Ulutsha Lwanamhlanje—Ngaba Lungamaxhoba Alula Obusathana?
“UNQULO lukaSathana lunwenwa okomlilo wedobo kulutsha,” lanikela le ngxelo iphephandaba lesiFinnish likaFebruwari 27, 1993. Ngokwenkcazelo eyafunyanwa ngabakwantsasana baseTampere, eFinland, izaphuli-mthetho ezithengisa iziyobisi zirhwebeshela abaselula, ngokukodwa amantombazana, kunqulo lobusathana. Kwiimeko ezininzi la maxhoba namalungu amatsha afunyenweyo ngabantwana abasusela kwiminyaka eli-10 ukusa kweli-15 ubudala. Eli phephandaba lanikela le ngxelo: “Unqulo lukaSathana luye lwafika umhlaba usehla kwabeshumi elivisayo abaselula banamhlanje.”
Eli phephandaba lalumkisa: “Ukuza okutsha konqulo lobuSathana akugqubi apha (eFinland) kuphela. Ngokomzekelo, iphephancwadi laseMzantsi Afrika iJohannesburg Star kutshanje liye lalumkisa ngelokuba unqulo lukaSathana luphembelela ulutsha lwabamhlophe lweli lizwe olumi kakuhle ngokwemali.” Liyinyaniso elokuba unqulo lobusathana luyingxubakaxaka yezizwe ngezizwe kubazali nakubantwana.
Eneneni, ubuSathana ngenkohliso buthembisa ukuba akufuneki usebenze kakhulu ukuze uvuzwe. Iphephancwadi i’Teen lathi: “Nqula umtyholi; yenza umsebenzi wakhe ongcolileyo, yaye yena, uya kukuthi jize ngoko ukufunayo. Yaye kungenxa yoko abanye abantwana befumanisa ubuSathana bunomtsalane kangaka.”
Oselula okwishumi elivisayo ovumayo ukuba ulilungu leqela lobusathana wathi: “Ndikholelwa ukuba ndimele ndiphile ubomi ngendlela endithanda ngayo. Ndibona amandla amabini kwimvelo: okulungileyo nawokubi. Zonke izinto abathi abantu zimbi zezona zikwenza wonwabe. Izono zikwenza waneliseke ngokweemvakalelo, ngokwasemzimbeni nasengqondweni.”
Xa umcuphi waseDenver, eColorado, eUnited States, oyingcali kuphando lonqulo lobusathana, wabuzwa isizathu acinga ukuba senza abakwishumi elivisayo babonakale bethabatheke kangaka bubuSathana, waphendula wathi: “Andinakuze ndiyilibale into endayixelelwa ngomnye okwishumi elivisayo olilungu lobuSathana. Wathi, ‘Yintoni esiyiphilelayo? Siza kuphilela unamhlanje size senze oko sikufunayo. Akukho kamva.’”
UGqr. Khalil Ahmad, umalathisi weenkonzo zabakwishumi elivisayo eNova Scotia Hospital eDartmouth, eKhanada, wahlomla ngalo mtsalane wobuSathana. “Abakwishumi elivisayo bafuna into echulumancisayo. Abangenamqolo, ngokufuthi abakatyayo, bayatsaleleka [kubusathana]. Buyabakhohlisa bubenza bazive ngokungathi banamandla.”
Elinye igosa labakwantsasana elidumileyo kuphando lobuSathana, elingumcuphi waseSan Francisco, lichaza le ngxaki: “Kwihlabathi lethu kukwabamb’ ezakhe. Sixhalabele iziqu zethu ngakumbi kunabanye. Siphila kwibutho labantu elinogonyamelo nelingalunganga. Ulutsha lukubona oko njengendlela eqhelekileyo yobomi yaye ngenxa yoko lutsaleleka kubuSathana.”
Lubandakanyeke kangakanani ulutsha lwanamhlanje kubuSathana? “Ulutsha luyazibulala lubulala nabahlobo balo. Sinengxaki,” walumkisa ngelo uLarry Jones, umongameli weCult Crime Impact Network nomphathi omkhulu wabakwantsasana eBoise, eIdaho, eUnited States. Elinye igosa labakwantsasana, lelizwana laseIllinois, elibakhele umkhanya ubuSathana kwisikhundla salo sokuba ngumcebisi wesikolo samabanga aphakamileyo olipolisa, lathi ama-90 ekhulwini olutsha oludlala ngonqulo lukamtyholi luyabandakanyeka kuba luyinto yokuhambisa ixesha, kodwa i-10 ekhulwini “liyabambiseka luze luye lungena ngokunzulu kulo.”
