IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g96 1/8 iphe. 19-20
  • Kwenzeka Ntoni Ezikolweni Namhlanje?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kwenzeka Ntoni Ezikolweni Namhlanje?
  • Vukani!—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kubi Kangakanani?
  • Ukuziphatha
  • Siphakathi Kumaxesha Anomngcipheko
  • Iphulo Lokufuna Imfundo Esemgangathweni
    Vukani!—1996
  • Izikolo Zisengxakini
    Vukani!—1994
  • Ukufundisa—Ilahleko Neengozi
    Vukani!—2002
Vukani!—1996
g96 1/8 iphe. 19-20

Kwenzeka Ntoni Ezikolweni Namhlanje?

KUTSHANJE iphephandaba lesiXeko saseNew York belinomxholo othi: “Izikolo Zethu Zisengxakini: Bizani Abakwantsasana Ngoku.” INew York City Board of Education inabasebenzi bayo abajongene nokhuseleko ezikolweni—abangama-3200—abalinda izikolo zesixeko ezingaphezu kwe-1000. Sithetha nje abaninzi bafuna kuthunyelwe amapolisa esixeko ezikolweni ukuze afak’ isandla kwezokhuseleko. Ngaba ngokwenene ayafuneka?

Umxholo weNew York Times wathi: “Ingxelo Idiza Ukuba Ama-20 ekhulwini Abafundi KwisiXeko saseNew York Aphatha Izixhobo.” Owayengumphathi wezikolo zesiXeko saseNew York ukususela kowe-1990 ukusa kowe-1992, uJoseph Fernandez, wavuma: “Andizange ndibone nantoni na enjengogonyamelo esinalo ngoku kwizikolo zesixeko sethu esikhulu. . . . Xa ndandisamkela ubungqonyela eNew York ngowe-1990 andizange ndicinge ukuba kwakuya kuba kubi ngolo hlobo. Asiyonto nje yokwexeshana, ngubhubhane.”

Kubi Kangakanani?

Lo kaFernandez wanikela le ngxelo: “Ebudeni beenyanga zam zokuqala ezilishumi njengengqonyela, ngokomyinge kwakubakho umntwana wesikolo obulawayo rhoqo kwisithuba seentsuku ezimbini—ohlatywe kwiindlela ezihamba ngaphantsi komhlaba, odutyulelwe kumasango esikolo okanye kwiikona zesitrato . . . Ezinye izikolo zamabanga aphakamileyo [zinabalindi] abalishumi elinesihlanu okanye abalishumi elinesithandathu abalinde iipaseji nommandla ojikeleze isikolo.” Walek’ umsundulo wathi: “Ugonyamelo ezikolweni zethu lwaphul’ izikeyi, yaye kuye kwafuneka kuthatyathwe amanyathelo akhethekileyo. Izikolo zaseChicago, eLos Angeles, eDetroit—zonke izixeko ezikhulu—ngoku nazo phantse zibonakala zinogonyamelo olungathethekiyo.

“Ngokucacileyo oku kulihlazo ngokothusayo. Kumashumi amabini eminyaka adluleyo siye samkela amasikizi odwa: Izikolo zaseMerika njengommandla kafayayo. Zizizindlu zoloyiko nezezisongelo kunokuba zibe yindawo yokhanyiselo.”

Kukho abalindi kwizikolo ezingama-245 eUnited States, yaye kwezi, ezili-102 zinabalindi abaxhobileyo. Kodwa asingobalindi bodwa abaxhobileyo. Ngokutsho kohlolisiso olwenziwa yiUniversity of Michigan, kuqikelelwa ukuba abafundi mihla le eUnited States baya esikolweni bephethe imipu emalunga nama-270 000, zingabalwa ezinye izixhobo!

Kunokuba iphucuke le meko, iye yaba mandundu. Oomatshini bokukhangela izixhobo abasetyenziswa kwizikolo ezininzi abakwazanga ukuthintela ukungena kwezixhobo ezininzi. Ebudeni bokwindla lowe-1994, iziganeko zogonyamelo ezachazwayo kwizikolo zesiXeko saseNew York zanda ngama-28 ekhulwini xa kuthelekiswa nexesha elifanayo kunyaka owandulela lowo! Ngokuphathelele uhlolisiso olwenziwe eUnited States, iPhi Delta Kappan icacisa oku: “Kokokuqala ngqa ukuba ingxaki ‘yokulwa, yogonyamelo neyamaqela eenjubaqa’ zibe zezona zinkqenkqeza phambili ngokulinganayo ‘neyokungaqeqesheki’ kwizikolo zikawonkewonke zasekuhlaleni.”

