IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 7/8 iphe. 18-20
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nokugula Kangaka?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndinokuhlangabezana Njani Nokugula Kangaka?
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isimo Sengqondo Esifanelekileyo
  • Ukufumana Ugqirha Oqondayo
  • Lwela Impilo Yakho!
  • Inkxaso Evela Kwabo Bakungqongileyo
  • Yisebenzise Ngobulumko Ingqondo Nomzimba
  • Unganikezeli!
  • Kutheni Ndigula Kangaka Nje?
    Vukani!—1997
  • Indlela Yokunyamezela Intlungu Yokufelwa
    Vukani!—2011
  • Kutheni Ndigula Kangaka Nje?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • “Ukholo Ndilugcinile”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
Vukani!—1997
g97 7/8 iphe. 18-20

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ndinokuhlangabezana Njani Nokugula Kangaka?

UJASON wayeneminyaka nje eli-18 ubudala, kodwa ngoku kwakukhangeleka ngathi lonke usukelo awayenalo ebomini wayengenakulufikelela. Wayenethemba lokukhonza ixesha elizeleyo njengomlungiseleli ongumKristu, kodwa ngelo xesha wafumanisa ukuba wayenesifo sikaCrohn—ukuqaqamba kwamathumbu okwakumenza umlwelwe. Noko ke, namhlanje uJason uhlangabezana ngokunempumelelo nemeko akuyo.

Mhlawumbi nawe ugula ngokungaginyisi mathe. Kwinkupho yangaphambili, uVukani! uye waxubusha ngocelomngeni abantu abaselula njengawe abajamelene nalo.a Ngoku makhe siqwalasele indlela onokuhlangabezana ngokuphumelelayo ngayo nemeko okuyo.

Isimo Sengqondo Esifanelekileyo

Ukuhlangabezana ngokuphumelelayo naso nasiphi na isigulo kubandakanya ukuba nesimo sengqondo esifanelekileyo. IBhayibhile ithi: “Umoya wendoda uyasinyamezela isifo sayo; ke umoya odakumbileyo ngubani na ongawuthwalayo?” (IMizekeliso 18:14) Iingcinga neemvakalelo zokudakumba nezimfiliba zibangela ukuba kube nzima ukunyangeka. UJason wakufumanisa kuyinyaniso oku.

Ekuqaleni, uJason kwafuneka alwe neemvakalelo ezingafanelekanga, njengomsindo, ezazisoloko zimthez’ umxhelo. Yintoni eyamncedayo? Uthi: “Amanqaku akwiMboniselo noVukani! athetha ngodandatheko andinceda ngokwenene ndalondoloza isimo sengqondo esifanelekileyo. Ngoku ndizama ukujamelana nemini enye ngexesha.”b

Ngokufanayo uCarmen oneminyaka eli-17 ubudala naye wafunda ukucinga ngezinto ezintle. Nangona enesigulo ekuthiwa yisickle-cell anemia, uyayiqonda indlela asikeleleke ngayo. Uthi: “Ndicinga ngabanye abakwimeko engaginyisi mathe ngakumbi kunam nabangakwaziyo ukwenza izinto endikwaziyo ukuzenza. Ibe ndiziva ndinombulelo ibe andizisizeli.”

IMizekeliso 17:22 ithi: “Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise.” Bambi basenokuvakalelwa kukuba ukuhleka akufanelekanga xa ujamelene nokugula okungaginyisi mathe. Kodwa uburharha nonxulumano oluhle luyayihlaziya ingqondo yakho ibe luvuselela umnqweno wakho wokuphila. Eneneni, uvuyo luphawu lukaThixo, olulolunye lweziqhamo zomoya kaThixo. (Galati 5:22) Loo moya unokukunceda uvuye nangona usilwa nokugula.—INdumiso 41:3.

Ukufumana Ugqirha Oqondayo

Ukuba nogqirha obaqondayo abantu abaselula kunokuba luncedo gqitha. Iimfuno ezingokwasengqondweni nezingokweemvakalelo zomntu oselula ngokuqhelekileyo zahlukile kwezomntu okhulileyo. UAshley wayeneminyaka nje elishumi ubudala xa kwafuneka aye esibhedlele ukuze kunyangwe ithumba eliyingozi elalisengqondweni. Ugqirha ka-Ashley waqhubana naye ngovelwano nangendlela awayenokuyiqonda. Wamxelela ngendlela isigulo awayenaso esengumntwana esamkhuthaza ngayo ukuba abe ngugqirha. Ngobuchule kodwa ngendlela ecacileyo wamchazela ngonyango awayeza kulufumana, ngoko wayekwazi awayemele akulindele.

