IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g92 9/8 iphe. 24-27
  • Ndaligcina Idinga Lam

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndaligcina Idinga Lam
  • Vukani!—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubonana Okwakungacetywanga
  • Ukuguquka Kweemeko
  • Ndenza Idinga
  • Ndancedwa Ukuze Ndiligcine Idinga Lam
  • Ukufundisa Abantwana Bethu
  • Iingenelo Zobuqu
  • Ukuba Ngomnye Wabantwana BakaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UYehova Walusikelela Uzimiselo Lwam
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Ndomelezwa Kukuthembela NgoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • UYehova Uyasilondoloza
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
Vukani!—1992
g92 9/8 iphe. 24-27

Ndaligcina Idinga Lam

NDAZALELWA eRio de Janeiro, eBrazil, ebudeni betheko ngosuku olubizwa ngokuba yiCarnival Sunday, ngowe-1930. Kwelo theko kwakukho izihandiba zaseRio​—⁠oogqirha, amagosa asemkhosini noosomashishini abazizinhanha. Bephenjelelwa ziinkolo, bonke baphosa imisesane yegolide namatye anqabileyo kumanzi endandihlanjwa kuwo okwesihlandlo sokuqala, bekholelwa kwelokuba oku kungayinceda le nkwenkwana ibe sisityebi yaye idume. Malunga nonyaka onesiqingatha kamva, ndazuza ibhaso njengolona sana luhle eRio kukhuphiswano olwaluxhaswa ngumzi wephephancwadi elithile.

Kungekudala emva koko umama wagulel’ ukufa. Bakuba oogqirha bencamile ukuba angaze achache, utata wamshiya kunye nabantwana. Wahlawula ngam ityala lakhe, ndaza ngolo hlobo ndaya kuhlala nentsapho eyayimi kakuhle gqitha eGuarujá, kwisiqithi saseSanto Amaro, kwilizwana laseSão Paulo. Ndakhulela apho ndingayikhumbuli intsapho yakokwethu yangaphambili. Noko ke, ebudeni bekhefu lesikolo endalichithela eRio de Janeiro​—⁠ekumgama oziikhilomitha ezingama-450 ukusuka apho ndandihlala khona eGuarujá⁠—​kwenzeka into eyaguqula ubomi bam.

Ukubonana Okwakungacetywanga

Ndandidlala namakhwenkwana angoontanga bam kwicandelo laseRio elibizwa ngokuba yiJardim da Glória. Ekubeni abazali bam besibini babendinika imali eninzi, ndandithengela lonke iqela i-ice cream, ngoko ndandithandwa. Enye yaloo makhwenkwana, uAlberto, yandibuza indawo endandisuka kuyo. Xa ndayixelelayo, yathi: “Ndinomninawa okwahlala kwilizwana laseSão Paulo, kodwa andizange ndimbone. Igama lakhe nguCézar. Utata waphisa ngaye kwenye intsapho apho, yaye ngoku umama ulila yonke imihla kuba akanathemba lokuphinda ambone.”

Wongezelela: “Ukuba ukhe wadibana nenkwenkwana eneminyaka emalunga neshumi ubudala eSão Paulo egama linguCézar, uze uyixelele ukuba udibene nomkhuluwa wayo yaye unina unqwenela ukuyibona.”

Ndathembisa, “Andinakuyilibala loo nto. Ngapha koko, igama lakhe lifana nelam.”

Ukuguquka Kweemeko

UAlberto wamxelela unina ngencoko esasinayo, yaye wafuna ukundibona. Xa ndadibana noAlberto kwakhona eJardim da Glória ngeCawa elandelayo, wathi: “Umama ufuna ukukubona. Ndicinga ukuba ufuna ukukuyaleza kumninawa wam eSão Paulo.”

UAlberto wakhawuleza wandisa kunina, owayehleli kwisihlalo eside esasisepakini. Wandiqala entloko waya kuqhina eluzwaneni endijongisisa ngenyameko. Wandula wandanga waza waqalisa ukulila. Wabuza: “Ngoobani abazali bakho?”

