Ukuhlangulwa Yimvubu!
INOBUNZIMA obufikelela kwiitoni ezine, imvubu isisilwanyana esanyisayo sesibini ngobukhulu esiphila emhlabeni. Ingaliluma kube kanye laphuke iphenyane ngemihlathi yayo enamandla. Ngoko ke, iqela lamadoda kwiHwange National Park, eZimbabwe, lamangaliswa xa labona imvubu isenza into ababengalindelanga ukuba iyenze.
La madoda, ngoxa ayengasedamini, abona ii-impala ezimbini ziqhumis’ uthuli zisukelwa zizinja zasendle ezisithoba. Zingenandawo yokubalekela, ezi impala zaziphosa emanzini. Ezi zinja zankcunkca ngaselunxwemeni lwamanzi, zilinde apho kusenokwenzeka ziphume khona ezi impala.
Ekugqibeleni, enye i-impala idinwe iyimfe yaqala yaqubhela ngaselunxwemeni kwelinye icala, ingaqondi ukuba ezi zinja ziyilindile. Noko ke, njengokuba le impala yayisondela elunxwemeni, la madoda abona imvubu eyayikufutshane iqubha isiya ngakwi-impala. Yathi ekufikeni kwayo, le mvubu “yayityhala yaza yayinyanzela ukuba iqubhele kwelinye icala,” ngokutsho kwephephancwadi iAfrican Wildlife. Le impala yathobela. Le mvubu yalandela, imana ukuyityhala ngobunono xa le impala ibonisa iimpawu zokuba neenkani.
Njengokuba le impala yafika elunxwemeni, la madoda ayibukela le mvubu ityhalela le impala ngaphandle kancinane kodwa ngamandla. Le impala yagevezela amadolo ihamba, yaza yema ingcangcazela. Kamsinya, le impala yathi chu isimka emanzini. Le mvubu yalandela de yona neimpala zaphela emehlweni.
Kwenzeka ntoni kwenye i-impala? La madoda anikela ingxelo yokuba ezi zinja zasendle “zazithimbeke iingqondo zibukele oko kuhlangulwa kangangokuba enye i-impala yabaleka zingakhange ziyibone.”