Wena nabazali bakho niya kufuna abasebenzi kwezonyango abanihlonelayo nabakuqondayo oko nikufunayo. Ukuba ngesizathu esithile uziva ungalali boya ngenxa yendlela onyanyekelwa ngayo, zive ukhululekile ukuthetha nabazali bakho ngento ekuxhalabisayo.

Lwela Impilo Yakho!

Kwakhona kubalulekile ukuba ulwe nokugula kwakho ngandlela zonke. Ngokomzekelo, funda konke onokukwazi ngemeko okuyo. Umzekeliso weBhayibhile uthi: ‘Indoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu.’ (IMizekeliso 24:5) Ukuba nolwazi kuphelisa ukoyika into ongayaziyo.

Ukongezelela, umntu oselula onolwazi unokuncedisa ngakumbi ekunyangweni kwakhe ibe unokulunyamezela bhetele. Ngokomzekelo, unokufunda ukuba angayeki ukusebenzisa amayeza awanikiweyo ngaphandle kokuba oko kunconyelwe ngugqirha wakhe. UCarmen okhankanywe ngasentla, ufunda iincwadi ezithetha ngesickle-cell anemia, njengokuba abazali bakhe besenza. Oko bakufundayo kwabanceda bafumana unyango lwezamayeza olwalunokumnceda ngokwenene uCarmen.

Mbuze ugqirha wakho imibuzo ethile—izihlandlo ezininzi ukuba kuyimfuneko—ukuba akucacelwa yimibandela ethile. Kunokuba uthethe oko ucinga ukuba ugqirha angathanda ukukuva, mchazele ngokunyanisekileyo oko ukucingayo novakalelwa kuko. Njengoko iBhayibhile isitsho, “iingcinga ziyatshitsha ngokungabikho kokucweya.”—IMizekeliso 15:22.

Ngesinye isihlandlo uAshley wayedla ngokubonakala engafuni ukuthetha ngokugula kwakhe. Wayedla ngokuthetha ngako kumama wakhe kuphela. Omnye unontlalontle okrelekrele wambuza oku ngasese: “Ngaba mhlawumbi uvakalelwa kukuba zikho izinto ozifihlelwayo?” UAshley wazityand’ igila esithi wayevakalelwa ngolo hlobo. Ngoko eli bhinqa labonisa uAshley iingxelo zakhe zezonyango laza lamchazela ngazo. Kwakhona lacela ugqirha ukuba achithe ixesha elininzi ethetha noAshley ngokuthe ngqo, kunokuba athethe nje ngaye. Xa wathethayo ekugqibeleni, uAshley wakwazi ukufumana uncedo awayelufuna.

Inkxaso Evela Kwabo Bakungqongileyo

Xa naliphi na ilungu lentsapho ligula ngokungaginyisi mathe, oko kuba ngumcimbi wentsapho, ofuna umgudu omanyeneyo. Intsapho yakuloAshley nebandla lamaKristu zamxhasa ngamxhelo mnye. Ngamaxesha athile ibandla lalikhunjuzwa ukuba usesibhedlele. Amalungu ebandla ayemtyelela ngokuthe rhoqo, ibe ayencedisa intsapho kumsebenzi wendlu nasekulungiseni izidlo de intsapho yakwazi ukubuyela kwindlela yayo eqhelekileyo yokwenza izinto. Abantwana ebandleni babemtyelela uAshley esibhedlele xa wayengaguli kakhulu ukuba angabonwa ngabantu. Oku kwakungancedi uAshley kuphela kodwa nabahlobo bakhe abaselula.

Noko ke, ngaphambi kokuba abanye banikele uncedo, bamele bazi ukuba uyalufuna. UCarmen uxhaswa ngabazali bakhe kunye nabadala bebandla ngokweemvakalelo nangokomoya. Kwakhona esikolweni uxhaswa ngabo baneenkolelo zamaKristu ezifana nezakhe. UCarmen uthi: “Baliliso kum, ibe ndiziva ndinyanyekelwa.”

Isikolo ofunda kuso sinokunikela amacebiso ezonyango nendlela yokufumana uncedo olungokwezimali ibe sinokukuxhasa. Ngokomzekelo, umfundisi-ntsapho ka-Ashley wakhuthaza iklasi yakhe ukuba ibhalele uAshley ize imtyelele. Ukuba abafundisi-ntsapho bakho ababuqondi ubunzima ojamelene nabo, kusenokufuneka ukuba abazali bakho ngentlonelo baxubushe imeko okuyo kunye namagunya esikolo.

