IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g95 2/8 iphe. 25-27
  • Ndinokuyiphucula Njani Impahla Yam Yokunxiba?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndinokuyiphucula Njani Impahla Yam Yokunxiba?
  • Vukani!—1995
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imiphumo Emandundu Yefashoni
  • Ziqonde Iimfuno Zakho
  • Yenza Uhlolisiso
  • Ukuthenga Ngobulumko
  • Uhlobo Lwempahla Esiyinxibayo—Ngaba Lubalulekile Ngokwenene?
    Vukani!—1999
  • Ngaba Indlela Onxiba Ngayo Iyamzukisa UThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Impahla Enegama Lomyili Wodumo—Ngaba Indilungele?
    Vukani!—1992
  • Ndinjani?
    Ulutsha Luyabuza
Khangela Okunye
Vukani!—1995
g95 2/8 iphe. 25-27

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ndinokuyiphucula Njani Impahla Yam Yokunxiba?

UROBERT uphath’ eyeka! Ufanele aye emtshatweni kadadewabo yaye akanayo nje kwaphela into yokunxiba. Asikuko nokuba uRobert ukwimeko iBhayibhile eyibiza ngokuba ‘kukuhamba ze.’ (Yakobi 2:15) Kodwa iimpahla zikaRobert azinxiba mihla le ngokucacileyo aziyi kusifanela esi sihlandlo sikhethekileyo.

Noko ke, uAngela oselula, ufanele aye kumatheko andilisekileyo amathathu, theko ngalinye lifuna uhlobo olwahlukileyo lwesinxibo. Phofu ke, ngokungafaniyo noRobert, yena akanangxaki ingako ngokufumana into efanelekileyo yokunxiba. Asikuko nokuba uAngela usisityebi. Ngokucacileyo yena uzicwangcise kakuhle iimpahla zokunxiba ezisisiseko ezimenza ukuba abonakale enxibe kakuhle kwiimeko ezahlukahlukeneyo.

Inqaku elikwiphephancwadi iWoman’s Day lathi: “Iimpahla zibalulekile. Zinokuba negalelo elikhulu ekukwenzeni uzive unguwe.” Kwakhona oko ukunxibayo kunokuba nempembelelo enkulu kwindlela abakujonga nabakuphatha ngayo abanye. Ngoko ke, ngesizathu esivakalayo, iBhayibhile isibongoza ukuba sinxibe ‘iingubo ezifanelekileyo, sineentloni, nesidima.’ (1 Timoti 2:9) Ukuba ungumKristu, ukuba neempahla zokunxiba ezifanelekileyo kufanele kubaluleke kuwe.

Noko ke, ngaba kunokwenzeka ukuba, phezu kwako nje ukuba newodrobhu exinene yimpahla, maxa wambi uvakalelwe kukuba akunanto yokunxiba? Yintoni ingxaki, yaye unokuyilungisa njani imicimbi?

Imiphumo Emandundu Yefashoni

Ngokufuthi ingxaki asiyomali kodwa yimiphumo yokuba likhoboka leendlela zokuzilungisa zehlabathi eziguquguqukayo neefashoni. Incwadi ethi Youthtrends ithi “ushishino lwehlabathi luyabuqonda ubungakanani bemali eza kuchithwa ngabantu abaselula kwiimpahla ezinegama lomyili owaziwayo.” Eqhutywa kukubawela imali, amashishini empahla asebenzisa amaphephancwadi anomtsalane nezibhengezo zentengiso zikamabonwakude ukuhenda ulutsha ukuba luchithe—luze luchithe, yaye luchithe imali engakumbi! Luphenjelelwa yingcinezelo yoontanga, eli qhinga liyasebenza. Omnye umfundisi-ntsapho wakhalaza wathi: “Wonke umntu uchithela intywenka yemali ezimpahleni yaye abantwana abangakwaziyo ukuzifikelela . . . benza imisetyenzana emva kokuphuma kwesikolo ukuze nje bathenge iijean eziyilwe ngumyili owaziwayo.”

Ukuba likhoboka lefashoni kubiza imali eninzi yaye kunokukushiya unemalana encinane yokuthenga iimpahla ezibaluleke ngakumbi ozifuna ngenene. Ngaloo ndlela amaRoma 12:2 anikela icebiso elihle xa esithi: “Ningamilisi okweli phakade, manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu.” Liyinyaniso elokuba, ukubonakala njengowahlukileyo akusoloko kulula. UCharlene oneminyaka eli-16 ubudala uyavuma esithi: “Abantwana esikolweni bakujonga njengongaqhelekanga xa unganxibi njengabo.” Noko ke, xa uvumela abanye bakugqibele ngoko ufanele ukwenze, uba likhoboka labo. (Thelekisa amaRoma 6:16.) Ibhinqa eliselula elibizwa ngokuba nguJohanna liyavuma lisithi: “Ndiyacaphuka kuba ndivakalelwa ngathi ngamaxesha onke ndinxibela umntu othile.”