Ndaphendula ndathi: “NguGaribaldi Benzi noNair. Yaye igama lam ndinguCézar Benzi.”

Wacela ukubona umama, owaphantsa wafa isiqaqa xa ndamxelela into eyayenzekile. Kamva aba mama babini badibana baza bathetha ngam kangangexesha elide. Emva koko uAlberto wathi kum: “Umama ngoyena mama wakho wokwenene, yaye wena ungumntakwethu!”

Umama wayephilile kwisigulo sakhe yaye, eyedwa, wayekhulisa umkhuluwa nodade wethu. Xa ndaqondayo ngokwenene ukuba ndandiyifumene eyona ntsapho ndandizalwa kuyo, ndacela ukuhlala nayo, loo nto yamkhathaza gqitha umama wam wesibini. Noko ke, ndandinqwenela ngamandla ukuhlala nomkhuluwa wam kunye nodade wethu. Kwakhona ndandimvela usizi umama, owayebandezelekile, engazi enoba ndandifile okanye ndandisaphila na. Ngoko ndema ndiqinile kwisigqibo sam nangona sasithetha ukushiya ikhaya elitofotofo eGuarujá ndisiya kwindlu eyayikwicandelo elihlwempuzekileyo eRio de Janeiro. Enjani yona inguqulelo! Ngoku ndandimele ndihambe ndiye kusebenza nzima ukuphuma kwesikolo, ekubeni intsapho yakowethu yayixhomekeke kumvuzo wam ukuze iphile.

Ndenza Idinga

Ndathi ndakuba mkhulu, ndafunda ukwenza izinto ezenziwa ngamatye anqabileyo yaye, kamva, ndandiziyila ngokwam. Kwakhona iqela endandisebenza nalo lalithengisa izinto ezivela kumazwe angaphandle​—⁠uninzi lwazo zaziphuma okanye zazingena elizweni ngokungekho mthethweni⁠—​ezazinengeniso gqitha. Ngenxa yemali eyayifumaneka ngokulula, ndaqalisa ukuhamba amatheko, ukunxulumana namabhinqa nokuzifica ngeziyolo. Kwandula, xa ndandineminyaka nje engama-22 ubudala, ndatshata noDalva, intombazana endandithandana nayo ndisafunda. Ndandingamfanelanga ngokwenene. Wayengumfazi nomama wokwenene​—⁠efundisiwe, ezolile yaye enesimilo.

Kwathi ngobunye ubusuku, emva kweminyaka esixhenxe sitshatile, ndisendleleni egodukayo ndivela kwelinye itheko elalilikhulu ngokungalawulekiyo xa ndaqalisa ukucinga nzulu. Ndaqiqa ngelithi ngendlela endandiphila ngayo, ndandingenakukwazi ukufundisa abantwana bethu abathathu imilinganiselo yokuziphatha efanelekileyo. Ngoko ndazimisela ukuguquka. Xa ndafika ekhaya, ndavusa uDalva ukuze ndimxelele ngesigqibo sam.

“Ngaba ungade undivuse ngentsimbi yesibini ekuseni ukuze nje undixelele loo mfeketho?” Wayenezizathu ezininzi zokungandithembi. Kodwa ndathembisa: “Ndinyanisile ngesi sihlandlo. Yaye ndiza kuqala ngokufudusa ivenkile yam ize kuba kufuphi nekhaya lethu ukuze sibe nexesha elingakumbi sikunye njengentsapho.” Saya kulala uDalva engekayikholelwa loo nto.

Ngosuku olulandelayo ndabona isakhiwo esasinemigangatho emibini ndaza ndenza amalungiselelo okuba ikhaya lethu libe kumgangatho ongaphezulu ize ivenkile yam ibe ngaphantsi. Ndandula ke ndaya kubahlobo bam bangaphambili ndaza ndabaxelela ukuba mabasale kakuhle. Ndandizimisele ukuligcina idinga lam. Okwesihlandlo sokuqala, mna noDalva saqalisa ukunandipha ubomi kunye nabantwana.

