Amagqabi ECassava—Ukutya Kwemihla Ngemihla Kwizigidi
NGUMBHALELI KAVUKANI! ECENTRAL AFRICAN REPUBLIC
OKU kwaqala malunga nonyaka we-1600, xa amaPhuthukezi eza necassava, okanye imanioc, esuka eMzantsi Merika esiya eAfrika. Kukholelwa ukuba icassava isuka eBrazil ngenxa yokuba igama elithi “manioc” lisuka kwiintlanga ezingamaTupi zaseBrazil kwiNtlambo yeAmazon.
Iingcambu zayo zixatyiswe gqitha ngabantu baseAfrika, kodwa kuthekani ngamagqabi ayo aluhlaza bumnyama? Bambi bawasebenzisa njengeyeza lokunyanga amanxeba avulekileyo okanye ukunyanga irhashalala. Noko ke, kwizigidi, zaseCentral African Republic nakwamanye amazwe aseAfrika, la magqabi akukutya kwemihla ngemihla, njengoko kunokwenziwa ngawo ukutya okumuncis’ iintupha. Enyanisweni, elinye lamagama okuqala abavangeli basemazweni abatsha beWatch Tower abaye balifunda apha ligama elithi ngunza. Esi sisityu esiginyis’ ingwiqi esenziwe ngamagqabi ecassava yaye sisidlo esithandwayo eCentral African Republic—isidlo amele umntu ondwendwele ecentral Afrika nakanjani asingcamle.
Inkoliso yabantu baseYurophu abahlala eAfrika abafuni nokukubona ukutya okwenziwe ngala magqabi, njengoko bekugqala njengokutya kwabemi bomthonyama balapho, ingekuko okwabemi basemzini. Kodwa ngaba oko kuyinyaniso? Kumazwe anjengeCentral African Republic, iSierra Leone neZaire, la magqabi akukutya okuphambili kwemihla ngemihla kwiintsapho ezininzi.
Xa uhamba ngenqwelo-moya okanye uhamba unqumla eCentral African Republic, ubona ilizwe elihle eliluhlaza—imithi, amatyholo, amadlelo, yaye phakathi, kukho amasimi amancinane ecassava namagqabi ayo angaqhelekanga aluhlaza bumnyama. Zonke iidolophana ezincinane zingqongwe ngamasimi ecassava. Abantu bayilima kufutshane namakhaya abo, yaye kwanakwikomkhulu lalapho, iBangui, uya kufumana icassava kwiziqwenga zomhlaba ezincinane zomhlaba nakumabala akufuphi namapomakazi okanye kufutshane nendlela enkulu. Ngokuqinisekileyo, oku kukutya okubalulekileyo kulo mmandla wehlabathi.
Ngcamla Ingunza
Xa befika, abavangeli basemazweni abatsha bamenywa ngabazalwana babo ukuba babatyelele baze bangcamle intwana yengunza. Esi sidlo siquka isidlo esidumileyo nesenziwe ngamagqabi emanioc. Abafazi bomgquba bayakwazi ukusenza siginyis’ ingwiqi. Kubonakala ngathi mfazi ngamnye unendlela yakhe yokusenza. Enye yezinto zokuqala amantombazana aselula ayifundayo koonina malunga nokupheka yindlela yokwenza ingunza.
Baneqhayiya lokuchaza ukuba iyintoni yaye yenziwa njani. Abafazi bayakuvuyela ukubonisa kwakho umdla kwesi sidlo somthonyama. Okokuqala, baya kukuxelela ukuba amagqabi ecassava akabizi mali ininzi adlal’ abantwana yaye unokuwakha ngamaxesha emvula naxa komile. Ngamaxesha obunzima ngokwezoqoqosho naxa kunyuke amaxabiso, amagqabi ecassava anendima ebalulekileyo ekondleni intsapho. Yaye khumbula ukuba iintsapho zaseAfrika zisoloko zinkulu. Baninzi abantu abamele bondliwe. Ukwenziwa kwengunza kuthabatha iiyure eziliqela. Kufuneka kuphume ubukrakra kula magqabi ngaphambi kokuba atyiwe. Akhutshwa ityhefu ngokuthi alungiswe ngendlela yesintu, equka ukucolwa nokubiliswa ngokucokisekileyo.
Abafazi baseAfrika bathanda ukusebenzisa ioli eyenziwe ngeziqhamo zesundu xa besenza ingunza. Ioli ebomvu bumnyama eyenziwe ekuhlaleni yeyona ibalulekileyo. Ingunza kunye nentwana yebhotolo yamandongomane mhlawumbi kunye namatswele nekinofile kukutya kwemihla ngemihla kwentsapho. Kodwa kuthekani ukuba ulindele iindwendwe? Ngoko ingunza iya kuba yinto ebalulekileyo, into eziya kuyikhumbula. Ngoko umamkeli-zindwendwe uya kongeza isithako asithandayo—intlanzi okanye iziqa zenyama yenkomo ezojiwe emsini—kunye nekinofile eninzi namatswele kunye nebhotolo yamandongomane eyenziwa ekhaya, nesandul’ ukwenziwa. Zonke ezi zinto zigalelwa embizeni enye enkulu. Okunye okuseleyo kukuba nomonde nokuba ibiliswe ixesha elide.
Namhlanje umamkeli-zindwendwe wethu uza kusiphakela ingunza nerayisi. Imfumba yerayisi kunye necephe elinye okanye amabini engunza agalelwe phezu kwayo, yinto ethandwa gqitha ngama-Afrika kwakunye nabaphambukeli abaninzi. Yongeza intwana yepepile etshisayo, yaye uya kuyiva ingunza. Ukuba usela igilasi yewayini ebomvu ngoxa usitya, uya kuyinandipha ngokuzeleyo incasa yayo.
Ngaba Ukhe Wayingcamla Ingukassa Okanye Ikanda?
Xa uhamba usuka empuma usiya entshona yeli lizwe, uya kufumanisa ukuba abantu bayenza ngeendlela ezahlukahlukeneyo ingunza. Yaye kuthekani ngengukassa? Ngemini ebandayo nenemvula, ingukassa, umhluzi okanye isityu esidityaniswe nemifuno eyahlukahlukeneyo, inokukulungela. Ioli eyenziwe ngencindi yomthi wesundu, iziqhamo ekuthiwa ziiplantain, amandongomane, iibhatata, umbona, kambe ke, namagqabi ecassava ziphekwa zonke, kodwa ayigalelwa ityuwa—akubikho nokhozo olu lwetyuwa. Imfihlelo ilapho! Xa sele igqityiwe iginyis’ ingwiqi yaye inesondlo. Yaye ukuba uthabatha uhambo olude, thabatha ikanda. Yona yenziwa ngamagqabi ecassava adityaniswe nentlanzi okanye inyama eyojiwe emsini. Ikanda yenziwa ngokusongela lo mxube kula magqabi uze uwuqwayite phezu komlilo kangangeeyure eziliqela de ube lukhuni uze wome. Ihlala kangangeentsuku yaye inokunanditshwa kunye neqhekeza lesonka. Ibafanele abahambi.
Nanini na utyelele eAfrika, kutheni ungaceli icassava? Yingcamle, uze ube phakathi kwezigidi eziyinandiphayo!