Amahla-ndinyuka ObuSathana
Abefundisi abatsho ngezambatho ezimnyama kumagumbi aphantsi komhlaba amnyama thsu benza izithethe zobuSathana, bangqumshela imithandazo phezu kwamaxhoba abotshelelweyo aphezu kwesibingelelo, kulozisa amakhandlela atsho kubekho izithunzi ezoyikekayo ezindongeni njengokuba unqulo lothixo wabo, uSathana, luqhubeka. Ehlanganiswe yinto eyaziwa ngawo odwa enxulumene namandla angaphezu kwawomntu, amalungu aselula asaqeqeshelwa ubugqi ayinandipha kakhulu imincili elapho. Basondela esibingelelweni benemvakalelo engachazekiyo yokuzinikela eviwa ngabo bodwa.
Ngaba buyinto engenabungozi yokuhambisa ixesha eza kudlula? Okanye ngaba bububi obunobudemoni obugqugqisileyo kwibutho labantu lanamhlanje?
KUYE kwabhalwa okuninzi kumaphephandaba, kumaphephancwadi nasezincwadini ngezenzo ezimanyumnyezi zonqulo lobusathana. Iinkcukacha zezenzo zamaqela obusathana anogonyamelo ezisasazeke ngokubanzi ziye zasasazwa kumabonwakude nakunomathotholo wesizwe. Buye bayingxaki enkulu kwabakwantsasana kwizixeko ezincinane nezinkulu eMerika, eKhanada naseYurophu.
UbuSathana bunomtsalane okhethekileyo kulutsha lwanamhlanje. Umseki weChurch of Satan ucacisa isizathu soko, njengokuba kwanikelwa ingxelo kwiphephancwadi i’Teen kaJuni 1993: “Endaweni yokuba siyalele amalungu ukuba ayicinezele iminqweno yawo yokwemvelo, siwafundisa ukuba afanele ayilandele. Oku kuquka inkanuko yomzimba, umnqweno wokuziphindezelela nokulangazelela izinto eziphathekayo.”
Hayi indlela uSathana amele ukuba ukholiswa ngayo yile mfundiso iphefumlelwe nguMtyholi, ekubeni ichasene nemigaqo yobuKristu ephefumlelwe nguThixo!
UbuSathana buyanda. Buyingxaki ekhulayo, kodwa ukuphela kwabo kusondele. Uthixo wabo ugwetyelwe intambo. Kunjalo nangehlabathi likaSathana nabaxhasi balo, kuba “ihlabathi liphela lilele kongendawo.” (1 Yohane 5:19; Roma 6:16) Kubanquli bakaSathana nakubo bonke abanye abahambisana neenjongo zikaSathana besazi okanye bengazi, isigidimi sikaYehova nasi: “UThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu.”—Roma 16:20.
Liliphi ikamva “uThixo woxolo” aya kulizisela uluntu olubandezelekileyo? Amanqaku amathathu alandelayo aza kubonisa amahla-ndinyuka obuSathana neemeko emhlabeni eziya kubuthabathel’ indawo.