IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g95 1/8 iphe. 25-27
  • Kutheni Ndifanele Ndithobele Abazali Bam?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ndifanele Ndithobele Abazali Bam?
  • Vukani!—1995
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isizathu Sokuba Luvukele
  • Isizathu Sokuba Imvukelo Ibubudenge
  • Imiphumo Emandundu ‘Yenkululeko’
  • Kutheni Ndingafanele Ndiphile Ubomi Obumbaxa?
    Vukani!—1994
  • Lutsha—Yintoni Eniyisukelayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Kutheni Ndimiselwe Ixesha Elingqongqo Gqitha Lokufika Ekhaya?
    Vukani!—1992
  • Kutheni Kukho Imithetho Emininzi Kangaka?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
Khangela Okunye
Vukani!—1995
g95 1/8 iphe. 25-27

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Kutheni Ndifanele Ndithobele Abazali Bam?

USTAN wakhuliswa ngabazali aboyika uThixo. Kodwa xa wayeneminyaka eli-16 ubudala, wavukela. UStan ucacisa athi: “Ndandifuna ukwaziwa ngabantu yaye bandamkele. Ndandifuna ukuba nazo zonke izinto abanye abantu abanazo.” UStan wacinga ukuba ukuze aphumeze olo sukelo kwakufuneka ashishine ngeziyobisi. Ngokuqhelekileyo, kwakumele axoke ngezinto awayezenza kubomi bakhe bemihla ngemihla nangemali awayeyizisa kokwabo. UStan ukhumbula oku: “Isazela sam sasifile.”

UJohn wabhaptizwa njengomKristu eneminyaka eli-11 ubudala. Uyavuma esithi: “Kodwa inyaniso yayingekho ngokwenene entliziyweni yam. Ndakwenza oko kuba intsapho yasekhaya yayilindele ukuba ndikwenze. Xa ndangena kwisikolo semfundo ephakamileyo, ndaqala ukungalawuleki. Kwakhona umculo we-rock waba nempembelelo embi kum. Ndabandakanyeka kwi-surfing yaye ndaqala ndachitha ixesha elininzi elunxwemeni nolutsha olwalungakhokelwa yimigaqo yeBhayibhile. Kwakukho intlaninge yeziyobisi apho.” Kungekudala walishiya ikhaya lakhe waza wathabatha ikhondo lokuphila elalinxamnye nako konke awayekufundisiwe.

Isizathu Sokuba Luvukele

Kuqhelekile ngolutsha ukuzama ukuvavanya imida olunayo nokukhulisa umlinganiselo wokuzimela geqe. Kodwa ihambo yemvukelo, elihlazo, neyokuzibhubhisa iyenye into ngokupheleleyo. Ixhokonxwa yintoni? Izizathu zininzi yaye zahlukahlukene. UJohn ucacisa esithi: “Xa uselula, ufuna ukuzonwabisa. Ufuna ukuba nexesha elimnandi.” Noko ke, kuba beswele amava ebomini, abantu abaselula abasoloko besenza ezona zigqibo zifanelekileyo. (Hebhere 5:14) Ngoko ke abazali abaneemvakalelo bamisela imiqathango esengqiqweni kubantwana babo—nto leyo lumbi ulutsha oluyicekisa kakhulu.

Kulusizi ukuthi, lumbi ulutsha lude lwafulathela noqeqesho olwalulufumene kubazali aboyika uThixo. (Efese 6:1-4) UYesu wathi ubuKristu babuza kuba yindlela yobomi ‘emxinwa necutheneyo.’ (Mateyu 7:13, 14) Ngoko ulutsha olungamaKristu ngokufuthi alunakwenza izinto ezenziwa ngabo lufunda nabo esikolweni. Inkoliso iyamkela ngokulula imiqathango, iqonda ukuba imithetho kaThixo ngokwenene asiloxanduva. (1 Yohane 5:3) Eneneni, le mithetho ikhusela ulutsha kwiingxaki ezinjengokumitha okungaphandle kweqhina lomtshato, ukusebenzisa kakubi iziyobisi, nezifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini. (1 Korinte 6:9, 10) Kodwa ulutsha oluthile luyala ukuzibona ngaloo ndlela izinto; luvakalelwa kukuba imithetho yeBhayibhile ithintela indlela yalo yokuphila.

Intiyo isenokwendela ngakumbi ukuba osemtsha uvakalelwa kukuba abazali bakhe bangqongqo ngokugqithiseleyo xa kufikelelwa kwimibandela enjengengqeqesho, ukuzihlaziya nokuzonwabisa. “Ndicinga ukuba abazali bam bangqongqo kakhulu kuthi,” yakhalaza ngelitshoyo enye intombazana eselula. Kuyinyaniso ukuba, usenokudana ukuba akuvunyelwa wenze izinto abazali abathile abangamaKristu abazivumelayo. (Kolose 3:21) Lumbi ulutsha lubonisa unxunguphalo lwalo ngokungathobeli.

