IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • re isahl. 34 iphe. 246-251
  • Ukutyhilwa Kwemfihlelo Eyoyikekayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukutyhilwa Kwemfihlelo Eyoyikekayo
  • ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphuma Enzonzobileni
  • Uxolo Nonqabiseko—Ithemba Elililize
  • IZizwe Ezimanyeneyo—Ngaba Zilunge Ngakumbi?
    Vukani!—1991
  • Inxalenye 8—Uhambo Olude LwamaGunya Ehlabathi Lusondela Esiphelweni Salo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Limela Ntoni Irhamncwa Elimbala Ungqombela ElikwiSityhilelo 17?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Utyelelo LukaPopu KwiZizwe Ezimanyeneyo—Yintoni Oluyiphumezileyo?
    Vukani!—1996
Khangela Okunye
ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
re isahl. 34 iphe. 246-251

Isahluko 34

Ukutyhilwa Kwemfihlelo Eyoyikekayo

1. (a) Usabela njani uYohane xa ebona ihenyukazi elikhulu nokukhwela kwalo ngendlela eyoyikekayo, yaye ngoba? (b) Lusabela njani udidi lukaYohane namhlanje njengoko iziganeko zityhileka ukuzalisekisa umbono wesiprofeto?

USABELA njani uYohane xa ebona ihenyukazi elikhulu nokukhwela kwalo ngendlela eyoyikekayo? Uphendula ngelithi: “Ndithe ndakumbona ndamangaliswa ngomangaliseko olukhulu.” (ISityhilelo 17:6b) Umbono onjalo wawungenakuze uthelekelelwe ngabantu—umbono wehenyukazi elibi elikhwele kwirhamncwa eloyikekayo nelimbala ungqombela kude lee entlango! (ISityhilelo 17:3) Namhlanje udidi lukaYohane nalo luyamangaliswa kakhulu njengoko iziganeko zityhileka ukuzalisekisa umbono wesiprofeto. Ukuba abantu behlabathi bebenokukubona oku, bebeya kudanduluka bathi, ‘Akukholeleki!’ yaye abalawuli behlabathi bebeya kuphinda bathi, ‘Kuyinkohla!’ Kodwa lo mbono yinto yokwenene nekhwankqisayo eyenzeka ngomhla wethu. Abantu bakaThixo sele benesabelo esiphawulekayo ekuzalisekeni kwalo mbono, yaye oku kubaqinisekisa ngelokuba esi siprofeto siza kufikelela kwincopho yaso emangalisayo.

2. (a) Isabela kwindlela amangaliswe ngayo uYohane, ingelosi imxelela ntoni? (b) Yintoni udidi lukaYohane oluyityhilelweyo, yaye kwenziwe njani oku?

2 Ingelosi iphawula indlela amangaliswe ngayo uYohane. UYohane uyaqhubeka esithi: “Yathi kum ingelosi: ‘Kutheni na wamangaliswa? Ndiza kukuxelela imfihlelo ngalo mfazi nangerhamncwa eli limthweleyo, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.’” (ISityhilelo 17:7) Ewe, ngoku ingelosi iza kutyhila le mfihlelo! Icacisela uYohane omangalisiweyo iinkalo ezahlukahlukeneyo zalo mbono neziganeko ezikhwankqisayo eziza kutyhilwa. Ngokukwanjalo, njengoko lukhonza phantsi kolwalathiso lweengelosi namhlanje, udidi lukaYohane oluphaphileyo luye lwatyhilelwa intsingiselo ngesi siprofeto. “AsikokukaThixo na ukutolika?” NjengoYosefu owayethembekile, sikholelwa kwelokuba kokwakhe. (Genesis 40:8; thelekisa uDaniyeli 2:29, 30.) Abantu bakaThixo, ngokungathi kunjalo, baphambi kwakhe njengoko ebacacisela intsingiselo yombono noko kuthethwa nguwo kubomi babo. (INdumiso 25:14) Kanye ngexesha elifanelekileyo, uye wabenza bayiqonda imfihlelo yomfazi neyerhamncwa.—INdumiso 32:8.