Iphephandaba lesikolo laseBrooklyn, eNew York, iSchool News Nationwide, likaJanuwari-Februwari-Matshi 1994, kwicandelo lalo elithi “Unqulo,” laba nenqaku elinomxholo othi “Isizathu Esibangela Ukuba Abakwishumi Elivisayo Batsaleleke KubuSathana.” Lanikela le ngxelo: “Emva kokuba amakhwenkwe amabini aye alwa kwikhefi yesikolo samabanga aphakamileyo, lo woyisayo waxhuma waza wenza umqondiso wokukhahlela ongaqhelekanga ngesandla, esonge inqindi alathe phezulu ngomnwe wakhe wokwalatha nocikicane. Umfundisi-ntsapho wemizobo wasicinga wasincama isizathu sokuba ulutsha oluninzi luzobe imizobo yamadoda afana needemoni aneentloko zeebhokhwe. Yaye iincwadi zobugqi zaqhubeka zinyamalala kumzi wogcino-zincwadi wasesikolweni.
“Enyanisweni, aba bantwana babedlala ngamandla, ngomlingo nangommangaliso wobuSathana. Kwinkoliso yabo, babubonwabisa yaye bubachulumancisa. Kolunye, babuyinto enzulu—buyinto ebulalayo njengakuLloyd Gamble owayeneminyaka eli-17 ubudala—owaphulukana nobomi bakhe kwidini lobusathana.
“Emva kokufa kukaLloyd nokubanjwa komninawa wakhe oneminyaka eli-15 ubudala ngenxa yokubulala, abantu abakhulu besiphaluka selizwe laseMonroe bayiqonda imiqondiso abebengayazi ngaphambili: ‘umqondiso kamtyholi’ owenziwa ngesandla, imifanekiso yentloko yebhokhwe neencwadi ebezizalisa iingqondo zabakwishumi elivisayo, izithethe nezishwabulo.”
Kungatshona ilanga kuchazwa iingxelo zabangaphantsi kweshumi elivisayo nabakwishumi elivisayo ababulala abazali babo namanye amalungu eentsapho zabo ngenxa yonqulo lukaSathana. Abantwana baye babulawa ngabanye abantwana kwizenzo ezinjalo. Njengabantu abakhulu abalandela ubusathana, abantwana baye barhunula baza babulala izilwanyana. Izilwanyana ezifuywa ekhaya ziye zenziwa amadini ezibingelelweni kwizithethe zobusathana. Kungasa sisenza amagqabantshintshi nje kuphela angendlela abantwana abaye bamkela unqulo lukaMtyholi ababulala ngokungenatarhu ngayo.
Ngaba le yimizekelo yabantwana abazibandakanye nje kubuSathana? Ngaba kunqabile ukuba abo bangene baphelela kunqulo lukaMtyholi babembalwa kakhulu? Unotshe, baphendula njalo abo baye bahlolisisa aba baqhelisela obu bugqi. UDavid Toma, owayesakuba ngumcuphi ojongene nezinto ezinjalo owathi kamva waba sisithethi esikhuthaza ulutsha, wachaza ukuba kuzo zonke izikolo athetha kuzo, ubuza umbuzo ofanayo, “Bangaphi kuni bantwana abazi ubani okanye abakhe beva ngobani obandakanyeke kuqheliselo lobuSathana?” Uqikelela ukuba “umfundi omnye kwabathathu uphakamisa isandla.”
Ngokutsho kukaShane Westhoelter, umongameli weNational Information Network, ukususela kuma-30 ukusa kuma-40 ekhulwini abafundi besikolo samabanga aphakamileyo abandakanyeke kuhlobo oluthile lobugqi. Ukongezelela, lo kaWesthoelter uchaza ukuba ukuya kuthi xhaxhe kuma-70 ekhulwini azo zonke izenzo zolwaphulo-mthetho ezenziwa ngabakwishumi elivisayo abangaphantsi kweminyaka eli-17 ubudala ziphenjelelwa kukubandakanyeka kubugqi.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Unqulo lukaSathana luye lwafika umhlaba usehla kubantu abaselula banamhlanje