Kwelinye icala, lumbi ulutsha luyaphambuka kuba abazali balo bengabonisi ntlonelo konke konke ngemigaqo kaThixo. UJohn ukhumbula oku, “UTata wayeyindla-manzi. Yena noMama babedla ngokuxabana kuba wayesela kakhulu. Sahamba izihlandlo ezahlukahlukeneyo ukuze sibe kude kuye.” Iindla-manzi nabo basebenzisa kakubi amanye amachiza ngokucacileyo abakwazi ukuzinyamekela ngokwaneleyo iimfuno zabantwana babo. Kumakhaya anjalo, ukuxhatshazwa ngamazwi nokuthotywa isidima kunokuba yinto yemihla ngemihla kulutsha.

Olunye ulutsha luyavukela kuba abazali balo, ngokungathi kunjalo, belulahlile okanye benganikeli ngqalelo kulo. Imvukelo isenokubonakala njengendlela yokuzuza ingqalelo yabazali balo—okanye yokubenza buhlungu. Intombazana eselula egama linguTaylor ephuma kwintsapho yezinhanha ithi: “Endikukhumbulayo ukususela emva, abazali bam babengafane babekho ekhaya. Le ntw’ inje, yayindim ndedwa umntwana, yaye ekubeni abazali bam babengasoloko bekho ngezihlandlo ezininzi, babedla ngokundishiyela imali eninzi.” Kuba kwakungekho mntu umjongileyo, uTaylor waqala ukuya kwiindawo zolonwabo zasebusuku aze anxile. Abazali bakhe abazange bamqonde ukuba unengxaki de wabanjelwa ukuqhuba enxilile.

Ukwalek’ umsundulo, kukho imeko awalatha kuyo umpostile uPawulos xa wabuza iqela lamaKristu wathi: “Nibe nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?” (Galati 5:7) Ngokufuthi ingxaki lunxulumano olubi. (1 Korinte 15:33) “Ndazibandakanya neqela elingalunganga,” utsho njalo uElizabeth okwishumi elivisayo. Uyavuma ukuba ngenxa yengcinezelo yoontanga, “waqalisa ukutshaya waza wasebenzisa kakubi iziyobisi.” Uhlabela mgama esithi: “Ukuhenyuza kwakuyinto yemihla ngemihla.”

Isizathu Sokuba Imvukelo Ibubudenge

Mhlawumbi nawe uzifumana ukwimeko ebonakala inxunguphalisa—okanye kwanecinezelayo. Isenokukhangeleka ikuhendela ekubeni udelele abazali bakho uze kuphela wenze oko ufuna ukukwenza. Kodwa njengokuba indoda elilungisa uYobhi yalunyukiswayo, ‘lumkela ukuba ubushushu bungakuxhokonxeli [kwizenzo] zokucaphuka. Lumka, ungaguqukeli konobutshinga.’—Yobhi 36:18-21, NW.

Ukwenza into ecaphukisayo, ukuziphatha okulihlazo kunokubangela ukuba abazali bakho babonakalise intsabelo ethile, kodwa akulindelekanga ukuba ibe yentle. Kunoko, mhlawumbi baya kukubekela imiqathango engakumbi. Ngaphezu koko, ihambo eyenzakalisayo iya kubangela intlungu enkulu kubazali bakho. (IMizekeliso 10:1) Ngaba oko kukubathanda? Ngaba ngenene kunokuyiphucula imeko yakho? Inyathelo elilunge ngakumbi kukuthetha nabo ngezi zinto ukuba uvakalelwa ukuba unezikhalazo ezivakalayo.a Ngokulula basenokukulungela ukwenza uhlengahlengiso oluthile kwindlela abakuphatha ngayo.

Omnye umbandela ofanele uqwalaselwe ngumphumo ezinokuba nawo izenzo zakho kuThixo. ‘KuThixo?’ usenokubuza. Ewe, kuba ukuvukela abazali bakho kulingana nokuvukela uThixo, njengoko inguye kanye okuyalela ukuba ubeke abazali bakho. (Efese 6:2) Kumenza avakalelwe njani uThixo ukungathobeli okunjalo? IBhayibhile ithi ngokuphathelele isizwe sakwaSirayeli: “Kukangaphi bemphikisa entlango.” Ngawuphi umphumo? ‘Bamenza buhlungu [uThixo]!’ (INdumiso 78:40) Liyinyaniso elokuba, usenokucatshukiswa ngabazali bakho, uvakalelwe kukuba bangqongqo gqitha. Kodwa ngaba ngokwenene ufuna ukuyenza buhlungu intliziyo kaYehova uThixo—lowo ukuthandayo yaye ofuna uphile ngonaphakade?—Yohane 17:3; 1 Timoti 2:4.