3, 4. (a) Yiyiphi intetho yesidlangalala eyanikelwa nguN. H. Knorr ngowe-1942, ibe yalichaza njani irhamncwa elimbala ungqombela? (b) Ngawaphi amazwi awathethwa yingelosi kuYohane awathi axutyushwa nguN. H. Knorr?

3 Ukususela ngoSeptemba 18 ukuya kowama-20, 1942, ngexesha ekwakugquba ngalo iMfazwe Yehlabathi II, amaNgqina kaYehova kwelaseUnited States aqhuba iNdibano yawo yoLawulo Lobuthixo Lwehlabathi Elitsha. Isixeko esiyintloko, iCleveland, eOhio, sasinxityelelaniswe ngemfonomfono nezinye izixeko zendibano ezingaphezu kwama-50, ekwathi kuzo kweza abantu abali-129 699. Abanye abantu ababeye kuloo ndibano baluphinda olo cwangciso jikelele ehlabathini xa iimeko zemfazwe zazibavumela. Ngelo xesha, uninzi lwabantu bakaYehova lwalulindele ukuba imfazwe yayiya kuphumela kwimfazwe kaThixo yeArmagedon; kungoko umxholo wentetho yesidlangalala owawusithi, “Uxolo—Ngaba Lunokuhlala Lukho?,” wavusa umdla wabaninzi. Wayenokuthini umongameli omtsha weWatch Tower Society, uN. H. Knorr, ukuthetha ngoxolo xa kwakubonakala ukuba iintlanga zazigcinelwe eyona nto ichaseneyo noxolo?a Isizathu yayisesokuba udidi lukaYohane ‘lwalulinyamekele ngokugqithiseleyo’ iLizwi likaThixo lesiprofeto.—Hebhere 2:1; 2 Petros 1:19.

4 Kukuphi ukukhanya okweziswa yile ntetho ithi “Uxolo—Ngaba Lunokuhlala Lukho?” kwesi siprofeto? Ngokucacileyo echaza eli rhamncwa limbala ungqombela leSityhilelo 17:3 njengoManyano Lwezizwe, uN. H. Knorr wahlabela mgama exubusha ngomsebenzi walo onesiphithiphithi ngokusekelwe kumazwi alandelayo engelosi aya kuYohane: “Irhamncwa owalibonayo lalikho, kodwa alikho, ukanti sele liza kunyuka liphume enzonzobileni, yaye liza kuya entshabalalweni.”—ISityhilelo 17:8a.

5. (a) Kwenzeka njani ukuba ‘irhamncwa libe lalikho’ yaye “alikho”? (b) UN. H. Knorr wawuphendula njani umbuzo othi, “Ngaba uManyano luza kuhlala enzonzobileni?”

5 “Irhamncwa . . . lalikho.” Ewe, lalikho njengoManyano Lwezizwe ukususela ngoJanuwari 10, 1920 ukusa phambili, ibe ngaxa lithile lalinamazwe angama-63 awayengamalungu alo. Kodwa iJapan, iJamani neItali zarhoxa, laza ilizwe elalisakuba yiSoviet Union lakhutshwa kolu Manyano. NgoSeptemba we-1939 uzwilakhe ongumNazi waseJamani waphembelela iMfazwe Yehlabathi II.b Lwakuba lusilele ukugcina uxolo ehlabathini, uManyano Lwezizwe lwawela phantse ngokupheleleyo enzonzobileni yokungasebenzi. Ngowe-1942 lwaba yinto eyayifudula ikho. UYehova wabacacisela abantu bakhe ngentsingiselo enzulu yaloo mbono kungekhona ngaphambi kweli xesha ibe kungekhona nangaxa lithile emva kwaloo nyaka—kodwa kanye ngelo xesha lamanqam! KwiNdibano Yolawulo Lobuthixo Lwehlabathi Elitsha, ngokuvisisana nesi siprofeto, uN. H. Knorr wavakalisa wathi “irhamncwa . . . alikho.” Wandula ke wabuza lo mbuzo, “Ngaba uManyano luza kuhlala enzonzobileni?” Ecaphula iSityhilelo 17:8, waphendula wathi: “Umanyano lweentlanga zehlabathi luza kuyilwa kwakhona.” Koko kanye okwathi kwenzeka—ukuze kuthethelelwe iLizwi likaYehova lesiprofeto!

