IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g96 10/8 iphe. 12-14
  • Ngubani Ofanele Agqibe Ngobukhulu Bentsapho?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngubani Ofanele Agqibe Ngobukhulu Bentsapho?
  • Vukani!—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Uqingqo-nzala—Kutheni Luyimbambano?
  • Oko Kuthethwa YiBhayibhile
  • Yenza Izigqibo Onokuphila Nazo
  • Ukuba Nabantwana—Ngaba Kuyingenelo Okanye Kuyilahleko?
    Vukani!—1993
  • Ngaba Ukuthintela Inzala Kuphosakele?
    Vukani!—2007
  • Ucwangciso-ntsapho—Imbono YamaKristu
    Vukani!—1993
  • Bazali, Fundisani Abantwana Benu Ukuthanda UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
Khangela Okunye
Vukani!—1996
g96 10/8 iphe. 12-14

Ngubani Ofanele Agqibe Ngobukhulu Bentsapho?

NGUMBHALELI KAVUKANI! EBRAZIL

INKWENKWANA eyayineentsuku ezintathu kuphela ubudala, yalahlwa kwingxowa yeplastiki kwisikhululo sikaloliwe esingaphantsi komhlaba. Kodwa iphephandaba laseBrazil lavakalisa ukuba iintsapho ezininzi zazifuna ukuzikhulisela olo sana.

Nangona inqabile ukwenzeka into elolo hlobo, inani labantwana abangafunwayo nabalahlwayo ehlabathini lonke liyanda. Ngokufuthi baye banqongophala abantu abakulungeleyo ukusingatha iimbopheleleko zokuba ngabazali. Ngaba ukuthintela ukukhawula kusisicombululo? Ngaba bekuya kuba yinto ephosakeleyo ukuceba ubukhulu bentsapho kabani?

Ngokutsho kweWorld Health Organization, ehlabathini lonke ngabantu abamalunga nama-50 ekhulwini abakhulelwa bengacebanga. Ngokufuthi ukukhulelwa akubi kokungacetywanga nje kuphela kodwa iba kokungafunwayo.

Abaninzi abakufuni ukukhulelwa, mhlawumbi ngenxa yempilo, ukungabi nazindlu okanye iingxaki zomsebenzi. Ngenxa yoko, iindlela zokuthintela ukukhawula, njengeepilisi zoqingqo-nzala okanye iicondom, zixhaphakile. Ukuqhomfa nokuvalwa ikwaziindlela ezisetyenziswayo ukuqingqa inzala. Ngokuphathelele ukuqhomfa eBrazil, iphephandaba iO Estado de S. Paulo lithi: “IWorld Health Organization ithelekelela ukuba eBrazil nyaka ngamnye izigidi ezi-5 kwezili-13 zamabhinqa akhulelwayo eBrazil ayasikhupha eso sisu ngasese.” Kwakhona, iphephancwadi iTime linikela ingxelo yokuba kumabhinqa aseBrazil angama-71 ekhulwini akubudala bokuzala abantwana ahlala nendoda aqingqa inzala. Kula, angama-41 ekhulwini asebenzisa iipilisi yaye angama-44 ekhulwini aye avalwa.

Uhlolisiso lubonisa ukuba abemi baseBrazil abangama-75 ekhulwini bacinga ukuba kuyimfuneko ukucwangcisa inani labantwana. Abanye balikhaba ngawo omane ucwangciso-ntsapho ngenxa yokuba bekholelwa ekumiselweni kwangaphambili kwekamva labo okanye ngenxa yokucinga ukuba kukuthanda kukaThixo ukuba intsapho ibe ‘nabantwana abaninzi kangangoko uThixo ebathumela.’ Ngubani ofanele agqibe ngobukhulu bentsapho—sisibini okanye zizilangazelelo zesizwe okanye ezonqulo?

Uqingqo-nzala—Kutheni Luyimbambano?

Nangona ikuvumela ukungabi neentlobano zesini ngamaxesh’ athile, iCawa yamaRoma Katolika, olona nqulo luphambili eBrazil, iyazikhaba iindlela zokuthintela ukukhawula, enoba zezokuqhomfa okanye akunjalo. UPope Paul VI wathi: “Naziphi na iintlobano zesini zabantu abatshatileyo [zimele] ziphumele ekudluliselweni kobomi.” UPope John Paul II wathi: “Ukuthintela ukukhawula, xa kujongwa kakuhle, akuvumelekanga kangangokuba akunakuze, nangasiphi isizathu, kuthethelelwe.” Ngenxa yoko, uninzi lwamaKatolika luyakuthandabuza ukulungelelanisa ubukhulu beentsapho zawo, lukugqala ukuthintela ukukhawula kusisono.

