IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g94 7/8 iphe. 12-14
  • Ukufunxa Iglu—Ngaba Ngenene Kunokundenzakalisa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufunxa Iglu—Ngaba Ngenene Kunokundenzakalisa?
  • Vukani!—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufa Ngephanyazo
  • Ungcoliso Lomzimba Kunye Nezinye Iingozi
  • Musa Ukukulinga!
  • Amayeza Kagqirha—Ukuwasebenzisa Kakuhle Nakakubi
    Vukani!—2009
  • Ulutsha Neziyobisi
    Vukani!—2003
  • Amanxeba Afihlakeleyo Abantwana Abaxhatshazwayo
    Vukani!—1991
  • “Ixesha Lokuphila”
    Vukani!—1991
Khangela Okunye
Vukani!—1994
g94 7/8 iphe. 12-14

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ukufunxa Iglu—Ngaba Ngenene Kunokundenzakalisa?

“KUMNANDI ngolona hlobo—kufana nokubukela imifanekiso ehlekisayo.” Utsho njalo uSveta, intombazana eneminyaka eli-13 ubudala, yaseMoscow eRashiya.a Kodwa uSveta akathethi ngebhongo ngomfanekiso oshukumayo okanye ivideo yakutshanje. Uchaza ngamava akhe angokusetyenziswa kakubi kohlobo oluthile lwesiyobisi oluqhelekileyo phakathi kwamawaka olutsha ehlabathini jikelele—ukufunxa iglu.

Noko ke, iglu yenye nje kwizinto ezininzi ezifunxwa lulutsha oluthile. Ngokomzekelo, eBritani, iiair freshener, izibaso ezingenamandla, yaye ngokutsho kwephephancwadi iYoung People Now, “ama-20 ukuya kuma-30 ezinto eziqhelekileyo ezisetyenziswa ekhaya . . . zisetyenziswa kakubi.” Oku kuquka “izipreyi zokudambisa iintlungu, iipolishi zefenitshala kunye nezixhobo zokulungisa ivili eligqabhukileyo.” Lumbi ulutsha lude lufunxe nomphunga wezixhobo zokucima umlilo! Ngoko ke kuchane ngakumbi ukuwubiza lo mkhwa uyingozi kodwa uqhelekileyo njengoko iingcali ezithile ziwubiza, zithi “kukusetyenziswa kakubi kwezinto ezitsha msinya.”

Enoba basebenzisa kakubi iglu okanye ipolishi yefenitshala, abo bazifunxayo ezi zinto bafuna imiphumo efanayo. Ngokutsho komnye umthombo, bafuna “ukuba ‘semqheleni’ okanye ‘ukuba mnandi’ okufanayo nokuyoba okubangelwa butywala.” Amachiza okunyibilikisa anexabiso eliphantsi yaye kulula ngakumbi ukuwafumana kuneziyobisi ezinamandla ezinjengecocaine. Ngaloo ndlela iphephancwadi laseBritani iNew Scientist lathi: “Kwakhona amachiza okunyibilikisa asisiyobisi samahlwempu, sabaselula nabangenazinto: abantwana abangenamakhaya baseGuatemala nabemi bomthonyama baseMntla Merika, kuquka nabantu abaselula abahlala kwiihostele nakwiindawo abalala kuzo abanye abangenamakhaya eBritani.” Wambi amagosa akholelwa ukuba eBritani, kumantombazana nakumakhwenkwe alishumi omnye wakha wazifunxa izinyibilikisi. Yaye imiphumo inengozi gqitha.

Incwadana ethi Drug Misuse icacisa ukuba “umphunga wamachiza okunyibilikisa osezelweyo ufunxwa yimiphunga yaye ngokukhawuleza ufikelela engqondweni.” Amachiza okunyibilikisa achaphazela inkqubo yemithambo-luvo, yaye ngokufanayo notywala, anokumbangela ubani achulumance okwexeshana. Kwabathile abawasebenzisayo, akwabangela imibono emifutshane eyahlukahlukeneyo—yaye asiyiyo yonke emnandi njengaleyo ichazwe nguSveta ekuqaleni. UDavid oselula owaqalisa ukufunxa iglu eneminyaka eli-14 ubudala uthi: “Ndabona iimpuku ezininzi. Zazingamawaka—ezincinane ziphuma kwezinkulu. Ndandicinga ukuba zazisitya umhlobo wam.” UmJapan oselula ogama linguKazuhiko, owaqalisa ukufunxa iglu xa wayeneminyaka eli-17 ubudala, uthi: “Ndabona umhlaba ucandeka phakathi yaye ndihlaselwa ngamarhamncwa.”

