Imbono YeBhayibhile
Uncedo Kwintlungu Yakho
“USIZI SONKE LUSIBUYISELA EBUNTWANENI—LUTSHABALALISA WONKE UMAHLUKO ESINAWO WOBUKRELEKRELE. ABONA BAZIZILUMKO ABAZI NTO.”—URALPH WALDO EMERSON, IMBONGI YASEMERIKA NOMBHALI WEZINCOKO WENKULUNGWANE YE-19.
ULWAMVILA lokufa alubuhlungu nje kuphela kodwa luyothusa kwabo bafelweyo—indoda, umfazi, utata, umama, unyana, intombi okanye umhlobo. Osisilumko usenokubuza imibuzo kodwa angafumani zimpendulo zithuthuzelayo, yaye abomeleleyo basenokukhala ngenxa yokusindwa ngumthwalo wentlungu kodwa bangafumani ntuthuzelo. Abafundi beBhayibhile basenokukhunjuzwa ngesikhalo esenziwa nguDavide ngokubulawa kuka-Abhisalom owayengathembekanga: “Nyana wam, Abhisalom, nyana wam, nyana wam, Abhisalom! Akwaba bekufe mna esikhundleni sakho, Abhisalom, nyana wam, nyana wam!” (2 Samuweli 18:33) Esi yayingesosikhalo sikakumkani ekhalela umngcatshi; yayisisikhalo sikabawo ekhalela unyana wakhe ofileyo. Kusenokwenzeka ukuba nawe wavakalelwa ngendlela efanayo xa wawufelwe.
Ebudeni beli xesha lentlungu enzulu, kusenokuphakama imibuzo ekhathazayo engqondweni. ‘Bekutheni ukuze kwenzeke oku? Ngaba uThixo ebesazi ukuba oku kuza kwenzeka? Ukuba ebesazi, bekutheni ukuze angakuthinteli?’ Nangona umntu esenokuba uyazi kakuhle iBhayibhile yaye uyazi ukuba abafileyo baya kuvuswa, imibuzo ekhathazayo isenokufuna ukuba acamngce ngokunzulu ukuze axole aze athuthuzeleke.
Iimpendulo eziphosakeleyo azizisi ulwaneliseko lokwenyaniso, kuphela zizisa intuthuzelo yobuxoki. Ukuxelelwa ukuba ‘uThixo ebefuna othandekayo wakho’ ngokufuthi kubangela ukuba umlahle uThixo ngomoya okrakra. Inyaniso, njengokuba iqulethwe eBhayibhileni, iphendula imibuzo ngentlungu ize isondeze ubani ngakumbi kuYehova uThixo, kunokuba ityhalele ubani kude naye. Kweyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4 siyaqinisekiswa ukuba unguSozimfefe noThixo onako konke ukuthuthuzela.
Ulwazi Namandla KaThixo Zilungelelene
UYehova, uSomandla, ukwazi konke okwenzeka kwindalo yakhe yonke. INdumiso 11:4 iyasiqinisekisa: “UYehova, ulotrone yakhe isemazulwini, amehlo akhe ayababona, iinkophe zakhe ziyabacikida oonyana babantu.” KumaHebhere 4:13 umpostile uPawulos wabhala oku: “Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe.” UThixo akanalwazi nje kuphela kodwa unenkathalo! UYesu wathi: “Abathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? Kanti akuyi kuwa namnye kubo emhlabeni ngaphandle koYihlo. . . . Nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.”—Mateyu 10:29, 31.
Ngaba uThixo ngekuthintele ukufa okungalindelekanga kothandekayo nentlungu elandele oko? Ewe, ngekuthintele. UYesu wathi, “Zonke izinto zinako ukwenzeka kuye uThixo.” (Marko 10:27) Kude kudala, uYehova wawuphulaphula umthandazo kaHezekiya owayesifa waza wamphilisa wamongezelela neminyaka kubomi bakhe. (Isaya 38:2-5) Akathandabuzeki amandla kaYehova okwenza konke akuthandayo, kodwa simele siqonde okungakumbi ngokuthanda kwakhe. Sonke siye safunda ngeengxelo zabantu ababenzakele ngokumanyumnyezi okanye ababegula kakhulu, sekunjalo baphila. Ngaba uYehova wangenelela kwimeko yabo?