Kwelinye icala, ulindixesha wezonyango iLancet wavakalisa oku: “Izigidi ziya kuhlala zingafundanga, zingaqeshwa, zingenazindlu yaye zingenako ukufumana impilo esisiseko, iinkonzo zentlalo-ntle nezogutyulo, yaye ukwanda kwenani labemi okungathintelwayo kusesona sizekabani siyintloko.” Ngenxa yokoyikela ukuphuphuma kwabemi nobuhlwempu, oorhulumente abathile bakhuthaza ucwangciso-ntsapho, phezu kwako nje ukuba oku kuchaswa yicawa. Ngokomzekelo, isazi ngebhayoloji uPaul Ehrlich sithi: “ECosta Rica umlinganiselo wabantwana uncitshiswe ukususela kwabasi-7 ukusa kwaba-3 [kwintsapho nganye].”

Impapasho yeZizwe Ezimanyeneyo iFacts for Life—A Communication Challenge ithi: “Emva kokuba ibhinqa liye lanabantwana abane, ukukhulelwa kwakhona kubek’ engozini ubomi babo bobabini umama nomntwana. Ngokukodwa ukuba abantwana bangaphambili bebengashiyananga ngeminyaka engaphezulu kwemibini, umzimba webhinqa uyadinwa kukukhulelwa rhoqo, kukuzal’ umntwana, ukwanyisa nokunyamekela abantwana abancinane.”

Iintsapho ezinkulu zisaxhaphakile nalapho umlinganiselo wokufa kweentsana uphakamileyo, ngokukodwa kwimimandla yeelali zaseAfrika, eAsia nakuMbindi noMzantsi Merika. Ngoba? Abaninzi abaqhelananga neendlela zokuthintela ukukhawula. Esinye isizekabani kweminye imimandla isenokuba, njengoko omnye umwisi-mthetho watsho, “indoda izigqala kuphela ukuba iseyindoda yokwenene ngokuthi umfazi akhulelwe minyaka le.” IJornal da Tarde ikhankanya omnye uthunywashe osenokuba sisizekabani soku, ngokungakumbi kwimbono yamabhinqa: “Abantwana bangomnye woonobangela abanqabileyo bolonwabo yaye nabo bazibona bephumeze okuthile.” Kwakhona, uPaulo Nogueira Neto, owayesakuba ngumphathiswa wesebe lemeko-bume eBrazil, wathi: “Umntwana ubangela ukwamkeleka kubemi abangamahlwempu.”

Oko Kuthethwa YiBhayibhile

Ngaba ubusazi ukuba iLizwi likaThixo, iBhayibhile, likuyekela kumfazi nendoda ukugqiba ngobungakanani bentsapho? Likwabonisa ukuba umtshato ufanelekile, enoba kungokuzala okanye kungokubonisa uthando ngeentlobano zesini ezibekekileyo.—1 Korinte 7:3-5; Hebhere 13:4.

Kodwa uThixo akazange na athi kuAdam noEva eParadesi “qhamani, nande, niwuzalise umhlaba”? (Genesis 1:28) Ewe kunjalo, kodwa akukho nto eBhayibhileni ebonisa ukuba siphantsi kwalo myalelo ukwamnye namhlanje. Umbhali uRicardo Lezcano wathi: “Kubonakala kuphikisana ukusebenzisa [kumawaka ezigidi] abantu into ekwanye neyayisebenza kuphela kubemi ababini kwesi sijikelezi-langa.” Nokuba isigqibo kukungabi nabantwana konke konke, olo lukhetho lobuqu olumele luhlonelwe.

Okubangel’ umdla kukuba iNew Catholic Encyclopedia ithi imbono yamaNgqina kaYehova isekelwe eBhayibhileni. Ithi: “Ngaphandle koqingqo-nzala, nto leyo esisigqibo asiyekela kwisibini eso, abambelela ngokuqinileyo kumthetho wokuziphatha okuhle emtshatweni nangokwesini.” Ihlabela mgama isithi: “Ayigqala iBhayibhile njengekuphela komthombo wenkolelo nelawula ihambo yawo.”

Ngaba zonke iindlela zokulawula ubukhulu bentsapho zifanelekile? Nakanye. Ekubeni ubomi bungcwele, uMthetho kaThixo kuSirayeli wayalela ukuba umntu obangel’ ukuphuma kwesisu wayemele agqalwe njengombulali. (Eksodus 20:13; 21:22, 23) Kwimeko yokuvalwa, njengokutyanda indoda ukuba ingavelis’ inzala, eso sigqibo sixhomekeke kwisazela sobuqu, ekubeni oko kungakhankanywa ngokuthe ngqo eBhayibhileni. “Kuba ngamnye uya kuthwala umthwalo wakhe.” (Galati 6:5)a Yaye njengokuba kukho iintlobo ezahlukeneyo zoqingqo-nzala, ukhokelo lwezonyango lunokunceda isibini sigqibe enoba sifuna ukusebenzisa uhlobo oluthile okanye akunjalo.