Ngaba oku kusoloko kububulumko? Ngokomzekelo, khawucinge ngoonqal’ intloko, abalandeli behip-hop, nangeendlela zokuzilungisa ngokunxiba impahla “embatshileyo.” Abaninzi banxiba ezi mpahla zilolu hlobo nje kuba zidumile. Kanti, zibonisa ingqumbo nemvukelo ngokupheleleyo. Ngaba ukuzinxiba akunakunikela ingcamango ephosakeleyo ngawe? (Yohane 15:19; thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 6:4.) Ukongezelela apho ukubonakala njengelungu leqela loonqal’ intloko kunokukubulalisa. Ngoko ke izikolo ezithile zaseUnited States ziye azakuvumela ukunxiba ngendlela yeqela loonqal’ intloko. Kusifundisa ntoni oku? Akukho ngqiqweni ukuvumela oontanga bakho bakukhethele impahla yokunxiba, kungasathethwa ke ngokubavumela balawule ubomi bakho. Kunokuba uzixhalabise ngoko kuya kubakholisa, “cikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi”! (Akekeliswe sithi.)—Efese 5:10.

Ziqonde Iimfuno Zakho

Wakuba uzikhulule kule mbandezelo yezimbo nefashoni, unokuqalisa ukufuna iimpahla zokunxiba ezifikelela ezona mfuno zakho. Ngokomzekelo, ixesha lakho elininzi ulichithela esikolweni. Ukuba kwisikolo sakho kufunwa iyunifomu okanye kulandelwa ngokungqongqo umgaqo othile wokunxiba, ukhetho lwakho luya kusikelwa umda. Kodwa kwizikolo ezininzi kuvumelekile ukuzikhethela, yaye ukunxiba iimpahla zokuphola kusisithethe.

Kwimeko enjalo, akunakuba bubulumko ukuzibizela amehlo ngokunxiba ibhatyi neqhina okanye umbhinqo wokuhomba. Uya kufuna ukubonakala unxibe ngokupholileyo ngaphandle kokubonakala ngathi ulandela isimbo esithile okanye unxibe ngokungakhathali. Intombazana ekwishumi elivisayo egama linguMillie yenza njalo. Ngoxa yayisesikolweni yayiphepha ifashoni egqithiseleyo. Ukuba ukwimeko efanayo, ngokukwanjalo usenokufuna iibhulukhwe zokuphola ezimbalwa, iihempe, okanye iiblawuzi kwiimpahla zakho zokunxiba. Ukuba imali inqabile, nje ukuba nezi zinto ezimbalwa kunokwanela.—Thelekisa uLuka 10:42.

Ukugcina iimpahla zakho zokunxiba zesikolo zingeninzi kangako kunokukushiya unemali eyaneleyo yokunyamekela ezinye iimfuno. Ngokomzekelo, ngaba unomsetyenzana wangaphandle okanye imisetyenzana yasendlwini oyenzayo? Ngoko ke ufuna iimpahla ezihlala ixesha elide, ezomeleleyo. Kwakhona kusenokufuneka iimpahla ezifanelekileyo kwimidlalo. Nangona kusenokuba sefashonini ukunxiba iibhulukhwe ezimfutshane eziyilwe ngumyili owaziwayo, izikipa, neeteki ekuthiwa ziisneaker, uya kufumanisa ukuba iimpahla ezinexabiso eliphantsi ngokufanayo zomelele.

Ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova, kwakhona kuya kufuneka uyiqwalasele imfuno yakho yeempahla ezifanelekileyo zokunxiba kwiintlanganiso zamaKristu, njengokuba ukunxiba iimpahla zokuphola kungalufanelanga unqulo. Kwimimandla apho kunxitywa ngendlela yaseNtshona, ngokuqhelekileyo abafana banxiba iibhulukhwe zokuhomba, ihempe yokuhomba, iqhina, nebhatyi. Amabhinqa aselula ngokuqhelekileyo anxiba ilokhwe okanye umbhinqo neblawuzi. Kwakhona izambatho ezinjengezo ziyanxitywa kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu. Ubungakanani beempahla ezinjalo onokuzithenga buxhomekeke kuqingqo-mali lwakho. Ngethamsanqa, akuyomfuneko ukuba iimpahla zakho zibe ninzi okanye zibe kwifashoni yamvanje. Zifanele zikhangeleke yaye zicoceke.

UYesu Kristu waya emtshatweni, nawe usenokucelwa ukuba uye kwitheko elithile elindilisekileyo. (Yohane 2:1, 2) Ukuba kulisiko ukunxiba kakuhle kumatheko anjalo, ngoko ke kusengqiqweni ukuba neempahla ezithile ezifanelekileyo. UJohanna uyavuma esithi: “Ayekho amathuba apho ndandinganxibanga ngokufanelekileyo kumatheko athile, yaye kwakungekho mnandi.” Kwakhona ubuncinane ukuba nempahla yokuhomba enye kunokukusindisa kwingcinezelo nakwiindleko zokuthenga ngomzuzu wokugqibela.

