IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 10/1 iphe. 26-29
  • UYehova Walusikelela Uzimiselo Lwam

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Walusikelela Uzimiselo Lwam
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufuduka Kwentsapho
  • Ukudibana Okwesihlandlo Sokuqala Nenyaniso YeBhayibhile
  • Ukuzalisekisa Owona Mnqweno Wam Unzulu
  • Iingcango Ezintsha Zenkonzo Zivuliwe
  • Ukulwela Izilangazelelo ZoBukumkani
  • IGiliyadi Yomeleza Uzimiselo Lwam
  • UYehova Uyasilondoloza
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Ukuzingisa Kukhokelela Kwinkqubela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Ukunyamezela Kuzisa Uvuyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Ndomelezwa Kukuthembela NgoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 10/1 iphe. 26-29

UYehova Walusikelela Uzimiselo Lwam

NGOKUBALISWA NGURICHARD WUTTKE

“Uza kufa kwiinyanga nje ezintathu!” “Uthetha ukuthini?” Umntakwethu uWilliam waphendula esithi, “Oku koko ndikuxelelwe ngugqirha obuye kuye eAssis.”

KODWA ndandifuna ukuphila, kungekhona ukufa. Okwesihlandlo sokuqala, ndathandaza kuThixo ndicela uncedo. Okonwabisayo kukuba, kwiminyaka engama-46 kamva, ndinokuthi nangona ugqirha engazange andixelele ingxaki endandinayo, uxilongo lwakhe lwalungachananga. Noko ke, uloyiko lwandenza ndacinga ngenjongo yam ebomini nemfuneko yokukhonza uMdali wethu.

Ukufuduka Kwentsapho

Xa ndazalwayo ngoNovemba 11, 1921, abazali bam babehlala eGrosen, idolophana ekwimpuma Jamani. Babezalelwe eRashiya ngabantu ababevela eJamani. Kodwa, xa uvukelo lwamaBolshevik lwangowe-1917 lwathi lwangenisa ubuKomanisi, bona ndawonye nabanye ababeziinzalelwane zaseJamani bathunyelwa khona baza balahlekelwa zizo zonke izinto ababenazo. Emva kohambo olude ngololiwe othuthayo, abazali bam nabantwana babo abancinane bafika kumda weJamani. Noko ke, balelwa ukungena yaye kwanyanzeleka ukuba bathabathe uhambo olubuyela eRashiya. Apho balelwa ukuba bangene, ngoko kwakhona kwanyanzeleka ukuba babuyele eJamani. Emva kweenyanga betsala nzima, ekugqibeleni bamkelwa elizweni.

Xa ndandineminyaka elishumi ubudala, itshoba lalal’ umbethe kubawo. Kwiminyaka emibini kamva, ngowe-1933, uHitler walawula, yaye ndanyanzelelwa ekubeni ndingenele umbutho Wolutsha lwamaNazi. Ebudeni bolawulo lukaHitler, kwakukho iingxaki ngamaJamani awayezalelwe kwamanye amazwe, yaye kwakubonakala ukuba iJamani yayilungiselela enye imfazwe. Ngoko sagqiba ekubeni sifudukele eBrazil, sikhuthazwe ngabanye ababesele befudukele apho. Safika eSantos, eBrazil, ngoMeyi 1936.

Emva kokusebenza iinyanga ezimbalwa kumasimi ekwakulinywa kuwo ikofu, sathenga ifama encinane kummandla otyebileyo kufutshane neMaracaí kwilizwe laseSão Paulo. Ngoxa sasisakha indlu yakowethu, sakwazi ukuhlala kwikhaya lomlungiseleli ongumLuthere. Wasikhuthaza ukuba siye kwicawa awayehamba kuyo kodwa xa yena, kunye nalowo wangena ezihlangwini zakhe kamva, waqalisayo ukuthetha ngezopolitiko kwiintshumayelo zakhe, sayishiya icawa.

Ukudibana Okwesihlandlo Sokuqala Nenyaniso YeBhayibhile

Kwakumalunga neli thuba awathi umntakwethu wandixelela ngeendaba ezimbi zoxilongo lukagqirha. Ngoko ndaya eSão Paulo ukuze ndifumane uluvo lwesibini. Ngoxa ndandilapho, intsapho endandihlala nayo yatyelelwa ngumhlobo wayo, uOtto Erbert. Wayengomnye wamaNgqina kaYehova, yaye waqalisa ukunikela ubungqina kuthi. Noko ke, le ntsapho ayizange ikuxabise oko wayekuthetha, yaye ngabanye ngabanye bonke balishiya elo gumbi, beshiya mna nondwendwe lwabo.