Ukuphuma Enzonzobileni

6. (a) Irhamncwa elimbala ungqombela laphuma nini enzonzobileni, yaye laphuma linaliphi igama elitsha? (b) Kutheni le nto iZizwe Ezimanyeneyo ngenene zikukuhlaziywa kwerhamncwa elimbala ungqombela?

6 Irhamncwa elimbala ungqombela ngenene laphuma enzonzobileni. NgoJuni 26, 1945, kwimibhiyozo yemincili eyayiseSan Francisco, eUnited States, amazwe angama-50 avotela ukwamkela uMgaqo-siseko wentlangano yeZizwe Ezimanyeneyo. Eli qumrhu laliza “kulondoloza uxolo nonqabiseko kwizizwe ngezizwe.” Zazininzi izinto ezazifana phakathi koManyano neZizwe Ezimanyeneyo. IThe World Book Encyclopedia ithi: “Ngandlela zithile, iZizwe Ezimanyeneyo ziyafana noManyano Lwezizwe, olwaqulunqwa emva kweMfazwe Yehlabathi I . . . Uninzi lwamazwe awabumba iZizwe Ezimanyeneyo ayekwabumbe noManyano. NjengoManyano, iZizwe Ezimanyeneyo zamiselwa ukuze zincede ekugcinweni koxolo phakathi kwamazwe. Amalungu aphambili eZizwe Ezimanyeneyo afana ncam nalawo oManyano.” Ngoko, iZizwe Ezimanyeneyo ngenene zikukuhlaziywa kwerhamncwa elimbala ungqombela. Amalungu azo angamazwe amalunga ne-190 awadlula lee amazwe angama-63 awayengamalungu oManyano; zikwamkele neembopheleleko ezibanzi ngakumbi kunezo zomanduleli wazo.

7. (a) Abemi bomhlaba baye balincoma ngayiphi indlela irhamncwa elimbala ungqombela elihlaziyiweyo? (b) Luluphi usukelo oluye lwaba ziinkwenkwezi kwiZizwe Ezimanyeneyo, ibe wathini usosiba-jikelele wazo mayela noku?

7 Ekuqaleni, kwavakaliswa amathemba amakhulu ngeZizwe Ezimanyeneyo. Oku kwakuzalisekisa amazwi engelosi athi: “Baya kumangaliswa bancome abo bemiyo phezu komhlaba, xa belibona eli rhamncwa elaye likho, elingekhoyo, likho noko, kodwa amagama abo akabhalwanga kumsongo wobomi ukususela ekusekweni kwehlabathi.” (ISityhilelo 17:8b) Abemi bomhlaba baye balincoma eli qumrhu likhulu litsha, elisebenza kwikomkhulu lalo elikhulu elikuMlambo iEast eNew York. Kodwa uxolo nonqabiseko lokwenyaniso luziinkwenkwezi kwiZizwe Ezimanyeneyo. Ebudeni benkulungwane yama-20, uxolo lwehlabathi belulondolozwe nje kuphela sisisongelo “sokutshabalalisana okuqinisekisiweyo [mutual assured destruction]”—iMAD, njengoko lishunqulelwa njalo—yaye ukhuphiswano lwezixhobo luqhubekile luthabath’ unyawo ngamandla. Emva kweminyaka ephantse ibe ngama-40 yokwenziwa komgudu ziZizwe Ezimanyeneyo, uJavier Pérez de Cuéllar owayengusosiba-jikelele wazo ngoko, wathi ngowe-1985: “Siphila kwelinye ixesha labantu abaphambeneyo, asazi ukuba sithini na ngalo.”

