Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ngaba Ngokwenene Umculo Unokundenzakalisa?
UTOM wayeyinkwenkwe nje eqhelekileyo eneminyaka eli-14 ubudala—umfundi ophumelela emagqabini owayethanda ukubanceda abamelwane bakhe. Kodwa kwathi emva kokuba ethenge umatshini westereo obiza imali eninzi waqalisa ukuphulaphula umculo onesingqisho esinamandla.
UTom wazenza ikheswa lokwenene egumbini lakhe. Uyise ukhumbula oku: “Ndandidla ngokuthi, ‘Awunakho ukuhlala apho lonke ixesha uphulaphule lo matshini wakho westereo.’” Kodwa uTom wathi gqolo ewuphulaphula. Ngoko, ngaminazana ithile yasebusika, wahlaba unina wambulala waza naye wazibulala. Uyise kaTom osentlungwini enzulu ulumkisa ngelithi: “Abazali bafanele babe neliso elibukhali kuhlobo lomculo ophulaphulwa ngabantwana babo.” Kwiintsuku ezingaphambi kokuba enze olu phalazo gazi, uTom wayecula ngokuphindaphindiweyo ingoma ethetha “ngegazi nokubulala unyoko.”
Ngaba le yimeko ehlasimlisayo? Ngokuqinisekileyo kunjalo. Yaye nangona ngokungathandabuzekiyo bekho abanye oothunywashe abafake isandla kule ntlekele, oku kububungqina bento ethile ulutsha oluninzi olungayinikeli ngqalelo ingako eyile: Umculo unokukuphembelela! Phofu ke usenokuba awungomntu othanda umculo onesingqisho esinamandla, kungenakwenzeka nokuba ube yindlobongela engalawulekiyo. Sekunjalo, umculo unokukuchaphazela ngeendlela osenokungaziqondi.
Amandla Omculo
Umculo unamandla. Eneneni, unokuba nendima enkulu kwiimvakalelo zomntu—ukususela kusizi nentlungu kuse kuthando novuyo. Umculo unokumthuthuzela umntu azole yaye unokumxhokonxa ukuba abe nomsindo. Unokuphembelela ukuzinikela ekwenzeni okuthile uze ukhuthaze izinto ezithob’ isidima. Ngoko, akumangalisi ukuba, kususela kumaxesha amandulo, umculo ubusisixhobo esinamandla esisetyenziswa “nguthixo wale nkqubo yezinto,” uSathana uMtyholi.—2 Korinte 4:4, NW.
Singazekelisa ngolu hlobo: Kungekudala emva kokuba amaSirayeli ekhululwe kubukhoboka baseYiputa, alushiya unqulo lukaYehova aza anqula ithole legolide. Yintoni eyayihambisana nale hambo yawo ilihlazo? Ngumculo ongalawulekiyo nothob’ isidima! (Eksodus 32:1-6, 17, 18) Yaye xa uKumkani ozigwagwisayo uNebhukadnetsare wayalela abalawulwa bakhe ukuba banqule umfanekiso wobuhedeni, yintoni awayenzayo kwiphulo lakhe lokuvuselela ihlombe labantu lokuthand’ izwe nelonqulo? Wasebenzisa umculo ovuselelayo!—Daniyeli 3:1-7.
Ngoko ke, nanamhlanje sifanele simlindele uSathana ukuba asebenzise umculo ekulahlekiseni abantu. ‘Ungumphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo.’ (Efese 2:2) Umculo omninzi wanamhlanje ubonakalisa umoya kaSathana wemvukelo. Yaye oko akumangalisi, ekubeni eyona nxalenye yawo enkulu ibhalwe ngabo iBhayibhile ethi ngabo ‘bahamba ngamampunge engqiqo yabo, yaye iingqondo zabo zenziwe mnyama, zangazani nobomi bukaThixo.’ Eneneni, ngokubona indlela yabo yokuphila, iimvumi nabaqambi abaninzi abadumileyo baye bangabantu ‘abaphelelwe ziintloni.’—Efese 4:17-19, TE.
Ngenxa yoko ukuphulaphula umculo wabo kunokubangela iingozi ezithile zokwenene kulutsha olungamaKristu. Oku akuthethi ukuba wonke umculo othandwayo uphosakele okanye umculo werock kuphela komculo ekufuneka uwulumkele.a Umculo ongafanelekanga unokufunyanwa naphakathi komculo weclassic nakwimidlalo yomculo ngokufanayo. Kodwa nangona kumaxesha angaphambili wumbi umculo wawutyekele okanye ukhuthaza ukuziphatha okubi, umculo omninzi wanamhlanje ukhuthaza ukungcola ngobukhalipha obungenakuthelekiswa nanto.
