IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 7/8 iphe. 16-18
  • Ngaba Kuphosakele Ukuvumela Ingqondo Ibhadule?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Kuphosakele Ukuvumela Ingqondo Ibhadule?
  • Vukani!—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Kuyingozi Kwimpilo Yengqondo Yakho?
  • Ukuwasebenzisa Kakuhle Amandla Okucinga
  • Iingozi Zokuvumela Ingqondo Ibhadule
  • Ndingakuphelisa Njani Ukuvumela Ingqondo Ibhadule Kangaka?
    Vukani!—1993
  • Ndinokuyizikisa Njani Ingqondo Yam Ngezinto?
    Vukani!—1998
  • Kuthekani Ukuba Akavumi?
    Vukani!—2005
  • Bonisa Uxabiso Ngendlu KaThixo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 7/8 iphe. 16-18

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ngaba Kuphosakele Ukuvumela Ingqondo Ibhadule?

Into yokugqibela oyikhumbulayo lilizwi lomfundisi-ntsapho wakho ehumzela ngezibalo ze-algebra, kodwa awusekho egumbini konke konke; ingqondo yakho ikulwandle intsapho yakowenu ebityelele kulo kwihlobo elidluleyo. Unokuyiva intlabathi eshushu nelanga elishushu. Unokuva isandi sokubetheka kwamaza elunxwemeni, ingxolo yabantwana abadlalayo, ingxolo . . . yokugigitheka kwabo ufunda nabo? Ewe, iphupha lakho elimnandi lithe shwaka ngoku endaweni yalo kumi umfundisi-ntsapho ocaphukileyo, izandla zisesinqeni, efuna impendulo kumbuzo ongawuvanga.

UKUBHADULA kwengqondo—kuyinto eqhelekileyo kuzo zonke iindidi zabantu, abaselula nabadala, kangangokuba omnye umphengululi wakubiza ngokuthi “yenye yezona nkalo zibalulekileyo zobomi bomntu.” Bambi bakholelwa kwelokuba ukuya kutsho kwisithathu seeyure esihleliyo ngazo sizichithela ekuvumeleni ingqondo ibhadule ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Izazinzulu aziqinisekanga ncam ngendlela ezenzeka ngayo nangesizathu sokuba zenzeke ezi ngcinga zikhawulezayo, yaye azide zivumelane zonke ngokubanzi ngoko kukuko ukubhadula kwengqondo. Esinye isichazi-magama sikuchaza ukubhadula kwengqondo ngokuthi “kukuzakhela kwengqondo . . . umfanekiso-ngqondweni oyolisayo.” Noko ke, abaphengululi abaninzi bakuchaza njengokuquka naluphi na uhlobo lwentelekelelo eyenzeka uhleli okanye ingcinga ebakho ngokuzenzekelayo—enoba iyayolisa okanye ayiyolisi. Kweli nqaku, siza kulisebenzisa eli binzana ngokwengqiqo yalo ephangaleleyo, equka kungekuphela nje intelekelelo ezenzekelayo nekhawulezileyo kodwa kwanezinye ezingakumbi ezicetyiweyo.

Ngoko, asikuko konke ukubhadula kwengqondo okuyintelekelelo nje engaqhelekanga. Amaxesha amaninzi oku kwenzeka xa ubani ecinga ngezinto ezenzeke kwixesha elidluleyo. Kwinqaku elikwiphephancwadi elithi Parents, uGqr. James Comer ucaphula awakhe amava okubhadula kwengqondo—njengaxa eqhuba inqwelo-mafutha egoduka emva kosuku olunzima eofisini, iingcinga zakhe zibuyela emva ngesihlandlo awafaka ngaso inqaku elabenza baphumelela kwibala lomdlalo womnyazi xa wayekwishumi elivisayo. Ugqabaza athi: “Oku kusenokuba akuyonto ibalulekileyo yokucingwa, kodwa kuyandonwabisa kundenza ndizive ndidlamkile.” Sekunjalo bambi basebenzisa ixesha ingqondo ebhadula ngalo ukuze bacebe ikamva labo. Enye indoda eyaba yimvumi nomqambi wejazz owaziwayo ikhumbula oku: “Amaxesha amaninzi xa ingqondo yam yayibhadula ndandiye ndizibone ndiyimvumi yehlabathi eyaziwayo.”

Phofu ke, xa ingqondo kabani ibhadula uye acinge ngeziganeko eziqhelekileyo zemihla ngemihla—isikolo, iimbutho zokuzonwabisa, umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya. Maxa wambi abantu basenokuthi ngabom bavumele ingqondo ibhadule ngenxa yokuba bedikwe sisifundo esithile sesikolo okanye umsebenzi wasekhaya ongapheliyo. Maxa wambi ukubhadula kwengqondo kuyazenzekela. Igama, isandi okanye umfanekiso obonakalayo ngokukhawuleza ubakhumbuza ngomcimbi othile wakutshanje, ngolonwabo lwexesha elidluleyo, okanye ngoko baya kukwenza kwixesha elizayo, kusenokwenzeka iingqondo zabo ziqalise ukubhadula. IBhayibhile ithi: “Ngokuba ukuphupha kuza ngobuninzi bemicimbi.” (INtshumayeli 5:3) Eneneni, ubani osoloko ecinga ngezinto ezimxhalabisayo namabhongo neminqweno usenokuzifumanisa ecinga ngezinto eziphathekayo phantse ngalo lonke ixesha ingqondo yakhe ibhadula.