UOtto wathetha nam kangangeeyure ezimbini ngombandela wesihogo somlilo; ukungafi komphefumlo; uThixo wokwenyaniso, uYehova; uBukumkani bakhe; nethemba lokuphila ngonaphakade kwiparadisi esemhlabeni. Elinjani lona ukuqaqamba ikamva awalinikelayo! Hayi indlela okwakwahluke ngayo oko koko ndandikufunde kwiCawa yamaLuthere! Ekugqibeleni, uOtto wandibuza oku: “Ngaba ukholelwa kwiimfundiso zobuxoki zeNgqobhoko okanye ukholelwa eBhayibhileni?”

Ndaphendula ndathi, “Ndikholelwa eBhayibhileni.”

“Ngoko yifundisise!” wandibongoza, esongezelela ngokuthi: “Ukuba ufuna ukuva okungakumbi ngayo, yiza uze kundibona.” Ekubeni ndandikuthandile oko ndandikuvile, ngokukodwa ukuphila ngonaphakade emhlabeni, ndaya kumbona ngosuku olulandelayo. Loo ngxubusho yesihlandlo sesibini yandenza ndaqonda ukuba ndandiyifumene ‘inyaniso ekhulula uluntu.’ (Yohane 8:32) Ndahamba ndiphethe incwadana ethi, Health and Life, nesimemo sokuya kwisifundo seBhayibhile ngesiJamani.

Ukuzalisekisa Owona Mnqweno Wam Unzulu

Okwelo thuba, ndafumana unyango lwezamayeza olufanelekileyo yaye ndakwazi ukubuyela ekhaya. Ndahamba no-Otto Erbert ukuya ekhefini. Umama wonwatyiswa gqitha kukuba ndandifundisisa iBhayibhile, incwadi eyayisoloko iphezu kwetafile yasekhaya kodwa engazange ifundwe. Emva kokuba uOtto ebuyele eSão Paulo, ndandiqhuba isifundo seBhayibhile nentsapho yakowethu phantse ubusuku ngabunye, ndizibhokoxa kangangoko ndandinako. Ndavuya gqitha xa umama, umntakwethu uRobert nodade wethu uOlga bonke basamkelayo isigidimi senyaniso. Ikhaya lethu lalisoloko lisisazulu sokuzonwabisa okungokwasentlalweni, kodwa emva kweenyanga ezimalunga nezimbini sinikela ubungqina, kwalila ibhungane. Omnye wabo babedla ngokuza kwikhaya lethu wathi: “Ukuba niyaqhubeka noku, niya kuphelela endimangeni.”

Noko ke, umnqweno wam wokukhonza uYehova waqhubeka ukhula. Ndafumana iimpapasho ezingakumbi, ibe ndandidla ngokufunda de kube sebusuku. Kodwa lonke uncwadi lwalulolwesiJamani, yaye ndaqonda ukuba ukuba ndandiza kufundisa abanye, kwakuya kufuneka ndifunde isiPhuthukezi. Ngoko, ngowe-1945, ndafudukela eSão Paulo ukuya kufunda isiPhuthukezi. Ndandihlala no-Otto Erbert, owathi kamva watshata nodade wethu uOlga.

Ndikunye nabanye abamalunga nama-50, ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso ezazikwiHolo yoBukumkani eyayikuphela kwayo eSão Paulo. Elo bandla linye ngoku liye lakhulela ekubeni ngamabandla angaphezu kwama-510 kwiSão Paulo enkudlwana, enabavakalisi boBukumkani abangaphezu kwama-50 000. NgoJanuwari 6, 1946, ndabhaptizwa ndifuzisela ukuzahlulela kwam ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Ngaloo nyaka mnye ndaya kwiNdibano Yolawulo Lobuthixo eyayinomxholo othi “Iintlanga Ezivuyayo” eyayiseSão Paulo, indibano yokuqala enkulu endaya kuyo. Enjani yona ukuchwayitisa into yokubona abantu abali-1 700 ababekho ngeCawa! Kule ndibano ndadibana no-Otto Estelmann, owandikhuthazayo, esithi: “Richard, ungumntu oselula, usempilweni; ngoko yiba nguvulindlela.”

Ndandicingile ngobulungiseleli bexesha elizeleyo ngaphambili, kodwa ngoku ndenjenjalo ngokunzulu ngakumbi. Mna nabanye ababini, sazibekela ixesha leenyanga ezintandathu ezizayo ukuba siqalise. Xa lafikayo elo xesha, ndababuza: “Ngaba nikulungele ukuqalisa?” Akukho namnye kubo owayekulungele. Ngoko ndabaxelela ukuba nakanjani na ndandiza kuqalisa. Bandilumkisa besithi, “Uza kuba neengxaki.” Kodwa ndabambelela kwisigqibo sam. NgoMeyi 24, 1947, ndafumana isabelo sam njengovulindlela othe ngxi.