Yenza Izigqibo Onokuphila Nazo

Asiyiyo yonke into ebomini enokucetywa. Kodwa ngaba ubunokuthenga inqwelo-mafutha okanye indlu ungakhange ucinge nzulu ngokubandakanyekileyo? Inqwelo-mafutha okanye indlu zinokuthengiswa kwakhona, kodwa umntwana akabuyiswa. Ngoko ke, xa kucetywa ukuba nomntwana, ngaba akufanelwe kuqwalaselwe amandla endoda nawomfazi ukuze kulungiselelwe izinto ezifunekayo ebomini?

Ngokuqinisekileyo, asinakuthanda ukubona intsapho yethu ingondlekanga yaye asifuni ukuba ngumthwalo kwabanye. (1 Timoti 5:8) Kwangaxeshanye, ngaphandle nje kokutya nekhusi, abantwana bafuna imfundo, imilinganiselo yokuziphatha nothando.

Ukongezelela ekubaleni oko kufunekayo emsebenzini, imali nomonde, impilo yomfazi nayo imele inikelw’ ingqalelo. Ubulumko bokukhulelwa ngexesha elifanelekileyo kusindisa ubomi yaye kukhuthaza impilo elunge ngakumbi. IFacts for Life ithi: “Enye yezona ndlela zisebenzisekayo zokunciphisa iingozi zokukhulelwa nokuzala kubo bobabini umama nomntwana kukuceba ixesha lokuzala. Iingozi zokuzala umntwana zinkulu kakhulu xa oza kuba ngumama engaphantsi kweminyaka eli-18 okanye engaphezu kwengama-35 ubudala, okanye ebekhe wakhulelwa izihlandlo ezine nangaphezulu ngaphambili, okanye xa abantwana beshiyana ngeminyaka engaphantsi kwemibini.”

Izibini ezicinga ngokuba nabantwana zimele zikuqwalasele oko, njengokuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili, singqongwe lihlabathi elizele lulwaphulo-mthetho, indlala, imfazwe nokungazinzi kwezoqoqosho. (Mateyu 24:3-12; 2 Timoti 3:1-5, 13; ISityhilelo 6:5, 6) Uthando lokwenene ngabantwana luya kuzinceda izibini ukuba zibe nembono yokwenene ngehlabathi esiphila kulo, ziqonda ukuba ukukhulisa umntwana kwixesha lethu akuyondlwan’ iyanetha. Ngoko ke, kunokusuka nje bayeke izinto zizenzekele kuba benethemba lokuba izinto ziya kulunga, abaninzi bakhetha ukuzenzela isigqibo ngobukhulu bentsapho yabo khon’ ukuze abantwana babo banandiphe umlinganiselo ophakamileyo wolonwabo nonqabiseko.

Ngaphandle kokusinceda senze izigqibo zobulumko kwimibandela yentsapho, iLizwi likaThixo lisinika ithemba eliqinileyo ngekamva. IBhayibhile ibonisa ukuba kuyinjongo yoMdali ukuba abantu baphile ngonaphakade ngoxolo nangolonwabo kwiparadesi esemhlabeni. Ukuze aphumeze oku, ngokukhawuleza uThixo uya kuphelisa le nkqubo yezinto. Kwandule ke kwihlabathi elitsha lobulungisa elingenabuhlwempu nakuphuphuma kwabemi, abantwana abasayi kuphinda balahlwe kuba bengafunwa.—Isaya 45:18; 65:17, 20-25; Mateyu 6:9, 10.

Ngokucacileyo, ukubonakalisa ulwazelelelo omnye komnye nakubantwana, kwanembono elungeleleneyo ngokuzala, kuya kusinceda isibini sigqibe ngobukhulu bentsapho yaso. Kunokuyeka nje izinto zenzeke zingacwangciswanga, sifanele ngomthandazo sifune ukhokelo lukaThixo. “Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, imbulaleko ayongezi nento kuyo.”—IMizekeliso 10:22.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona IMboniselo, kaNovemba 1, 1985, iphepha 10.

[Umfanekiso okwiphepha 12]

Izigidi zabantwana ziyalahlwa

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Abantwana bafuna uthando nenkathalo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share