Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Yintoni Ephosakeleyo Ngomculo Endiwuthandayo?
“Utata udla ngokuthi, ‘Cima loo ngxolo! Iyandiphazamisa ezindlebeni!’”—Inkwenkwana ekwishumi elivisayo.
“Ngenene wumbi umculo werap ucekiseka ngokwenene.”—Intombazana ekwishumi elivisayo.
“ASINTO inkulu kangako, kutheni besenza imbambano engako ngomculo?” Wakhalaza ngelitshoyo uJodie. ULisette oneminyaka elishumi elinesithathu ubudala uvakalelwa ngendlela efanayo. Ugxininisa ngelithi, “Yingoma nje efana nezinye.”
Ngaba nawe ngokufanayo ubandakanyeke kumlo ongapheliyo nabazali bakho ngokuphathelele umculo? Ukuba kunjalo, usenokuba ujamelene nezikhalazo, izisongelo, nemiyalelo sihlandlo ngasinye uvulela icwecwe olithandayo. (Enye inkwenkwe ekwishumi elivisayo ithi, “Utata udla ngokuthi, ‘Cima loo ngxolo! Iyandiphazamisa ezindlebeni!’”) Udinwe yile mpikiswano, usenokuvakalelwa kukuba abazali bakho benza imbambano ngento engenamsebenzi. Enye intombazana ekwishumi elivisayo ikhalaza isithi: “Kuthekani ngoxa babeselula? Ngaba abazali babo babengacingi ukuba umculo wabo wawungalunganga?”
Uvelise ingongoma ebalulekileyo. Ukutyhubela imbali, izizukulwana zabantu abadala nabaselula ziye zatyekela ekungqubaneni ngemicimbi yezinto ezithandwa ngumntu siqu. Ngoko kutheni ufanele uyeke ukuphulaphula umculo owuthandayo kuba nje abazali bakho bengawuthandi? Phofu ke yintoni ephosakeleyo ngomculo owuthandayo?
Umculo—Indawo Yawo Ebomini
Enyanisweni akukho mntu uthi kuphosakele ukunandipha umculo. Kwaneendinyana ezithile zeBhayibhile—ngokukodwa iindumiso—ekuqaleni zaziculwa. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, umculo wawusetyenziswa kakhulu kunqulo lukaThixo. (INdumiso 149:3; 150:4) Kwakhona umculo wawuyindlela yokubonakalisa uvuyo, uchulumanco, nosizi. (Genesis 31:27; ABagwebi 11:34; 1 Samuweli 18:6, 7; Mateyu 9:23, 24) Ngemihla kaYesu Kristu, umculo wawuyinto eqhelekileyo kwiimbutho zokuzonwabisa; wawusongeza ulonwabo kwisihlandlo eso.—Luka 15:25.
Nanamhlanje umculo usaqhubeka unendima ebalulekileyo—ingakumbi phakathi kwabantu abaselula. IThe Journal of the American Medical Association ithi: “Phakathi kwabaselula abafunda kwibanga lesihlanu nele-10, okwishumi elivisayo oqhelekileyo uchithela iiyure ezili-10 500 ekuphulaphuleni umculo werock, yure ezo ezingaphantsi nje kancinane kunenani elipheleleyo leeyure ezichithelwe kwigumbi lokufundela ukususela kwisikolo sabantwana abangaphantsi kweminyaka emithandathu ukusa kwisikolo semfundo ephakamileyo.”
Uhlolisiso lubonisa ukuba inkoliso yolutsha lwaseUnited States phantse ukuba luphulaphula umculo werock okanye wepop kuphela. (Ukwenza izinto zibe lula, siza kusebenzisa amabinzana athi “rock” nelithi “pop” ukubhekisela kuzo zonke iindidi zomculo othandwayo ngabantu abaselula—kuthabathela kumculo wesoul nomculo wenew wave ukusa kumculo werap kwakunye nomculo onesingqisho esinamandla.) Ngokutsho kweThe World Book Encyclopedia, “umculo werock awusengomculo othandwa lulutsha lwaseMerika kuphela. Ngumculo othandwa ehlabathini liphela.”
Umtsalane Womculo Werock
Kutheni umculo werock uthandwa kangaka? Ngokutsho kwencwadi ethi Youth Trends, umculo werock “yinto esoloko ingundaba-mlonyeni phakathi kwabo bonke abantu abaselula.” Ngenxa yoko lumbi ulutsha lunemvo yokuba ukwazi umculo othandwayo ehlabathini—ukwazi amaqela neengoma zamva—kuyalunceda ukuba lwamkeleke kwabanye. Umculo wenza ukuba ulutsha lumanyane yaye lungaphelelwa zizinto olunokuthetha ngazo.
