Ngaba Asiyonxalenye Yehlabathi?
NGUMBHALELI KAVUKANI! EJAMANI
“ABANGABO abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” (Yohane 17:16) Ngala mazwi uYesu wachaza ubundilele obupheleleyo babalandeli bakhe ngakwimicimbi yezobupolitika. Ngaba abazibanga bengamaKristu namhlanje bayawulandela lo mgaqo?
Khawuqwalasele la magqabaza alandelayo amaphephandaba ngokuphathelele ukubandakanyeka kweNgqobhoko kwindawo eyayisakuba yiGerman Democratic Republic (GDR), eyayisoloko iphantsi kolawulo lwamaKomanisi de yachithakala ngowe-1990.
• “Ekubeni ngoku iCawa yamaLuthere kwiGDR iye yazukiswa okwethutyana njengonozala wenguqulelo eseluxolweni, udumo lwayo phakathi kwabantu lubonakala luphela ngokukhawuleza. Kwabaninzi ibonakala ukuba ibiyintsika yenkxaso engakumbi karhulumente nesigqubu seStasi (State Security Service [Isebe Lokhuselo LikaRhulumente]).”—Die Zeit, Novemba 1991.
• “Iicawa zamaphondo ezahlukahlukeneyo zamaLuthere . . . ziye zavakalisa ukudideka kukuzibandakanya kwabasebenzi becawa namarhamente kunye neStasi.”—Evangelische Kommentare, Januwari 1991.
• “Iinkokeli zeCawa [yamaLuthere] ziva izikhalazo zokuba abefundisi abasabakhathalelanga abantu babo njengoko babesenjenjalo ngaphambili, njengoko befak’ isandla ngakumbi kwezobupolitika.”—Süddeutsche Zeitung, Februwari 1990.
• “UWeizsäcker [owayesakuba ngumongameli weFederal Republic of Germany] wathi iCawa [yamaLuthere] yayisoloko inendima eluncedo kunxulumano lwezobupolitika lwala Mazwana mabini aseJamani.”—Wetterauer Zeitung, Februwari 1992.
AsiyoCawa yamaLuthere kuphela eyagxuphuleka kwezobupolitika. IThe European yanikela le ngxelo: “Phantse kuzo zonke iinkonzo [zamaProtestanti] kwakungene amagosa eStasi.” UManfred Stolpe, ochazwa yiThe European ‘njengelungu eliphambili lecawa yamaprotestanti kwiingxoxo namagunya obukomanisi,’ wazithethelela ngokuthi: “Ngendade ndaxhawulana noMtyholi ukuba oko kwakuhambisela phambili injongo yethu.”
IGuardian yaseLondon yanikela ingxelo ngonxulumano olusondeleyo phakathi kwabefundisi nombutho weMafia eItali. Yaluchaza ngolu hlobo: “ICawa neCosa Nostra ziye zahlalisana ngoxolo ixesha elide kangangokuba ngokuphindaphindiweyo icawa ityholwa ngokuba nenxaxheba kubungendawo.”
IToronto Star yapapasha inqaku elingokusebenza kunye kwabefundisi abathile bamaOthodoki aseRashiya neKomiti eyayisakuba yiKGB. Le ngxelo ithi: “Izibhengezo ngokuphathelele ukusebenza kunye kwecawa norhulumente wamaKomanisi zilelona duma likhulu. . . . Izinto ezisuka kwimibhalo egciniweyo yeKGB . . . zibonisa ukuba amagosa aphambili ecawa akatyeshelanga nje kuphela imigaqo yawo kodwa ayekulungele nokunikela ngeenkokeli zonqulo kwamanye amazwe.”
Ngoxa iicawa zeNgqobhoko ziqhubeka zingoogqada-mbekweni kwezobupolitika, ubuKristu bokwenyaniso bubambelela kumyalelo ogunyazisayo kaYesu wokungabi yinxalenye yehlabathi.