Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndingakuphelisa Njani Ukuvumela Ingqondo Ibhadule Kangaka?
OSELULA ogama linguJonathan wavuma, “Ndinengxaki enzulu. Ingqondo yam iyabhadula emsebenzini, xa ndihamba, phambi kokuba ndilale, kwanakwiHolo yoBukumkani. Ngokuqhelekileyo icinga ngamantombazana, isini okanye ukuba ngothile obalaseleyo okanye intshatsheli edumileyo.”
Ukubhadula kwengqondo kuqhelekile phakathi kwabantu abaselula nabakhulileyo. Ukuba kwenziwa ngomlinganiselo ofanelekileyo, kunokuba yinto eqhelekileyo nesempilweni.a Noko ke, kwanento elungileyo ukuba yenziwa ngokugqithiseleyo inokuba yingozi. (Thelekisa IMizekeliso 25:16.) Oku kunjalo ngokukodwa ukuba uvumela ingqondo ibhadulele kwizinto eziphosakeleyo.
Ngokomzekelo, masithi, ngamathub’ athile uzibona uyeyona mvumi uyithandayo. Ekuqaleni suku ngalunye usenokuchitha imizuzu embalwa unombono wakho useqongeni udunyiswa yinginginya yabantu. Kodwa njengoko iiveki ziqengqeleka, uqalisa ukuchitha ixesha elingakumbi uzibona ukwiikonsathi, kudliwano-ndlebe, nakwizihlandlo ezithile zoshicilelo. Iphupha elinjalo likwenza wonwabe, yaye kunzima ukuliphelisa.
Uyabuza, ‘Ngoko, yintoni eyingozi ngokwenza ngathi ezi zinto ziyinene?’ Iingcali zithi, esinye isizathu sikukuba abantu abavumela ukuba iingqondo zabo zibhadule ngendlela engalawulekiyo ngokufuthi “abanakukwazi . . . ukuhlangabezana nehlabathi lokwenene.” (The Parents’ Guide to Teenagers) Ukuphila ngamaphupha kuyayilibazisa inkqubo yokukhula; ubambelela kwizinto zobuntwana, kunokuziphosa kwelokulibala. (1 Korinte 13:11) Ukhulisa izinto ezingeyonyaniso kuneembono ezichanileyo zobomi. Kunokukhulisa “amandla akho engqiqo” ngokucombulula ingxaki ethile, uyawacinezela ngokubuyel’ umva kwilizwe lamaphupha. (Hebhere 5:14, NW) Ngaloo ndlela ukuvumel’ ingqondo ibhadule kuyabongamela ubomi bakho, kude konakalise izinto ezibalulekileyo neziza kuqala kubomi bokwenene.
Incwadi ethi Daydreaming, ebhalwe nguGqr. Eric Klinger, yalatha kwinto enokuba yingozi ebalaseleyo, eyile “ukuhlala ucinga ngokuthile okufunayo ongafanelanga ube nako kusenokwenza kube nzima ngawe ukuyeka ukukufuna.” IBhayibhile ikubeka ngale ndlela oku: “Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko.” (Yakobi 1:14) Isenzo sandulelwa yingcinga. Yaye nangona usenokungabi yimvumi ebalaseleyo yerock elikhoboka leziyobisi kuba nje ngamathub’ athile uphupha ngokuba yimvumi edumileyo, usenokuhlakulela umnqweno oyingozi ‘wenkanuko yenyama nenkanuko yamehlo.’—1 Yohane 2:16.
Ukuphelisa La Maphupha
Ngoko, unokuwaphelisa njani la maphupha? Okokuqala, kunokuba luncedo ukuzibuza isizathu sokuba la maphupha enomtsalane ongaka kuwe.b Ngaba kungenxa yokuba ufuna abanye bakuthande? Ngaba wonwatyiswa kukucinga ukuba umhle okanye unesiphiwo esayibangela ukuba le mvumi ibalasele? Okanye mhlawumbi unekhwele yindlela aphila ngayo ebonakala ingenangxaki. Enye ingcaphephe ngezigulo zengqondo ithetha ngemvumi edumileyo uMadonna yathi: “Kwiingqondo zabalandeli bakhe akanazingxaki zemali, umsebenzi wesikolo, ukuba lilolo.” Ngoko ke bambi basenokuphupha ngokuba njengaye.