Noko ke, kulutsha oluninzi, umculo unandipheka ngokude kwangakumbi kwindawo engenabantu. Ngaba uye wanosuku olunzima esikolweni? Ngoko mhlawumbi unjengentombazana ekwishumi elivisayo egama linguBree ethi: “Ndihlala egumbini lam, ndivulele kakhulu unomathotholo ndize ndizihlalele nje. Ngandlel’ ithile undenza ndizive ndikhululekile kunxunguphalo nasekuxinezelekeni.” Ngoxa ngokufuthi umculo werock ugxekwa ngokuba ngongxolayo nokrasayo, iingoma ezininzi ezithandwayo zinezandi ezimyoli neziyilelwe ukuba zivakale kamnandi.
Noko ke, kwabaninzi, eyona nto inomtsalane gqitha sisingqisho. Xa enye intombazana yabuzwa isizathu sokuba ibe ngumthandi womculo werap yaphendula yathi, “Ngowona mculo ekulula ukungqungqa xa udlalwa.” Kodwa kwakhona abaninzi batsalwa ngamazwi. Amazwi eengoma zomculo wepop abhalelwe ngokukhethekileyo ulutsha, ahlangabezana nako konke ukuguquguquka kweemvakalelo namaxhala omntu ofikisa ebuntwini obukhulu. Umculo werap ubaluleke ngokutsalela kwawo ingqalelo kwizinto eziqhubekayo ezinjengobuhlanga nezenzo zokungekho sikweni entlalweni. Okwishumi elivisayo ogama linguDan, ocatshulwe kwiphephancwadi iNewsweek ukhalaza esithi: “Ndivulela unomathotholo yaye umculo omninzi apho awukho ngqiqweni, uyandiphambanisa. Umculo werap unamabali nezinto zokwenene. Kubangel’ umdla ukuwuphulaphula.”
Noko ke, sisigidimi esidluliswa ngulo mculo esisenokuba yeyona nto ibaxhalabisayo abazali bakho.
Isigidimi Esidluliselwa Ngumculo Werap
Ngokomzekelo, khawucinge ngomculo werap. Kumculo werap, amazwi engoma—adla ngokuba yintetho engaphucukanga yasesitratweni eyenziwa ivakale njengombongo—ayathethwa, awaculwa, ibe aphelekwa sisingqisho esinamandla. Kambe ke, akukho nto imbi kule ngcamango ngokunokwayo. Ngaphezu kwamashumi eminyaka iingoma ezininzi ezithandwayo ziye zaquka amazwi athethwayo. Kodwa ngokufuthi umculo werap uyenza le ngcamango ibe yengaqhelekanga ngokugqithiseleyo.
Kunikelwe ingxelo yokuba umculo werap (okanye ihip-hop) waqalisa ukuthandwa emva phaya ngeminyaka yee-1970 kwiimbutho ezincinane zokungqungqa kwisiXeko iNew York ekwakusiya kakhulu kuzo ulutsha oluhlala kumbindi weso sixeko. Njengoko abadlali bamacwecwe babeqalisa ukuvuma amazwi engoma (okanye bevumela phezulu) belandela isandi sezixhobo zomculo esishicilelwe kusengaphambili, abo bangqungqayo babesabela ngehlombe elinga lelempambano. Kungekudala umculo werap wayeka ukuba ngumculo nje odlalwa ezitratweni nangamaqela embutho akudidi oluphantsi waba ngowona mculo uphambili. Amagama abathandi bomculo werap akrwada kanye njengomculo wabo—anjengoPublic Enemy, uM. C. Hammer noVanilla Ice—kungekudala azalisa amaza omoya ngohlobo lomculo wabo ogqumayo.
Okubangel’ umdla kukuba, xa umbhaleli kaVukani! wabuza oku kwiqela lolutsha lwasesixekweni olungamaKristu olwalubunjwa ziintlanga ezahlukeneyo, “Ngaba uninzi lwenu luyawuphulaphula umculo werap?” abaninzi ngokumangalisayo baphendula ngokuthi ewe! Wahlabela mgama ebuza, “Yintoni eniyithandayo kumculo werap?” “Sisingqisho,” yaphendula isitsho enye intombazana ekwishumi elivisayo. Enye yaphendula ngelithi, “Ngumculo otyibilikayo, yaye kulula ukuwuphulaphula. Unokungqungqa xa udlalwa.” Noko ke, umbuzo othi, “Ngaba wumbi umculo werap uyingxaki kumaKristu?” ngandlel’ ithile awuzange uphendulwe ngehlombe.
Emva konqumamo olwalusisithukuthezi, enye intombazana yavuma isithi: “Ngenene wumbi umculo werap ucekiseka ngokwenene.” Bebuthandabuza, abanye bavumelana nayo. Eneneni, kwaphawuleka ukuba ulutsha oluninzi ngokuxhalabisayo lwalusazi iingoma ezininzi ezingamkelekanga—iingoma ezikhuthaza ubuhenyu nezinamazwi agqwetheke ngokulihlazo. Bambi bavuma ukuba uninzi lwezi ngoma luyisebenzisa ngokukhululekileyo intetho engcolileyo.
