IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/11 iphe. 4-5
  • Indlela Yokunyamezela Intlungu Yokufelwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Yokunyamezela Intlungu Yokufelwa
  • Vukani!—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Lalingekho Ixesha Lokuba Ndikhale”
  • “Kwakuvakala Endlwini Ukuba Kukho Umntu Ongekhoyo”
  • Uncedo Lwabo Bafelweyo
    Vukani!—2011
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nentlungu Endikuyo?
    Xa Umntu Omthandayo Esifa
  • Ndinokuyinyamezela Njani Intlungu Yokuswelekelwa?
    Ulutsha Luyabuza
  • Ngaba Kuyinto Yokwemvelo Ukuvakalelwa Ngale Ndlela?
    Xa Umntu Omthandayo Esifa
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 4/11 iphe. 4-5

Indlela Yokunyamezela Intlungu Yokufelwa

“Ndothuka ndaza ndakhathazeka xa ndeva ukuba utata wam uswelekile. Ndaziva ndinetyala ekubeni ndandingekho secaleni kwakhe xa wayesifa. Ayikho into ebuhlungu njengokufelwa sisalamane. Hay’ indlela endimkhumbula ngayo utata!”—USara.

INKOLISO yabantu ayikuthandi ukuthetha ngokufa, kungakhathaliseki imvelaphi okanye icawa yabo. Iilwimi ezininzi azilibizi ngokungqalileyo igama elithi ukufa kodwa zisebenzisa izihlonipho. NgesiXhosa kunokuba kuthiwe umntu “ufile,” kudla ngokuthiwa “usishiyile,” “akasekho” okanye “uhambile.”

Noko ke, nkqu nokusebenzisa izihlonipho ezinjalo akuyithomalalisi kangako intlungu eviwa ngabantu abafelweyo. Abanye baba sentlungwini kangangokuba bangafuni ukuyamkela into eyenzekileyo.

Ukuba nawe uswelekelwe sisalamane kusenokuba nzima ukuba uyamkele loo nto. Mhlawumbi usenokude uzenze ngathi awukho sentlungwini. Kakade ke, abantu abafani ngoko ukuba awuyibonakalisi intlungu okuyo loo nto ayithethi kuthi uyaziqinisa.a Noko ke, kusenokuvela ingxaki ukuba uzenza ngathi awukho sentlungwini kuba uziva unyanzelekile ukuba wenjenjalo, mhlawumbi ngenxa yokuba kufuneke uthuthuzele amanye amalungu entsapho.

“Lalingekho Ixesha Lokuba Ndikhale”

Cinga ngoNathaniel ityendyana lomfana elaswelekelwa ngunina xa lalineminyaka engama-24 ubudala. Uthi: “Ekuqaleni ndandixakiwe. Ndandicinga ukuba ndifanele ndithuthuzele utata nabahlobo bakamama. Lalingekho ixesha lokuba ndikhale.”

Emva kwexesha elingaphezu konyaka, uNathaniel wafumanisa ukuba wayengekaxoli. Uthi: “Nanamhlanje uTata usamane endifowunela aze andixelele ngendlela abahlungu ngayo, yaye intle loo nto. Uyamdinga umntu wokuthetha yaye ndikulungele ukumnceda. Ingxaki nje kukuba xa nam ndifuna ukuphalaza imbilini yam andinamntu ndinokuya kuye.”

Abantu abanyamekela abanye—kuquka abo basebenza ezibhedlele nabasoloko bebona abantu abafileyo—basenokuziva benyanzelekile ukuba bangazibonakalisi iimvakalelo zabo. Ngokomzekelo, makhe sithethe ngoHeloisa obe ngugqirha ngaphezu kweminyaka engama-20. Wayesebenza kwindawo enabahlali abambalwa yaye wayevana nezigulana zakhe. Uthi: “Abaninzi babo bafa phambi kwam yaye abanye babo babengabahlobo bam abasenyongweni.”

UHeloisa wayiqonda into yokuba ukukhala kuyindlela eqhelekileyo yokuchacha. Uthi, “Kodwa kwakunzima ukukhala. Ndandixhalabele abanye kangangokuba ndandivakalelwa kukuba andifanele ndikhale. Ndandivakalelwa kukuba abanye balindele loo nto kum.”

“Kwakuvakala Endlwini Ukuba Kukho Umntu Ongekhoyo”

Ubulolo lolona celomngeni badla ngokujamelana nalo abantu abaswelekelwe ngabantu ababathandayo. Ngokomzekelo, uAshley wayeneminyaka eli-19 ukusweleka kukamama wakhe. Uthi, “Emva koko, ndaziva ndililolo. Umama wam wayengumhlobo wam osenyongweni. Sasichitha ixesha elininzi kunye!”

Ngenxa yoko, uAshley wayekufumanisa kunzima ukuya kowabo aze afike umama wakhe engekho. Uthi, “Kwakuvakala endlwini ukuba kukho umntu ongekhoyo. Amaxesha amaninzi ndandisiya kwigumbi lam lokulala ndize ndilile njengoko ndibuka iifoto zakhe ndicinga nangezinto esazidla ngokuzenza kunye.”

Enoba uswelekelwe lilungu lentsapho okanye umhlobo omthandayo, qiniseka ukuba asinguwe wedwa okwimeko enjalo. Abanye baye bafumana iindlela ezisebenzayo zokujamelana nale ntlungu, njengoko siza kufunda.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ekubeni abantu bengafani, akuyi kuba kuhle ukubacingela kakubi abo bangazibonakalisiyo iimvakalelo zabo emva kokuba befelwe.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]

“Ndaziva ndililolo. Umama wayengumhlobo wam osenyongweni”—UAshley

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share