Ihlabathi Elingenakubawa
“ULUNTU alusayi kuze luphucuke, ngaphandle kokuba abantu ngokubanzi baguqule indlela abacinga ngayo, yaye intlekele eza kwehlela ihlabathi lethu . . . ayibuyi mva.”—Václav Havel, umongameli weCzech Republic.
Abantu abaninzi bayaqonda ukuba le nkqubo yehlabathi ayinakusinda. Bambi, njengoVáclav Havel, babona inguqulelo yehlabathi ngokubanzi kwiingcinga zoluntu nezenzo zalo njengekuphela kwesicombululo. Ngokomzekelo, esinye isakhi mkhanya esinale mbono ngeli hlabathi lanamhlanje, sithi: “Kumakhulu ezigidi angamahlwempu nangenathemba, akukho sizathu sakucinga ukuba ukutya nezinye izinto eziyimfuneko ebomini ziya kuze zifumaneke . . . ngaphandle kokuba izizwe zehlabathi zingathabatha amanyathelo angqalileyo ukuguqula utyekelo oluqhubekayo.”—Food Poverty & Power.
Noko ke, ngaba kusengqiqweni ukusekela ithemba lethu lokuphila kwiinguqulelo abantu abanokuzenza kwindlela yabo yokuphila? Ngaba ngentembelo sinokukholosa ngoorhulumente ukuba “bathabathe amanyathelo angqalileyo ukuguqula utyekelo oluqhubekayo”? Bambi bacinga ngolo hlobo. Bathi ‘uThixo usinike ilungelo lokuzikhethela, yaye kuxhomekeke kuthi ukuguqula izinto.’ Kodwa izibakala ezingqongqo zembali ziphakamisa imibuzo enzulu ngokunqwenela komntu ukwenza iinguqulelo eziyimfuneko. Le asimbono yokwenza kubonakale ngathi izinto zimbi gqitha, kodwa kunoko, isengqiqweni. Ngaba wawunokuya kugqirha othile ukuba wawusazi ukuba bonke abaguli bangaphambili abaya kuye bafa?
Ngaba Ingxaki Yimfundo?
UTed Trainer, kwiDeveloped to Death—Rethinking Third World Development, uthi: “Ingxaki yimfundo.” Uthi ngaphandle kokuba abantu banokufundiswa ukubona imfuneko yokuba benze inguqulelo eyimfuneko, “asinakuba nalo ithemba lokuphumeza utshintsho ukusa kwihlabathi elifanelekileyo elinocwangco.” Alithandabuzeki elokuba ikho imfuneko yokubafundisa abantu ngokubaluleka kokuguqula izimo zengqondo nezenzo zabo ukuba eli hlabathi liza kusinda. Eneneni, yona iyafuneka, yaye iBhayibhile ithetha ngenkqubo yemfundo elolo hlobo. Ithi ilizwe liya “kuzala kukwazi uYehova.” Ngoko, akukho bani ‘oya kuze enzakalise okanye onakalise’ naphi na elizweni.—Isaya 11:9.
Kodwa akukho mlinganiselo wemfundo, enoba yinkqubo yemfundiso kaThixo, eya kuphelisa ihlabathi labantu ababawayo abenza umonakalo omkhulu baze babangele ukwanda kokonakala. Imfundo iya kwenza inguqulelo kuphela kubantu abafuna ukwenza inguqulelo, abantu abafuna ukuvumelana nemilinganiselo kaThixo. Ngokutsho kukaYesu Kristu, bambalwa. (Mateyu 7:13, 14) Ngoko ke iBhayibhile ayisekeli idinga layo lenguqulelo kwithemba elikhohlisayo lokuba ngenye imini lonke uluntu luya kubuqonda ubukhulu bengxaki luze luguqule iindlela zalo. Ithi uThixo uya kuthabatha inyathelo elingqalileyo ukuphelisa abantu ababawayo emhlabeni.