Bambi abantu banamandla angathethekiyo okuchacha nomnqweno onamandla wokuphila. Oku kusenokuchaza ukuchacha kwabo okubonakala kungummangaliso. Okanye unyango oluthile olutsha lusenokungqineka lunempumelelo. Ngaloo ndlela, asimele ngokuzenzekelayo sigqibe kwelokuba uYehova ungenelele.—Filipi 4:13.
ILizwi LikaThixo Lichaza Isizathu Sokuba Abantu Bafe
KumaRoma 5:12, umpostile uPawulos uchaza ngokulula gqitha ukuba ukhokho wethu uAdam wavukela uMdali wakhe waza ngokusesikweni wagwetyelwa ukufa. Ekubeni siyinzala yakhe, singaboni yaye singafa nangaliphi na ixesha. Asinasiqinisekiso sokuqhubeka siphila. UKumkani osisilumko uSolomon wamandulo ukwenza kucace ukuba ixesha nesihlo singafikela nabani na nangaliphi na ixesha, kusenokuba yingozi ebulalayo okanye ukugula okubulalayo kwequbuliso. Okanye ubani usenokuzalwa enesiphako semvelo esinokwenza ixesha lobomi bakhe libe lifutshane. Kwakhona uSolomon wachaza ukuba kuThixo kukho ixesha nexesha lonyaka lento yonke. UThixo umisele ixesha lokuphila, kungekuphela nje kumntu omnye okanye abambalwa, kodwa kulo lonke uluntu olukholwayo ebudeni bolawulo lukaKristu Yesu.—INtshumayeli 3:1; 9:11; 1 Korinte 15:25, 26.
Khumbula le ngongoma isengqiqweni: AmaKristu akabekelwa ecaleni kwiintlekele ezithwaxa uluntu yaye ngaloo ndlela aba namava afunyanwa luluntu ngokubanzi. “Anibanjwanga silingo singesesabantu.”—1 Korinte 10:13.
Indlela Esa Ekuchacheni
Ukufa kulixesha leenyembezi elidibene nokunyaniseka okukhulu ekubongozeni uYehova, uMphulaphuli wemithandazo. Ngoku kunanini na ngaphambili, sondela kuThixo. Ngoku kunanini na ngaphambili, phalaza intliziyo yakho umbongoza ukuze akunike ukuqonda, namandla okwenza uhlengahlengiso. IBhayibhile isikhuthaza ukuba senze kanye oko. UPetros uthi: “Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.” (1 Petros 5:7) Hayi indlela athuthuzela ngayo amazwi kaThixo akuIsaya 57:15: “Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo.” Otyumkileyo ubambelela ngokuqinileyo kuBawo; kukho ukusondelelana okungakumbi kunanini na ngaphambili. UYakobi ubhala oku: “Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni.” (Yakobi 4:8) UYakobi usiqinisekisa ukuba uThixo ukulungele ukusinika ubulumko namandla afunekayo ukuze sichache.
Ukongezelela, uya kufumanisa ukuba uya kuba ngumntu onolwazelelelo ngakumbi ngokuphathelele izilingo neenzima zabanye, ube novelwano ngakumbi. Uya kuba nolwazi olungakumbi ngendlela abanye abantu abavakalelwa ngayo nendlela yokudlulisela amazwi entuthuzelo nethemba. Usenokukwazi ukunceda osentlungwini kusizi lwakhe. Ewe, uya kuba novelwano olungakumbi kwabanye kwiimbandezelo zabo.—Filipi 2:1.
Ukulahlekelwa ngothandekayo kusenokuba buhlungu yaye kukukhathaze kangangexesha elithile, mhlawumbi kangangexesha elide. Sekunjalo, ekugqibeleni, kusenokukunika umbono ocace ngakumbi wethemba elingaphambili, ithemba lokukhonza uThixo kungekho mava abuhlungu. Sisenokude somelele ngakumbi kubuntu bethu bobuKristu.—1 Petros 1:6, 7.
Ngoko phezu kwayo nje intlungu onayo, ungaze unikezele! Zenzele isigqibo sokuqhubeka ukhonza uThixo ngokuthembekileyo nangokunyanisekileyo, ukuze kuzukiswe kuze kuhlonelwe yena uze nawe uzuze usindiso lukanaphakade.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 26]
The Day Before Parting by Jozef Israels: Gift of Alice N. Lincoln, Courtesy, Museum of Fine Arts, Boston