Utyelelo LukaPopu KwiZizwe Ezimanyeneyo—Yintoni Oluyiphumezileyo?
XA WAYEHAMBA ngenqwelo-moya enqumla iAtlantiki ukuya kuthetha kwiZizwe Ezimanyeneyo kwisiXeko saseNew York, uPopu John Paul II wayedlulele ngaphaya kweekhilomitha ezisisi-1000 000 ehamba ihlabathi. Kwakungo-Oktobha 4, 1995, yaye olu yayiluhambo lwakhe lwama-68 lokuya kumazwe akude njengopopu. Ngokungathandabuzekiyo, ungoyena popu ukhenkethe ngokubanzi kwimbali yeCawa yamaRoma Katolika.
Wafika eNewark International Airport, eNew Jersey, ngoLwesithathu owayenemvula, engqongwe ngomnye weyona midiyadiya yokhuseleko eyenziwe kakuhle eyakha yenzelwa nayiphi na indwalutho. Kwaqikelelwa ukuba amagosa esithili angama-8000 abelwa ukuba akhusele upopu. Enye ingxelo yathi “lukhuseleko olufana neqokobhe,” ekwakubandakanyeke kulo iihelicopter neendadi ezitshona phantsi kwamanzi.
Kwakutheni Ukuze Enze Olo Tyelelo?
Kwintetho yakhe xa wayefika kwisikhululo seenqwelo-moya, upopu wakhumbuza ukuba owayengumanduleli wakhe, uPopu Paul VI, wathetha kwi-UN General Assembly ecela ukuba kubekho uxolo: “Mayiphele imfazwe, mayingaphindi ibekho kwakhona!” UJohn Paul II wathi wayebuyele apho “ukuze avakalise ukweyiseka [kwakhe] okunzulu kukuba iingcamango neenjongo ezakhokelela ekusekweni kweZizwe Ezimanyeneyo kwisiqingatha senkulungwane esadlulayo zifuneka ngakumbi kunanini na ngaphambili kwihlabathi elifuna injongo.”
Kwimithandazo yangokuhlwa eSacred Heart Cathedral, eNewark upopu wabonisa kwakhona ukuzixhasa kwakhe iZizwe Ezimanyeneyo, xa wathi: “Loo ntlangano ikho ukuze kulungelwe intsapho yoluntu ngokubanzi, yaye ngenxa yoko kuye kwafaneleka ukuba upopu athethe apho njengengqina kule Vangeli yethemba.” Wongezelela ngelithi: “Ngenxa yoko xa sithandazela uxolo sikwathandazela iNtlangano yeZizwe Ezimanyeneyo. INgcwele uFrancis yaseAssisi . . . izibonakalisa njengomthandi omkhulu woxolo nonobuchule ekulwenzeni. Masiyicele ukuba incedise imigudu yeZizwe Ezimanyeneyo yokumisela okusesikweni noxolo ehlabathini lonke.”
Xa wayethetha kwiZizwe Ezimanyeneyo, wazincoma iinguqulelo zobupolitika zowe-1989 ezazingenalugonyamelo eMpuma Yurophu, apho amazwe amaninzi afumana inkululeko kwakhona. Wakhuthaza ukuba abantu babonise “umoya wokuthand’ izwe labo” njengokuba oko kwahlukile “ekubeni nobuhlanga ngokupheleleyo nokubonisa ukungaphangalali engqondweni.” Wathetha ngokungabi sesikweni kwenkqubo ekhoyo, esithi: “Xa izigidi zabantu zithwaxwa bubuhlwempu okuthetha indlala, ukungondleki, ukugula, ukungafundi nokujongelwa phantsi, simele . . . sikhumbule ukuba akukho mntu unelungelo lokuxhaphaza omnye ukuze kulungelwe yena.”
Wandula ke wathi: “Njengoko sijamelene nolu celomngeni lunzima, singasilela njani ukuyiqonda indima yeNtlangano yeZizwe Ezimanyeneyo?” Wathi kufuneka iZizwe Ezimanyeneyo “zibe liziko elinikela imilinganiselo yokuziphatha apho zonke iintlanga zomhlaba zinokuziva zisekhaya.” Wabethelela imfuneko yokukhuthazwa “kokumanyana kwayo yonke intsapho engabantu.”
Uxolo Lokwenyaniso—Luphuma Kuwuphi Umthombo?
Ngokungathandabuzekiyo, wavelisa iimvakalelo ezininzi ezibalaseleyo. Sekunjalo, ngaba nanini na kwintetho yakhe ende ukhe walathisela iinkokeli zehlabathi kwisicombululo sikaThixo kwiingxaki zoluntu—ulawulo lwakhe loBukumkani ngoKristu Yesu? (Mateyu 6:10) Akunjalo. Enyanisweni, akazange nanini na acaphule iBhayibhile xa wayethetha kwiZizwe Ezimanyeneyo. Ngokwahlukileyo, wathi “ngoncedo lobabalo lukaThixo, sinokwakha impucuko efanele umntu, impucuko yokwenene yenkululeko kwinkulungwane nakwiminyaka eliwaka elandelayo.” Kubafundi beBhayibhile, loo mvakalelo isenokubonakala iphinda amazwi afanayo nawathethwa ngabantu ababeseBhabheli yamandulo ngaphezu kweminyaka engama-4000 eyadlulayo, nababecinga ukuba banokulugcina uluntu lumanyene ngeendlela zabantu: “Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama.” (Genesis 11:4) Ngoko, ngokwale mbono, ziinkokeli zobupolitika ezingabantu, ezimelwe ziZizwe Ezimanyeneyo, ezinokwakha impucuko entsha esekelwe kwinkululeko.
