IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g96 7/8 iphe. 7-8
  • Ukutshabalalisa Imiqobo Ukuze Sakhe Unxibelelwano

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukutshabalalisa Imiqobo Ukuze Sakhe Unxibelelwano
  • Vukani!—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Izithethe Ezahlukeneyo Phakathi KwamaNgqina KaYehova
  • Imiqobo Ethintela Unxibelelwano
    Vukani!—1996
  • Ukuba Phakathi Kweemvelaphi Ezahlukahlukeneyo—Ndimele Ndithini?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Ngaba Abanye Ubajonga Ngendlela UYehova Abajonga Ngayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Izithethe Zasekuhlaleni Nemigaqo YobuKristu—Ngaba Ziya Calanye?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
Khangela Okunye
Vukani!—1996
g96 7/8 iphe. 7-8

Ukutshabalalisa Imiqobo Ukuze Sakhe Unxibelelwano

ASIZANGE sizikhethele intsapho okanye uhlanga esazalelwa kulo, singazange sigqibe nangesithethe esiya kuphembelela indlela yethu yokucinga. Asikwazi ukulawula izinto ezinjalo. Sonke sixhomekeke exesheni nakwiimeko. Kodwa sinokuyilawula indlela esibajonga nesibaphatha ngayo abanye.

IBhayibhile ichaza indlela esinokukwenza ngayo oko. Khawuqwalasele imigaqo embalwa enokusinceda ukuba sakhe unxibelelwano nabo basenokuba banemvelaphi eyahlukileyo kweyethu.

“UThixo owenza ihlabathi nazo zonke izinto ezikulo . . . wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu, ukuba zihlale kumphezulu uphela womhlaba.” (IZenzo 17:24, 26) Sonke singamalungu entsapho enye yoluntu yaye ngenxa yoko sinezinto ezininzi esifana ngazo. Ukukhangela izinto esifana ngazo kwenza kube lula ukunxibelelana. Sonke sifuna abahlobo abalungileyo yaye sifuna ukuziva sithandwa yaye sihlonelwa. Wonke ubani ufuna ukuphepha iintlungu ezingokomzimba nezingokweemvakalelo. Abantu bazo zonke izithethe bayawuthanda umculo nobugcisa, ukuqhula, nokuphathana kakuhle, nokufuna iindlela zokuzonwabisa.

‘Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo nibagqala abanye njengabongamileyo kunani.’ (Filipi 2:3) Oku akuthethi ukuba sifanele sibagqale abanye njengabongamileyo kwinto yonke. Kunoko, sifanele siqonde ukuba kwezinye iinkalo zobomi, abanye bongamile. Sifanele singaze sicinge ukuba thina okanye isithethe sethu siso sodwa esifanelekileyo.

“Ngokwenene, ngoko, logama sinexesha elilungileyo loko, masisebenze oko kulungileyo kubo bonke.” (Galati 6:10) Ukuthabatha inyathelo lokuqala njengokuba nobuhlobo nokuba luncedo kwabanye, ingakhathaliseki imvelaphi yabo engokwesithethe, kunokwenza okungakumbi ukuvala umsantsa wonxibelelwano.

“Yazini oku, bazalwana bam abaziintanda. Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe ukuqumba.” (Yakobi 1:19) Abantu abakwaziyo ukunxibelelana bamele bangabi ngabantu nje abathethayo; bamele babe ngabaphulaphuli abanovelwano.

“Ngamanzi anzulu icebo entliziyweni yendoda, kanti indoda enengqondo iyalirhola.” (IMizekeliso 20:5) Kuphaphele ukuqonda iimvakalelo nezinto ezifihlakeleyo ekuziphatheni komntu. Bazi bhetele abantu.

“[Hlalani] niphosa iliso, kungekhona kwizilangazelelo zobuqu kwimibandela nje yenu, kodwa nakwizilangazelelo zobuqu kuleyo yabanye.” (Filipi 2:4) Yiba novelwano ngokuthi izinto uzijonge ngendlela azijonga ngayo omnye umntu. Sukuzingca.

Izithethe Ezahlukeneyo Phakathi KwamaNgqina KaYehova

Into yokuba le migaqo iyasebenza ngokwenene ibonakala kumanyano oluphawulekayo lwamaNgqina kaYehova, asebenza ngenkuthalo kumazwe omhlaba angama-232. Ngabantu abaphuma kuzo zonke “iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi” yaye abazimisele ukuvumelana nolwalathiso lukaYehova lothando kuzo zonke izinto.—ISityhilelo 7:9; 1 Korinte 10:31-33.

Ngqina ngalinye alisijongeli phantsi isithethe sabanye abantu. Nabo baye bangamaNgqina abasityesheli isithethe abakhuliswa ngaso, ngaphandle kokuba asivumelani nemigaqo yeBhayibhile. Kwiimeko ezinjalo benza iinguqu kubomi babo. Bayaqonda ukuba kwisithethe ngasinye kukho iimpawu ezintle yaye ezithandekayo kubantu abamkela unqulo oluyinyaniso.

Bazabalazela ukujonga isijikelezi-langa sethu ngendlela asibona ngayo uThixo—siyakhazimla yaye siluhlaza okwesibhakabhaka ibe sihle—sijikeleza esithubeni. Sisijikelezi-langa esinabantu nezithethe ezimangalisayo ezahlukeneyo. AmaNgqina kaYehova akhangele phambili kwixesha laxa bonke abantu emhlabeni beya kunandipha ubomi njengentsapho emanyene ngokunyanisekileyo.

[Umfanekiso okwiphepha 8]

AmaNgqina kaYehova aye afunda indlela yokudiliza imiqobo engokwesithethe

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share