Yenza Uhlolisiso

Unokwenza oko umbhali uJean Patton akubiza ngokuba kukuhlola iimpahla zakho. (Color to Color) Khangela ezimpahleni zakho, kuquka iimpahla eziselugcinweni. Usenokufumana iimpahla obusele ulibele tu ngazo. Kwangaxeshanye, unokwahlukana neempahla ezingasakulinganiyo okanye ongasazithandiyo.

Emva koko, yenza uhlolisiso lwezinto ezibhaliweyo, mhlawumbi ululungelelanise ngokweempahla eziziintloko (iidyasi, iisuti, iilokhwe, iibleyiza, iibhatyi ezinxitywa neebhulukhwe ezingafani nazo), ezinxitywa neziziintloko (iiblawuzi, izikipa, iihempe zokuhomba) neempahla ezincedisayo (izikhafu, iibhanti, iiglove, iminqwazi, izihlangu, iingxowa eziphathwayo, amaqhina). Uludwe olunjalo luyanceda ukubalaselisa iimpahla onokuzifuna ukuze ube neempahla zokunxiba ezipheleleyo.

Ukuthenga Ngobulumko

Kumazwe athile ukunxiba impahla entsha kububunewunewu. Ulutsha lwenza umgudu wokunyamekela iimpahla olunazo yaye ngokusengqiqweni luzigcine zikhangeleka yaye zicocekile. Noko ke, kuthekani ukuba ukwimeko yokuthenga iimpahla ezintsha? Kwincwadi yakhe ethi Working Wardrobe, uJanet Wallach uthi “ibhinqa linokonga ixesha nemali ukuba lithenge iimpahla zalo licwangcise kusengaphambili yaye linenjongo.” Oko kuyinyaniso nasebafaneni. Kusenokuba, unoqingqo-mali olusikelwe umda, ngoko kufuneka ubale indleko yayo nantoni na oyithengayo. (Thelekisa uLuka 14:28.) Oku kusenokuthetha ukuba ufanele ucuthe uludwe lwakho lwezinto oza kuzithenga, ugxininisa kwizinto eziza kuqala. Indlela entle nesengqiqweni kukuchitha imali eninzi kwiimpahla oza kuzinxiba kakhulu.

IThe Better Business Bureau A to Z Buying Guide inikela eli cebiso: “Impahla yakho yokunxiba yilungelelanise ngokwemibala esisiseko, njengombala ozuba [navy] nongwevu okanye omfusa [maroon] nomnyama. Khetha iimpahla zokunxiba eziziintloko kulo mibala, yaye imibala eqaqambe kakhulu yigcinele iihempe, iiblawuzi, nezinto ezincedisayo.” Iimpahla ezinemibala ephakathi ziya kuhlala zisexesheni ithuba elide. Ngokugxininisa kwimibala esisiseko, ngokulula ngakumbi unokulinga yaye udale iimpahla ezintsha.

IMizekeliso 14:15 ithi: “Onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe,” yaye ukuceba kakuhle ngezinto oza kuzithenga kunokukunceda uphephe iindleko ezingacetywanga. “Ngamaxesha onke xa ndiye kuthenga ndiphatha uludwe lwezinto endiza kuzithenga,” litsho njalo elinye ibhinqa eliselula. Kwakhona, khumbula ukuba ekugqibeleni, kuneengenelo ukukhetha impahla esemgangathweni, kungekhona eninzi. Impahla esemgangathweni inokuhlala iminyaka. “Ndisenezikipa endandizinxiba ndisekwishumi elivisayo,” utsho njalo omnye umfazi oselula. Phofu ke, igama lomenzi alisosiqinisekiso sokuba semgangathweni kwayo, okona kugqibayo kukuyihlolisisa ngenyameko loo mpahla.a

Yiba ngondilisekileyo xa kufikelelwa kuhlobo lwempahla yokunxiba. Ilokhwe efanelekileyo okanye isuti yamadoda phantse iya kusoloko isexesheni. Iimpahla ezisefashonini ziyakhawuleza ukuphelelwa lixesha. Kwincwadi yakhe ethi Conservative Chic, uAmelia Fatt uthi: “Iimpahla ezindilisekileyo kulula ngakumbi ukuzinxiba nezinye, kulula ukuzinxiba kunyaka olandelayo, yindlela ebhetele yokonga imali.”

Musa ukulibala ukuba abazali bakho baneminyaka yamava ekuthengeni impahla. Lumbi ukhetho lwakho lunokuba lolwesi sizukulwana, kodwa ngokusisiseko nisenokuvumelana ngakumbi kunokuba ubucinga. UAngela ukhumbula oku: “Umama wandinceda mna nodadewethu ukuba sibe nokhetho oluhle empahleni.” Ngokuhamba kwexesha unomonde, nawe unokukwazi ukuba nempahla yokunxiba, efanelekileyo nesebenzisekayo. Mhlawumbi akusokuze kuphinde kufuneke uthi ‘andinanto yokunxiba!’

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Iyintoni Imfihlelo Yokukhetha Impahla Efanelekileyo?” kwinkupho yethu kaOktobha 8, 1989.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Okokuqala hlolisisa izinto osele unazo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share