Ugonyamelo lwasesikolweni lubangele ingxaki ezikolweni kumazwe amaninzi. EKhanada, iGlobe and Mail yaseToronto yayinalo mxholo: “Izikolo Sele Ziyimimandla Eyingozi.” Ibe uhlolisiso olwenziwa eMelbourne, eOstreliya, lwabonisa ukuba abantwana besikolo sabasaqalayo abamalunga nama-60 ekhulwini basiwa baze balandwe ngabazali babo esikolweni kuba benoloyiko lokuba bangahlaselwa okanye baxhwilwe.

Noko ke, asilogonyamelo kuphela oluyingxaki. Zikho ezinye izinto ezenzekayo ezikolweni zethu ezixhomis’ amehlo.

Ukuziphatha

Nakubeni iBhayibhile isithi ukuhenyuza—ukuba neentlobano zesini ungatshatanga—kuphosakele, namhlanje izikolo aziyixhasi imfundiso ephile ngolo hlobo engokuziphatha. (Efese 5:5; 1 Tesalonika 4:3-5; ISityhilelo 22:15) Ngokuqinisekileyo oku kube negalelo kwimeko eyachazwa ngokaFernandez xa wathi: “Malunga nama-80 ekhulwini abantwana bethu abakwishumi elivisayo baba neentlobano zesini.” Kwesinye isikolo samabanga aphakamileyo eChicago, intombazana enye kwamathathu yayikhulelwe!

Ezinye izikolo zineendawo zokunyamekela iintsana zabafundi. Ukongezelela, sekusisiqhelo ukudluliselwa kweecondom njengomgudu olilize wokuthibaza ubhubhane onguGawulayo nowokwanda kwemigqakhwe. Ukunika abafundi iicondom akwaneli nje ukubakhuthaza ukuba bahenyuze, kukuqhwabel’ izandla oko bakwenzayo. Kumba wokuziphatha, abafundi bafanele bacinge ngantoni?

Igqala lomfundisi-ntsapho waseyunivesithi lathi kukho “abantu abaselula abaninzi abacinga ukuba akukho nto ilungileyo okanye iphosakeleyo, indlela okhetha ukuziphatha ngayo ixhomekeke kwindlela ovakalelwa ngayo.” Kutheni ulutsha lucinga ngale ndlela? Lo mfundisi-ntsapho wathi: “Mhlawumbi ngamava ababenawo esikolo samabanga aphakamileyo abangela ukuba bangayazi indlela amabaziphathe ngayo.” Uyintoni umphumo wokungaqiniseki okunjalo ngokuziphatha?

Inqaku lomhleli wephephandaba lakutshanje livakalise intlungu ngokuthi: “Maxa wambi kuye kubonakale ukuba, akukho bani makabekwe ityala nangantoni na. Akakho tu.” Ewe, litheth’ ukuthi yonke into yamkelekile! Khawuqwalasele umzekelo womphumo ombi oku okunokuba nawo kubafundi. Kwigumbi lokufundela eyunivesithi apho kwakuxutyushwa ngombandela ongeMfazwe Yehlabathi II nokuvela kobuNazi, unjingalwazi wafumanisa ukuba uninzi lwabafundi bakhe babengakholelwa ukuba kwakungakho nabani na owayenokubekw’ ityala ngokuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo! Lo mfundisi-ntsapho wathi: “Ezingqondweni zabafundi, ukuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo kwakufana nentlekele yokwemvelo: Kwakungaphepheki ibe kwakungathinteleki.”

Ngubani obekek’ ityala xa abafundi bengakwazi ukwahlula okulungileyo kokubi?

Siphakathi Kumaxesha Anomngcipheko

Ethethelela izikolo, owayesakuba ngumfundisi-ntsapho wathi: “Ingxaki iqala ekuhlaleni, ibe ezikolweni kwenzeka izinto ezenzeka ekuhlaleni.” Eneneni, kunzima ukufundisa ngokuphumelelayo oko iinkokeli zebutho labantu zingakwenziyo.

Ukuzekelisa oku, ebudeni bexesha laxa ukuziphatha okubi kwamagosa karhulumente waseUnited States kwakungundaba-mlonyeni, omnye umbhali wemihlathi odumileyo wabhala oku: “Andinambono wendlela abafundisi-ntsapho abanokufundisa ngayo ngokuziphatha kweli xesha lentiyo. . . . Abantwana abancinane baya kukhalaza bathi: ‘Khawujonge iWashington!’ Bayazi . . . ukuba obona bumenemene bungathethekiyo embalini bebuqhubeka nakuloo ndlu yeengwevu inkulu.”

IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba “ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko.” (2 Timoti 3:1-5) Ngokuqinisekileyo la ngamaxesha anomngcipheko! Ngenxa yoku, kwenziwa ntoni ukuhlangabezana nengxaki esezikolweni namhlanje nokunceda abafundi bazuze imfundo esemgangathweni? Yintoni eninokuyenza nina njengabazali nabafundi? Amanqaku alandelayo aza kuxubusha oku.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share