Kodwa yintoni eyaprofetwa yiBhayibhile ngokuphathelele ikamva loorhulumente abangabantu bobupolitika kuquka neZizwe Ezimanyeneyo? Incwadi kaDaniyeli neyeSityhilelo zisinika umbono ocacileyo ngekamva elibalindeleyo. UDaniyeli waprofeta ukuba ngemihla yokugqibela, uThixo uya kumisela ulawulo lwakhe loBukumkani, njengelitye elikhulu ‘elizithwebule kungengazandla zomntu.’ Buya kuthabatha liphi inyathelo? “Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. . . . Buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.” Oorhulumente babantu baya kuthatyathelw’ indawo lulawulo olunye lobulungisa oluya kulawula uluntu lonke.—Daniyeli 2:44, 45.
Kuza kwenzeka ntoni kwiZizwe Ezimanyeneyo? ISityhilelo isahluko 17 sizichaza iZizwe Ezimanyeneyo (nomanduleli wazo ongazange ahlale thuba lide, uManyano Lwezizwe) njengerhamncwa elimfusa ‘eliza kuya entshabalalweni.’ (ISityhilelo 17:8)a Umthombo kaYehova woxolo lokwenyaniso awunguye nawuphi na uthunywashe ongumntu ongafezekanga, kungakhathaliseki ukuba banyaniseke kangakanani abo bamlandelayo. Uxolo lokwenyaniso luya kuza ngoBukumkani bukaThixo obuthenjisiweyo, obusezandleni zikaKristu Yesu ovusiweyo emazulwini. Oko kusisiseko senzaliseko yeli dinga likaThixo likwiSityhilelo 21:3, 4: “Khangela! Intente kaThixo iseluntwini, yaye uya kuhlala nalo, ibe lona luya kuba ngamaqela abantu bakhe. NoThixo ngokwakhe uya kuba nalo. Kwaye uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”
Olo Tyelelo—Lwaba Nempembelelo Engakanani?
Xa upopu wabhekisela eBhayibhileni xa wayethetha, ngaba ngokunyaniseka wawakhuthaza amaKatolika ukuba athabathe iiBhayibhile zawo aze akhangele ezo mbekiselo? Inyaniso ikukuba, uninzi lwalungayiphathanga kwaukuyiphatha iBhayibhile. Kwakunqabile ukuba upopu abhekisele kumbhalo othile ukuze abangele abaphulaphuli bafunde iBhayibhile.
Omnye umzekelo ngowaxa wayethetha nabangama-83 000 eGiants Stadium, eNew Jersey, yaye wathi: “Silindele ukubuya kweNkosi njengomgwebi wabaphilayo nabafileyo. Silindele ukubuya kwakhe ezukisiwe, ukufika kobukumkani bukaThixo ngokupheleleyo. Eso sisimemo esizingisileyo seendumiso: ‘Yilinde iNkosi ngenkalipho; mayomelele intliziyo yakho, yaye linda iNkosi.’” Kodwa nguwuphi umbhalo awayewucaphula kwiindumiso? Yaye yiyiphi iNkosi awayebhekisela kuyo—nguYesu okanye nguThixo? (Thelekisa INdumiso 110:1.) Ngokutsho kwephephandaba laseVatican, iL’Osservatore Romano, wayecaphula INdumiso 27:14, ngokucacileyo efundeka ngolu hlobo: “Thembela kuYehova; yomelela, ikhaliphe intliziyo yakho, uthembele kuYehova.” Ewe, simele sibeke ithemba lethu kuYehova, uThixo weNkosi uYesu.—Yohane 20:17.
Ukutyhubela yonke imbali, ngaba abefundisi neenkokeli zamaKatolika baye bakhuthaza uxolo phakathi kweentlanga? Ngaba imfundiso yamaKatolika iye yasebenza ekucombululeni iiyantlukwano zobuhlanga nezobuzwe? Ukubulawa kwabantu abaninzi eRwanda, kumbindi-mpuma Afrika ngowe-1994, neemfazwe ezitshabalalisayo zeminyaka embalwa edlulileyo kummandla owawusakuba yiYugoslavia zonke zibonisa ukuba iinkolelo zonqulo ngokuqhelekileyo ziyasilela ukuphelisa eyona ntiyo inzulu nekhethe lobuhlanga elisentliziyweni yomntu. Ukuvunywa kwezono kweeveki ngeeveki kumfundisi okanye ukuya kuMthendeleko akunakuze kuyitshintshe indlela abantu abacinga nabenza ngayo. Kufuneka kubekho impembelelo enzulu ebantwini, leyo ibakho kuphela xa iLizwi likaThixo livunyelwe ukuba lingene entliziyweni nasengqondweni yalowo ulikholelwayo.
