IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g94 5/8 iphe. 18-20
  • Xa Izinto Ozenzayo Zikukhobokisa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Izinto Ozenzayo Zikukhobokisa
  • Vukani!—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukukhotyokiswa Ngumsebenzi
  • Ukukhotyokiswa Ngumabonwakude
  • Ukukhotyokiswa Kukungcakaza
  • Ukukhululeka
  • Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Ndiyeke Ukusebenzisa Iziyobisi?
    Imixholo Engakumbi
  • Ndilikhoboka Lako! Ndinokukuyeka Njani Ukungcakaza?
    Vukani!—1993
  • Amalungu Amatsha Okungcakaza—Ulutsha!
    Vukani!—1995
  • Ukoyisa Ukukhotyokiswa Yinto Ethile
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
Vukani!—1994
g94 5/8 iphe. 18-20

Xa Izinto Ozenzayo Zikukhobokisa

UKUKHOTYOKISWA zizinto ezithile nokukhotyokiswa zizinto ozenzayo kufana noololiwe ababini abaya kwindawo enye abahamba kwisiporo esinye. Konke oku kukhotyokiswa kusingise kwindawo efanayo okanye kunenjongo enye: ukulungisa indlela ovakalelwa ngayo nokuquma iimvakalelo ezibuhlungu onazo. Makhe siqwalasele eminye imizekelo yokukhotyokiswa zizinto ozenzayo.

Ukukhotyokiswa Ngumsebenzi

Ukukhotyokiswa ngumsebenzi bekubizwa ngokuba kukukhotyokiswa okuhloniphekileyo. Ngapha koko, ukukhotyokiswa ngumsebenzi kwenza kubekho abaqeshwa abasemagqabini. Phofu ke, bona ngaphakathi basenokuziva benganelisekanga. Umsebenzi usenokuba yinto yokubaphazamisa kwintlungu abakuyo okanye ube yinto yokufuna ngokubaxekileyo ukunconywa.

Umkhenkce ophezu kwamanzi ukhusela lowo udlala ngokutyibilika kuwo angatshoni emanzini; umsebenzi ukhusela ikhoboka lawo lingatshoni kwiimvakalelo. Njengalowo udlala ngokutyibilika emkhenkceni, ikhoboka lomsebenzi linokwenza izinto ezibukekayo. Kodwa konke oko kukuzikha phezulu izinto. Yintoni ekhoyo phaya ngaphantsi? Umcebisi kwizigulo zengqondo uLinda T. Sanford ubhala athi: “Xa lowo ukhotyokiswe ngumsebenzi engaxakekanga, usenokukhukuliswa ziimvakalelo ezoyikekayo njengodandatheko, ixhala, umsindo, ukuphelelwa lithemba nokuziva engento yanto.”

Imvakalelo eyendeleyo yokunyanzeleka yabo bakhotyokiswe ngumsebenzi ibonisa ukuba iluphawu oluya kuhlala ixesha elide, mhlawumbi abalufumene ekukhuleni kwabo. Kwakunjalo ngebhinqa esiza kulibiza ngokuthi nguMary. Liseneminyaka emithandathu lalizama ukusebenzela ukuthandwa nguyise okhotyokiswe butywala ngokuthi lipheke lize lisebenze endlwini. Lithi: “Ndandiziva ndinyanzelekile ukwenza oku. Ndandicinga ukuba ukuba ndingenza okuthe chatha okanye ndiphucule, wayeya kundithanda. Into awayesuka ayenze kukundigxeka.”

Nangoku angumntu omkhulu uMary useneengcinga ezingachananga. Uyavuma esithi: “Nangoku ngaphakathi ndisaziva ndingento yanto. Ndivakalelwa kukuba kusafuneka ndisebenzele ukuthandwa, ndivakalelwa kukuba akukho nto indifaneleyo ngaphandle kokuba ndisebenze. Xa sinembutho ndiyaqukeza ndipheke ndidlulise ukutya ebantwini, ngokungathi ndisebenzela ilungelo lokubakho apho.”