Imiphumo Emandundu ‘Yenkululeko’

Ngoko, ngezizathu ezivakalayo, sifuna ukuphulaphula kuBawo wethu onothando wasezulwini. Musa ukukhohliswa zizithembiso zobuxoki ‘zenkululeko.’ (Thelekisa eyesi-2 kaPetros 2:19.) Kusenokubonakala ngathi lumbi ulutsha luyaphumelela ngehambo engafanelekanga. Kodwa umdumisi walumkisa wathi: “Musa ukuzivuthisa ngomsindo ngabenzi bobubi. Musa ukubamonela abenzi bobugqwetha. Ngokuba baya kusikwa kwakamsinyane njengengca, babune njengohlaza oluphumayo.” (INdumiso 37:1, 2) Ulutsha oluvukelayo ngokufuthi lujamelana nemiphumo emandundu ngalo singa nkululeko walo. IBhayibhile ithi kumaGalati 6:7: “Musani ukulahlekiswa, uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona.”

Khawucinge ngoStan, obekhankanywe ekuqaleni. Kanye njengokuba yayingumnqweno wakhe, wathandwa gqitha ngabahlobo bakhe ababi. Ukhumbula oku: “Ndaziva ndamkelekile.” Noko ke, kungekudala isikhuni sabuya nomkhwezeli. Uthi: “Ndiye ndadutyulwa, ndabanjwa, yaye ngoku ndiya entolongweni. Yaye kuphela into endinokuzibuza yona kukuba, ‘Ngaba oku kube nawuphi umvuzo?’”

Kuthekani ngephulo likaJohn lokufuna “inkululeko”? Emva kokuba ebanjelwe ukuba neziyobisi, wagxothwa kwibandla lamaKristu. Ukususela apho wathi zwabha ekuziphatheni okunxaxhe ngakumbi. UJohn uyavuma esithi: “Ndeba iinqwelo-mafutha ukuze ndizuze imali. Ndandindlongondlongo ngeyona ndlela.” UJohn wazuza isityhwentye semali ngemisebenzi yakhe yolwaphulo-mthetho. Kodwa ukhumbula oku: “Ndadlala ngayo yonke. Ixabiso lesiyobisi esasisisebenzisa lalingakholeleki.” Yaye xa uJohn wayengalwi, engebi, okanye enganxilanga, wayebaleka amapolisa. “Ndabanjwa izihlandlo ezinokuba ngama-50. Ngokuqhelekileyo ndandingagwetywa, kodwa ngesinye isihlandlo ndahlala unyaka wonke entolongweni.” Ewe, kunokuba abe ngumntu okhululekileyo, uJohn wazifumana etshone engavelanga nangonwele ‘kwiinzulu zikaSathana.’—ISityhilelo 2:24.

Kunokuthethwa okufanayo ngoElizabeth. Ukuxhamla kwakhe iziyolo nabahlobo behlabathi ekugqibeleni kwaphumela ekubeni avalelwe entolongweni. Uyavuma esithi: “Ndade ndamitha—yaye ngenxa yokusebenzisa kwam iziyobisi ndaphulukana nolo sana. Ndandiphila ngeziyobisi—zazikhangeleka ikuphela kwendlela enokundiphathela ulonwabo. Ekugqibeleni ndaphulukana negumbi lam. Ndandingenakugoduka, yaye ndandineentloni kwanokucela uncedo kuYehova.”

Kunokunikelwa imizekelo emininzi efanayo yolutsha oluye lwatyeshela imigaqo kaThixo lwaza ekugqibeleni lwajamelana nemiphumo elusizi. IBhayibhile ilumkisa ngelithi: “Oko ucinga ukuba yindlela ethe tye kunokukhokelela ekufeni.” (IMizekeliso 14:12, Today’s English Version) Ngoko, into ebubulumko omele uyenze, kukuzama ukuba uvisisane nabazali bakho, nixubushe—kunokuba uvukele—nayiphi na imiqathango ovakalelwa kukuba ikukukudlel’ indlala.

Noko ke, kuthekani ngolutsha le nkcazelo efike sekophulwe, ulutsha oluzifumene sele lusenzulwini yehambo engalunganga? Ngaba kukho nayiphi na indlela yokulungisa imicimbi nabazali balo—noThixo? Inqaku lethu elilandelayo kwakule nkupho liza kuyihlolisisa le mibuzo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Kuye kwalungiselelwa amanqaku aliqela ukunikela inkcazelo eluncedo malunga nalo mbandela. Ngokomzekelo, bona inqaku elithi, “Abantu Abaselula Bayabuza . . .” kwinkupho yethu yeAwake! kaJanuwari 8, 1985, uVukani! ka-Agasti 8, 1992, nokaNovemba 8, 1992.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Ukuvukela abazali bakho kunokukunika “inkululeko” engakumbi, kodwa ngaba ukhe wacingisisa ngemiphumo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share