Awufanele Uphulaphulwe Okanye Ubukelwe
Ngokomzekelo khawuthabathe umculo onesingqisho esinamandla—uhlobo oluyingozi ngokukodwa lomculo oqatha werock ngokuqhelekileyo odlalwa ngesandi esiphezulu kakhulu. Amaqela omculo wesingqisho esinamandla kanye njengabadlali basebenzisa amagama okuzigwagwisa anjengelithi Poison, Skid Row, Guns N’ Roses, nelithi Slayer. Iphephancwadi iTime lathi: “Amagama amaqela omculo ewodwa nje enza kuthi qatha umfanekiso wembuqe, intuthumbo nokufa.” Kunokuthethwa okufanayo ngemifanekiso ehambis’ umzimba ekuhonjiswe ngayo amaqweqwe eealbham nethi ngokufuthi ibonise imiqondiso yobusathana.
Kodwa kuthekani ngomculo ngokwawo? Nawo unamagama eengoma anjengelithi “Flesh and Blood” nelithi “Appetite for Destruction” yaye unamazwi azukisa ukuyoliswa kukuvisa abanye okanye ukuzivisa ubuhlungu, ukudlwengula nokubulala. Ngoko akumangalisi ukuba incwadi ethi Stairway to Hell ethetha ngomculo onesingqisho esinamandla iwubiza lo mculo ngokuthi “ungamanyala aphindaphindiweyo, unesantya, uzithetha ngokuphandle izinto, awulukhathalele ugonyamelo.” Kwakhona umculo onesingqisho esinamandla ngokuphindaphindiweyo uye wanxulunyaniswa nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi, ubuSathana, nokuzibulala okukhoyo phakathi kwabo bangabaphulaphuli bawo. Kanti, ngokweengxelo zosasazo lweendaba, umculo onesingqisho esinamandla ngokuthe ngcembe uya uphulaphulwa ngabantu abaninzi.
Umculo omninzi werap (okanye, ihip-hop) ngokufanayo uyagabadela.b Iphephancwadi iTime lithi: “Abaqambi bomculo werap . . . babangela umlilo wemfazwe ngokuchasene namapolisa okanye bagalele isulfure yesini . . . esibalaseliswa ngokuphandle.” Ngeliphandle, amazwi eengoma ezininzi zomculo othandwayo werap angamanyala gqitha ukuba angacatshulwa apha. Ibhekisela kwenye ingoma elolo hlobo intombazana ekwishumi elivisayo yathi: “Kwavakala igama lokuqala—yaye ndothuka ndabanda!”
Noko ke, kwanomculo werock ophulaphulwa ngabantu awufanele uphulaphulwe ngumKristu. Nangona ezona ngoma ziseNcotsheni ezingama-40 zingafane zibe krwada njengezo zerap okanye zomculo onesingqisho esinamandla, ezininzi ngokuchuliweyo—okanye ngokuphandle—zisakhuthaza ukuziphatha okubi ngokwesini kunye nezinye izenzo ezingezozabuKristu. Iivideo zomculo, ezithandwa kakhulu lulutsha, zikhulisa impembelelo enamandla yomculo ngokongeza imifanekiso-ngqondweni enamandla. Kolunye uhlolisiso olwenziwa kwiivideo zomculo, ezingama-57 ekhulwini zafunyanwa ziqulethe ubundlobongela yaye ezingama-75 ekhulwini zaziqulethe imiboniso ebonisa iintlobano zesini. Kwakhona isinxibo esivuselela iinkanuko nomngqungqo obangela intabatheko engokwesini zafunyaniswa ziyinto eqhelekileyo kwiivideo zomculo.
Ngaba Unokukwenzakalisa?
Kunokuba ube ngowakhayo nofanelekileyo, umculo omninzi oveliswayo namhlanje ngokucacileyo ‘ngowasemhlabeni, ngowemvelo, ngoweedemon.’ (Yakobi 3:15) Noko ke, ngenxa yokufun’ ukwazi asilulo lonke ulutsha olungamaKristu oluyibonayo ingxaki ekuphulaphuleni iingoma okanye ekubukeleni iivideo ezilolo hlobo. Enye intombazana eselula iqiqa ngelithi: “Akukho mfuneko yokuba uzikhathaze ngamazwi kumculo werap. Phofu ke akunakuwalandela!” Nabani na okhe wazama ukuwaphulaphula kakuhle amazwi angavakali kakuhle omculo werap usenokuvuma ukuba kukho ubunyaniso obuthile koku.
Ulutsha alusoloko luyiqonda intsingiselo efihlakeleyo yeengoma ezithandwayo. Kolunye uhlolisiso, abakwishumi elivisayo bacelwa ukuba bachaze amazwi eengoma ezithile ezithandwayo. Ngokucacileyo ulutsha oluninzi aluzange luwaqonde amazwi achuliweyo aphindaphindwayo angesini, ugonyamelo, iziyobisi, nobuSathana awayekho kuwo wonke umculo walo. Ngenxa yoko iThe Journal of the American Medical Association yaphetha ngelithi: “Abukho ubungqina obubonisa ukuba lo mculo unayo nayiphi na imiphumo [eyenzakalisayo] kwihambo yabafikisa ebuntwini obukhulu.”