Ngoko, kutheni ukufunxa amachiza okunyibilikisa kuthandwa kangaka lolunye ulutsha? ULee, owaqalisa ukufunxa iglu xa wayeneminyaka eli-13, uthi: “Ngokusisiseko, isizathu sikukuba abantu bazama ukubaleka iingxaki zobomi.” Ewe, kolunye ulutsha, ukuzinxilisa ngamachiza okunyibilikisa kuyindlela yokulibala iingxaki. Abanye balangazelela uchulumanco; bacinga ukuba umbono owoyikekayo ufana nokuyoliswa ngumfanekiso oshukumayo ohlathuzelisa amanwele. ISebe leZempilo laseIreland lithi: “Ezinye izizathu ziquka ukufun’ ukwazi, ukunikezela kwingcinezelo yeqela loontanga, amalinge okuzuza udumo, ukuthabathel’ indawo ukungazihloneli neemvakalelo zokunganeliseki.”

Ukufa Ngephanyazo

Enoba kuthandwa kangakanani, ukufunxa amachiza okunyibilikisa kungumkhwa obulalayo! Kwabulala abantu abali-149 eBritani ngowe-1990, yaye maxa wambi kubulala kwisithuba semizuzu kuphela. Kubizwa ngokuthi, “kukufa ngephanyazo okubangelwa kukufunxa.” Ngokomzekelo, uRachel, wayeqhele ukugalela ulwelo lokucima iimpazamo zomatshini wokuchwetheza emkhonweni wempahla yakhe aze alufunxe esikolweni. Ngenye imini walufunxa ngoxa wayehamba ngodula-dula. Wehla kudula-dula waza wawa phantsi. Waphakama okomzuzwana waza waphinda wawa—itshoba lalal’ umbethe! URachel wayeneminyaka eli-15 ubudala.

Okoyikisa ngokukodwa sisibakala sokuba amachiza okunyibilikisa anokukubulala kanye kwisihlandlo sokuqala uwasebenzisa kakubi! IRe-Solv, umbutho wokunceda abantu abasweleyo waseBritani omiselwe ukulwa nxamnye nokusetyenziswa kakubi kwamachiza okunyibilikisa, uchaza ukuba “i-18 ekhulwini labo bonke abantu ababulawa kukusebenzisa kakubi amachiza okunyibilikisa phakathi kowe-1971 nowe-1989 ‘babengabafunxi’ abaqalayo.” Oyena mncinane wafa eneminyaka esithoba kuphela ubudala. Ngokufanayo nokusetyenziswa kakubi kotywala, kunokutshiwo ukuba ukusebenzisa kakubi amachiza okunyibilikisa kuluma ‘njengenyoka, kuluma njengerhamba.’—IMizekeliso 23:32.

Abafunxi basenokufa ngenxa yeengozi ezibakho ngoxa bephantsi kwempembelelo yamachiza okunyibilikisa. Bambi baye bawa kwizakhiwo eziphakamileyo okanye barhaxwa. Bambi baye bamkelwa ziingqondo baza barhaxwa yimigabho yabo. Bambi bade bafa ngenxa yokufunxa bezigqume iintloko ngengxowa yeplastiki; ngenxa yokuyotywa gqitha baze bangayisusi loo ngxowa, baye bafuthaniseleka. Ukanti abanye baye babulawa ngumlilo xa amachiza okunyibilikisa adibana nomlilo.

Ungcoliso Lomzimba Kunye Nezinye Iingozi

Nangona imiphumo enjalo ukuba buhlungu ingafunyanwa ngabo bonke, enye ingcali ithi: “Lowo uwasebenzisa ngokuthe rhoqo uyazi ukuba ‘ungcolisa’ inkqubo yakhe yomzimba yaye unyamezele ukuba buhlungu kwesifuba, ukungalungelelani kakuhle, intloko ebuhlungu, ukuphulukana nenkumbulo kunye nentlaninge yezinye iimpawu zokugula angafane azivume.” ULee (okhankanywe ngaphambilana) ukhumbula oku: “Intloko yam yaba buhlungu ngendlela engazanga ibe njalo ebomini bam.” Umbutho iRe-Solv uthi ukufunxa amachiza okunyibilikisa kwakhona kunokonakalisa izintso nesibindi, kunokubangela ukuphazamiseka kwengqondo, yaye kunokubangela udandatheko.

Kwandula ke kubekho iingozi zemilinganiselo yokuziphatha. Bambi abafunxi baye bangamasela ukuze baxhase umkhwa wabo. Okanye khawucinge ngoko kwathethwa yiDaily Yomiuri yaseJapan: “Omnye wabaselula abathathu ababebekwa ityala lokugebenga intombazana ekwishumi elivisayo [wathi] akazange azive enetyala ngoxa wayebulala loo ntombazana kuba wayephantsi kwempembelelo [yamachiza okunyibilikisa] ngelo xesha.”

