Inkqubela Ekunyangeni Iintlungu
UKUZA kuthi ga kutshanje bambalwa oogqirha abebezazi kakuhle iintlungu ibe inkoliso yabo ayikazi nowathwethwa. UGqr. John Liebeskind, owayesakuba ngumongameli weInternational Pain Foundation, waphawula oku kwiminyaka embalwa edluleyo: “Andiqondi ukuba sikho isikolo sezamayeza ehlabathini apho kuchithwa ngaphezu kweeyure ezine kwiminyaka emine kufundiswa abafundi baqonde baze banyange iingxaki zeentlungu.”
Noko ke, ukuqondwa ngokutsha kweentlungu, kuye kwangqubana nemigudu engakumbi yokuzinyanga. Ngaloo ndlela, indlela abajongwa ngayo abo baneentlungu iye yaqaqamba. Iphephancwadi iAmerican Health lanikela le ngxelo: “Sonke simele siyibulele into yokuba, abezonyango ngoku bayaqonda ukuba iintlungu ezingapheliyo azilophawu nje lokuba unento onayo, kodwa zisisigulo esinokunyangwa.” Le ngcamango ifake isandla ekwandeni kweekliniki ezinyanga ngokukhethekileyo iintlungu.
Apho Zinyangwa Khona Iintlungu
UGqr. John J. Bonica wavula ikliniki yokuqala yokunyanga iintlungu ngokukhethekileyo eUnited States. Wanikela le ngxelo: “Ngowe-1969 zazili-10 kuphela iikliniki ezilolu hlobo ehlabathini.” Kodwa inani leekliniki zokunyanga iintlungu ngokukhethekileyo ziye zanda ngokukhawuleza kwiminyaka engama-25 edluleyo. Sithetha nje kukho iikliniki zokunyanga iintlungu ezingaphezu kwesigidi, ibe ummeli wombutho wesizwe weentlungu ezingapheliyo wathi “phantse yonke imihla kuvulwa ezintsha.”a
Cinga nje ngentsingiselo yoko! UGqr. Gary Feldstein, oyingcali yesithomalalisi-zintlungu kwiSixeko saseNew York waphawula oku: “Ngoku abaguli ababekade behamba amakhulu okanye amawaka eemayile befuna indawo abanokuncedwa kuyo kwiintlungu ezingapheliyo bangayifumana kufutshane namakhaya abo.” Ukuba uneentlungu, enjani yona intsikelelo ekunokuba yiyo ukufumana uncedo kwiqela leengcali eziqeqeshelwe ukunyanga iintlungu!
ULinda Parsons, inkosikazi yomveleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova, wayeneentlungu zomqolo kangangeminyaka emininzi. Wayesithi ekulo ugqirha abe ekulowa, zabe zona iintlungu zingamniki siqabu. Ngenye imini ngoMeyi kunyaka ophelileyo, sele ebuncama, indoda yakhe yaqubula incwadi enezalathiso zomnxeba yajonga phantsi kwendawo ethetha ngeentlungu. Kwakudweliswe iinombolo zomnxeba zekliniki yeentlungu ekufutshane nendawo ababetyelele kuyo emazantsi eKhalifoniya. Wabekelana ixesha nogqirha, ibe kwiintsuku ezimbalwa kamva uLinda wadibana nogqirha ukuze anyangwe nto leyo awayeyizibula.
Kwenziwa amalungiselelo okunyanga uLinda njengomguli ongaphandle. Waqalisa ukutyelela ikliniki kathathu ngeveki ukuze anyangwe kwaza emva koko wanyangelwa ekhaya. Kwiiveki ezimbalwa, wayesiva ukuba izinto azimnta’ kaNgqika. Indoda yakhe iyacacisa: “Ndikhumbula ngenye ingokuhlwa ebumangaliswa esithi, ‘Iyandimangalisa into yokuba ndingaseva zintlungu.’” Kwiinyanga ezimbalwa, wayeka ukuya rhoqo ekliniki.
Uncedo uLinda awalufumanayo ukuze amelane neentlungu zakhe luyafumaneka kwiikliniki ezininzi ezinyanga ngokukhethekileyo iintlungu. Ikliniki elolu hlobo ineqela leengcali kwezempilo, yona, ngokutsho kukaGqr. Bonica, “yeyona iphambili ekunyamekeleni iintlungu ezingapheliyo.” Ngokomzekelo, iintlungu zikaLinda zanyangwa njani?
Indlela Ezinokunyangwa Ngayo Iintlungu
Incwadana enemifanekiso yekliniki ichaza into oyenziwayo xa ufika: “Mntu ngamnye uhlolwa ngugqirha ukubona into ebangela eve iintlungu aze achazelwe izinto eziza kwenziwa neenkqubo zonyango aza kuzifumana. . . . Kusetyenziswa ubuchule neendlela ezikhethekileyo ukunceda umzimba ukhuphe ‘ii-endorphin’ (imichiza ekhutshwa ngumzimba ngokwemvelo) ukunciphisa iintlungu nexhala nokuphepha ukuxhomekeka kwizibulali-zintlungu.”