Ndancedwa Ukuze Ndiligcine Idinga Lam

Malunga neenyanga ezintathu kamva, uFabiano Lisowski wandityelela. Wayendazi kangangexesha elide. Ngoko xa ndathi ndinqwenela ukuba abone umfazi wam, wabuza: “Ngaba ngulo ungokwasemthethweni?”

Xa uDalva wangenayo, ndamazisa kuye ‘njengomfundisi wonqulo oluthile lweBhayibhile.’ Wahleka waza wacacisa ukuba wayengomnye wamaNgqina kaYehova. Ndandingenamdla elunqulweni, kodwa uDalva wayeyithanda iBhayibhile. Waqalisa ukuthetha noDalva, kodwa ndahlala ndithe cwaka, ekubeni ndandingazi nanye into ebabethetha ngayo.

UFabiano wasimemela kwintlanganiso ngeCawa elandelayo. Into eyammangalisayo kukuba ndathembisa ukuya. UDalva wayenemincili. Wayesazi ukuba ndandiligcina idinga lam yaye njengokuba ndathi ndiyaya entlanganisweni, wayikholelwa loo nto. Ndandifunde izinto zambini ekungeniseni nasekukhupheni impahla elizweni ngokungekho mthethweni: wawuligcina ilizwi lakho yaye ungasoze ushiywe lixesha xa ugqibe ukudibana nomnye umntu.

Ndandisoloko ndihamba ndiphethe umpu, kodwa xa ndaya entlanganisweni ndawushiya ekhaya umpu. Abantu ababelapho babenobubele yaye benesimilo, ngoko ndathembisa ukuya nangeCawa elandelayo. Ukususela ngoko saya rhoqo kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani, yaye andizange ndiphinde ndihambe ndiphethe umpu kwakhona.

UFabiano walungisela ukusityelela ngawo onke amarhatya ngoLwesithathu, ekunye nomfazi nomkhwekazi wakhe. Ngenxa yokuba wayesazi ukuba ndandingakholelwa kukuba ukho uThixo, wathetha kakhulu noDalva. Ndivakalelwa kukuba ndikhutshelwe ecaleni, ndaqalisa ukuthetha naye ngezinye izinto, yaye ngendlela ezolileyo waqalisa ukunikela ingqalelo engakumbi kum. Ndabona ukuba wayephethe incwadi ethi, “UThixo Makabe Nenyaniso,” kodwa wayemathidala ukundinika. Ekugqibeleni, ndabuza: “Yeyantoni le ncwadi?”

Emangalisiwe, waphendula: “Simele siyifunde.”

Ndaphendula: “Ukuba simele siyifunde, masibone into eyithethayo.”

Bonke abantu babemangalisiwe yaye bengazi ukuba kuza kwenzeka ntoni. Noko ke, kwaqaliswa isifundo, yaye ndaphulaphula ngenyameko. UDalva wayevuya gqitha, yaye kwanabantwana bethu abathathu bayithanda indlela awayecacisa ngayo uFabiano.

Ebudeni besifundo, umfazi kaFabiano waphawula ukuba ndandiyingedle, yaye wathi: “Kubonakala ukuba utshaya gqitha.”

Ndacacisa: “Ndaqalisa ukutshaya kwasesikolweni. Yaye ngoxa ndandifunda ukuyila izinto zamatye anqabileyo, ndanditshaya kakhulu.”

Ngendlela enobuchule, wathi: “Abantu abaninzi bayazama ukuyeka ukutshaya kodwa abakwazi.”

Ndaphendula: “Ndingayeka nanini na ndifuna.”

Waphendula: “Ucinga ngolo hlobo.”

Ndamxelela oku: “Ukuze ndikubonise, ndiyayeka namhlanje.” Ndayeka, yaye andizange nditshaye ukususela ngoko.

