IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g95 2/8 iphe. 3
  • Abantwana Abalahlekayo—Yande Kangakanani Le Ntlekele?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantwana Abalahlekayo—Yande Kangakanani Le Ntlekele?
  • Vukani!—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Xa Abantwana Bebiwa Ngabantu Abangabaziyo
    Vukani!—1995
  • Indlela Yokomeleza Amaqhina Entsapho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ubuya Kuphendula Uthini?
    Vukani!—2009
  • Abantwana Bafanele Bazive Befunwa Yaye Bethandwa
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
Vukani!—1995
g95 2/8 iphe. 3

Abantwana Abalahlekayo—Yande Kangakanani Le Ntlekele?

‘UMNTWANA WAM ULAHLEKILE!’

Lawo ngawona mazwi abangela unxunguphalo olukhulu aphuma kwinkoliso yabazali. Nangona lingekafunyaniswa inani eliqinisekileyo labantwana abalahleka emakhayeni abo ehlabathini lonke, sinokuyiqonda indlela le ntlekele egquba ngayo ngokubona iingxelo ezipapashwayo kumazwe amaninzi.

EUNITED STATES, ukususela kubantwana abangama-500 000 ukusa kwabangaphezu kwesi-1 000 000, kuxhomekeka kwindlela abahlulwa ngayo, bakuludwe lwabalahlekileyo emakhayeni abo nyaka ngamnye. Basenokulahleka ixesha elifutshane okanye balahleke undolahleka. ENgilani kunikelwa ingxelo yokuba abantwana abaphantse babe li-100 000 bayanyamalala nyaka ngamnye, nangona abanye besithi bangaphezulu kweli nani. Kwindawo eyayisakuba yiSoviet Union kwadizwa elokuba abantwana abangamashumi amawaka balahlekile. EMzantsi Afrika kuthiwa bangaphezu kwe-10 000. Ibe kuMzantsi noMbindi Merika, izigidi zabantwana zijamelana nale ntlekele.

Isithethi seItalian Ministry of the Interior sabonisa indlela le ngxaki eyande ngayo apho xa sabhala oku kwiL’Indipendente: “Bahamba ekhaya njengezinye iimini ezininzi. Baya esikolweni okanye baye kudlala, kodwa ababuyi. Bayanyamalala, baphel’ emehlweni. Amalungu entsapho abafuna ekhathazekile, kodwa ababonakali nangetshengele, abaziwa nomkhondo, abathi bakhe bababona—abaqinisekanga—bambalwa.”

Uhlolisiso lwakutshanje eUnited States olungomlinganiselo wale ngxaki lwatyhila ukuba umxholo othi “abantwana abalahlekayo” enyanisweni, uquka, iindidi eziliqela. Olunye udidi lolwabantwana ababiwa ngabantu abangabaziyo. Olunye lolwabantwana ababiwa ngumzali, njengakwimeko yelungelo lokufumana umntwana. Kuze ke kubekho abagxothwayo, abantwana abangafunwayo ngabazali okanye ngabagcini. Kukwakho nabo bashiya ikhaya, olunye udidi oluxhaphakileyo. Yaye kukho nabo balahlekayo okanye kungenjalo abahlukana neentsapho zabo kangangeeyure ezimbalwa okanye kangangosuku okanye iintsuku ezimbini—inkoliso kubo ngabantwana abangafiki ekhaya ngexesha ebekuthiwe bafike ngalo okanye abantwana abanabazali ababaqonda phosakeleyo. Bambalwa kakhulu kwaba abalahleka undolahleka.

Noko ke, kwenzeka ntoni kubantwana abalahlekayo kudidi olunzulu ngakumbi? Kutheni le ntlekele isenzeka nje? Le nkupho kaVukani! ihlolisisa iinkalo ezahlukahlukeneyo zale ntlekele ize iphendule umbuzo othi, Iya kuphela nini?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share