Enye yezinto awanyangwa ngazo uLinda yiacupuncture neTENS, esisishunqulelo setranscutaneous (ukunqumla esikhumbeni) electrical nerve stimulation. Ekliniki wanyangwa ngezixhobo zombane ibe wanikwa iTENS ngomlinganiselo omncinane aza kuyisebenzisa ekhaya. Kwakhona kwasetyenziswa ibiofeedback—inkqubo apho umguli afundiswa ukuhlola indlela umzimba wakhe osabela ngayo aze ayilungelelanise ukuze inciphise iintlungu.
Ukunyangwa ngaphandle kwamayeza, okuquka ukuhlikihlwa kwezicwili, kwakuyenye yeendlela ezazizanywa kolo nyango. Ekuhambeni kwexesha, kwaqaliswa inkqubo yokuba enze umthambo kwindawo yokwenza umthambo ekliniki, kodwa oko kusenziwa emva kokuba uLinda ekulungele oko ibe kwaba yeyona nto ibalulekileyo kunyango lwakhe. Ukwenza umthambo kubalulekile, ekubeni kuye kwafunyaniswa ukuba kubuyisela iiendorphin ezibulewe ziintlungu ezingapheliyo. Noko ke, eyona nto ilucelomngeni kukunceda abantu abaneentlungu benze umthambo ngendlela eza kuba luncedo kubo.
Uninzi lwabo baneentlungu ezingapheliyo abeza ekliniki banikwa intaphane yamayeza eentlungu ibe nakuLinda kwaba njalo. Kodwa kungentsuku zatywala wayekiswa ukusebenzisa loo mayeza, nto leyo elusukelo oluphambili lweekliniki zeentlungu. ULinda akazange aphinde abe nangxaki, ibe loo nto asinto ingaqhelekanga. Ingcali kwiintlungu uGqr. Ronald Melzack yaphawula ukuba “kuhlolisiso olwenziwa kubantu abatshileyo abangaphezu kwama-10 000 . . . , akukho nokuba abe mnye kubo owaba likhoboka lamayeza okuthomalalisa iintlungu ngoxa esesibhedlele.”
Ekubeni ngokufuthi indlela oziva ngayo iintlungu ezingapheliyo idla ngokuxhomekeka engqondweni, iikliniki zizama ukunceda abaguli, ngokungathi kunjalo, bafunde ukuzilibala iintlungu abanazo. UGqr. Arthur Barsky, unjingalwazi kwiSikolo Sezonyango SaseHarvard wacacisa wathi: “Oko ukucingayo, oko ukulindeleyo, nendlela oyinikela ngayo ingqalelo kwiimvakalelo zakho—zonke ezi zinto zinempembelelo enkulu kwindlela ova ngayo.” Ngoko abaguli bayancedwa bangabe becingana neentlungu kuphela.
Ithemba Lokunyangwa Kwazo
Ngaba ezi kliniki zintsha zisisicombululo kwiingxaki zoluntu zeentlungu? Nangona iindlela zokunyanga iintlungu ezichazwe apha zinokuba luncedo, ubani umele ayikhethe ngenyameko ikliniki okanye ingcali yeentlungu efanelekileyo. Sekunjalo, izinto ozilindeleyo zifanele zibe sengqiqweni.
Umzekelo ophilayo woku ngulo: UStephen Kaufman owayesakuba ngumphakamisi weentsimbi kwimidlalo yeeOlimpiki, emva kokuba edutyulwe entanyeni sisigwinta waphantse wangumlwelwe ngenxa yeentlungu ezingapheliyo awayenazo. Emva kweenyanga ezisibhozo ekunyango lweentlungu, wakwazi ukubuyela emsebenzini ngokusisigxina waza ekugqibeleni wabuyela kukhuphiswano lokuphakamisa iintsimbi. Ukanti wathi: “Ngamathuba athile, iinzwane zam zikhe zitshise ngathi zifakwe emanzini abilayo.”
Ngoko phezu kwayo nje inkqubela enik’ umdla, licace mhlophe elokuba umntu akanakukwazi kwaphela ukuzalisekisa idinga leBhayibhile elithi: ‘Kungabi sabakho ntlungu.’ (ISityhilelo 21:4) Ngoko, kuya kuze kwenzeke njani oku?
[Umbhalo osemazantsi]
a UVukani! akaxhasi nayiphi na ikliniki yokunyanga iintlungu okanye nayiphi na inkqubo yezonyango.
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Iindlela zokunyanga iintlungu, kuquka isixhobo sombane sokwenza iziva-mvo zisebenze
[Inkcazelo]
Courtesy of Pain Treatment Centers of San Diego