Noko ke, ukuhlala ucinga ngezinto zokwenene, kunokwenza okungakumbi ekupheliseni ukuphupha okulolo hlobo. Sebenzisa umgaqo okweyabaseFilipi 4:8, apho sixelelwa ukuba sihlale sicinga ngezinto eziyinene neziludumo oluhle. Ngaba liyinene elokuba abantu abadumileyo banandipha ubomi obungenangxaki? Ngaba ngokuqhelekileyo indlela abaziphethe ngayo yeyodumo oluhle? Eneneni, ubomi ababuphilayo bokungakhathali buye balungxwelerha uninzi lwabo ngokomzimba nangokweemvakalelo. Phezu kwako nje ukuma kakuhle, uninzi lwabantu abadumileyo luneengxaki zemali. Bambalwa abanandipha umtshato ozinzileyo. Ngaba ufuna ukumilisela intliziyo yakho kubomi obunjalo?
Kakade ke, kuyinto nje eqhelekileyo ukufuna ukuthandwa nokuhlonelwa. UOlivia oneminyaka eli-16 ubudala unengqondo ebhadula ngokuzingisileyo apho anombono wakhe “enguthile okhethekileyo othandwa ngumntu wonke.” Kodwa ukuvumela ingqondo ibhadule—kungakhathaliseki ukuba oko ikucingayo kucace yaye kuyinyaniso kangakanani—akunakuyanelisa kwaphela loo minqweno njengokuba ukuphupha usitya kungenakukuhluthisa. (Isaya 29:8) Ukongezelela, iBhayibhile iyalumkisa: “Ogqala umoya akayi kuhlwayela.” (INtshumayeli 11:4) Ngoko kunokuba ube nombono wakho ungothandwayo sebenzela ukuzenza uthandwe.—Bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ndinokubenza Njani Abantu Ukuba Bandithande? kwinkupho yethu kaDisemba 8, 1988.
Iingcinga Ezingesini
Kwiminyaka yakhe yeshumi elivisayo, uAlan (ayilogama lakhe lokwenene) wayevumela ingqondo ibhadulele kokuthile okwahlukileyo. “Wafunda ukukhulisa iingcinga ezivuselela inkanuko” yaye wayechitha ixesha lakhe elininzi enezi ngcinga. Kamva, wazahlulela kuThixo njengomKristu. UAlan uyavuma, “Oko akuzange kwenze mahluko. Ukucinga ngesini kwaqhubeka kuyindlela endiphila ngayo.”
Ngaba ngokufanayo ukhathazwa kukubhadula kwengqondo okuvuselela inkanuko yesini?c Oku kusenokungabi yinto engaqhelekanga ukuba ‘usentlahleni,’ xa iminqweno yesini isiba namandla ngakumbi. (1 Korinte 7:36) Sekunjalo, ukuba ngabom ukhulisa iingcinga ezingesini uya kwenzakala. KweyabaseKolose 3:5 iBhayibhile ithi: “Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo.” Ukuqhubeka ucinga ngesini kukhulisa iminqweno ephosakeleyo. Kunokukhokelela ekuphululeni amaphambili—okanye ekuziphatheni kakubi ngokwesini.
Unokuwuphelisa njani umkhwa wamaphupha angokuziphatha okubi? UAlan ukhumbula oku: “Ndagqiba kwelokuba ndikuphazamise oko ngokucinga ngenye into. Ndandingenakucinga nzulu ngesini ngoxa ndandinikel’ ingqalelo kwenye into.” Ngaloo ndlela uAlan wafunda ukuziqeqesha. (1 Korinte 9:27) Wayecamngca ngezinto ezakhayo yaye wafunda ukuzikhupha ngokukhawuleza naziphi na iingcinga ezingokuziphatha okubi. (INdumiso 77:12) UAlan uthi, “Oko kwasebenza!”
Okubangel’ umdla kukuba, abaphengululi bafumanise ukuba ingqondo yethu ibhadula ngakumbi xa siswel’ int’ okwenza. Ngoko ukwenza umsebenzi omninzi, ngokukodwa “umsebenzi weNkosi,” yenye indlela yokwenza iingcinga ezimbi zingendeli nzulu.—1 Korinte 15:58.
Musa Ukuvumela Ingqondo Yakho Ibhadule
Kulutsha oluninzi ingxaki asikuko oko lukucingayo, kodwa indlela oko okuluphazamisa ngayo kumsebenzi wesikolo nakufundisiso lwalo. UKarine one-16 leminyaka ubudala uyakhalaza, “Andikwazi ukuzikis’ ingqondo. Andikwazi ukucinga into enye.” Unokuyinikela njani ingqalelo kwinto oyivayo? (Thelekisa uMarko 4:24.) Bambi abaphengululi bakholelwa ekubeni usenokuncedakala ukuba nje uyawazi umlinganiselo ingqondo yakho ebhadula ngawo. Mhlawumbi unokuphawula nje kwiphetshana elincinane ngalo lonke ixesha ufumanisa ukuba ingqondo yakho iyabhadula kwigumbi lokufundela. Xa abafundi kolunye uhlolisiso benza oku, umlinganiselo wokubhadula kwengqondo wehla ngokuphawulekayo.