Noko ke, iBhayibhile ibonisa okwahlukileyo. Okokuqala, isixelela ukuba “incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.” (1 Korinte 15:33) Ngoko, ngaba ubuya kuchitha ixesha elithile unxulumana okanye uphulaphule uthile othi ngokucacileyo asebenzise intetho engamanyala, okukhuthazela ukuba usebenzise iziyobisi, oxhasa unqulo lobuSathana, okanye obalisa ngesini esigqwethekileyo ngokweenkcukacha? Ngokuqinisekileyo ubungenakwenjenjalo! Ngoko yintoni enokubangela intetho elolo hlobo ingabi yongozi kangako kuba nje iguqulwe yangumculo okanye ithethwa ngokulandela isingqisho esithile? Xa amazwi athob’ isidima ngolo hlobo edlalwa ngokuphindaphindiweyo, ngokuqinisekileyo aya kukuchaphazela! IMizekeliso 6:27 ibuza isithi: “Umntu unokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe, zingatshi na iingubo zakhe?”
Ngenxa yesi sizathu iBhayibhile iyasibongoza ukuba singakhankanyi nanye kwizinto ezingcolileyo, kungasathethwa ke ngokuziphindaphinda umhla nezolo. (Efese 5:3-5; Filipi 4:8) Umntu owugatyayo lo mgaqo ngokuqinisekileyo uya ‘kuvuna ukonakala.’ (Galati 6:8) Omnye oselula ogama linguJodie uyavuma esithi: “Iingoma zikwenza ucinge. Xa kuvela iminqweno ephosakeleyo, ziyenza ibe namandla ngakumbi.” Emva kokuphulaphula ingoma yerap eyayisichaza ngokweenkcukacha isini esigqwethekileyo, omnye oselula wavuma esithi: “Ndandingakwazi ukukukhupha oku engqondweni yam.”
Yaye kuthekani ngokuphulaphula iingoma ezinesingqisho esinamandla ezibhengeza ukufa, iziyobisi, okanye ubuSathana? Omnye oselula ongumKristu waqalisa ukuphulaphula umculo onesingqisho esinamandla yaye kungekudala ingqondo yakhe yagutyungelwa kukusoloko icinga ngokufa. Kuphela wakwazi ukusinda ekwenzakaleni ngokomoya nangokwenyama ngenxa yemigudu yokuzimisela yabazali bakhe nomhlobo ongumKristu okhulileyo.
Maxa wambi, iingcinga ziguqukela ekubeni sisenzo. (Yakobi 1:14, 15) Yaye umculo omninzi wanamhlanje uyilwe ngobuchule ukuba uzalise ingqondo yakho ngeengcinga ezingendawo. Enyanisweni, ukuba ukhuliswe ngemilinganiselo yeBhayibhile, usenokungacingi ngokubulala okanye ukuziphatha okubi ngokwesini kuba nje oko ukuve kwingoma ethile. Kodwa zikho ezinye iindlela onokuphenjelelwa ngokuphosakeleyo ngazo. Lumbi ulutsha olungamaKristu luye lwatsalelwa ekunxibeni iimpahla ezingaqhelekanga nakwizimbo zokucheba iinwele ezibalaseliswa ngabadlali bomculo werock okanye irap. Intetho, izimbo, nesimo sengqondo solu lutsha ngokucacileyo zibonisa ukuba luphenjelelwe koko lukuphulaphulayo.
Enye inkwenkwe yaseMzantsi Afrika ithi: “Ulutsha luthi umculo awuluchaphazeli nganto. Kodwa uvulela uSathana indlela ebomini bakho—ukuba abulawule.” Oku ukwazi ngokusuka kumava obuqu, njengoko echaza ngolu hlobo: “Umculo endandiwuphulaphula wawungokusebenzelana nemimoya, iziyobisi, nesini.” Wakhululeka njani kwimiphumo eyenzakalisayo yomculo othob’ isidima?
“Ndawalahla kude onke amacwecwe am omculo. Kwakuyinguqulelo enkulu kakhulu ukuhlala egumbini elithe cwaka. Kodwa oko kwakundenze ndangumntu olunge ngakumbi.” Ngaba nawe kufuneka uthabathe amanyathelo anjalo—kungekhona ukuba ulahle onke amacwecwe akho omculo, kodwa ubuncinane uzahlukanise namacwecwe athob’ isidima ngokucacileyo?—Thelekisa IZenzo 19:19.
Oku akuthethi ukuba, uzinxweme ngokupheleleyo kuwo nawuphi na umculo, kodwa uzifundise ukuba ngokhethayo! Indlela onokukwenza ngayo oku iya kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ibinzana elithi “umculo werock” apha lisetyenziselwe ukubhekisela kuzo naziphi na iintlobo ezahlukahlukeneyo zomculo othandwa ngabantu abaselula.
b Bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Yintoni Ephosakeleyo Ngomculo Endiwuthandayo?” Kwinkupho kaFebruwari 8, 1993.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ngaba ukuzalisa ingqondo yakho ngezigidimi zokufa, intshabalalo, nesini esithob’ isidima kuya kukunceda okanye kuya kukwenzakalisa?