Iingcango Ezintsha Zenkonzo Zivuliwe

Intsimi yam yayinkulu gqitha, iquka indawo yokuhlala nommandla wezoshishino waseSão Paulo. Ndandihambisa iincwadi neencwadana ezingamakhulu nyanga nganye. Ngenye intsasa ndangena kwigumbi elikhulu apho amadoda aliqela ayesebenza khona. Ndaya kwindoda yokuqala ndaza ndayinika incwadi ethi “The Truth Shall Make You Free.”

Yabuza yathi, “Zingaphi iincwadi onazo kwingxowa yakho?”

Ndaphendula ndathi, “Zimalunga nama-20.” Yazithabatha zonke yaza yanika ndoda nganye eyayilapho. Le ndawo yayiyiholo yesixeko!

Noko ke, olona vuyo lukhulu endandinalo yayikukuqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya. Kwiminyaka emine, ngoncedo lukaYehova, abangama-38 kwabo ndandifundisisa nabo babhaptizwa. Abaliqela bathabatha ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Phakathi kwabo kwakukho uAfonso Grigalhunas, owakhonza ngaphezu kweminyaka elishumi njengovulindlela ongumncedani, de yakukufa kwakhe ngowe-1988—ekwenza oko enomlenze ofakelweyo. Kwandule ke kubekho intsapho yakwaCiuffa. UFrancisco, unyana wakhona, wakhonza kangangeminyaka njengomveleli ohambahambayo, yaye udade wabo, uÂngela, usenguvulindlela.

Ngowe-1951 ndamenywa ukuba ndibe ngumveleli ohambahambayo. Isabelo sam sasiquka imimandla emikhulu yamazwe aseRio Grande do Sul naseSanta Catarina. Amawaka abantu ababezinzalelwane zaseYurophu babehlala apho kumzantsi Brazil. Inkoliso yabo babetyelelwa yayingabantu namaqela akwanti, ekubeni kwakukho amabandla ambalwa ngelo xesha. Kwakukho imilambo emininzi kodwa iibhulorho zimbalwa, nto leyo eyayithetha ukuwela emincinane ndibeleke isutikheyisi yam emqolo ndize ndiphathe ngezandla umatshini wam wokuchwetheza nebriefcase. Iindlela zazingagangathwanga yaye zazizaliswe yimingxuma. Ukuze ndikhusele impahla yam eluthulini, ndandinxiba isinxibo esithile esicekethekileyo esifana nehempe. Oku kwakhokelela ekubeni bambi bacinge ukuba ndandingumfundisi wabo omtsha, yaye bazama ukwanga isandla sam.

Ukulwela Izilangazelelo ZoBukumkani

Njengoko ndandizama ukujamelana neengxaki ngembono elungeleleneyo, ndalandela lo mgaqo: Ukuba abanye banokuhlala kude kangaka nezixeko, bahambe kwezi ndlela baze bawele le milambo, kutheni ndingenakwenza ngokufanayo nje, ngokukodwa ekubeni ndinesigidimi endisizisayo esibaluleke ngolo hlobo?

Iingxaki ezahlukahlukeneyo ngokufuthi zaphakama kwiidolophu ezincinane. Ngokomzekelo, ngathuba lithile senza amalungiselelo okuqhuba intlanganiso kwisikolo sasekuhlaleni esasikufutshane nepaki ethile. Kwelinye icala lale paki kwakukho ibhari encinane necawa yamaKatolika. Xa umfundisi-ntsapho engazange eze ukuza kuvula isikolo, ndagqiba ekubeni ndinikele intetho epakini. Kungekudala emva kokuba intetho iqalisile, amadoda amathandathu eza ephuma ebharini aza aqalisa ukukhwaza nokuphekuza ngezandla. Kamva safumanisa ukuba ayethengwe ngumfundisi ukuba enze oku.

Ndaqalisa ukuthetha kakhulu, ndithetha nawo ngokuthe ngqo. Athi nqumama, yaye enye yathi: “Uthetha ngoThixo. Angatsho njani umfundisi ukuthi ungokaMtyholi?” Xa umfundisi wabonayo ukuba la madoda ayengazi kuyichitha le ntlanganiso wangena kwinqwelo-mafutha yakhe eyijeep waza weza kule paki, ekhwaza esithi: “Nabani na ongumKatolika akafanele eze kule ntlanganiso!” Akukho namnye owashukumayo, yaye intlanganiso yaqhubeka ngokuzolileyo.