Noko ke, nakubeni kusenokuba mnandi ukuvumela ingqondo ibhadule, kunokuphazamisa indlela onikel’ ingqalelo ngayo kwiintlanganiso zamaKristu, esikolweni, okanye emsebenzini. Maxa wambi iintelekelelo zisenokuba zezingafanelekanga—okanye zibe yingozi. Ngoko ke ngaba ukuvumela ingqondo ibhadule ngumkhwa ekufuneka wahlukane nawo?

Ngaba Kuyingozi Kwimpilo Yengqondo Yakho?

Kumaxesha adluleyo, ukubhadula kwengqondo kwakugxekwa ngabasebenzi bempilo yengqondo, oogqirha nabafundisi-ntsapho. Elinye igatyana lomfana ngoko laxelelwa oku ngugqirha wezifo zengqondo: “Simele sikuncede uyeke ukuvumela ingqondo yakho ibhadule.” Ngokutsho komphengululi uGqr. Eric Klinger, icebiso elinjalo ngokuqhelekileyo lalisekelwe kwiimfundiso zalowo ubizwa ngokuba nguyise wohlolisiso lwengqondo, uSigmund Freud, owayekugqala ukubhadula kwengqondo ibubuntwana nokungaphili kakuhle engqondweni. Ngaloo ndlela enye incwadi yezigulo zengqondo yathi: “Ukubhadula kwengqondo ngokufuthi kungumphumo wokusilela okanye wokungabi namdla kwimekobume engqonge ubani, yaye ngokuqinisekileyo kukuyibaleka inyaniso.” Isizukulwana sabafundisi-ntsapho nabasebenzi bezempilo yengqondo bafundiswa ukuba konke ukubhadula kwengqondo kufanele kupheliswe. Kwaye kwathiwa ukubhadula kwengqondo okuninzi kusenokude kuphumele kwischizophrenia (isifo esithile sokugula ngengqondo).

Noko ke, iingcamango zikaFreud ziye zoyiswa zizibakala ezifunyaniswe ngophando olunzulu. Kwincwadi yakhe ethi Daydreaming, uGqr. Eric Klinger uthi ukuba phakathi kwezinye izinto, abaphengululi bathi:

Ukubhadula kwengqondo kuyinto eqhelekileyo.

Ngokomlinganiselo, abantu abavumela ingqondo ibhadule ngokuthe rhoqo balungelelene engqondweni kanye njengabo bangakwenziyo oko.

Ukubhadula kwengqondo akukhokeleli kwimibono.

Ukubhadula kwengqondo akukhokeleli kwi-“schizophrenia.” Abantu abane-“schizophrenia” abatyekelanga ekuvumeleni ingqondo ibhadule ukodlula nabani na ongomnye.

Ukuwasebenzisa Kakuhle Amandla Okucinga

Ngoko ke, asiyonto imangalisayo ukuba iBhayibhile ingakugxeki ukusebenzisa kukabani amandla akhe okucinga. Ngokwenene, ubuchule bengqondo yethu bokuzakhela imibono nokuthelekelela bubungqina bokuba, ‘senziwe ngokumangalisayo,’ ngokwamazwi omdumisi. (INdumiso 139:14, NW) Xa busetyenziswa kakuhle, obu buchule bunokuba yinto exabisekileyo. AmaKristu axelelwa ukuba ‘angaxuneli ezintweni ezibonwayo, axunele kwezingabonwayo.’ (2 Korinte 4:18) Oku kunokuquka ukuzama ukuba nombono wehlabathi elitsha lobulungisa likaThixo. Inkcazelo yeBhayibhile ngale Paradisi yehlabathi liphela yexesha elizayo inokusinceda siyithelekelele!—Isaya 35:5-7; 65:21-25; ISityhilelo 21:3, 4.

Intelekelelo yakho isenokungqineka iluncedo ukuba kukho umsebenzi onzima ekufuneka uwenze. Ngokomzekelo, ulutsha oluphakathi kwamaNgqina kaYehova ngokufuthi lwabelwa ukunikela iintetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ngaphandle kokuqhelisela intetho yakho ngokuvakalayo, zama ukuyiqhelisela engqondweni. Yiba nombono wabaphulaphuli besabela kwinkcazelo yakho nendlela oyinikela ngayo. Oku kunokukunceda wenze uhlengahlengiso olufunekayo kwintetho yakho kuze kukubangele ube nentembelo ngakumbi.