Ekuqukumbeleni, ukusetyenziswa kakubi kwamachiza okunyibilikisa kunokukhokelela ekuxhomekekeni ngokweemvakalelo kumachiza okunyibilikisa—ekukhotyokisweni ngawo. IGlasgow Herald yaseSkotlani ithi: “I-10 ekhulwini labo babewasebenzisa kakubi amachiza okunyibilikisa baye bakhotyokiswa ngawo.” Oku kunokuphazamisana nokukhula kukabani ngokweemvakalelo nangokomoya. Khawucinge ngamazwi eBhayibhile akweyoku-1 kwabaseKorinte 14:20: “Musani ukuba ngabantwana engqondweni; . . . engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu.” Ubani ukhula njani kulo mba? IBhayibhile kumaHebhere 5:14 iyacacisa: “Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.” Umntu okhotyokisiweyo uyasilela ukukhulisa amandla akhe okuqiqa. Kunokuba amelane neengxaki, uye azame ukuzidungudelisa ngeziyobisi. Iphephancwadi iYoung People Now lathi abantu abakhotyokisiweyo “basengxakini njengabo bakwishumi elivisayo—abangakwaziyo ukukhulela ebuntwini obukhulu.”

Musa Ukukulinga!

Usenokuba wazi oontanga bakho abathile abakhe bakulinga ukufunxa amachiza okunyibilikisa, yaye eneneni kungokwemvelo ukufun’ ukwazi. Kodwa iBhayibhile ithi: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo.” (2 Korinte 7:1) Kutheni usenza ulingelo ngento engcolisa umzimba wakho okanye ekwenza ukuba ungakwazi ukuyilawula ingqondo yakho, kwanokwexeshana? Isiluleko seLizwi likaThixo sesokuba ‘siphaphe.’ (1 Tesalonika 5:6) Eli binzana ngokoqobo lithetha ukuba “kwanga singaqabuka.” Kunokuba angcolise amandla akhe okucinga axabisekileyo, umKristu uwalondoloza ngobulumko.—IMizekeliso 2:11; 5:2.

UKazuhiko uthi: “Ndiyazisola ukuba ndandiwuqalelani na lo mkhwa.” ULee uyavuma, esithi: “Kububudenge gqitha. Kuyingozi ngolona hlobo ukwenza le nto.” Zisindise ezintlungwini ezininzi naselusizini, musa ukukuqalisa kwaukukulinga ukufunxa amachiza okunyibilikisa. Yenza njengoko iBhayibhile isitsho: “Onobuqili ubona into embi, azifihle; ke zona iziyatha ziya kugqitha kuyo, zihlawuliswe.”—IMizekeliso 22:3.

Noko ke, ukulisebenzisa eli cebiso kusenokungabi lula. Kuthiwa “ingcinezelo yeqela loontanga” sesinye sezona zizathu ziqhelekileyo zokurhintyelwa kolutsha kukusetyenziswa kakubi kwamachiza okunyibilikisa. UDavid oselula uthi: “Umkhuluwa wam wandenza ndanomdla ekufunxeni iglu.” UKazuhiko wongeza esithi: “Abahlobo bam bandiqhelanisa nako.” Ewe, njengoko eyoku-1 kwabaseKorinte 15:33, (NW) isitsho, “unxulumano olubi lonakalisa izimilo ezilungileyo.” Kutheni uvumela oontanga bonakalise ubomi bakho? UYehova uThixo, uBawo wethu wasezulwini, uyabongoza: “Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, uze ungavumi ke.”—IMizekeliso 1:10.

Ngobulumko, yazisa abazali bakho xa abanye bekunyanzelela ukuba usebenzise iziyobisi. Banokukunceda womelele kwisigqibo sakho sokuthi hayi. Kwelinye icala, mhlawumbi uhendelwa ekubeni ulinge ukufunxa amachiza okunyibilikisa kuba uziva uxinezelekile okanye wonganyelwe ziingxaki. Uncedo lokuxinezeleka olulunge ngakumbi kukuzithetha iingxaki zakho nabazali bakho okanye nomnye umntu oqolileyo, nonovelwano. Ufuna ukhokelo, kungekhona ukuphepha ngeziyobisi. Kwakhona unokusebenzisa ilungiselelo lomthandazo ukuze ukwazi ukunyamezela. Umdumisi uthi: “Kholosani [ngoThixo] ngamaxesha onke. Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe.”—INdumiso 62:8.

Ukufunxa amachiza okunyibilikisa kusenokubonakala kuchulumancisa, kodwa akusayi kuzicombulula iingxaki zakho. Eneneni, kunokubonakalisa ubomi bakho. Yiba ngophaphileyo. Ungaze ukulinge.

[Umbhalo osemazantsi]

a Wambi amagama aguquliwe.

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Musa ukuvumela ingcinezelo yoontanga ikutsalele kumkhwa obulalayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share