Ukuguquka kwehambo yomKristu wokwenyaniso akusekelwanga kwindlela asabela ngayo ngokweemvakalelo okubangelwa zizithethe zonqulo, kodwa isekelwe ekukuqondeni kakuhle ukuthanda kukaThixo ngomntu ngamnye. Umpostile uPawulos wathi: “Yekani ukumilisa okwale nkqubo yezinto, kodwa guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” (Roma 12:1, 2) Esi similo sitsha sifunyanwa ngokufundisisa iLizwi likaThixo elikhokelela kulwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe. Livelisa amandla okomoya alawula ingqondo aze aphumele kwihambo yamaKristu.—Efese 4:23; Kolose 1:9, 10.
Ngaba Icawa “Ifanele Ibambe Libe Linye”?
Iphephandaba laseSpeyin iEl País lamchaza uPopu John Paul II “njengonesibabalo esikhethekileyo” xa ucinga ukuba uneminyaka engama-75 ubudala, yaye iphephandaba laseUnited States lambiza “njengencutshe yokuthetha nabantu.” Unobuchule bokuthetha nabachola-choli beendaba yaye uyakwazi ukuqhagamshelana nezihlwele zabantu nabantwana bazo. Kuhambo lwakhe uyakwazi ukumela iOfisi Kapopu ekwisiXeko saseVatican. Nangona iVatican yamkelwe ngokusemthethweni kwiZizwe Ezimanyeneyo, ukusikelela kukapopu loo ntlangano akunikeli siqinisekiso sokuba isikelelwe nguYehova uThixo.
Abantu basabela ngeendlela ezahlukeneyo ngotyelelo lukapopu. Uninzi lwaloo maKatolika olwafumana amatikiti okungena kuMthendeleko oqhutyelwa phandle lwaziva lwakhekile ngokweemvakalelo xa lwaya apho. Noko ke, zimbi iinkokeli zamaKatolika zalujonga ngendlela ephosakeleyo olu tyelelo nezinto olwalunokuziphumeza. IThe New York Times yacaphula uTimothy B. Ragan, umongameli weCatholic National Center for Pastoral Leadership, njengothi “uPopu akazange alusebenzise ngokuzeleyo utyelelo lwakhe. Nangona olo hambo ‘lwalukhuthaza yaye luyimbalasane ngokwezakwalizwi kubantu abaninzi,’” iinkokeli ezininzi zamaKatolika “azizange zilifumane ithuba lokuthetha naye yaye akazange enze ilungiselelo lokuba ancokole nazo.” Uninzi lwamaKatolika luvakalelwa kukuba lunyanzelelwa ukuba luphulaphule kupopu kuphela lunganikwa thuba lakuvelisa uluvo lwawo kwimibandela enjengokungatshati, uqingqo-nzala noqhawulo-mtshato.
Zimbi iinkokeli zamaKatolika ziyaqonda ukuba, “icawa imele ibambe libe linye,” yaye zinoloyiko lokuba uninzi lwamaKatolika, “ingakumbi lawo aselula, ayalahlekelwa yimbono efanelekileyo yoko kuthethwa kukuba ngumKatolika.” UJames Hitchcock, umKatolika ogcina isithethe, “ukubona ukwahlukana kwezikhundla ecaweni njengemfazwe yomlomo eyingozi phakathi kweenkokeli ezisithanda gqitha isithethe kunye nabo ngandlel’ ithile bangoovula zibhuqe ‘nabakwizikhundla eziphakathi zokongamela.’”
Ngokwendlela utyelelo lukapopu oluya kuwachaphazela ngayo amanqam kwizintlu zecawa, uHitchcock wathi: “Uza apha, azukiswe, uyagoduka—yaye akukho nto ayifezileyo. Ngokwembono yam imiphumo yolu tyelelo iyadimaza.” Ngokuqinisekileyo upopu wayeka ithuba lokuxelela iinkokeli zobupolitika zeZizwe Ezimanyeneyo apho ufumaneka khona umthombo woxolo lokwenyaniso.
Nangona uMgaqo-siseko weZizwe Ezimanyeneyo neengcinga zabantu zibethelela usukelo “loxolo nonqabiseko,” ungakhohliswa. IBhayibhile ilumkisa ngelithi: “Xa sukuba besithi: ‘Uxolo nonqabiseko!’ iza kwandula ke intshabalalo yequbuliso ibafikele ngephanyazo kanye njengenimba yenkxwaleko kumfazi omithiyo; yaye abasayi kuze nangayiphi na indlela babaleke.” (1 Tesalonika 5:3) Uxolo nonqabiseko lokwenyaniso luya kuza kuphela ngokuthanda kukaThixo nangendlela yakhe—ngolawulo loBukumkani bakhe, kungekhona ngeZizwe Ezimanyeneyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo eneenkcukacha ezingakumbi ngesi siprofeto sikwiSityhilelo, bona incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, iphepha 240–51, epapashwe ngowe-1988 yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 22]
UN photos