Yisebenzise Ngobulumko Ingqondo Nomzimba

Xa ugula gqitha, usenokungakwazi ukwenza nantoni na ngaphandle kokunikela amandla onawo ekuchacheni. Ukuba akungomlwelwe ngokupheleleyo, zininzi izinto ezakhayo onokuzenza. Umbhali uJill Krementz wagqabaza wathi ngoko wakuphawula xa wayephengulula incwadi yakhe ethi How It Feels to Fight for Your Life: “Kuye kwandenza usizi ukuchitha iminyaka emibini ndihamba ezipasejini zasesibhedlele ndize ndibone abantwana abaninzi bethe ntsho koomabonwakude. Kufuneka sifundise aba bantwana ukuba bafunde kakhulu. Ibhedi yasesibhedlele yindawo efanelekileyo yokuqeqesha ingqondo kabani.”

Enoba usekhaya okanye usesibhedlele, ukuqeqesha ingqondo ngokufuthi kunokukunceda uchache. Ngaba ukhe wazama ukubhala iileta okanye imibongo? Ngaba ukhe wazama ukuzoba? Kuthekani ngokufunda ukudlala isixhobo somculo ukuba imeko yakho iyakuvumela? Kwanaxa impilo yakho isikelwe umda, zininzi izinto onokuzenza. Ngokuqinisekileyo, eyona nto ifanelekileyo onokuyenza kukukhulisa umkhwa wokuthandaza kuThixo nokufunda iLizwi lakhe, iBhayibhile.—INdumiso 63:6.

Ukuba imeko yakho iyakuvumela, nokwenza umthambo ofanelekileyo kunokukunceda uzive ubhetele. Ngenxa yesi sizathu iindawo zonyango zisoloko zinenkqubo yokwenza umthambo eyenzelwe abaguli abaselula. Kwiimeko ezininzi ukwenza umthambo ofanelekileyo akuncedi nje ekunyangeni umzimba kodwa kukwanceda ekukugcineni usemoyeni.

Unganikezeli!

Xa wayebandezeleke ngokugqithiseleyo, uYesu wathandaza kuThixo, wathembela Kuye, ibe watsolisa amehlo akhe kwikamva lakhe elivuyisayo kunokuba awatsolise kwintlungu awayekuyo. (Hebhere 12:2) Wafunda kumava akhe abuhlungu. (Hebhere 4:15, 16; 5:7-9) Walwamkela uncedo nokhuthazo. (Luka 22:43) Wanikela ingqalelo kwimpilontle yabanye kunakwiinkathazo ezazimfikela.—Luka 23:39-43; Yohane 19:26, 27.

Nangona usenokuba ugula gqitha, nawe usenokuba lukhuthazo kwabanye. Xa wayesenza ingxelo yesikolo, udade boAshley, uAbigail, wabhala: “Oyena mntu ndandimxabisa ngudadewethu. Nangona kwakufuneka aye esibhedlele ukuze aye kufakwa ulwelo emzimbeni wakhe aze ahlatywe iinaliti ezininzi, sekunjalo wayephuma apho encumile!”c

UJason akaluncamanga usukelo analo, kodwa wenze uhlengahlengiso phaya naphaya. Ngoku usukelo lwakhe kukukhonza apho kukho imfuneko enkulu yabashumayeli boBukumkani bukaThixo. Njengakwimeko kaJason, usenokungakwazi ukwenza yonke into onomnqweno wokuyenza. Into ebalulekileyo kukufunda ukuphila ngokuvisisana nokusikelwa kwakho umda, ungazikhuseli ngokugqithiseleyo okanye ungakhathali. Thembela kuYehova ukuze akunike ubulumko namandla ukuze wenze konke okusemandleni akho. (2 Korinte 4:16; Yakobi 1:5) Yaye khumbula ukuba, kuza ixesha laxa lo mhlaba uya kuba yiparadesi, apho ‘kungasayi kubakho mmi uthi, Ndiyafa.’ (Isaya 33:24) Ewe, ngenye imini uya kuphinda ube ngumqabaqaba!

[Imibhalo esemazantsi]

a Bona uVukani! kaMeyi 8, 1997, iphepha 28-30.

b Bona IMboniselo, kaOktobha 1, 1991, iphepha 15; ekaMatshi 1, 1990, iphepha 3-9; noVukani! kaNovemba 8, 1987, iphepha 17-30; noVukani! (wesiNgesi) kaNovemba 8, 1987, iphepha 12-16.

c Kwakhona bona Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., iphepha 116-27.

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Udade boAshley omkhulu, uAbigail uyayithanda indlela akhaliphe ngayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share