Ebudeni beenyanga zokuqala sifundisisa, kwakunzima. Abahlobo bam bangaphambili babesiza kum baze bandixelele ngamacebo angalunganga ezoshishino, namabhinqa endandidla ngokuya nawo emathekweni ayesiza ekhayeni lethu endifuna. Kodwa ndandizimisele ukubuguqula ubomi bam, yaye ngobabalo lukaYehova, ndakwazi ukwenjenjalo. Ekuqaleni umgangatho weshishini lam wehla, yaye kwafuneka siwuthobe umgangatho wethu wokuphila. Kodwa okuvuyisayo kukuba uDalva wayesoloko endikhuthaza.

Emva kweenyanga ezintlanu zokufundisisa iBhayibhile, ashenxiswa onke amathandabuzo endandinawo. Ndandeyisekile kukuba uYehova unguThixo oyinyaniso nakukuba iBhayibhile iliLizwi lakhe elibhaliweyo. Ngoko ngoJanuwari 12, 1962, mna noDalva sasiphakathi kwabantu abali-1 269 ababhaptizwa kwindibano enkulu yokuqala eSão Paulo, eyayiqhutyelwa eIbirapuera Park. Onjani wona umbono ukubona abantu ababekho abangama-​48 000!

Ukufundisa Abantwana Bethu

Loo ndibano yanceda ekubetheleleni imbopheleleko endandinayo yokufundisa nokuqeqesha abantwana bethu. Ngoko salungiselela ngokukhawuleza ukuba sibe nesifundo seBhayibhile sentsapho ngobusuku bangoLwesithathu. Kwananamhlanje, ubusuku bangoLwesithathu busaqhubeka ibubusuku besifundo sentsapho. Noko ke, ngoku mna noDalva sifundisisa sodwa, ekubeni bonke abantwana bethu betshatile.

Isifundo sethu nabantwana sasiquka ingxubusho yeengxaki eziqhelekileyo kubantu abaselula kumhla wethu, njengeendlela zokunxiba nokuzilungisa nendlela yokuziphatha efanelekileyo phakathi kwabantu besini esahlukileyo. Kwakhona, ukuba omnye wabantwana wayenesabelo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, wayesiqhelisela ngobusuku bangoLwesithathu.

Ukongezelela, sababonisa abantwana ubuhle bendalo kaYehova ngokuya nabo kwiindawo ekugcinwa kuzo izilwanyana nakwezinye iindawo. Sasibanceda bayixabise into yokuba izilwanyana neentaka zadalwa nguYehova ezidalela ukuba zonwabise abantu yaye kungekudala siza kuxhamla ilungelo lokuzibona, kungekhona kwiindawo ezivaliweyo okanye ngaphaya kweentsimbi, kodwa zikhululekile, apho zinokwamkelwa zize ziphathwe ngokunothando.

Ngoxa babesebancinane gqitha abantwana, sabeka ucwangciso lokufunda iphephancwadi IMboniselo noVukani! nezinye iimpapasho zeWatch Tower Society kwindlu yethu yokugcina ukutya. Bonke babesenza okusemandleni abo ukuhambisana nocwangciso ukuze babe nako ukusixelela oko babekufundile. Ngokwenyaniso sinokuthi ukuqeqesha abantwana bethu ngale ndlela kwasizisela imivuzo etyebileyo. Abantwana bethu bobathathu babhaptizwa bengekafiki kwiminyaka yabo yeshumi elivisa⁠yo.

UCézar, untondo wethu, waba ngowokuqala ukubonisa umnqweno wokungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Xa wayeneminyaka esithoba, wabizelwa eqongeni ngumveleli ohambahambayo engaziswanga kwangaphambili, waza wambuza oko wayefuna ukukwenza xa sele ekhulile. UCézar waphendula: “Ndifuna ukukhonza eBheteli, ndibe ngumveleli wesiphaluka okanye ndibe ngumvangeli wasemazweni.”