8, 9. (a) Kutheni le nto iZizwe Ezimanyeneyo zingenazo izicombululo kwiingxaki zehlabathi, ibe kuza kwenzeka ntoni kungekudala kuzo ngokommiselo kaThixo? (b) Kutheni le nto abaseki beZizwe Ezimanyeneyo nabantu abazincomayo amagama abo engabhalwanga ‘kumsongo wobomi’ kaThixo? (c) Yintoni eya kuphunyezwa ngempumelelo buBukumkani bukaYehova?

8 IZizwe Ezimanyeneyo azinazo izicombululo. Kutheni zingenazo nje? Kungenxa yokuba uMniki-bomi walo lonke uluntu akangomniki-bomi weZizwe Ezimanyeneyo. Iintsuku zazo zibaliwe, kuba ngokutsho kommiselo kaThixo, ‘ziya entshabalalweni.’ Abaseki nabantu abancoma iZizwe Ezimanyeneyo amagama abo akabhalwanga kumsongo wobomi kaThixo. Banokuthini abantu abanesono nabafayo, uninzi lwabo olugculela igama likaThixo, ukuba baphumeze ngeZizwe Ezimanyeneyo oko uYehova uThixo athe sele eza kukufeza, kungekhona ngeendlela zabantu, kodwa ngoBukumkani bukaKristu wakhe?—Daniyeli 7:27; ISityhilelo 11:15.

9 Ngenene iZizwe Ezimanyeneyo ziyinkohliso enyelisa uBukumkani bukaThixo obungoMesiya obuphantsi koMthetheli wakhe Woxolo, uYesu Kristu—oluya kuthi ulawulo lwakhe lokuthethela lungabi nasiphelo. (Isaya 9:6, 7) Nokuba iZizwe Ezimanyeneyo bezinokuzisa uxolo lokwexeshana, iimfazwe beziya kuphinda ziqhambuke kungekudala. Oku kuyinto eqhelekileyo kubantu abanesono. “Amagama abo akabhalwanga kumsongo wobomi ukususela ekusekweni kwehlabathi.” UBukumkani bukaYehova obuphantsi kukaKristu abuyi kuzisa nje kuphela uxolo olungunaphakade emhlabeni, kodwa ngenxa yedini likaYesu lentlawulelo, buza kubangela ukuvuswa kwabafileyo, amalungisa kwanabangemalungisa abakhunjulwayo nguThixo. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Oku kuquka wonk’ ubani oye wahlala eqinile phezu kwazo nje iintlaselo zikaSathana nembewu yakhe, kwanabanye ekusafuneka bezibonakalise njengabathobelayo. Licacile elokuba, umsongo wobomi kaThixo awunakuze ube namagama abalandeli beBhabhiloni Enkulu abangoontamo-lukhuni okanye nabaphi na abaqhubeka benqula irhamncwa.—Eksodus 32:33; INdumiso 86:8-10; Yohane 17:3; ISityhilelo 16:2; 17:5.

Uxolo Nonqabiseko—Ithemba Elililize

10, 11. (a) Yintoni eyavakaliswa ziZizwe Ezimanyeneyo ngowe-1986, yaye kwasatyelwa njani? (b) Zingaphi “iintsapho zonqulo” ezazihlanganisene eAssisi, eItali, ukuthandazela uxolo, yaye ngaba uThixo uyayiphendula imithandazo enjalo? Cacisa.

