Iimvumi Ezitsibayo Zelizwe Lezinambuzane
SIYAVUMA ukuba sizezona zidalwa zibawa kunene. Ibe ewe, ukuthanda kwethu ukutya kunokubangela umsindo kubalimi abasigqala njengezinambuzane ezitshabalalisa izilimo zabo. Noko ke, thina zintethe sinezinye iimpawu ezibangel’ umdla—indlela esitsiba ngayo, indlela esibhabha ngayo, indlela esigwencela ngayo nesenza ngayo “umculo.”
Ngokomzekelo, ngaba ubusazi ukuba, sinamehlo amahlanu? Endaweni yokunxiba iindondo zamehlo ezibonisa kude nakufutshane njengoko abantu abaninzi besenza, sinamehlo amathathu amancinane ngaphambili kwintloko yethu ukuze sibone kufuphi. Amanye amehlo ethu amabini makhulu yaye akho ngasemva kude neentloko zethu, asivumela sibone oko kuqhubekayo kuyo yonke indawo esingqongileyo. Yiyo loo nto sikwazi ukutsiba kuqala kunawe. Ubungenakuthanda na ukuba namehlo alolo hlobo?
Angakanani amandla ethu okutsiba? Sinokutsiba siphakame indawo enokulingana iintethe ezilishumi enye phezu kwenye size siye kuthi gxada malunga neemitha ezisisi-0,9. Ukuze umntu enze okufanayo, ufanele atsibe ubude obulingana nesakhiwo esinemigangatho emithandathu. Imfihlelo yethu ilele kwizihlunu ezinamandla ezikwimilenze yethu engasemva. Zisinika amandla okukhaba ukuze siphumeze oko.
Nkqu nasemva kokutsiba okokuqala sishenxa endleleni yakho, sinokwenza kube nzima ngawe ukusibamba ngokusebenzisa amaphiko angambini sonke esinawo. Amaphiko aqinileyo angaphezulu enza umsebenzi ofanayo nowamaphiko enqwelo-moya, ngoxa acekeceke angaphantsi esebenza njengendlela eyongezelelweyo yokusiqhuba. Ngaloo ndlela, ngokudibanisa ubuchule bethu bokutsiba nobokubhabha, amaxesha amaninzi sinokubhabhela kude sikushiye ukuze sikutyhafise kusukelo lwakho.
Ngaba ukufumanisa kunzima ukunyuka kwipali emtyibilizi? Thina asinabunzima. Enyanisweni, sinokunyuka nakumcinga wengca omtyibilizi ngaphandle kokutyibilika ngenxa yendlela uMdali ayenze ngayo imilenze yethu emithandathu. Umphantsi omncinane kakhulu wonyawo ngalunye unoboyana obukhupha incindi, nto leyo esinceda sikwazi ukuncamathela ezintweni. Ukongezelela koko, izikhuseli ezincinane kumlenze ngamnye zixhotyiswe ngeehaki ezimbini ezomeleleyo nezinameva ukuze zisikhusele ekutyibilikeni xa sigwencela. Ewe, kwanangaphambi kokuba abantu bacinge ngokunyuka iintaba, sasisele sixhotyiselwe ukunyuka.
Iinkunzi zodidi lwethu ziziimvumi. Iintethe ezingamanenekazi zichukumiseka ngokufanelekileyo yaye zizijonga njengezinesiphiwo. Ewe, sinokuva size sisabele kwizandi ezahlukahlukeneyo. Iindlebe zethu zifumaneka kwicala ngalinye lesifuba. Ngaloo ndlela, xa iziva ithanda, intethe eyinkunzi itsala umlenze wayo wangasemva orhabaxa ize iwuphose phezu kwamaphiko aphakanyisiweyo kanye ngendlela efanayo athi umdlali wefidyoli asondeze isaphetha sakhe ukuze sinqumleze kwiintsinjana zefidyoli yakhe. Yeka indlela oziva uthe zava kamnandi ngayo kwimini eshushu yasehlotyeni ukuthi natya kwirhiwa lengca eluhlaza uze uphulaphule umculo kwiwaka leentethe neenyenzane. Mh, esinjani sona isandi sehlobo!