EMirante do Paranapanema, eSão Paulo, ndatyelela Intloko Yamapolisa ukuze ndicacise uhlobo lomsebenzi wethu nokuze ndicele ukusebenzisa iholo ukulungiselela intetho yesidlangalala. Yasilungiselela ukuba sisebenzise iholo yombutho othile. Sayixelela nokuba sasiza kulungiselela izimemo ukuze sibhengeze le ntetho. Yabuza, “Niza kuwasasaza kweliphi icandelo ledolophu?” Emva kokuba siyixelele, yacela abanye ukuba basasaze kwelinye icandelo ledolophu. NgeCawa yeza kule ntetho, isiza namapolisa amabini, ngokutsho kwayo, “ukuze kulondolozwe ucwangco.”

Yabuza, “Ngaba uyafuna ukuba ndiyitshayelele le ntetho yakho?”

Ndaphendula ndathi, “Ndingakuvuyela oko kodwa makhe ndikucacisele indlela esizitshayelela ngayo izithethi zethu.” Emva kokuba indazisile, yahlala phantsi eqongeni ukuze iphulaphule. Ndikholelwe xa ndisithi yayingabaphulaphuli ababeziphethe kakuhle. Asizange sibe nankathazo apho, sinamapolisa amabini ngasemnyango nentloko yawo eyayihleli eqongeni!

NgoMatshi 1956 ndamiselwa njengomveleli wesithili yaye ndandikhonza zonke iindibano ezaziseBrazil. Imigama yohambo yayimikhulu. Kwakhe kwathabatha iintsuku ezintathu ukusuka kwenye indibano ukuya kwelandelayo. Kumantla ecandelo lelizwe, maxa wambi uhambo lwalusiba lolwenqwelo-mafutha eluhlobo lwestation wagon. Ezi nqwelo-mafutha zazingenazo iifestile, ekubeni zazineendawo zokungenisa umoya, ekwakuyingcamango entle ukubakho kwazo kuba kwizinto ezazikhweliswa kwakukho iinkuku neehagu!

IGiliyadi Yomeleza Uzimiselo Lwam

Enjani yona ukuchwayitisa into yokuba ngowe-1958 ndiye kwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower saseGiliyadi! Iklasi yethu yaphumelela kwelo hlobo ebudeni bendibano eyayiseYankee Stadium nakwiPolo Grounds, apho abangama-253 922 ababevela kumazwe awahlukahlukeneyo ali-123 babephulaphule khona intetho yesidlangalala. Onjani wona umbono! Ndandula ke ndabuyela eBrazil, ndizimisele ngakumbi kunanini na ngaphambili ukuqhubeka ndibhengeza uBukumkani bukaYehova.

Ngowe-1962 ndatshata noRuth Honemann, owayesele ekhonze iminyaka engaphezu kwemithandathu njengomvangeli wasemazweni eBrazil. Ukususela ekutshateni kwethu ndiye ndaqhubeka ndinandipha amalungelo awongezelelekileyo enkonzo, ndiqhuba izifundo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobukumkani nakwiSikolo Senkonzo Soovulindlela, ndawonye nokukhokela ekulungiseleleni iindibano zezizwe nezezizwe ngezizwe nasekwakheni iHolo Yendibano yokuqala yaseSão Paulo.

Ngoku sinandipha elona lungelo likhulu kwimisebenzi yethu yobuthixo njengamalungu entsapho yaseBheteli eBrazil. Ndikhangela emva kwiminyaka engaphezu kwama-40 yokuba kwinkonzo yexesha elizeleyo, engama-35 yayo njengomveleli ohambahambayo, ndinokuthi izaliswe yimisebenzi eyonwabisayo, enik’ umvuzo. (IMizekeliso 10:22) Ndifunde okungakumbi kwintlangano kaYehova, kuquka imfuneko yokubonakalisa ulwazelelelo, ukuba ngumhlobo kungekhona ukuba yingqwayingqwayi, nokungaxakeki gqitha ukuba unyamekele iintswelo zabanye. Elokuqukumbela ndingathanda ukuthetha oku, ngokukodwa kwabaselula, oko kwathethwa nguMzalwan’ uEstelmann kum kwiminyaka eyadlulayo: “Ungumntu oselula; usempilweni; ngoko yiba nguvulindlela!”

[Picture of Richard and Ruth Wuttke on page 26]

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Ikhaya esikulo ngoku, iBheteli yaseBrazil

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share