10 Kumzamo wokukhuthaza ithemba loluntu, iZizwe Ezimanyeneyo zavakalisa owe-1986 ngokuthi ‘nguNyaka Woxolo Wezizwe Ngezizwe,’ kumxholo othi “Ukulondoloza Uxolo Nekamva Labantu.” Amazwe alwayo acelwa ukuba azibeke phantsi izixhobo zawo, ubuncinane kangangonyaka omnye. Asabela njani? Ngokutsho kwengxelo yeZiko Eliphanda Ngoxolo Kwizizwe Ngezizwe, bamalunga nezigidi ezihlanu abantu ababulawa emfazweni ebudeni bowe-1986 kuphela! Nangona kwakhutshwa iingqekembe zemali ezithile ezikhethekileyo nezitampu zokubhiyoza, uninzi lwamazwe aluzange lwenze nto ingako mayela nokufuna uxolo kuloo nyaka. Sekunjalo, iinkonzo zehlabathi—ezisoloko zixhalabele ulwalamano oluhle neZizwe Ezimanyeneyo—zema bume zivakalisa loo nyaka ngeendlela ezahlukahlukeneyo. NgoJanuwari 1, 1986, uPopu John Paul II wawudumisa umsebenzi weZizwe Ezimanyeneyo waza wathi lowo ngunyaka woxolo. Yaye ngo-Oktobha 27, wahlanganisa iinkokeli zeenkonzo ezininzi zehlabathi eAssisi, eItali, ukuze kuthandazelwe uxolo.

11 Ngaba uThixo uyayiphendula imithandazo enjalo yoxolo? Kaloku, nguwuphi uThixo ezazithandaza kuye ezo nkokeli zonqulo? Ukuba wawunokuzibuza, qela ngalinye laliya kunikela impendulo eyahlukileyo. Ngaba ikho itempile yabo bonke oothixo abazizigidi ekunokuthi kuyo kuphulaphulwe kuze kunikelwe izicelo ezenziwa ngeendlela ezininzi ezahlukeneyo? Uninzi lwabantu ababelapho babenqula uBathathu Emnye weNgqobhoko.c AmaBhuda, amaHindu nabanye babevakalisa imithandazo kwinyambalala yoothixo. Zizonke, “ziintsapho zonqulo” ezili-12 ezazihlanganisene, zimelwa ngabantu abadumileyo abanjengoBhishophu Omkhulu waseTshetshi eCanterbury, uDalai Lama wamaBhuda, ubhishophu omkhulu wobuOthodoki baseRashiya, umongameli woManyano Wendlu Yonqulo yamaShinto yaseTokyo, abantu baseAfrika abakholelwa kwimimoya namaIndiya amabini aseMerika awayenxibe iminqwazi eneentsiba. Ubuncinane, yayiliqela elimbejembeje elalingumbono ongaqhelekanga koomabonwakude. Elinye iqela lathandaza ngokuzingisileyo kangangeeyure ezili-12 ngexesha elinye. (Thelekisa uLuka 20:45-47.) Kodwa ngaba kukho namnye kuloo mithandazo owafikelela ngaphaya kwamafu emvula awayejinga phezu kwaloo ndibano? Akunjalo, ngenxa yezizathu ezilandelayo:

12. Ziziphi izizathu ezabangela ukuba uThixo angayiphenduli imithandazo yoxolo yeenkokeli zonqulo lwehlabathi?

12 Ngokwahlukileyo kwabo ‘bahamba egameni likaYehova,’ akukho namnye kwaba bantu bonqulo owayethandaza kuYehova, uThixo ophilileyo, ogama lakhe libonakala kangangezihlandlo ezinokuba ngama-7 000 kwiBhayibhile yamandulo. (Mika 4:5; Isaya 42:8, 12)d Njengeqela, abazange baye kuThixo egameni likaYesu, uninzi lwabo lwalungakholelwa kwaukukholelwa kuYesu Kristu. (Yohane 14:13; 15:16) Akukho namnye kubo owenza ukuthanda kukaThixo okufunekayo kumhla wethu, okukukuvakaliswa koBukumkani bukaThixo obuzayo ehlabathini lonke—kungekhona iZizwe Ezimanyeneyo—njengethemba lokwenene loluntu. (Mateyu 7:21-23; 24:14; Marko 13:10) Ubukhulu becala, iintlangano zabo zonqulo bezibandakanyeke kwiimfazwe zembali eziphalaz’ igazi, kuquka iimfazwe ezimbini zehlabathi zenkulungwane yama-20. Kwabanjalo, uThixo uthi: “Nakubeni nisenza imithandazo emininzi, andiphulaphulanga; zona kanye izandla zenu zizaliswe luphalazo-gazi.”—Isaya 1:15; 59:1-3.

