IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g96 9/8 iphe. 3
  • Umphumo Wentlekele

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umphumo Wentlekele
  • Vukani!—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukwanda Kweembacu
    Vukani!—1996
  • Nceda “Abaphambukeli” ‘Bakhonze UYehova Benemihlali’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Ihlabathi Elilikhaya Kumntu Wonke
    Vukani!—2002
  • Abantu Abafuna Unqabiseko
    Vukani!—2002
Khangela Okunye
Vukani!—1996
g96 9/8 iphe. 3

Umphumo Wentlekele

KUNJANI ukuba yimbacu? Khawube nomfanekiso-ngqondweni wakho uphila eluxolweni, kodwa ngequbuliso yonke indlela ophila ngayo iyaguquka. Ngokuqhwanyaza kweliso, abamelwane bakho baba ziintshaba. Kufika amajoni aze konakalisa aze atshise ikhaya lakho. Unemizuzu elishumi yokubopha umthwalo ukuze uphel’ emehlweni nobomi bakho. Unokuthabatha ibhegi enye encinane kuphela, ekubeni kuya kufuneka uyiphathe kangangeekhilomitha ezininzi. Uza kufaka ntoni kuyo?

Kutsho izithonga zemipu noombayimbayi macala onke. Ulandela abanye abasabayo. Kudlula iintsuku; ulambe sithe nca, unxaniwe yaye udinwe uyimfe. Ukuze usinde, ufanele uwurhuqe unjalo loo mzimba wakho. Uqungquluza emhlabeni. Uhla unyuka ethafeni ukhangela into onokuyitya.

Xa usondela kwilizwe elikhuselekileyo, abalindi abasemideni abakuvumeli unqumle. Bagubhulula ibhegi yakho baze bathimbe yonke into enexabiso. Ufumana enye indawo ekuhlolwa kuyo uze unqumle umda. Ubekwa kwinkampu yeembacu esebugxwayibeni, ebiyelwe ngocingo oluhlabayo. Nangona wonke umntu olapho enengxaki efana neyakho, uziva ulilolo kwaye udidekile.

Ukhumbula loo maxesha amnandi ukunye nentsapho nabahlobo bakho. Uzifumana uxhomekeke ngokupheleleyo kuncedo olusuka ngaphandle. Akukho msebenzi yaye akukho nto yakwenza. Ukuphelelwa lithemba nomsindo kukupheka kukophula. Uxhalabele ikamva lakho, kuba usazi ukuba akuzi kuhlala xesha lide kule nkampu. Ngapha koko, le nkampu asilokhaya—ifana negumbi lokulinda okanye isitora sabantu abangafunwa mntu. Unexhala lokuba usenokunyanzelwa ukuba ubuyele apho usuka khona.

La ngamava ezigidi namhlanje. Ngokutsho kweUnited Nations High Commissioner for Refugees (UNHCR), abantu abazizigidi ezingama-27 ehlabathini lonke baye babaleka imfazwe okanye intshutshiso. Ukongezelela abazizigidi ezingama-23 bayangcuchalaza kwakumazwe abo. Lilonke, umntu omnye kwabali-115 emhlabeni uye wanyanzeleka ukuba asabe. Uninzi ngamabhinqa nabantwana. Umphumo wemfazwe nentlekele kukuba, iimbacu zishiywa kwesinomhlwa kwihlabathi elingazifuniyo, ihlabathi elingazikhathalelanga, kungekhona ngesizathu sokuba zingoobani, kodwa ngenxa yoko zikuko.

Ubukho bazo bubhenca umbhodamo ogqubayo kweli hlabathi. I-UNHCR ithi: “Iimbacu ziyeyona nto idiza ukuba nguntlaba-zahlukane kwebutho labantu. Ziyeyona nto yokugqibela necacileyo, kuthotho lwezinto ezibonisa indlela ewohloke ngayo imeko yentlalo neyezobupolitika yelizwe. Ehlabathini lonke, zikwenza ubone imeko yempucuko yabantu.”

Iingcali zithi le ngxaki yaphul’ izikeyi kwaye ikhula ngendlela enganiki themba lokuba ingaze iphele. Yintoni eye yakhokelela kwimeko enjalo? Ngaba sikho isicombululo? Amanqaku alandelayo aza kuhlolisisa le mibuzo.

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 3]

Boy on left: UN PHOTO 159243/J. Isaac

U.S. Navy photo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share