Ukungenelela KukaThixo
Abaninzi ingcamango yokungenelela kukaThixo bayijonga njengephupha okanye njengenkohliso. IWorld Hunger: Twelve Myths, ithi: “Inkqubela phambili yenkcuba-buchopho yenkulungwane ye-18 yasinyanzela ukuba siyilahle ingcamango ethuthuzelayo yokungenelela kukaThixo owayeya kulungisa umzi woluntu.” Kodwa ngaba sifanele sikholelwe ngamazwi obuciko beenkcuba-buchopho neentanda-bulumko zabo baphelelwe lukholo “lokungenelela kukaThixo”? Ngaba azikhange zibe yinkohliso na izicombululo zazo?
Kububulumko ukusekela ithemba lethu lokuphila kwiziprofeto ezingawi phantsi ezifumaneka eBhayibhileni ezalatha kwinxalenye yokungenelela kukaThixo. “Asiyongcamango nje ethuthuzelayo” ukukholelwa kumadinga kaThixo—kuphela kwethemba elisengqiqweni lokuphila esinalo!
“Ukonakalisa Abo Bawonakalisayo Umhlaba”
Yintoni kanye uThixo ayithembisayo? Kaloku, enye into ayithembisayo kukushenxisa emhlabeni abo bangcolisa baze batshabalalise le mekobume. ISityhilelo 11:18 sivakalisa ukuba ‘unexesha elimisiweyo’ “lokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.” Kuya kuthetha ntoni oko? Kuya kuthetha isiphelo sabo bonke abo ngoku bacinezela abangamahlwempu nabangakwazi ukuzikhusela. UThixo ‘uya kugweba ityala labaziintsizana ebantwini, asindise oonyana bamahlwempu, abatyumze abacudisi.’ Uya kubashenxisa ababawayo aze asikelele amaxhoba abo. “Uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo . . . Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni.”—INdumiso 72:4, 12-14.
Enjani inguqulelo eya kuziswa koko! Ngokutsho kompostile uPetros, le nguqulelo iza kutshayela ngokupheleleyo kangangokuba iya kuvelisa “amazulu amatsha nomhlaba omtsha.” (2 Petros 3:13) Kweli “hlabathi litsha,” wonk’ ubani uya kuba nesabelo esilingeneyo kwimveliso yomhlaba. (Mika 4:4) Kwanangoku, kukho intabalala yokutya okunokonela abantu bonke. Ingxaki kukuba akwabiwa ngokungalinganiyo. UAnne Buchanan kwincwadi yakhe ethi Food Poverty & Power, uthi: “Kuthelekelelwa ukuba besinokuvelisa ukutya okulingeneyo kwimimandla echumayo elinywayo yomhlaba wonke ukuxhasa abantu abangama-38-48 ezigidi zamawaka.”
Esi sijikelezi-langa siya kusinda. UMdali waso ‘akasidalelanga ukuba kube senyanyeni [kodwa] wasibumba ukuba simiwe.’ (Isaya 45:18) Inyathelo likaThixo nxamnye nabantu ababawayo liya kuthabatha ithuba elifutshane ‘lembandezelo enkulu.’ (Mateyu 24:21) Abasindi kuloo mbandezelo baya kwandula banandiphe umhlaba oyiparadesi, omiwe ngabantu abangenako ngokupheleleyo ukubawa. (INdumiso 37:10, 11; 104:5) Kuya kuba njengokuba iBhayibhile ithembisa: ‘UYehova uya kuzisula ngokupheleleyo iinyembezi ebusweni bonke.’—Isaya 25:8.
Unokuba ngomnye wabo bonwabileyo bangenelwayo kwinyathelo likaThixo lokucoca umhlaba ekubaweni. Ukuba ukufuna ngokwenene ukwenza ukuthanda kukaThixo, lwamkele lonke uncedo olulungiselelwe ukukunceda ukuba usinde ngoku kwihlabathi elibawayo. Thabatha inyathelo ukuze usinde “kwimbandezelo enkulu.” AmaNgqina kaYehova sele elungele ukukunceda ufunde oko ufanele ukwazi. Zive ukhululekile ukudibana nawo kwiHolo yoBukumkani esekuhlaleni okanye bhalela kwidilesi ekufuphi kuwe edweliswe kwiphepha lesi-5.