Kubalulekile ukuba abo banjengoMary babe nembono elungeleleneyo ngomsebenzi. IBhayibhile iyakuncoma ukuzibhokoxa emsebenzini. (IMizekeliso 6:6-8; 2 Tesalonika 3:10, 12) UYehova uThixo uyazibhokoxa emsebenzini. (INdumiso 104:24; Yohane 5:17) Kodwa akaziva enyanzelekile ukuba asebenze. UYehova wabona ukuba izinto azidalileyo zilungile ibe akazange akubone oko akuba ezigqibile kodwa wayezibona kwanasebudeni bokudalwa kwazo.—Genesis 1:4, 12, 18, 21, 25, 31; thelekisa INtshumayeli 5:18.

INgcibi yomsebenzi kaYehova uThixo, uNyana wakhe, uYesu, ngokufanayo yabonakalisa ukwaneliseka ngokobuqu emsebenzini wayo. (IMizekeliso 8:30, 31) UYesu wathembisa abalandeli bakhe ukuba nabo babeya kuhlaziyeka xa besebenza naye. Ngaxhatha linye baba nesabelo kumsebenzi obaluleke gqitha. Kodwa oku akuzange kubenze bangaphumli.—Mateyu 11:28-30; Marko 6:31; thelekisa INtshumayeli 4:6.

Masithi mhlawumbi umzali wakho wenza izinto ngendlela ebonisa ukuba ukuze ufaneleke uxhomekeke kwizinto ozenzayo okanye akasayi kukuthanda de uziphumeze. Kuya kukuthuthuzela ukwazi ukuba le asiyombono kaYehova yokuba ngumzali ofanelekileyo. ILizwi lakhe liluleka lisithi: “Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangafi iintliziyo [“bangaziva bephantsi,” The Amplified Bible].” (Kolose 3:21) UYehova akalugogotyi uthando kuba efuna lusetyenzelwe. Uthando lwakhe akalubonisi kuphela emva kokuba ubani eqalisa ukumthanda nokumkhonza. Eneneni, iBhayibhile isixelela ukuba “wasithanda kuqala,” ewe, kwanaxa ‘sasisengaboni,’ uThixo waqala wasithanda. (1 Yohane 4:19; Roma 5:6-8) Ngokubhekele phaya, uYehova akayigxeki imigudu yethu yokunyaniseka yokwenza ukuthanda kwakhe. Ngoko ke, inkonzo yethu kuye iba yindlela yokwenyaniso yokubonakalisa ukuba siyamthanda.

Ukukhotyokiswa Ngumabonwakude

Bambi bakubiza ukubukela umabonwakude ngokugqith’ emgceni njengokukhotyokiswa. UMarie Winn ubhala athi kwiThe Plug-In Drug: “Ngokufanayo neziyobisi notywala, umabonwakude umkhupha kuthi tu lowo umbukeleyo kweli hlabathi lokwenene uze umfake kwiingcinga ezimyoli nezobuvila.”

Kakade ke, akukho nto iphosakeleyo ekungacingini ngeembopheleleko zobomi—okwexeshana. Kodwa ke abanye ababukeli bakhe ababi sabuyela kwizinto eziyinene zobomi. Omnye umyeni ekwenzeka ukuba ngesiquphe angakwazi ukubukela umabonwakude wakhe kuba wayonakele wavuma wathi: “Ndivakalelwa kukuba yonke loo minyaka ingqondo yam yayonakele ngokupheleleyo. Ngandlel’ ithile ndandibotshelelwe kuloo matshini yaye ndingakwazi kuzikhulula.” Oselula ogama linguKai uchaza indlela efanayo awayelikhoboka ngayo: “Andikufuni ukubukela umabonwakude ngale ndlela ndimbukela ngayo kodwa andinakuzinceda. Undenza ndimbukele.”

Ukubukela umabonwakude ngokugqith’ emgceni kuphazamisa amandla okucinga. IBhayibhile incomela ukucamngca, okufuna ukuba ukhe ube wedwa. (Yoshuwa 1:8; INdumiso 1:2, 3; 145:5; Mateyu 14:23; Luka 4:42; 5:16; 1 Timoti 4:15) Abantu abaninzi bayoyika ukuyenza loo nto. Baba namanwele xa kuthe cwaka. Bayoyika ukuba bodwa ukuze bacinge izinto zabo. Bafuna ngamandla nayiphi na into enokubahlalisa. Umabonwakude akalibazisi ukwenjenjalo. Noko ke, kwanokuba uluncedo ngolo hlobo umabonwakude ukukhupha nje ebomini bokwenene.