13. (a) Kutheni kuphawuleka ukuba iinkokeli zonqulo lwehlabathi zimele zithelele iZizwe Ezimanyeneyo ekuhlabeni ikhwelo lokubakho koxolo? (b) Izibhengezo zokubakho koxolo ziya kufikelela kweyiphi incopho eyaxelwa kwangaphambili nguThixo?

13 Ngokungakumbi, kuphawuleka kakhulu ukuba iinkokeli zonqulo lwehlabathi zimele zithelele iZizwe Ezimanyeneyo ekuhlabeni ikhwelo lokubakho koxolo ngeli xesha. Zithanda ukuphembelela iZizwe Ezimanyeneyo ukuze kulungelwe zona, ingakumbi kweli xesha lanamhla laxa abantu bazo abaninzi kakhulu belutyeshela unqulo. Njengeenkokeli ezazingathembekanga zikaSirayeli wamandulo, ziyadanduluka zisithi, “‘Luxolo! Luxolo!’ kungekho luxolo.” (Yeremiya 6:14) Alithandabuzeki elokuba izibhengezo zazo zokubakho koxolo ziya kuqhubeka, zifikelele kwincopho umpostile uPawulos awaprofeta wathi ngayo: “Imini kaYehova iza kanye njengesela ebusuku. Xa besithi: ‘Luxolo nonqabiseko!’ iya kwandula ke intshabalalo yequbuliso ibafikele ngephanyazo kanye njengenimba kumfazi omithiyo; yaye abasayi kuze basinde.”—1 Tesalonika 5:2, 3.

14. Isibhengezo ‘soxolo nonqabiseko’ sisenokwenziwa ngaluphi uhlobo, yaye ubani angakuphepha njani ukukhohliswa siso?

14 Kwiminyaka yakutshanje, abezobupolitika baye bathembisa ngokuzisa ‘uxolo nonqabiseko.’ Ngaba imigudu enjalo yeenkokeli zehlabathi iya kuphumela ekuzalisekeni kweyoku-1 kwabaseTesalonika 5:3? Okanye ngaba uPawulos wayebhekisela kuphela kwisiganeko esithile esikhulu ngokukhethekileyo ngokokude sitsal’ ingqalelo yehlabathi? Ekubeni iziprofeto zeBhayibhile zidla ngokuqondwa ngokupheleleyo kuphela emva kokuba zizalisekile okanye ebudeni bokuzaliseka kwazo, kuza kufuneka silinde size sibone ekuhambeni kwexesha. Okwangoku, amaKristu ayazi ukuba naluphi na uxolo nonqabiseko iintlanga eziluthembisayo akukho nto luyitshintshayo. Ukuzingca, intiyo, ulwaphulo-mthetho, ukuwohloka kweentsapho, ukuziphatha okubi, ukugula, intlungu nokufa ziya kuba zisekho. Ngoko wena akuyi kukhohliswa zizibhengezo ‘zoxolo nonqabiseko,’ ukuba uhlala uziphaphele iziganeko zehlabathi uze uthobele izilumkiso zesiprofeto eziseLizwini likaThixo.—Marko 13:32-37; Luka 21:34-36.

[Imibhalo esemazantsi]

a UJ. F. Rutherford wafa ngoJanuwari 8, 1942, waza uN. H. Knorr wangena ezihlangwini zakhe njengomongameli weWatch Tower Society.

b NgoNovemba 20, 1940, iJamani, i-Itali, iJapan neHungary zatyobela isivumelwano ngenjongo yokuyila “uManyano Lwezizwe olutsha,” ekwathi kwiintsuku ezine emva koko usasazo lukanomathotholo lwaseVatican lwavakalisa ngoMthendeleko nokuthandazela uxolo lonqulo nolungelelwaniso olutsha lwezinto. Olo ‘Manyano lutsha’ aluzange luphumelele.

