenzi kakuhle, nangona izimvo zingafani ngesizathu sokuba yenjenjalo.
Njengokuba kuboniswe kwinqaku elandulelayo, ngokufuthi oogqirha baphawula ukuba kubaguli abaninzi udandatheko alungonobangela weCFS. Noko ke, kwabanye abaguli bambi oogqirha bavakalelwa kukuba ingxaki ezingokwasengqondweni, njengodandatheko, zisenokuba ngoonobangela. Okubangela umdla kukuba, uphando luye lwabonisa ukuba udandatheko lunokuyonzakalisa inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo. UGqr. Kurt Kroenke, weWalter Reed Army Medical Center eWashington, D.C., ubhala athi: “Ukudandatheka ngokwasengqondweni kona ngokwako kunokuvelisa ukuphazamiseka kokusebenza kwemithambo-luvo nencindi ekhutshwa ngamadlala kunye nokwenkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo.”
Ngaloo ndlela, kwiimeko ezithile udandatheko lusenokuchukumisa iinguqulelo kwinkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo ezinokufak’ isandla kwiCFS. Kanti, kusenokuba zikho nezinye izinto ezibandakanyekileyo ekwenzeni buthathaka inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo.
Intlaninge Yoonobangela
Inkoliso yabaphengululi iyavuma ukuba ayinakuba yinto enye qha ebangela iCFS. Ulindixesha wezamayeza oyiCortlandt Forum wacacisa oku: “Kunoko, kusenokuba iCFS isisigulo esibakho kuthile ochanabekileyo ekuthi kulowo udandatheko, [izinto ezalana nomzimba], ukwasulelwa ziintsholongwane, okanye abanye oonobangela baphumele kumlinganiselo othile wokuncipha kwamandla enkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo.”
Ugqirha owabhala kwiMedical Post yaseKhanada, wathi: “Kurhaneleka ukuba kukho ukusilela kokuzikhusela okungokwemfuza nokuguga okusenokuba yenye indlela yokungena kwaso. Kwandule ke ngesiquphe kubekho umphumo, ngokufuthi uba kukungenwa ziintsholongwane, othi uhlasele loo mntu uqobekileyo. Zombini ezi zinto zisenokuba ngoonobangela bokonakala kwenkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo.”
UGqr. Charles Lapp wathi: “Uxinezeleko lungomnye woonobangela abakhulu esibaphawulayo. Maxa wambi siye saphawula ukuba amachiza athile abe negalelo. . . . Yaye okubangel’ umdla kukuba iqela labaguli abaza kum (nangona singakhange senze uphengululo) liye lakhankanya ukuba izibulala-zinambuzane, iipeyinti neevanishi kuye kwabonakala ukuba ziye zabandakanyeka ekubangeleni isifo abanaso.”
Akuzange embalini abantu bachanabeke kwintlaselo enkulu kangaka yongcoliso lwendalo emizimbeni yabo. Izinongo ezisekutyeni neziyobisi zisenokuwenzakalisa umzimba zize ngokungenalusini zihlasele inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo. Kwanoogqirha abathile bade bathi ukusebenzisa kanobom izibulala-zintsholongwane kuxinezela inkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizifo.
Abanye oonobangela nabo basenokubandakanywa ekuguleni okuphawulwa kumawakawaka abaguli abaneCFS. Kodwa nakubeni kukho iingongoma ezinomtsalane nezinto ezibangela umdla ezisenokuba ngoonobangela, unobangela weCFS akakaziwa.
Umqondiso Wemihla Yokugqibela
Kwisiprofeto sakhe esikhulu esingemihla yokugqibela yale nkqubo yehlabathi, uYesu Kristu waxela kwangaphambili: “Kuya kubakho . . . iindyikityha zokufa.” (Luka 21:11) Hayi indlela okuyinyaniso ngayo oku kwixesha lethu! Namhlanje akwaziwa oko kubangela izifo ezininzi, kanti oku akuzenzi zingabi zizifo ngokwenene okanye zibe yintsomi nje.
Kuyabonakala ukuba iCFS isesinye nje sezigulo esibumba inxalenye yomqondiso uYesu awathi wawuya kuphawula imihla yokugqibela. Kodwa ukuqonda oku akubenzi bube lula ubomi babo bagulayo. Abaguli abaneCFS banokuhlangabezana njani nokubandezeleka kwabo?