Kwakhona zama ukuhlakulela umdla koko ukufundayo. Ukuba uye wazixelela ukuba izifundo zemathematika ziyakukruqula okanye ezembali ziyozelisa, awusayi kunikel’ ingqalelo kuzo. Noko ke, izifundo zakho ziya kubangel’ umdla omkhulu, ukuba uzikhumbuza indlela onokungenelwa ngayo kumbandela ofundwayo. Ubuncinane, ukufunda kusenokukunceda ukhulise ‘amandla okucinga.’ (IMizekeliso 1:4, NW) Kwakhona usenokufunda ubugcisa obubalulekileyo. Ngokomzekelo, imathematika iya kukunceda kakhulu emsebenzini wempangelo, ekwalathiseni imibandela ethile yentsapho, nasekusingatheni iimbopheleleko ezithile zamaKristu. Ukuba nolwazi ngezembali kunokukunceda uqonde abantu kunye neziganeko zakutshanje. UDaniel one-14 leminyaka ubudala ongomnye wamaNgqina kaYehova uthi: “Ndisoloko ndizama ukuqonda indlela umsebenzi wam wesikolo endiwenzela ekhaya onxulumana ngayo neBhayibhile nendlela endinokuwusebenzisa ngayo lo mbandela kumsebenzi wokushumayela. Oko kundenza ndingacingi ngokudlala ibhola, yaye andingxameli ukuwugqiba umsebenzi wam wesikolo.” Ewe, okukhona ukuxabisa ngakumbi oko ukufundayo, kokukhona uya kushukunyiselwa ekubeni ukukhuthalele ukufuna ulwazi.—Thelekisa IMizekeliso 2:4.
Kunzima ngokukhethekileyo ukunikel’ ingqalelo xa usenza okuthile okusisiqhelo, okunjengokupheka, ukucoca, okanye ukulungelelanisa iifayile. Hayi indlela ekulula ngayo ukubuyel’ umva kubomi bamaphupha! Sekunjalo, iBhayibhile ibonisa ukuba kubakho ulwaneliseko olukhulu xa umsebenzi wenziwe ngokufanelekileyo. (INtshumayeli 2:24) Isikhuthaza ngokubhekele phaya ukuba ‘senze zonke izinto kunge kukuYehova.’ (Kolose 3:23) Isimo sengqondo esikhuthaza ngolo hlobo sinokukunceda ukwazi ukunikel’ ingqalelo. USamuel oneminyaka eli-12 ubudala uthi, “Xa ndizimisele kwinto endiyenzayo, umsebenzi ndiwugqiba ngokukhawuleza ngakumbi.”
Ukuvumela ingqondo ibhadule kusenokuba luyolo, kodwa akuthabathel’ indawo izinto eziyinene. Musa ukukuvumela kulawule ubomi bakho. Qeqesha ingqondo yakho. Yitsolise kwizinto ezilungileyo. Ngale ndlela, awuyi kuyeka nje kuphela ukuvumela ingqondo ibhadule ngokugqithiseleyo kodwa ‘uya kububamba ubomi obungunaphakade.’—1 Timoti 6:19.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ngaba Kuphosakele Ukuvumela Ingqondo Ibhadule?” kwinkupho yethu kaJulayi 8, 1993.
b Maxa wambi ukubalekela kubomi bamaphupha kubonisa ukuba kukho iingxaki ezinzulu. Uhlolisiso olwenziwe kubantwana abafikelela kubuntu obukhulu abatyekele kwintelekelelo lubonisa ukuba inani elikhulu liye laxhatshazwa ngokwesini nangokwasemzimbeni ebuntwaneni. Ngoko ubomi bamaphupha buyindlela yokuhlangabezana naloo ngxaki. Oselula oye waxhatshazwa ufanele ukukuthetha oko kumntu omkhulu amthembileyo nokuze afumane uncedo.
c Uhlolisiso lubonisa ukuba ngokuqhelekileyo lincinane ixesha umntu alichitha ecinga ngesini xa ehleli. Kodwa incwadi ethi Daydreaming, ebhalwe nguGqr. Eric Klinger ithi: “Ngokucacileyo sityekela ekuzikhumbuleni ngakumbi izinto ezivuselela inkanuko. Kuba ngokuqhelekileyo ukucinga ngesini kuvuselela iinkanuko, mhlawumbi sizikhumbula ngokufuthi ngakumbi kunezinye iingcinga ebhadulela kuzo ingqondo.”
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Kunokuba uphuphe ngokuba ngothandwayo, sebenzela ukuzenza uthandwe