Ukukhotyokiswa Kukungcakaza

Ukungcakaza kubangelwa kukubawa. Kodwa ukungcakaza akudli ngakuba kukufuna nje imali.a UNigel uthi: “Ndandifuna ukuba ‘semqheleni’ ukuze ndiphuncule kwizinto zokwenene zobomi. Kwakufana nje nokusebenzisa iziyobisi.” Kulowo ukhotyokiswe kukungcakaza, ukungcakaza nje kukodwa kudla ngokuba ngumvuzo. Imiphumo yako ayinjalo. UNigel waphulukana nabahlobo bakhe. Bambi baphulukana neentsapho zabo. Abaninzi baphulukana nempilo yabo. Ibe phantse bonke baphulukana nemali yabo. Kodwa bambalwa abakuyekayo, ekubeni ukuphumelela okanye ukukatya kungeyiyo eyona nto iphambili. Kukudlala lo mdlalo—ukungcakaza—okuguqula indlela abavakalelwa ngayo yaye kuko okubangela umqhele ofana noweziyobisi.

Ukungcakaza kusenokukuphazamisa ungacingi ngeengxaki zobomi, kodwa akuyi kuzishenxisa kuwe. Indoda engxwelerheke ngokumanyumnyezi ayifuni iipilisi zeentlungu kuphela. Kufuneka kunyangwe amanxeba ayo. Ukuba kukho amanxeba abangele ubani angcakaze, ufanele awazi aze awanyange. Oku kufuna inkalipho, kodwa ekugqibeleni kunomvuzo.

Ukukhululeka

Ukuze ukhululeke kuyo nantoni na ekukhobokisayo, laa ngxaki ingaphakathi iphemba ukukhotyokiswa ayinakuphoswa kwelokulibala. Lowo ukhotyokisiweyo ufanele azame ukunyanga into ebangela le ngxaki. Oku kulucelomngeni. Omnye owayekhotyokisiwe uthi: “Akusuki nje uyeke emva kokuba ubukhotyokiswe butywala naziziyobisi kangangama-30 eminyaka, ngokukodwa xa ukukhotyokiswa kwakho bekufihle ingxaki eyendeleyo.”

Ukanti, kufuneka umgudu ukuze ukhululeke ekukhotyokisweni. UMary, okhotyokiswe ngumsebenzi, okhankanywe ngaphambilana ukuchaza kakuhle oku. Uthi: “Kangangeminyaka emininzi, ndandiphepha izinto endandisoyika ukujamelana nazo. Kodwa ngoku ekubeni ndiye ndajamelana nazo ezo zinto, iyamangalisa indlela eziye zancinane ngayo.”

La ngamava abaninzi abaye bakoyisa ngokuphumelelayo ukukhotyokiswa. Kunokuqhubeka “bengabakhonzi bokonakala,” baye bathandazela “incamisa yamandla” ukuze bajamelane ngokuphumelelayo nocelomngeni lokoyisa ukukhotyokiswa.—2 Petros 2:19; 2 Korinte 4:7.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ngokungafaniyo nomsebenzi nokubukela umabonwakude, amaKristu ayakuphepha ngokupheleleyo ukungcakaza, aphepha zonke iintlobo zako. (Thelekisa uIsaya 65:11.) Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona uVukani!, kaJuni 8, 1992, iphepha 3-11.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 18]

‘Ibinzana elithi izinto ezikhobokisayo linokusetyenziswa kuzo zonke iindidi zezinto ozenza ngokunyanzeleka.’—UGqr. J. Patrick Gannon.

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Kumntu okhotyokiswe ngumsebenzi, umsebenzi ubonakala ubaluleke kakhulu kunentsapho

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Ukungcakaza kunokuguqula iimvakalelo zikabani kuze kubangele umqhele ofana nobangelwa ziziyobisi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share