Izikolo Zisengxakini
Abazali abathumeli abantwana babo esikolweni ukuze bafunde ukulesa, ukubhala nokubala kuphela. Balindele ukuba izikolo zibanike imfundo ephangaleleyo, eya kubaxhobisela abaselula ukukhulela ekubeni ngabantu abakhulu abanokuba nebhongo ngabo abazali babo. Kodwa amaxesha amaninzi oko bakulindeleyo akwenzeki. Ngoba? Kuba ehlabathini lonke izikolo zisengxakini.
KUMAZWE amaninzi ukunqongophala kwemali nabafundisi-ntsapho kuyayonakalisa imfundo yabantwana. Ngokomzekelo, kulo lonke elaseUnited States, ukuhla kwemali kwiminyaka yakutshanje kunyanzelele izikolo ezithile ukuba ziqhubeke zingcibana ‘neencwadi ezindala, ziyeke iisilingi ziphihlike, zinqumamise izifundo zobugcisa nezemidlalo, okanye zivale kangangeentsuku ngamathuba athile,’ litsho njalo iphephancwadi iTime.
EAfrika, ngokufanayo izinto zokufundisa zinqongophele. Ngokutsho kweDaily Times yaseLagos, kwilizwe laseNigeria umfundisi-ntsapho omnye ufundisa abafundi abangama-70, “ibe mhlawumbi umfundisi-ntsapho omnye kwabathathu akawuqeqeshelwanga lo msebenzi.” EMzantsi Afrika—ngaphandle nje kokunqongophala kwabafundisi-ntsapho—ukuba nabafundi abaninzi kakhulu kwigumbi lokufundela neziphithiphithi zobupolitika zifak’ isandla koko iSouth African Panorama ikubiza ngokuthi “ngumbhodamo okwizikolo zabantsundu.”
Kambe ke, ukubakho kwabafundisi-ntsapho nezixhobo ezaneleyo esikolweni akusosiqinisekiso sokuba imfundo iya kuphumelela. Ngokomzekelo, eOstriya kuthiwa phantse umntwana omnye kwabathathu kwabaneminyaka eli-14 ubudala akakwazi kubala izibalo ezilula okanye ukufunda kakuhle. EBritani, amanqaku afunyanwa ngabantwana balapho kwizibalo, kwinzululwazi nakwizifundo zolwimi lwelo lizwe “adlulwa lee ngawabaseJamani, eFransi naseJapan,” itsho njalo iThe Times yaseLondon.
EUnited States, abafundisi-ntsapho bakhalazela ukuba nangona abafundi befumana amanqaku aphezulu kwiimviwo, inkoliso yabo iqhubeka ingakwazi ukubhala isincoko esinandiphekayo, ukubala izibalo, okanye ukushwankathela iingongoma eziziintloko zezifundo ezahlukeneyo. Ngenxa yoko, abasemagunyeni kwezemfundo ehlabathini lonke baqale phantsi ukucingisisa ngemfundo yasesikolweni neendlela ezinokusetyenziswa ukuze kuphuculwe inkqubela yabafundi.
Ugonyamelo Esikolweni
Iingxelo zityhila ukuba kukho ugonyamelo oluxhomis’ amehlo nolwandayo ezikolweni. EJamani, ingqungquthela yabafundisi-ntsapho yachazelwa ukuba abantwana besikolo abali-15 ekhulwini “bakulungele ukubhenela kugonyamelo—ibe aba-5 ekhulwini abonqeni nokwenza izinto ezimasikizi, kuba bangalukhaba usizana lomntu olulele emgangathweni lungenakuzinceda.”—Frankfurter Allgemeine Zeitung.
Ezinye izenzo ezimasikizi zixhalabisa gqitha. Ukudlwengulwa kwentombazana eneminyaka eli-15 ubudala ngamakhwenkwe amane kwindlu yangasese kwisikolo samabanga aphakamileyo eParis kwabangela abafundi benze umngcelele woqhankqalazo ezitratweni befuna ukuba izikolo zinqatyiswe ngakumbi. Abazali baxhalatyiswe kukwanda kokuziphatha okubi ngokwesini, ukufunwa kwemali ngenkani nogonyamelo olungokweemvakalelo. Ezi zigigaba azikho kwelaseYurophu kuphela kodwa ziya zixhaphaka kulo lonke ihlabathi.
IZiko Lemfundo laseJapan linikela ingxelo ngogonyamelo olugqugqisileyo kwelo olwenziwa ngabafundi abakwizikolo zamabanga aphakamileyo. Iphephandaba laseMzantsi Afrika iThe Star, phantsi komxholo othi “Abantwana Besikolo Abanemipu Bayalawula Ezikolweni,” lifanisa into eqhubeka kwinkoliso yezikolo zaseSoweto naleyo ebizwa ngokuthi “the Wild West [iNtshona enobundlobongela]” eUnited States ebudeni benkulungwane ye-19. Ngokutsho kweThe Guardian yaseLondon, nkqu nokuduma kwesiXeko saseNew York ngogonyamelo, kuye kwafikelela inqanaba “eliphezulu oko kubonakala kwisaziso esakhutshwa ngumzi-mveliso wezinto zokukhusela sokuba kukhawuleziswe kuthengelwe abantwana besikolo iimpahla zokuthintela iimbumbulu.”
Esi sibetho sogonyamelo lwasesikolweni sikwathwaxa nelaseBritani. Omnye ophambili kumbutho wabafundisi-ntsapho uphawula oku: “Kwiminyaka eli-10 edluleyo, siye sabona ukwanda komkhwa wokubhenela kwizixhobo. Ungene nakwabaselula ibe awusekho kumadoda kuphela kodwa udlulela nakumabhinqa.”
Ngoko, alimangalisi elokuba iqaqobana labazali ligqiba kwelokuba libakhuphe abantwana balo esikolweni lize libafundisele emakhaya. Abo bangakwaziyo ukukwenza oku banexhala lomphumo ombi isikolo esiya kuba nawo kubantwana babo, ibe bazibuza indlela abangahlangabezana ngayo noku. Yintoni abazali abanokuyenza ukuze bancede abantwana babo bahlangabezane neengxaki abadibana nazo esikolweni? Ibe abazali banokusebenzisana njani nabafundisi-ntsapho ukuze baqinisekise ukuba abantwana bafumana okona kulungileyo esikolweni? Amanqaku alandelayo anikela iimpendulo kule mibuzo.