c Ingcamango kaBathathu Emnye ivela kwiBhabhiloni yamandulo, apho uthixo welanga uShamash, uthixo wenyanga uSin nothixo weenkwenkwezi uIshtar babenqulwa njengoothixo abathathu. IYiputa yalandela kwaumzekelo ofanayo, inqula uOsiris, uIsis noHorus. Uthixo ophambili wama-Asiriya, uAsshur, uboniswa njengoneentloko ezintathu. Ngokulandela kwaumzekelo ofanayo, kwiicawa zamaKatolika kufunyanwa imifanekiso eqingqiweyo ebonakalisa uThixo njengoneentloko ezintathu.

d IWebster’s Third New International Dictionary yowe-1993 ichaza uYehova uThixo ‘njengothixo omkhulu oqondwayo nokuphela kothixo onqulwa ngamaNgqina kaYehova.’

[Ibhokisi ekwiphepha 250]

‘Uxolo’ Oluphikisanayo

Nangona owe-1986 wavakaliswa ziZizwe Ezimanyeneyo unguNyaka Woxolo Wezizwe Ngezizwe, ukhuphiswano lwezixhobo lokuzibulala lwathabath’ unyawo. IWorld Military and Social Expenditures 1986 inikela ezi nkcukacha zibangel’ ubuhlungu:

Ngowe-1986 imali eyachithelwa kwezomkhosi ehlabathini lonke yafikelela kwi-1,8 lezigidi zezigidi zeerandi.

Imali eyayichithwa ngeyure kwezomkhosi ehlabathini lonke yayinokondla abantu abazizigidi ezisisi-3,5 ababesifa minyaka le zizifo ezosulelayo nezinokuthinteleka.

Ehlabathini lonke, umntu omnye kwabahlanu wayelihlwempu ngokoyikekayo. Bonke aba bantu balambayo babenokondliwa kangangonyaka omnye ngemali eyayichithwa ngeentsuku ezimbini lihlabathi kwizixhobo.

Amandla eziqhushumbisi akwizixhobo zenyukliya ezazifunjwe ehlabathini ayemakhulu ngokuphindwe kali-160 000 000 kunalawo adubula eChernobyl.

Ibhombu yenyukliya yayinokuthunyelwa inamandla eziqhushumbisi amakhulu ngaphezu kwezihlandlo ezinga-500 kunawebhombu eyadubula eHiroshima ngowe-1945.

Izixhobo zenyukliya zaziziphindaphinda ngaphezu kwesigidi izixhobo ezadubula eHiroshima. Zazinamandla awaphinda kangangama-2 700 lawo eziqhushumbisi ezasetyenziswa kwiMfazwe Yehlabathi II, ekwafa kuyo abantu abazizigidi ezingama-38.

Iimfazwe zaba yinto eqheleke ngakumbi nebulala ngakumbi. Abantu abafe ezimfazweni baye bafikelela kwizigidi ezisisi-4,4 ngenkulungwane ye-18, baba zizigidi ezisisi-8,3 ngenkulungwane ye-19, baba zizigidi ezingama-98,8 kwiminyaka yokuqala engama-86 yenkulungwane yama-20. Ukususela ngenkulungwane ye-18, abantu ababulewe ezimfazweni bande ngokuphindwe kathandathu kunokwanda kwabemi behlabathi. Baninzi ngokuphindwe kalishumi abantu abafa kwimfazwe nganye kwinkulungwane yama-20 xa kuthelekiswa neye-19.

[Imifanekiso ekwiphepha 247]

Njengoko kwaprofetwayo ngerhamncwa elimbala ungqombela, uManyano Lwezizwe lwaphoswa enzonzobileni ebudeni beMfazwe Yehlabathi II kodwa lwahlaziywa njengeZizwe Ezimanyeneyo

[Imifanekiso ekwiphepha 249]

Bexhasa “uNyaka Woxolo” weZizwe Ezimanyeneyo, abameli beenkonzo zehlabathi benza isiphithiphithi semithandazo eAssisi, eItali, kodwa akukho namnye kubo owathandaza kuThixo ophilileyo, uYehova

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share