Xa wayeneminyaka eli-17 ubudala, uCézar waba ngumlungiseleli onguvulindlela wexesha elizeleyo. Kwangaxeshanye, wafunda ukushicilela, ngaloo ndlela ezilungiselela ukusebenza kwiofisi yesebe yeWatch Tower Society eBrazil. Kungekudala emva koko wamenywa eBheteli, yaye wakhonza apho kangangeminyaka emine. Wandula ke watshata, yaye yena nomfazi wakhe baba ngoovulindlela abakhethekileyo; baqhubeka bengoovulindlela abakhethekileyo de kwazalwa unyana wabo. Ngoku uCézar ukhonza njengomdala ongumKristu, yaye umfazi wakhe unguvulindlela othe ngxi. Unyana wabo wabhaptizwa ngowe-1990, xa wayeneminyaka eli-11 ubudala.

USandra, ongomnye weentombi zethu, wangenela inkonzo yobuvulindlela ngowe-1981. Kunyaka olandelayo watshata noSílvio Chagas, owayelilungu lentsapho yaseBheteli. Bakhonza kunye kangangeminyaka esibhozo njengoovulindlela abakhethekileyo yaye ngoku bakumsebenzi wesiphaluka, batyelela amabandla amaNgqina kaYehova. Iwele likaSandra, uSolange, nomyeni wakhe bakhonza kangangeminyaka emithathu njengoovulindlela abakhethekileyo. Unyana wabo, uHornan, ubhaptizwe kutshanje. Umyeni kaSolange ngumdala ongumKristu.

Mna noDalva sivakalelwa kukuba ukukhula kwabantwana bethu ngokomoya ngokuyintloko kwaba ngenxa yesifundo sethu sentsapho esasisiqhuba rhoqo ngobusuku bangoLwesithathu, esaqalisa kwiminyaka engama-30 edluleyo. Enye into eyasincedayo ekubakhuliseni kukusoloko sisamkela ekhayeni lethu abaveleli abahambahambayo nabanye abalungiseleli bexesha elizeleyo. Aba bazalwana noodade abangamaKristu babanceda abantwana banosukelo lobulungiseleli bexesha elizeleyo.

Iingenelo Zobuqu

Mna noDalva siye satyhubela amanqanaba amaninzi abalulekileyo ukususela kwelo liyintloko emva phaya ngowe-1962, xa sathi sabhaptizwa. Ngesinye isihlandlo ndandikhonza njengomveleli wesiphaluka obambeleyo, yaye sanandipha ilungelo lokutyelela amabandla amaNgqina kaYehova. Kwakhona ndaba nesabelo ekwakhiweni kweHolo yethu yeNdibano eDuque de Caxias, isakhiwo esathabatha iminyaka emihlanu. Yaye ngokufuthi ndiye ndema phambi kwamagosa asemthethweni, ezamayeza nawasemkhosini kuquka nosekela-mlawuli weli lizwana. Injongo yoku yayikukuqesha amabala emidlalo ukulungiselela iindibano zethu nokucacisa ukuma kwethu kobundilele, kunye nezizathu ezibangela ukuba amaNgqina kaYehova angalwamkeli utofelo-gazi.

Xa ndikhangela emva ndize ndicinge ngazo zonke iitsikelelo ezimangalisayo endiye ndazifumana ukususela ngoba busuku bubalulekileyo endavusa ngabo uDalva ukuze ndimxelele ngedinga lam, ngokwenyaniso ndingathi eyona ntsikelelo ibalaseleyo kunazo zonke ibikukuba ngumvakalisi weendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Mna noDalva seyisekile kukuba indlela uYehova uThixo asikhokela ngayo ngentlangano yakhe ngokwenyaniso ‘yiNdlela’ ekhokelela kubomi obonwabisayo ngoku yaye ekugqibeleni ikhokelela kubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo. (IZenzo 9:2; 19:⁠9)​—⁠Ngokubaliswa nguCézar A. Guimarães.

[Umfanekiso okwiphepha 27]

UCézar Guimarães nentsapho yakhe namhlanje

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share