Usenokuqhelisela engqondweni nendlela yokuqhubana neemeko ezinzima. Mhlawumbi uphawula ukuba omnye umKristu unengxaki ngakuwe, ibe ufuna ukuyithetha loo ngxaki. (Mateyu 5:23, 24) Kunokuba uye kuloo mntu ungazilungiselelanga usenokuwujikajika engqondweni yakho lo mcimbi, uzama iindlela ezahlukeneyo zokuyingena le ngxaki. Oku kuya kuvisisana nomgaqo weBhayibhile othi: “Intliziyo yelungisa iya kucamanga ukuphendula.”—IMizekeliso 15:28.

Ngaba kukho ubani okonileyo okanye okucaphukisileyo? Phawula icebiso elikwiNdumiso 4:4: “Qumbani, ningoni. Thethani neentliziyo zenu ezinkukweni zenu, nithi cwaka.” Oku akuthethi ukujikajika iingcinga eziyingozi ngokungenasiphelo engqondweni yakho, okanye uqhubeke ucinge ngendlela oya kumhlasela ngayo ubani ngamazwi. Ngapha koko, uYesu walumkisa wathi, “Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo,” ngokufanayo ‘nothe ke kumzalwana wakhe, ntw’ ingento.’ (Mateyu 5:22) Kodwa ukuzijikajika engqondweni izinto onokuzenza—okusenokuquka ukumxolela lowo ukonileyo—kusenokukunceda uyicombulule imicimbi ngendlela ezolileyo, nefanelekileyo.

Ukubhadula kwengqondo kusenokuba nendima ebalulekileyo ekucombululeni iingxaki. UGqr. Klinger uthi: “Ukubhadula kwengqondo kusenokuba yindlela yokufumana izicombululo kwiingxaki. Abantu abavumela iingqondo zabo zibhadule banokuthi maxa wambi bafumane izicombululo abebengenakuzifumana ukuba bebeyihlelele phantsi ingxaki bezama ukuyicombulula ngendlela ecetyiweyo.”

Kukwakho nobungqina bokuba ukubhadula kwengqondo kunokukunceda uphucule indlela umzimba osebenza ngayo. Ngokomzekelo, omnye umalathisi womdlalo wokutyibiliza ekhephini (skiing), uxelela abantu abafundayo ukuba bazenzele umfanekiso-ngqondweni wentaba ekutyibilikwa kuyo, bazibone benqumla onke amagophe namathambeka aloo ndlela. Abaphengululi bakholelwa ukuba ukwenjenjalo enyanisweni kuvuselela icala lengqondo elilawula izihlunu, neliyixhobisela isenzo esithile. Kakade ke, akukho nto inokuthabatha indawo yokuqhelisela, kodwa ukuziqhelisela engqondweni kunokukunceda uphucule ubuchule bakho bokudlala isixhobo somculo okanye ukuchwetheza. UGqr. James Comer uthi: “Ngokufutshane, ukuvumela ingqondo ibhadule akuyonkcitha-xesha kodwa kunoko lixesha lesiqabu elifunekayo lokusinceda sisebenze ngakumbi.”

Iingozi Zokuvumela Ingqondo Ibhadule

Noko ke, “into yonke inexesha elimisiweyo.” (INtshumayeli 3:1) Nangona ukubhadula kwengqondo kusenokuba yinto elungileyo xa uphumle egumbini lakho, kukho izihlandlo apho ukwenjenjalo kunokuba kokungafanelekanga okanye kube yingozi. Ngaba uqhuba imoto? Ngoko kufuneka ube ngophaphileyo nolumke ngakumbi kwingozi enokubakho. Kuthekani ukuba ubhala iimviwo okanye uphulaphule intetho yeBhayibhile? Ngoko ufanele ube ‘nengqondo engcwengekileyo.’—2 Petros 3:1.

IBhayibhile ikwasilumkisa nxamnye nokuhlala sineengcinga ezingakhiyo ngokungeyomfuneko. Kuyinto yokwemvelo ukuba nexhala kancinane xa sijamelene novavanyo olubalulekileyo okanye udliwano-ndlebe lomsebenzi, kodwa uphumeza okuncinane ngokuzenzela imibono eyothusayo yokoyisakala okanye ukuphoxeka. (Thelekisa INtshumayeli 11:4.) IMizekeliso 12:25 (NW) iyalumkisa: “Ixhala entliziyweni yendoda liyenza igobe.” UYesu Kristu wabacebisa oku abaphulaphuli bakhe: “Ngoko musani ukuxhalela ingomso; kuba ingomso liya kuxhalela okwalo. Buyanele imini leyo obayo ububi.”—Mateyu 6:34.

Okubangel’ umdla kukuba ukubhadula kwengqondo okugqithiseleyo okanye okungafanelekanga kusenokubangela ezinye iingozi. Ngokomzekelo, lumbi ulutsha, luzondla ngentelekelelo yesini. Lumbi lufumanisa ukuba ukubhadula kwengqondo kuphazamisana nendlela olunikel’ ingqalelo ngayo. Inqaku lethu elilandelayo kolu ngcelele liya kusinika amanye amacebiso okukunceda ukwazi ukuhlangabezana neengxaki ezinjalo.

[Imifanekiso ekwiphepha 17]

Ukuqheliselwa kwento engqondweni kunokuphucula indlela ubani ayenza ngayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share