Ewe, umculo omninzi werap ubonakala udlulisela isigidimi semvukelo, ugonyamelo, umsindo, ubuhlanga, noqheliselo olungenazintloni lwesini. Umxhasi womculo werap uDaniel Caudeiron, ongumongameli woMbutho Womculo WabaNtsundu waseKhanada (Black Music Association of Canada) owuncoma umculo werap “njengofaneleke ngokugqibeleleyo,” uyavuma ukuba umculo omninzi werap “uchasene nabantu ababhinqileyo, ugxininisa kwisini esithile yaye maxa wambi ungcolile.”—IMaclean’s, kaNovemba 12, 1990.
Indlela Yokuphila Yabathandi Bomculo Werap
Kuyavunywa ukuba, asinguwo wonke umculo werap okhuthaza ukuziphatha okubi okanye ugonyamelo. Ngokutsho kwenqaku elikwiThe New York Times, wumbi kuwo uyilelwe ukukhuthaza usukelo olufanelekileyo olunjengemfundo, uyakugxeka ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi, yaye ukhuthaza ukuconjululwa kweengxaki zentlalo. Kodwa amazwi engoma angekho mabi anqabe kakhulu, awasoloko efumaneka. Xa iphephandaba iNewsweek lalahlukanisa ngokweendidi iialbham ezilishumi ezisencotsheni zomculo werap, lisebenzisa inkqubo enjengaleyo isetyenziswa eUnited States ekwahlukaniseni imifanekiso eshukumayo, zimbini kuphela ezafakwa kudidi olungu-G, okanye ezakufanelekelayo ukuphulaphulwa ngabantu ngokubanzi. INewsweek yahlukanisa ngokweendidi iialbham ezine izifaka kudidi olungu-R (ezo ziphulaphulwa ngabantu abadala kuphela), yaye ezimbini zafakwa kudidi olungu-X ngenxa yokuba zaziqulethe “intetho engamanyala” yaye zibalaselisa isini.
Ngaphezu koko, isigidimi esidluliselwa ngumculo werap sidlulela ngaphaya kwamazwi engoma leyo. Umculo werap uye wazala imvukelo engokwasentlalweni. Izigidi zabeshumi elivisayo zinxiba impahla enkulu engazilinganiyo, izihlangu ekuthiwa zisneakers ezima ngasentla kwamaqatha ezinemitya engabotshwanga, iijean ezishwabeneyo, amajikazi egolide, iminqwazi yelaphu efana naleyo enxitywa ngabadlali bebaseball, kunye neendondo ezimnyama nto leyo emisela umlinganiselo wesinxibo sabathandi bomculo werap. Kwakhona abaninzi baxelisa izimbo ezibalaseleyo nesimo sengqondo sabadlali bomculo werap. Yaye okwenza abazali nabafundisi-ntsapho babambe ongezantsi kukuba amazwi angamkelekiyo anjengelithi “yo!” (heyi wena) no “dis” (igama elithatyathwe kwelithi disrespect)—intetho erhabaxa yasesitratweni ezukiswa kumculo werap—aye athwethwela kwintetho yemihla ngemihla.
Umculo werap usenokuyifanekisela kakuhle imvukelo yezenzo zokungekho sikweni. Kodwa xa sele uwonke, umculo werap uyinkqubo yokuvukela imigaqo kaThixo yokuziphatha, yesinxibo neyentetho. Ngaba umKristu, ngohlobo lomculo awuthandayo, ebeya kufuna ukuzibeka esichengeni sokutsalelwa kolo hlobo luthandabuzekayo lobomi?
Kakade ke, umculo werap asikuphela kohlobo lomculo obalasele ngobukrwada. Iphephancwadi iTime linikela le ngxelo: “Kukho amazwi alumezayo phantse kuwo nawuphi na umculo othandwayo wezi mini kwibutho labantu baseMerika. Iingcaphephe zomculo onesingqisho esinamandla zeqela elibizwa ngokuba yiMotley Crüe zisebenzisa ubugqi bobusathana yaye iqela elibizwa ngokuba ziiBeastie Boys lenza izimbo zokuphulula amaphambili eqongeni.” IBhayibhile yaxela kusengaphambili ukuba “ngemihla yokugqibela . . . abantu abangendawo noosiyazi kukhona [babeya] kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa.” (2 Timoti 3:1, 13) Ngoko ke, ngaba ufanele umangaliswe kukuba uninzi lomculo wanamhlanje udlulisela isigidimi esiphosakeleyo kulutsha lwamaKristu?
Ngoko ke kusenokuba kokufanelekileyo ngabazali bakho ukuba baxhalabe gqitha ukuba ubandakanyeke kumculo werap okanye kwezinye iintlobo ezigabadeleyo zomculo werock. Basenokuba noloyiko lokuba ukuphulaphula ngokuthe rhoqo umculo ololo hlobo kuya kukonzakalisa. Ngaba uloyiko lwabo lufanelekile? Inqaku eliya kundela liya kuxubusha ngalo mbuzo.
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
Ngoku ulutsha oluninzi luxelisa indlela yokunxiba nesimo sengqondo sabadlali bomculo we“rap”